Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO SESITHOBA

‘Hambani Niyokwenza Abafundi’

‘Hambani Niyokwenza Abafundi’

Yintoni anokuyenza umlimi xa isivuno sakhe sisikhulu gqitha ukuba asihlanganise yedwa?

1-3. (a) Yintoni ayenzayo umlimi xa isivuno sisikhulu gqitha ukuba asihlanganise yedwa? (b) Yiyiphi ingxaki awajamelana nayo uYesu ngentwasahlobo yowama-33 C.E., ibe wahlangabezana njani nayo?

 UMLIMI ujamelene nengxaki enkulu. Kwiinyanga ezidluleyo uye wahlwayela imbewu emasimini akhe. Wayebukele ngomdla njengoko imbewu yakhe yayihluma. Ngoku sele eza kufumana umvuzo wokusebenza kwakhe nzima, kuba sele lifikile ixesha lokuvuna. Kodwa ingxaki yakhe inye: Isivuno sikhulu gqitha, akanakusihlanganisa yedwa. Ukuze acombulule le ngxaki, ngobulumko uqesha abantu ukuba basebenze emasimini akhe. Kaloku unexesha nje elincinane lokuqokelela isivuno sakhe.

2 Ngentwasahlobo yowama-33 C.E. uYesu wajamelana nengxaki efanayo emva kokuvuswa kwakhe. Ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni, wahlwayela imbewu yenyaniso. Ngoku lixesha lokuvuna, yaye isivuno sikhulu. Baninzi abantu abanomdla abalindele ukuhlanganiswa benziwe abafundi. (Yohane 4:35-38) UYesu wahlangabezana njani nale ngxaki? Kwintaba yaseGalili, ngaphambi nje kokunyukela kwakhe ezulwini, wayalela abafundi bakhe ukuba bafune abasebenzi abangakumbi, esithi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza . . . , nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.”—Mateyu 28:19, 20.

3 Lo myalelo ukubonisa ngokucacileyo oko kubandakanyekileyo ekubeni ngumlandeli wokwenene kaKristu. Ngoko, makhe sihlolisise imibuzo emithathu. Kwakutheni ukuze uYesu ayalele ukuba kufunwe abasebenzi abangakumbi? Wabaqeqesha njani abafundi bakhe ukuze babafumane? Usichaphazela njani thina lo myalelo?

Isizathu Sokuba Kufuneke Abasebenzi Abangakumbi

4, 5. Kutheni uYesu wayengazukuwugqiba umsebenzi awayewuqalile, yaye ngoobani ababeza kuqhubeka naloo msebenzi emva kokubuyela kwakhe ezulwini?

4 Ekuqaliseni kukaYesu ubulungiseleli bakhe ngowama-29 C.E., wayesazi ukuba wayengenakuwugqiba ngokwakhe lo msebenzi. Ngexesha elincinane awayenalo emhlabeni, mncinane ummandla awayenokuwugubungela yaye bambalwa nabantu awayenokubafikelela ngesigidimi soBukumkani. Iyinyaniso into yokuba wayeshumayela ubukhulu becala kumaYuda ‘awayezizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli,’ nakwabo babeguqukele ebuYudeni. (Mateyu 15:24) Kodwa ezo ‘zimvu zilahlekileyo’ zazisasazeke kulo lonke elakwaSirayeli, lizwe elo eligubungela amawakawaka eekhilomitha. Ngapha koko, yonke intsimi elihlabathi yayifanele ifikelelwe ngeendaba ezilungileyo.—Mateyu 13:38; 24:14.

5 UYesu wayeqonda ukuba kwakuseza kuqhubeka kukho umsebenzi omkhulu emva kokufa kwakhe. Ngoko wathi kubapostile bakhe abathembekileyo abali-11: “Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ubonisa ukholo kum, naye lowo uya kwenza imisebenzi endiyenzayo; yaye uya kwenza imisebenzi emikhulu kunale, ngenxa yokuba ndiyemka ndiya kuBawo.” (Yohane 14:12) Ekubeni uNyana wayeza kubuyela ezulwini, abalandeli bakhe—kungekuphela nje abapostile kodwa bonke abafundi bexesha elizayo—babeza kuqhubeka nomsebenzi wokushumayela nokufundisa. (Yohane 17:20) Ngokuthobeka uYesu wavuma ukuba umsebenzi wabo wawuza kuba ‘mkhulu’ kunowakhe. Kwakuza kwenzeka njani oko? Kwakuza kwenzeka ngeendlela ezintathu.

6, 7. (a) Umsebenzi owawuza kwenziwa ngabalandeli bakaYesu wawuza kuba mkhulu njani kunowakhe? (b) Sinokubonisa njani ukuba ukubathemba kukaYesu abalandeli bakhe kwakungeyompazamo?

6 Okokuqala, abalandeli bakaYesu babeza kugubungela ummandla omkhulu ngakumbi. Namhlanje ubulungiseleli babo bufikelele eziphelweni zomhlaba, ummandla omkhulu lee kunalowo washumayela kuwo uYesu. Okwesibini, babeza kufikelela abantu abangakumbi. Iqaqobana labafundi uYesu awalishiya ngasemva lakhawuleza lafikelela kumawakawaka. (IZenzo 2:41; 4:4) Ngoku lifikelela kwizigidi, yaye kubhaptizwa amakhulu amawaka abafundi abatsha nyaka ngamnye. Okwesithathu, babeza kushumayela ithuba elide ngakumbi—ukuza kuthi ga namhlanje, ixesha eliphantse lilingane nama​-2 000 eminyaka emva kokuphela kobulungiseleli bukaYesu beminyaka emithathu enesiqingatha.

7 UYesu wayebonisa ukuba uyabathemba abalandeli bakhe xa wathi babeza kwenza “imisebenzi emikhulu kunale.” Wayebaphathisa umsebenzi obaluleke gqitha kuye, owokushumayela nokufundisa “iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo.” (Luka 4:43) Wayeqinisekile ukuba babeza kusiphumeza ngokuthembekileyo eso sabelo. Kuthetha ntoni oku kuthi namhlanje? Xa sizibhokoxa ngenzondelelo nangentliziyo epheleleyo kubulungiseleli, sibonisa ukuba ukubathemba kukaYesu abalandeli bakhe kwakungeyompazamo. Asilolungelo likhulu kusini na elo?—Luka 13:24.

Ukuqeqeshelwa Ukunikela Ubungqina

Uthando lusishukumisela ukuba sishumayele naphi na apho bafumaneka khona abantu

8, 9. Nguwuphi umzekelo awawumiselayo uYesu kubulungiseleli, yaye sinokuwuxelisa njani umzekelo wakhe kubulungiseleli bethu?

8 UYesu wabanika abafundi bakhe olona qeqesho lusemagqabini lobulungiseleli. Ngaphezu koko, wabanika umzekelo ogqibeleleyo. (Luka 6:40) Kwisahluko esingaphambi kwesi, sixubushe ngesimo sengqondo awayenaso ngobulungiseleli. Khawucinge nje okomzuzwana ngabafundi abahamba noYesu ukuya kushumayela. Baphawula ukuba wayeshumayela naphi na apho babefumaneka khona abantu—elunxwemeni, ezindulini, ezixekweni, kwiindawo zembutho, nasemakhayeni abo. (Mateyu 5:1, 2; Luka 5:1-3; 8:1; 19:5, 6) Babona ukuba wayekhuthele, evuka ekuseni aze akhonze kude kube sezinzulwini zobusuku. Wayengabugqali njengento nje yokuhambisa ixesha ubulungiseleli! (Luka 21:37, 38; Yohane 5:17) Ngokungathandabuzekiyo babona ukuba wayeqhutywa luthando olunzulu ngabantu. Kusenokwenzeka ukuba babeyibona ebusweni bakhe indlela awayenovelwano ngayo ngokusuk’ entliziyweni. (Marko 6:34) Ucinga ukuba umzekelo kaYesu wabachaphazela njani abafundi bakhe? Ubuya kukuchaphazela njani wena?

9 Njengabalandeli bakaKristu, sixelisa umzekelo wakhe kubulungiseleli bethu. Ngoko, sizibhokoxa ngokupheleleyo ekunikeleni “ubungqina obucokisekileyo.” (IZenzo 10:42) NjengoYesu sityelela abantu emakhayeni abo. (IZenzo 5:42) Sihlengahlengisa ucwangciso lwethu, ukuba kuyimfuneko, ukuze sibatyelele ngexesha abaya kube besekhaya ngalo. Kwakhona sishumayela ngobuchule nakwiindawo zikawonke-wonke—ezitratweni, ezipakini, ezivenkileni, nakwiindawo zempangelo. Siyaqhubeka “sisebenza nzima yaye sizibhokoxa” kubulungiseleli, kuba siwugqala njengobalulekileyo lo msebenzi. (1 Timoti 4:10) Ukubathanda kwethu ngokusuk’ entliziyweni abanye kusishukumisela ukuba sikhangele amathuba okushumayela nanini na yaye naphi na apho bafumaneka khona abantu.​—1 Tesalonika 2:8.

“Abangamashumi asixhenxe babuya benovuyo”

10-12. Ziziphi izifundo ezibalulekileyo uYesu awazifundisa abafundi bakhe ngaphambi kokuba abathume ukuya kushumayela?

10 Enye indlela uYesu awabaqeqesha ngayo abafundi bakhe kukubanika imiyalelo ecacileyo. Ngaphambi kokuthumela kwakhe okokuqala abapostile abali-12 nabafundi abangama-70 kamva ukuba baye kushumayela, uYesu wabaqeqesha. (Mateyu 10:1-15; Luka 10:1-12) Olo qeqesho lwaba nemiphumo emihle, kuba uLuka 10:17 uthi: “Abangamashumi asixhenxe babuya benovuyo.” Makhe sihlolisise izifundo ezibini ezibalaseleyo awazifundisayo uYesu, kodwa khumbula ukuba amazwi akhe ayesekelwe kwimvelaphi yezithethe zamaYuda awayephila ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile.

11 UYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba bathembele kuYehova. Wathi kubo: “Ningafumaneli iinxili zemibhinqo yenu igolide okanye isilivere okanye ubhedu, okanye ingxowa yokutya yohambo, okanye izambatho zangaphantsi ezibini, okanye iimbadada okanye umsimelelo; kuba umsebénzi ufanelwe kukutya kwakhe.” (Mateyu 10:9, 10) Yayiqhelekile into yokuba abakhenkethi baphathe inxili yokufaka imali, ingxowa yokufaka ukutya kunye neembadada zesibini. a Ngokuyalela kukaYesu abafundi bakhe ukuba bangazikhathazi ngezo zinto, kufana nokuba wayesithi kubo: “Kholosani ngoYehova ngokupheleleyo, kuba uya kuzinyamekela iintswelo zenu.” UYehova wayeza kubanyamekela ngokuthi ashukumise iintliziyo zabo babezamkela iindaba ezilungileyo, ukuze babanike izinto abazisweleyo, nto leyo yayiqhelekile kwaSirayeli.​—Luka 22:35.

12 Kwakhona uYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba baphephe iziphazamiso ezingeyomfuneko. Wathi: “Ningabulisi nabani na ngokumwola endleleni.” (Luka 10:4) Ngaba uYesu wayetheth’ ukuba bangabi nabubele? Akunjalo. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, umbuliso wawungapheleli nje ekuthini molo. Kwakusenziwa izimbo ezahlukahlukeneyo zomzimba ezazilandelwa yincoko ende yokuchaza impilo. Omnye umphengululi weBhayibhile uthi: “Abantu baseMpuma babengabulisani nje kuphela ngokuthoba intloko kancinane, okanye ngokuxhawulana, kodwa babesangana kaninzi, bagobe, bade banabe phantsi. Konke oku kwakuthatha ixesha elininzi.” Ngokuxelela kukaYesu abafundi bakhe ukuba bangabulisi mntu ngendlela yesithethe, kufana nokuba wayesithi kubo: “Lisebenziseni ngobulumko ixesha lenu, kuba isigidimi senu singxamisekile.” b

13. Ziziphi iindlela esinokubonisa ngazo ukuba siyixabisa gqitha imiyalelo uYesu awayinika abafundi bakhe benkulungwane yokuqala?

13 Siyixabisa gqitha imiyalelo uYesu awayinika abafundi bakhe benkulungwane yokuqala. Ekuphumezeni kwethu ubulungiseleli bethu, sikholosa ngokupheleleyo ngoYehova. (IMizekeliso 3:5, 6) Siyazi ukuba asisayi kuze siswele izinto eziyimfuneko ebomini ukuba ‘sifuna kuqala ubukumkani.’ (Mateyu 6:33) Abavakalisi boBukumkani bexesha elizeleyo ehlabathini lonke banokuyingqina into yokuba kwanangamaxesha anzima, isandla sikaYehova asikho sifutshane. (INdumiso 37:25) Siyakuqonda nokubaluleka kokuphepha iziphazamiso. Ukuba asilumkanga, le nkqubo inokusiphazamisa ngokulula. (Luka 21:34-36) Kodwa eli asiloxesha lokuphazamiseka. Ekubeni ubomi babantu busemngciphekweni, isigidimi sethu singxamisekile. (Roma 10:13-15) Ukuhlala sikhumbula ukungxamiseka kwamaxesha esiphila kuwo kuya kusinceda singazivumeli iziphazamiso zeli hlabathi ukuba zidle ixesha lethu namandla ethu ebesinokuwasebenzisa kubulungiseleli. Khumbula, ixesha lifutshane yaye isivuno sikhulu.​—Mateyu 9:37, 38.

Umyalelo Osichaphazelayo Nathi

14. Yintoni ebonisa ukuba umyalelo okuMateyu 28:18-20 ubhekisa kubo bonke abalandeli bakaKristu? (Bona kwanombhalo osemazantsi.)

14 Xa wathi ‘Hambani niyokwenza abafundi,’ uYesu wabanika imbopheleleko enkulu abalandeli bakhe. Wayengabhekisi nje kuphela kubafundi ababehlanganisene kwintaba yaseGalili. c Umsebenzi awabayalela ukuba bawenze ubandakanya ukufikelela “abantu beentlanga zonke,” yaye uqhubeka “de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” Ngokucacileyo lo myalelo ubhekisa kubo bonke abalandeli bakaKristu, kuquka nathi namhlanje. Makhe siwahlolisise ngokunzulu ngakumbi amazwi kaYesu akuMateyu 28:18-20.

15. Kutheni kububulumko ukuthobela umyalelo kaYesu wokuba senze abafundi?

15 Ngaphambi kokuba anikele loo myalelo, uYesu wathi: “Linikwe mna lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.” (Indinyana 18) Ngaba ngokwenene uYesu unegunya elikhulu ngolo hlobo? Kunjalo kanye! Usisiphatha-zingelosi, eyalela amawakawaka eengelosi. (1 Tesalonika 4:16; ISityhilelo 12:7) ‘Njengentloko yebandla,’ unegunya phezu kwabalandeli bakhe abasemhlabeni. (Efese 5:23) Ukususela ngowe-1914 ebelawula njengoKumkani onguMesiya ezulwini. (ISityhilelo 11:15) Igunya lakhe lifikelela nasengcwabeni, kuba unegunya lokuvusa abafileyo. (Yohane 5:26-28) Ngokuqala achaze igunya lakhe elikhulu, uYesu wayebonisa ukuba eli asilocebiso nje kuphela kodwa ngumyalelo. Kububulumko ukuba simthobele, kuba akazithathelanga elo gunya kodwa ulinikwe nguThixo.—1 Korinte 15:27.

16. Ngokuthi “hambani,” yintoni uYesu awayesiyalela ukuba siyenze, yaye siwuzalisekisa njani loo myalelo?

16 Emva koko uYesu wawuchaza lo myalelo, ewuqala ngegama elithi: “Hambani.” (Indinyana 19) Ngaloo ndlela wayesiyalela ukuba sise isigidimi soBukumkani kwabanye. Kukho iindlela ezahlukahlukeneyo esinokuzisebenzisa ekuphumezeni lo myalelo. Ukushumayela kwindlu ngendlu kuyeyona ndlela iphumelelayo yokuqhagamshelana ngokungqalileyo nabantu. (IZenzo 20:20) Sikwakhangela namathuba okunikela ubungqina ngokungacwangciswanga; sikulangazelela ngamandla ukuthetha ngeendaba ezilungileyo nanini na kuvela ithuba mihla le. Sisenokusebenzisa iindlela ezahlukahlukeneyo zokushumayela, ezilungele iimeko zasekuhlaleni. Kodwa inye into engatshintshiyo: ‘Siyahamba’ siye kufuna abantu abafanelekileyo.—Mateyu 10:11.

17. ‘Sibenza njani abafundi’?

17 Emva koko uYesu wachaza injongo yaloo myalelo esithi “niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke.” (Indinyana 19) ‘Sibenza njani abafundi’? Umfundi ngumntu ofundiswayo. Kodwa ukwenza abafundi akuthethi nje ukudlulisela ulwazi kwabanye. Xa siqhubela abantu abanomdla isifundo seBhayibhile, injongo yethu kukubanceda babe ngabalandeli bakaKristu. Nanini na kunokwenzeka, sibalaselisa umzekelo kaYesu ukuze abo sibaqhubela izifundo bafunde ukukhangela kuye njengoMfundisi noMzekelo wabo, baphile ngendlela awayephila ngayo, benze nomsebenzi awawenzayo.​—Yohane 13:15.

18. Kutheni ubhaptizo luyeyona nkalo ibalulekileyo yobomi bomfundi?

18 Inxalenye ebalulekileyo yolo thumo ichazwe ngokuthi: “Nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele.” (Indinyana 19) Ubhaptizo yeyona nkalo ibalulekileyo yobomi bomfundi, kuba luphawu olubonisa ukuzinikela kwakhe ngentliziyo iphela kuThixo. Ngaloo ndlela, luyimfuneko ukuze sisindiswe. (1 Petros 3:21) Ewe, ngokwenza kwakhe wonke umzamo wokukhonza uYehova, umfundi obhaptiziweyo unokulindela ukufumana iintsikelelo ezingunaphakade kwihlabathi elitsha elizayo. Ngaba wakha wanceda umntu othile ukuba abe ngumfundi obhaptiziweyo kaKristu? Ayikho into evuyisa ngaphezu kwaleyo kubulungiseleli bethu bobuKristu.—3 Yohane 4.

19. Sibafundisa ntoni abafundi abatsha, yaye kutheni ukufundiswa kwabo kusenokuqhubeka nasemva kokubhaptizwa kwabo?

19 UYesu wachaza inxalenye elandelayo yothumo lwakhe, esithi: “Nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Indinyana 20) Sifundisa abafundi abatsha ukuba bathobele imiyalelo kaYesu, kuquka umyalelo wokuba sithande uThixo, sithande ummelwane, nowokuba senze abafundi. (Mateyu 22:37-39) Siqhubeka sibafundisa indlela yokuchaza inyaniso eseBhayibhileni neyokuthethelela ukholo lwabo. Xa bekufanelekela ukuba nenxaxheba ekushumayeleni esidlangalaleni, sisebenza nabo, sibafundisa ngomlomo nangomzekelo esiwumiselayo indlela abanokuba nempumelelo ngayo kulo msebenzi. Ukufundiswa kwabafundi abasebatsha akusoloko kufikelela esiphelweni ngethuba lokubhaptizwa kwabo. Emva kokubhaptizwa basenokufuna ulwalathiso olungakumbi lokubanceda bahlangabezane neengxaki ezibandakanyekileyo ekulandeleni uKristu.—Luka 9:23, 24.

“Ndinani Yonke Imihla”

20, 21. (a) Ekuphumezeni kwethu umyalelo kaYesu, kutheni singenasizathu sakoyika? (b) Kutheni eli ingeloxesha lokuba sirhuq’ iinyawo, yaye yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?

20 Amazwi okugqibela omyalelo kaYesu akhuthaza gqitha. Athi: “Khangelani! ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mateyu 28:20) UYesu wayeqonda ukuba esi sabelo sinzima. Wayesazi nokuba ukusiphumeza kunokwenza ukuba siphathwe ngqwabalala ngabo bachasayo. (Luka 21:12) Kodwa akukho sizathu sakoyika. INkokeli yethu ayilindelanga ukuba sisiphumeze sodwa esi sabelo ngaphandle kokufumana uncedo. Akukhuthazi na ukwazi ukuba Lowo ‘unikwe lonke igunya ezulwini nasemhlabeni’ ukunye nathi ukuze asixhase ekuphumezeni kwethu lo myalelo?

21 UYesu wabaqinisekisa abafundi bakhe ukuba wayeza kuba nabo kubulungiseleli ukutyhubela iinkulungwane de kube “sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” Simele siqhubeke siwuphumeza umyalelo kaYesu kude kufike isiphelo. Eli asiloxesha lokuba sirhuqe iinyawo. Kukho isivuno esikhulu sokomoya! Baninzi kakhulu abantu abanomdla abafunyanwayo. Njengabalandeli bakaKristu, masizimisele ukuwuphumeza umyalelo obalulekileyo esiwunikiweyo. Masizimisele ukusebenzisa ixesha lethu, amandla ethu, nezinto zethu eziphathekayo ukuze siphumeze umyalelo kaKristu othi: ‘Hambani niyokwenza abafundi.’

a Kusenokwenzeka ukuba inxili yayilibhanti elinesingxobo sokufaka imali. Ngokuqhelekileyo ingxowa yokutya yayiba yibhegi yesikhumba exwaywa emagxeni ekwakufakwa kuyo ukutya kwanezinye izinto.

b Umprofeti uElisha wakha wanikela imiyalelo efanayo. Xa wathumela umkhonzi wakhe uGehazi ekhayeni lomfazi owayefelwe ngunyana wakhe, uElisha wathi: “Ukuba kunokwenzeka uqubisane naye nabani na, ungambulisi.” (2 Kumkani 4:29) Umsebenzi awayewuthunyiwe wawungxamisekile, ngoko kwakungekho xesha lokuzilibazisa ngokungeyomfuneko.

c Ekubeni inkoliso yabafundi bakhe yayiseGalili, kusenokwenzeka ukuba kwakusebudeni besiganeko esichazwe kuMateyu 28:16-20 awathi uYesu wabonakala kubafundi “abangaphezu kwamakhulu amahlanu” emva kokuvuswa kwakhe. (1 Korinte 15:6) Ngoko kusenokwenzeka ukuba kwakukho amakhulukhulu abo xa uYesu wanikela umyalelo wokuba kwenziwe abafundi.