Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 2

‘Ukufundisa Nokushumayela Iindaba Ezilungileyo’

‘Ukufundisa Nokushumayela Iindaba Ezilungileyo’

Umchweli. Umenzi wemimangaliso. Umphilisi. UYesu wakwenza konke oko, kwanezinye izinto ezingakumbi. Kodwa abantu abazange bambize ngaloo magama. Bambiza ngokuthi Mfundisi. Eneneni, owona msebenzi wakhe ‘yayikuku-fundisa nokushumayela iindaba ezilungileyo.’ (Mateyu 4:23) Njengabalandeli bakaYesu, nathi sinomsebenzi ofanayo. Kweli candelo, siza kuhlolisisa umzekelo wakhe, osibonisa indlela esinokuwenza ngayo lo msebenzi.