ISAHLUKO 11
“Akuzange Kubekho Omnye Umntu Othetha Njengalo”
1, 2. (a) Kutheni amagosa awayethunywe ukuba abambe uYesu abuya ephaca? (b) Yintoni eyabangela ukuba uYesu abe ngumfundisi obalaseleyo?
ABAFARISI babelugcwabevu ngumsindo. UYesu wayesetempileni efundisa ngoYise. Abanye kwabo babemphulaphule babenokholo kuye. Kodwa abanye babengamagosa awayethunywe ziinkokeli zonqulo ezinomsindo ukuba ambambe. Kodwa loo magosa abuya ephaca. Ababingeleli abaziintloko nabaFarisi bawabuza bathi: “Kutheni ningamzisanga nje?” La magosa aphendula athi: “Akuzange kubekho omnye umntu othetha njengalo.” Ayechukunyiswe gqitha yimfundiso kaYesu kangangokuba akazange abe nabuganga bakumbamba. a—Yohane 7:45, 46.
2 Asingaloo magosa kuphela awayechukumisekile yimfundiso kaYesu. Kwakusiza izihlwele kuye ukuze ziphulaphule iimfundiso zakhe. (Marko 3:7, 9; 4:1; Luka 5:1-3) Yintoni eyabangela ukuba uYesu abe ngumfundisi obalasele ngolo hlobo? Njengoko sibonile kwiSahluko 8, wayeyithanda inyaniso awayeyifundisa, yaye wayebathanda abantu awayebafundisa. Kwakhona wayenobuchule obukhethekileyo bokufundisa. Makhe sihlolisise iinkalo ezintathu zobuchule bakhe bokufundisa, nendlela esinokumxelisa ngayo.
Imfundiso Elula
3, 4. (a) Kwakutheni ukuze uYesu asebenzise amagama alula ekufundiseni kwakhe? (b) Ukuba lula kweemfundiso zikaYesu kubonakala njani kwiNtshumayelo yaseNtabeni?
3 Unokuyithelekelela kusini na indlela esimele ukuba sasityebe ngayo isigama sikaYesu? Kodwa xa wayefundisa wayengasebenzisi magama antsonkothileyo kubaphulaphuli bakhe, abaninzi babo ababengabantu “abangenamfundo nabaqhelekileyo.” (IZenzo 4:13) Wayebonisa ulwazelelelo, engabangxixhi ngenkcazelo eninzi ngokugqithiseleyo. (Yohane 16:12) Wayesebenzisa amagama aqhelekileyo, kodwa aqulethe inyaniso ebaluleke gqitha.
4 Khawucinge nje ngokomzekelo ngeNtshumayelo yaseNtabeni, ebhalwe kuMateyu 5:3–7:27. UYesu wayenikela isiluleko esinzulu kule ntshumayelo. Akukho nanye ingongoma okanye amagama antsonkothileyo. Akukho nelinye igama elingenakuqondwa nangumntwana omncinane! Ngoko ayimangalisi into yokuba, akuba uYesu eyigqibile le ntshumayelo, izihlwele—ezaziquka abalimi, abelusi, nabalobi—‘zathi khamnqa yindlela yakhe yokufundisa.’—Mateyu 7:28.
5. Chaza imizekelo yamazwi alula awathethwa nguYesu kodwa anentsingiselo ebalulekileyo.
5 Kwiimfundiso zakhe, uYesu wayedla ngokusebenzisa amabinzana amafutshane nanentsingiselo ebalulekileyo. Ekubeni zazingekho iincwadi ngelo xesha, wasibethelela ngokunzulu isigidimi sakhe ezingqondweni nasezintliziyweni zabaphulaphuli bakhe. Khawuhlolisise le mizekelo imbalwa: “Musani ukugweba ukuze ningagwetywa.” “Kubantu abasempilweni akufuneki gqirha, kodwa kwabagulayo uyafuneka.” “Umoya unentumekelelo, kodwa inyama ibuthathaka.” “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.” “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” b (Mateyu 7:1; 9:12; 26:41; Marko 12:17; IZenzo 20:35) Nangona sekudlule phantse ama-2 000 eminyaka ukususela ekuwathetheni kwakhe loo mazwi, asakhumbuleka nangoku.
6, 7. (a) Ukuze imfundiso yethu ibe lula, kutheni kubalulekile ukusebenzisa amagama alula? (b) Sinokukuphepha njani ukungxala isifundo seBhayibhile ngenkcazelo eninzi ngokugqithiseleyo?
6 Sinokuyenza njani imfundiso yethu ibe lula? Inkalo ebalulekileyo kukuba sisebenzise amazwi aqondeka lula. Iimfundiso ezisisiseko zeLizwi likaThixo azintsonkothanga. UYehova uyityhilele abantu abanyanisekileyo nabathobekileyo injongo yakhe. (1 Korinte 1:26-28) Amagama alula nacingisiswe kakuhle anokuyidlulisela ngendlela ephumelelayo inyaniso eseLizwini likaThixo.
7 Ukuze imfundiso yethu ibe lula, simele sikuphephe ukungxala isifundo seBhayibhile ngenkcazelo eninzi ngokugqithiseleyo. Ngoko xa siqhuba isifundo seBhayibhile, akuyomfuneko ukuba sicacise zonke iinkcukacha; yaye asifanelanga sileqe ukugubungela wonke umbandela, ngokungathi ukugqiba sonke isahluko kokona kubalulekileyo. Kunoko, kububulumko ukusiqhuba isifundo ngokwesantya somfundi. Injongo yethu kukunceda umfundi abe ngumlandeli kaKristu nomkhonzi kaYehova. Ukuze sikufeze oko, simele sichithe ixesha elaneleyo ukuze umfundi akuqonde oko akufundayo. Kusemva koko kuphela eya kuthi inyaniso yeBhayibhile ichukumise intliziyo yakhe ize imshukumisele esenzweni.—Roma 12:2.
Ukubuza Imibuzo Efanelekileyo
8, 9. (a) Kwakutheni ukuze uYesu abuze imibuzo? (b) UYesu wayisebenzisa njani imibuzo ukuze ancede uPetros afikelele kwisigqibo esifanelekileyo kumbandela wokuhlawula irhafu yetempile?
8 UYesu wayisebenzisa ngokukhethekileyo imibuzo, kwanaxa kwakunokuthabatha ixesha elincinane ngakumbi ukusuka nje abaxelele abaphulaphuli bakhe ingongoma afuna ukuyibalaselisa. Ngoko kutheni wayekhetha ukubuza imibuzo? Maxa wambi wayegocagoca abachasi bakhe ngemibuzo ukuze ababhence, nokuze abaval’ umlomo. (Mateyu 21:23-27; 22:41-46) Noko ke, ubukhulu becala wayesebenzisa imibuzo ngenjongo yokukhuthaza abafundi bakhe ukuba bachaze oko bakucingayo nokuze abancede bakwazi ukuqiqa. Ngoko, wayedla ngokubabuza athi, “Nithini nina?” okanye “Uyakukholelwa na oku?” (Mateyu 18:12; Yohane 11:26) Ngemibuzo yakhe, uYesu wazichukumisa iintliziyo zabafundi bakhe. Khawuhlolisise lo mzekelo.
9 Ngesinye isihlandlo, abaqokeleli berhafu babuza uPetros ukuba uYesu uyihlawulile kusini na irhafu yetempile. c Ngoko nangoko uPetros waphendula wathi, “Ewe.” Kamva, uYesu wamqiqisa wathi: “Ucinga ntoni, Simon? Ookumkani bomhlaba bazifumana kubani iimfanelo okanye irhafu yentloko? Koonyana babo okanye kwabasemzini?” UPetros waphendula wathi: “Kwabasemzini.” UYesu wathi: “Ngokwenene, ke ngoko, oonyana bakhululekile kwirhafu.” (Mateyu 17:24-27) Ngokungathandabuzekiyo ingongoma yale mibuzo yayicacile kuPetros, kuba amalungu eentsapho zookumkani ayengayihlawuli irhafu. Ngoko, njengoNyana okuphela kozelweyo kaKumkani wasezulwini owayenqulwa kuloo tempile, uYesu wayenganyanzelekanga ukuba ahlawule irhafu. Phawula ukuba, kunokusuka nje axelele uPetros impendulo echanileyo, ngobuchule uYesu wasebenzisa imibuzo ukuze ancede uPetros afikelele kwisigqibo esifanelekileyo, nokuze mhlawumbi abone ukubaluleka kokuqale acinge ngaphambi kokuphendula kwixesha elizayo.
10. Sinokuyisebenzisa njani ngokuphumelelayo imibuzo xa sishumayela kwindlu ngendlu?
10 Sinokuyisebenzisa njani ngokuphumelelayo imibuzo kubulungiseleli bethu? Xa sishumayela kwindlu ngendlu, sinokusebenzisa imibuzo ukuze sivuselele umdla kwiindaba ezilungileyo esizivakalisayo. Ngokomzekelo, ukuba sishumayela kumntu okhulileyo, sisenokubuza ngentlonelo sithi, “Zitshintshe njani iimeko zehlabathi ukususela ekukhuleni kwakho?” Emva kokumvumela ukuba aphendule, sisenokuqhubeka sithi, “Ucinga ukuba yintoni emele yenziwe ukuze kuconjululwe iingxaki zeli hlabathi?” (Mateyu 6:9, 10) Ukuba sithetha nomama onabantwana abancinane, sisenokubuza sithi, “Ngaba wakha wayicinga into yokuba ziya kube zinjani iimeko kweli hlabathi xa abantwana bakho bebadala?” (INdumiso 37:10, 11) Ukuba sinikel’ ingqalelo koko sikubonayo kwikhaya esingena kulo, oko kusenokusinceda sikwazi ukukhetha umbuzo onokuvuselela umdla womnini-khaya.
11. Sinokuyisebenzisa njani ngokuphumelelayo imibuzo xa siqhuba isifundo seBhayibhile?
11 Sinokuyisebenzisa njani ngokuphumelelayo imibuzo xa siqhuba isifundo seBhayibhile? Ukuyikhetha ngobuchule imibuzo kunokusinceda siqonde iingcamango neemvakalelo zalowo simqhubela isifundo. (IMizekeliso 20:5) Ngokomzekelo, masithi nifunda isahluko esithi “Ukuphila Ngendlela Ekholisa UThixo” kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? d Esi sahluko sixubusha ngembono kaThixo kwimibandela enjengokuziphatha okubi ngokwesini, ukunxila nokuxoka. Impendulo yesifundo isenokubonisa ukuba siyakuqonda oko kufundiswa yiBhayibhile, kodwa ngaba siyavumelana noko sikufundayo? Sisenokubuza sithi, “Ngaba imbono kaThixo kule mibandela ibonakala isengqiqweni kuwe?” Kwakhona sisenokubuza sithi, “Unokuyisebenzisa njani le nkcazelo ebomini bakho?” Noko ke, khumbula ukubaluleka kokubuza ngobuchule, ukuze ulondoloze isidima somfundi. Asifuni kubuza imibuzo eza kumenza azive eneentloni.—IMizekeliso 12:18.
Ukuqiqisa Abantu
12-14. (a) UYesu wabusebenzisa njani ubuchule bakhe bokuqiqisa abantu? (b) UYesu wabaqiqisa njani abaFarisi ababesithi usebenzisa amandla kaSathana?
12 Njengoko wayenengqondo egqibeleleyo, uYesu wayenobuchule obubalaseleyo bokuqiqa nabanye. Maxa wambi, wayebaqiqisa abachasi bakhe ukuze atshitshise izimangalo zabo zobuxoki. Kangangezihlandlo ezininzi wabaqiqisa abalandeli bakhe ukuze abafundise izifundo ezibalulekileyo. Makhe sihlolisise imizekelo embalwa.
13 Emva kokuba uYesu ephilise indoda eyayinedemon neyayiyimfama nesimumu, abaFarisi bammangalela bathi: “Lo mfo akazikhuphi iidemon ngaphandle kwangoBhelezebhubhe [uSathana], umlawuli weedemon.” Babeqonda ukuba kwakufuna amandla angaphezu kwawomntu ukukhupha iidemon. Noko ke, bathi amandla kaYesu ayevela kuSathana. Esi simangalo sasibubuxoki yaye singekho ngqiqweni. Ebhenca ukugqwetheka kweengcamango zabo, uYesu waphendula wathi: “Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa buyaphanza, yaye sonke isixeko okanye indlu eyahlulelene yodwa ayiyi kuma. Ngokufanayo, ukuba uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; ngoko, buya kuma njani ubukumkani bakhe?” (Mateyu 12:22-26) Ngamany’ amazwi uYesu wayesithi: “Ukuba bendingummeli kaSathana, kodwa ndichitha imisebenzi yakhe, ngoko uSathana ebeya kuba utshitshisa imisebenzi yakhe, yaye ebeza kuwa.” Babenokuyiphikisa njani into ecace ngolo hlobo?
14 Kanti akuphelelanga apho. Ekubeni uYesu wayesazi ukuba abanye babafundi babaFarisi babekhe bakhupha iidemon, wabuza umbuzo olula kodwa ofikelel’ intliziyo, wathi: “Ukuba iidemon ndizikhupha ngoBhelezebhubhe, bazikhupha ngabani bona oonyana [okanye abafundi] benu?” (Mateyu 12:27) Ngoko uYesu wayebaqiqisa ngelithi: “Ukuba ndizikhupha ngamandla kaSathana iidemon, ngoko abafundi benu bamele ukuba nabo basebenzisa amandla afanayo.” Babenokuzithethelela bathini abo baFarisi? Babengenakuyivuma into yokuba abafundi babo basebenzisa amandla kaSathana. Ngoko uYesu wabaqhubela ekubeni bafikelele kwisigqibo esasibhenca ukugqwetheka kweengcamango zabo. Ngaba akuchulumancisi kusini na ukufunda nje kuphela ngendlela uYesu awabaqiqisa ngayo? Ngoko, khawuthelekelele imincili ezaba nayo izihlwele ezazimphulaphule, kuba ngokuqinisekileyo ubukho bakhe nelizwi lakhe zawenza aba namandla ngakumbi amazwi akhe.
15-17. Chaza umzekelo wendlela uYesu awabaqiqisa ngayo abantu ngokubabuza athi “kobeka phi na ke” ukuze abafundise inyaniso ngoYise.
15 Kwakhona uYesu wasebenzisa ingqiqo ekufundiseni kwakhe inyaniso ngoYise. Wayedla ngokubaqiqisa abantu ngokubabuza athi “kobeka phi na ke”—ebanceda ukuba babone ubunzulu benyaniso eqhelekileyo. Le ndlela yokuqiqa, isenokumchukumisa ngokunzulu umntu. Makhe sihlolisise imizekelo nje emibini.
16 Xa wayephendula isicelo sabafundi bakhe sokuba abafundise ukuthandaza, uYesu wachaza indlela abazali abanesono abakulungele ngayo ‘ukubanika izipho ezilungileyo’ abantwana babo. Emva koko waqukumbela ngokuthi: “Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!” (Luka 11:1-13) Apha uYesu wayethelekisa izinto ezimbini. Ukuba abazali abanesono bayazinyamekela iintswelo zabantwana babo, wobeka phi na ke uBawo wethu wasezulwini, ogqibeleleyo nolilungisa ngandlela zonke, ukubanika umoya oyingcwele abakhonzi bakhe abanyanisekileyo abathandazayo bawucele kuye ngokuthobekileyo!
17 UYesu wabaqiqisa ngendlela efanayo abantu xa wayebanika icebiso lobulumko lendlela yokuhlangabezana namaxhala. Wathi: “Amahlungulu akahlwayeli mbewu yaye akavuni, yaye akanasisele navimba, ukanti uThixo uyawondla. Nixabiseke kangakanani ke nina kuneentaka? Phawulani kakuhle indlela ezikhula ngayo iinyibiba; azibulaleki yaye azisonti . . . Ukuba, ke, uThixo wenjenjalo ukubambesa utyani basendle obuthi bubekho namhlanje buze ngomso buphoswe eontini, wobeka phi na ke ukunambesa nina, nina nilukholo luncinane!” (Luka 12:24, 27, 28) Ukuba uYehova uyazinyamekela iintaka neentyatyambo, wobeka phi ke ukubanyamekela abantu abamthandayo nabamnqulayo! Ngokuqiqa nabo ngaloo ndlela ehlab’ umxhelo, ngokungathandabuzekiyo uYesu wazichukumisa iintliziyo zabaphulaphuli bakhe.
18, 19. Sisenokuqiqa njani nomntu othi akakholelwa kuThixo angenakumbona?
18 Kubulungiseleli bethu, simele siqiqe nabantu ukuze sitshitshise iinkolelo zobuxoki, nokuze sibafundise inyaniso ngoYehova. (IZenzo 19:8; 28:23, 24) Ngaba oko kutheth’ ukuba sifanele sifunde ubuchule obuntsonkothileyo bokuqiqa? Akunjalo konke konke. Umzekelo kaYesu usifundisa ukuba ukuqiqa ngendlela elula kokona kuphumelelayo.
19 Ngokomzekelo, sinokuphendula sithini xa umntu esithi akakholelwa kuThixo angenakumbona? Sisenokuqiqa naye ngomthetho wemvelo wokuba yonk’ into inomenzi wayo. Xa sibona into ethile, siyaqonda ukuba kumele kubekho umenzi wayo. Sisenokuthi: “Ukuba ubukwanti uze ubone indlu eyakhiwe kakuhle kukho nokutya kuyo, ubuya kuqonda ukuba kukho umntu owayakhayo waza wafaka ukutya kwiikhabhathi zayo. Ngoko ke, xa sibona indalo entle nentabalala yokutya okusemhlabeni, ngaba akukho sengqiqweni ukuyamkela into yokuba kukho Lowo wakwenzayo oko? IBhayibhile ikuchaza ngokulula oku isithi: ‘Ndlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.’” (Hebhere 3:4) Noko ke, ingakhathaliseki indlela ezisengqiqweni ngayo izibakala esinazo, asinguye wonk’ ubani eziya kumeyisela.—2 Tesalonika 3:2.
20, 21. (a) Sinokuwasebenzisa njani amazwi athi “kobeka phi na ke” ekubalaseliseni iimpawu neendlela zikaYehova? (b) Yintoni esiza kuyixubusha kwisahluko esilandelayo?
20 Xa sifundisa entsimini okanye ebandleni, nathi sinokusebenzisa amazwi athi “kobeka phi na ke” ekubalaseliseni iimpawu neendlela zikaYehova. Ngokomzekelo, xa sibonisa ukuba imfundiso yokuthuthunjiswa ngonaphakade esihogweni somlilo iyamgculela uYehova, sisenokuthi: “Nguwuphi ubawo onothando onokohlwaya umntwana wakhe ngokufaka isandla sakhe emlilweni? Ngoko imele ukuba ilizothe kangakanani kuBawo wethu wasezulwini imfundiso yesihogo somlilo!” (Yeremiya 7:31) Ukuze siqinisekise umntu esikhonza naye odandathekileyo ukuba uYehova uyamthanda, sisenokuthi: “Ukuba uYehova unyamekela ungqatyana onexabiso elincinane, kobeka phi na ke ukukhathalela nokuthanda ngakumbi ngamnye wabakhonzi bakhe basemhlabeni, kuquka nawe!” (Mateyu 10:29-31) Ukuqiqa ngaloo ndlela kunokusinceda sifikelele iintliziyo zabanye.
21 Emva kokuhlolisisa iindlela ezintathu kuphela zokufundisa kukaYesu, sinokubona ukuba laa magosa awabuya ephaca ayengazibaxi izinto xa esithi: “Akuzange kubekho omnye umntu othetha njengalo.” Kwisahluko esilandelayo, siza kuhlolisisa indlela yokufundisa adume ngayo uYesu, eyokusebenzisa imizekeliso.
a Kunokwenzeka ukuba la magosa ayengabameli beSanhedrin, yaye ayegunyaziswe ngababingeleli abaziintloko.
b La mazwi okugqibela, afumaneka kwiZenzo 20:35, acatshulwe ngumpostile uPawulos kuphela. Kusenokwenzeka ukuba wawaxelelwa (ngumntu owamvayo uYesu ewathetha okanye wawaxelelwa nguYesu emva kokuvuka kwakhe) okanye wawatyhilelwa nguThixo.
c Kanye ngonyaka amaYuda ayemele ahlawule irhafu yetempile eziidrarhma ezimbini, ezazilingana nomvuzo weentsuku ezimbini. Enye incwadi ithi: “Le rhafu yayisetyenziswa ubukhulu becala ekuhlawuleni iindleko zemihla ngemihla zeminikelo etshiswayo nayo yonke eminye imibingelelo eyayisenzelwa abantu.”
d Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.