Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO SESHUMI

“Kubhaliwe Kwathiwa”

“Kubhaliwe Kwathiwa”

“Namhlanje esi sibhalo . . . sizalisekile”

1-3. Sisiphi isigqibo esibalulekileyo uYesu awayefuna ukuba abantu baseNazarete bafikelele kuso, yaye bubuphi ubungqina awabanika bona?

 EKUQALENI kobulungiseleli bakhe, uKristu wabuyela eNazarete, idolophu yakowabo. Injongo yakhe yayikukunceda abantu balapho bafikelele kwisigqibo esibalulekileyo sokuba: UnguMesiya owayexelwe kwangaphambili! Wanikela buphi ubungqina?

2 Ngokungathandabuzekiyo abaninzi babelindele ukuba enze ummangaliso. Babevile ngemisebenzi emangalisayo awayenzayo uYesu. Kodwa akazange enze mmangaliso. Kunoko waya endlwini yesikhungu, njengoko wayeqhele ukwenjenjalo. Waphakama ukuze afunde, waza wanikwa umsongo kaIsaya. Yayingumsongo omde, ekusenokwenzeka ukuba wawusongwe kwizinti ezibini, yaye uYesu wawuvula ngobunono de wafika kwindawo awayeyifuna. Wandula ke wafunda ngokuvakalayo kuIsaya 61:1-3.—Luka 4:16-19;

3 Ngokuqinisekileyo abo babephulaphule babewazi loo mazwi. Sisiprofeto esasiphathelele uMesiya. Kwakuthe nzwanga kuloo ndlu yesikhungu, onke amehlo ejoliswe kuYesu. Wandula ke uYesu waqalisa ukubachazela ngeso siprofeto wathi: “Namhlanje esi sibhalo nisandul’ ukusiva sizalisekile.” Abo babephulaphule bamangaliswa ngamazwi akhe amnandi, kodwa abaninzi babesafuna ukubona ummangaliso. Kunokuba ababonise ummangaliso, uYesu wasebenzisa umzekelo weZibhalo ukuze abhence ukungabi nalukholo kwabo. Kungekudala, abantu baseNazarete bazama ukumbulala!—Luka 4:20-30.

 4. UYesu wamisela wuphi umzekelo kubulungiseleli bakhe, yaye yintoni esiza kuyihlolisisa kwesi sahluko?

4 Ngesi sihlandlo uYesu wamisela umzekelo awaqhubeka ewusebenzisa ebudeni bobulungiseleli bakhe. Wathembela ngokupheleleyo eLizwini likaThixo eliphefumlelweyo. Enyanisweni, imimangaliso yakhe yayibaluleke kakhulu ekuboniseni ukuba wayenomoya kaThixo. Kodwa ayikho into eyayibaluleke kuYesu ngaphezu kweZibhalo Ezingcwele. Makhe sihlolisise umzekelo awawumiselayo kule nkalo. Siza kuhlolisisa indlela iNkosi yethu eyacaphula ngayo eLizwini likaThixo, indlela eyalikhusela ngayo, nendlela eyalicacisa ngayo.

Ukucaphula ELizwini LikaThixo

 5. Yintoni uYesu awayezimisele ukuyazisa abo babemphulaphula, yaye wakubonisa njani ukuchana kwamazwi akhe?

5 UYesu wayefuna abantu bawazi umthombo wesigidimi sakhe. Wathi: “Oko ndikufundisayo asikokwam, kodwa kokwalowo wandithumayo.” (Yohane 7:16) Ngesinye isihlandlo wathi: “Andenzi nto ngokwam; kodwa ndizithetha ezi zinto kanye njengoko uBawo wandifundisayo.” (Yohane 8:28) Kwakhona wathi: “Izinto endizithethayo kuni andizithethi ngokuphuma kum; kodwa uBawo omanyene nam wenza imisebenzi yakhe.” (Yohane 14:10) Enye indlela uYesu awakungqina ngayo ukuchana kwaloo mazwi yaba kukucaphula ngokuphindaphindiweyo eLizwini likaThixo.

6, 7. (a) UYesu wacaphula kangakanani kwiZibhalo zesiHebhere, yaye kutheni kuhlab’ umxhelo nje oko? (b) Imfundiso kaYesu yayahluke njani kweyababhali?

6 Xa siwahlolisisa ngokunzulu amazwi kaYesu siphawula ukuba wacaphula ngokungqalileyo okanye ngokungangqalanga ngaphezu kwesiqingatha seZibhalo zesiHebhere. Ekuqaleni, kusenokungabonakali kuhlab’ umxhelo oko. Usenokuzibuza ukuba, kutheni kule minyaka mithathu enesiqingatha yokufundisa nokushumayela kwakhe esidlangalaleni engazange azicaphule zonke izibhalo eziphefumlelweyo ezazikho ngelo xesha? Enyanisweni, kusenokwenzeka ukuba wakwenza oko. Khumbula ukuba, yinxalenye encinane kuphela yamazwi nezenzo zikaYesu ebhaliweyo. (Yohane 21:25) Unokuwafunda onke amazwi kaYesu abhaliweyo ngeeyure nje ezimbalwa. Ngoko, khawuzithelekelele uthetha ngoThixo nangoBukumkani bakhe kangangeeyure nje ezimbalwa kodwa ukwazi ukucaphula kangangesiqingatha seZibhalo zesiHebhere! Ngokubhekele phaya, uYesu wayengenayo imisongo ebhaliweyo. Xa wayenikela iNtshumayelo edumileyo yaseNtabeni, wacaphula kaninzi kwiZibhalo zesiHebhere, ngokungqalileyo nangokungangqalanga—ezicaphula zonke ngentloko!

7 Ukucaphula kukaYesu iZibhalo kwakubonisa ukuba wayenentlonelo enzulu ngeLizwi likaThixo. Abo babemphulaphule “bathi khamnqa yindlela yakhe yokufundisa, kuba apho wayebafundisa njengonegunya, kungekhona njengababhali.” (Marko 1:22) Xa ababhali befundisa, babethanda ukucaphula imithetho yoorabhi abafundileyo bamandulo. UYesu akazange acaphule kuloo mithetho yoorabhi njengegunya. Kunoko, wacaphula eLizwini likaThixo njengegunya elipheleleyo. Ngokuphindaphindiweyo wathi: “Kubhaliwe kwathiwa.” Wayedla ngokusebenzisa loo mazwi xa efundisa abalandeli bakhe naxa elungisa iimbono eziphosakeleyo.

8, 9. (a) UYesu walibalaselisa njani igunya leLizwi likaThixo xa wahlambulula itempile? (b) Iinkokeli zonqulo ezazisetempileni zakubonisa njani ukungalihloneli kwazo kwaphela iLizwi likaThixo?

8 Xa uYesu wahlambulula itempile yaseYerusalem, wathi: “Kubhaliwe kwathiwa, ‘Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yomthandazo,’ kodwa nina niyenza umqolomba wabaphangi.” (Mateyu 21:12, 13; Isaya 56:7; Yeremiya 7:11) Kusuku lwangaphambi koko, wayenze imisebenzi emininzi emangalisayo apho. Amakhwenkwe awayechukumisekile aqalisa ukumdumisa. Kodwa, iinkokeli zonqulo zacaphuka zaza zabuza uYesu ukuba uyabeva na abo bantwana ukuba bathini. Waphendula wathi: “Ewe. Anizange nikufunde na oku, ‘Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele indumiso’?” (Mateyu 21:16; INdumiso 8:2) UYesu wayefuna ukuba loo madoda azi ukuba oko kwakusenzeka apho kwakugunyaziswe liLizwi likaThixo.

9 Ezo nkokeli zonqulo zahlanganisana zaza zabuza uYesu zathi: “Uzenza ngagunya liphi na ezi zinto?” (Mateyu 21:23) UYesu wayewenze wacaca uMthombo wegunya lakhe. Akazange aseke iingcamango ezintsha, kwanemfundiso entsha. Kuphela nje wayesebenzisa oko kwakuthethwa liLizwi eliphefumlelweyo likaYise. Ngoko, eneneni abo babingeleli nababhali babebonisa ukungamhloneli kwabo ngokupheleleyo uYehova neLizwi lakhe. Kungenxa yoko le nto uYesu wabagweba ngokupheleleyo waza wazibhenca iinjongo zabo ezingendawo.—Mateyu 21:23-46.

10. Sinokuyixelisa njani indlela uYesu awalisebenzisa ngayo iLizwi likaThixo, yaye ziziphi izixhobo esinazo awayengenazo uYesu?

10 NjengoYesu, amaKristu okwenyaniso namhlanje akholosa ngeLizwi likaThixo kubulungiseleli. AmaNgqina kaYehova aziwa ehlabathini lonke ngenzondelelo anayo ekwabelaneni nabanye ngesigidimi esiseBhayibhileni. Iimpapasho zethu zicaphula kakhulu eBhayibhileni. Yaye kubulungiseleli bethu nathi senza okufanayo, sisenza umgudu wokubalaselisa iZibhalo nanini na sithetha nabantu. (2 Timoti 3:16) Hayi indlela esivuya ngayo xa umntu esivumela ukuba sifunde iBhayibhile size simchazele ngokubaluleka nangentsingiselo yeLizwi likaThixo! Asinayo ingqondo ekwaziyo ukukhumbula ngokugqibeleleyo njengoYesu, kodwa sinezixhobo ezininzi awayengenazo uYesu. Ukongezelela kwiBhayibhile epheleleyo eshicilelwa ngeelwimi ezininzi, sineembekiselo zokusinceda siyifumane lula nayiphi na indinyana esiyifunayo. Ngamana singazimisela ukuqhubeka sicaphula eBhayibhileni yaye sisalathisela abantu kuyo nanini na kuvela ithuba!

Ukuthethelela ILizwi LikaThixo

11. Kwakutheni ukuze kufuneke uYesu alithethelele rhoqo iLizwi likaThixo?

11 UYesu waphawula ukuba iLizwi likaThixo lalihlaselwa rhoqo, kodwa ngokuqinisekileyo akuzange kummangalise oko. “Ilizwi lakho liyinyaniso,” watsho njalo uYesu kuYise emthandazweni. (Yohane 17:17) Yaye uYesu wayesazi kakuhle ukuba uSathana, “umlawuli wehlabathi,” “ulixoki noyise wabo ubuxoki.” (Yohane 8:44; 14:30) Xa wayechasa izilingo zikaSathana, uYesu wacaphula kathathu eZibhalweni. USathana wacaphula indinyana enye kwiiNdumiso waza wayigqwetha ngabom, yaye uYesu wasabela ngokuthi alithethelele iLizwi likaThixo ekugqwethweni kwalo ngaloo ndlela.—Mateyu 4:6, 7.

12-14. (a) Iinkokeli zonqulo zakubonisa njani ukungawuhloneli kwazo uMthetho kaMoses? (b) UYesu walithethelela njani iLizwi likaThixo?

12 UYesu wazithethelela kaninzi iZibhalo Ezingcwele kubantu ababezisebenzisa kakubi nababezigqwetha. Abafundisi bonqulo bexesha lakhe babeligqwetha iLizwi likaThixo. Babegxininisa kakhulu ukugcinwa kwezona nkcukacha zincinane zoMthetho kaMoses, kodwa benganikeli ngqalelo ingako ekulandelweni kwemigaqo eyayisekelwe kuyo loo mithetho. Ngoko babekhuthaza unqulo lwenkwalambisa, olwalunikel’ ingqalelo kwimbonakalo yangaphandle kunakwimibandela enzulu—njengokusesikweni, inceba nokuthembeka. (Mateyu 23:23) UYesu wawuthethelela njani uMthetho kaThixo?

13 KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni uYesu wasebenzisa ngokuphindaphindiweyo ibinzana elithi “nivile ukuba kwathiwa” aze acaphule eMthethweni kaMoses. Emva koko wayelandelisa ngebinzana elithi “kodwa mna ndithi kuni” aze acacise umgaqo osekelwe kuwo loo Mthetho. Ngaba wayephikisana noMthetho? Akunjalo, wayewuthethelela. Ngokomzekelo, abantu babewazi kakuhle umthetho othi “Uze ungabulali.” Kodwa uYesu wabaxelela ukuba ukuthiya umntu yayikukwaphula loo mthetho. Ngokufanayo, ukunqwenela umntu ongeloqabane lakho yayikukwaphula umthetho kaThixo onxamnye nokukrexeza.—Mateyu 5:17, 18, 21, 22, 27-39.

14 Okokugqibela, uYesu wathi: “Nivile ukuba kwathiwa, ‘Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho.’ Ke mna, ndithi kuni: Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.” (Mateyu 5:43, 44) Ngaba umyalelo othi “uze uluthiye utshaba lwakho” wawuvela eLizwini likaThixo? Akunjalo, yayiyimfundiso yeenkokeli zonqulo leyo. Zawusingela phantsi uMthetho ogqibeleleyo kaThixo ngokuthi zifakelele iingcamango zabantu. UYesu walithethelela ngenkalipho iLizwi likaThixo ekonakalisweni zizithethe zabantu.—Marko 7:9-13.

15. UYesu wawuthethelela njani uMthetho kaThixo kwimigudu yokuwenza ubonakale ungqongqo yaye ungqwabalala?

15 Kwakhona iinkokeli zonqulo zawuhlasela uMthetho kaThixo ngokuthi ziwenze ubonakale ungqongqo yaye ungqwabalala. Xa abafundi bakaYesu bakha izikhwebu zokudla okuziinkozo ngoxa babedlula emasimini, abanye abaFarisi bathi baphula umthetho weSabatha. UYesu wasebenzisa umzekelo weZibhalo ukuze athethelele iLizwi likaThixo kuloo mbono yabo ingafanelekanga. Wacaphula umzekelo okuphela kwawo eZibhalweni othetha ngokusetyenziswa kwezonka ezingumboniso ngaphandle kwengcwele—xa zatyiwa nguDavide namadoda alambileyo awayekunye naye. UYesu wababonisa abo baFarisi ukuba babengabazi ubunzulu benceba nemfesane kaYehova.—Marko 2:23-27.

16. Iinkokeli zonqulo zawujika njani umyalelo kaMoses ophathelele ukuqhawula umtshato, yaye wasabela njani uYesu koko?

16 Kwakhona iinkokeli zonqulo zavula ikroba lokuwenza buthathaka uMthetho kaThixo. Ngokomzekelo, uMthetho wawuyivumela indoda ukuba iqhawule umtshato nomfazi wayo ukuba ifumene “okuthile okungandilisekanga” kuye, yaye ngokucacileyo oku kwakubhekisela kwingxaki enzulu eyayiza kuyihlazisa intsapho. (Duteronomi 24:1) Kodwa ngexesha likaYesu, iinkokeli zonqulo zakusebenzisa oko njengekroba lokuvumela indoda ukuba iqhawule umtshato nomfazi wayo nangasiphi na isizathu—kuquka ukutshisa ukutya! a UYesu wabonisa ukuba zaziwasebenzisa kakubi amazwi aphefumlelweyo kaMoses. Ngoko wawumisela kwakhona umgaqo kaYehova wokuba umntu abe neqabane elinye lomtshato, nokuba ibe kukuziphatha okubi ngokwesini kuphela isizathu esifanelekileyo sokuqhawula umtshato.—Mateyu 19:3-12.

17. AmaKristu namhlanje anokumxelisa njani uYesu ekuthetheleleni iLizwi likaThixo?

17 Abalandeli bakaKristu namhlanje bazithethelela ngendlela efanayo iZibhalo Ezingcwele. Xa iinkokeli zonqulo zisithi imigaqo yokuziphatha eseLizwini likaThixo iphelelwe lixesha, zihlasela iBhayibhile ngaloo ndlela. Kwakhona iinkonzo zonqulo zihlasela iBhayibhile xa zifundisa ubuxoki zize zithi yimfundiso yeBhayibhile. Sikugqala njengelungelo ukuthethelela iLizwi likaThixo lenyaniso—njengaxa sichaza, ngokomzekelo, ukuba uThixo akanguye uBathathu Emnye. (Duteronomi 4:39) Kodwa sikwenza oko ngobulali nangentlonelo enzulu.—1 Petros 3:15.

Ukucacisa ILizwi LikaThixo

18, 19. Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba uYesu wayenobuchule obumangalisayo bokucacisa iLizwi likaThixo?

18 UYesu wayekho ezulwini ngexesha lokubhalwa kweZibhalo zesiHebhere. Hayi indlela amele ukuba walivuyela ngayo ithuba lokuza emhlabeni ukuze acacise iLizwi likaThixo! Ngokomzekelo, khawucinge nje ngoko kwenzekayo emva kokuvuswa kwakhe, xa wadibana nabafundi bakhe ababini besendleleni eya e-Emawusi. Ngoxa babengekaqondi ukuba nguye, bamxelela indlela ababebuhlungu nababedideke ngayo ngokufa kweNkosi yabo abayithandayo. Wasabela njani? “Eqalela kuMoses nakubaProfeti bonke wabatolikela izinto eziphathelele yena kuzo zonke iZibhalo.” Kwabachaphazela njani oko? Kamva bathi omnye komnye: “Bezingavuthi na iintliziyo zethu njengoko ebethetha nathi endleleni, njengoko ebesivulela ngokupheleleyo iZibhalo?”​—Luka 24:15-32.

19 Kamva ngalo olo suku, uYesu wahlanganisana nabapostile bakhe kunye nabanye abantu. Phawula oko wakwenzayo kubo: “Wazivula ngokupheleleyo iingqondo zabo ukuba zicacelwe yintsingiselo yeZibhalo.” (Luka 24:45) Ngokungathandabuzekiyo, eso sihlandlo sivuyisayo sabakhumbuza izihlandlo ezininzi zokubacacisela kukaYesu iZibhalo ngendlela efanayo—bona kunye nabanye ababephulaphule. Wayedla ngokucaphula izibhalo eziqhelekileyo aze azicacise ngendlela ebangel’ umdla ebantwini—abanike intsingiselo entsha nenzulu yeLizwi likaThixo.

20, 21. UYesu wawacacisa njani amazwi uYehova awawathetha kuMoses kwityholo elivuthayo?

20 Ngesinye isihlandlo uYesu wayethetha neqela labaSadusi. Babelihlelo lamaYuda elalinababingeleli nelalingakholelwa eluvukweni. UYesu wathi kubo: “Ngokubhekisele eluvukweni lwabafileyo, anikufundanga na oko kwathethwa kuni nguThixo, esithi, ‘NdinguThixo ka-Abraham noThixo kaIsake noThixo kaYakobi’? AkangoThixo wabafileyo, kodwa ngowabaphilayo.” (Mateyu 22:31, 32) AbaSadusi babesazi kakuhle esi sibhalo, yaye sasibhalwe yindoda ababeyihlonela kakhulu—uMoses. Kodwa ngaba uyiphawulile indlela enamandla ngayo ingcaciso kaYesu?

21 UYehova wathetha noMoses kwityholo elivuthayo malunga nonyaka we-1514 B.C.E. (Eksodus 3:2, 6) Ngelo xesha, uAbraham wayeneminyaka engama-329 efile, uIsake engama-224, yena uYakobi eneminyaka eli-197. Kodwa uYehova wathi: “NdinguThixo” wabo. Abo baSadusi babesazi ukuba uYehova akangothixo wabahedeni olawula abantu abafileyo kwilizwe lemimoya elingaziwayo. Kodwa unguThixo ‘wabaphilileyo,’ njengoko uYesu watshoyo. Kwakuthetha ntoni oko? Njengoko uYesu watshoyo ekuqukumbeleni kwakhe, kwakuthetha ukuba: “Bayaphila kuye.” (Luka 20:38) UYehova ubagcine enkumbulweni yakhe abakhonzi bakhe abathandekayo abafileyo. Injongo kaYehova yokubavusa iqiniseke kangangokuba uthetha ngabo ngokungathi bayaphila. (Roma 4:16, 17) Ngaba asiyondlela imangalisayo leyo yokucacisa iLizwi likaThixo? Ngoko ayimangalisi into yokuba “izihlwele zathi khamnqa”!—Mateyu 22:33.

22, 23. (a) Sinokumxelisa njani uYesu ekucaciseni iLizwi likaThixo? (b) Yintoni esiza kuxubusha ngayo kwisahluko esilandelayo?

22 AmaKristu namhlanje anelungelo lokuxelisa indlela kaYesu yokucacisa iLizwi likaThixo. Enyanisweni, asinayo ingqondo egqibeleleyo. Kodwa ngokufuthi siye sabelane nabanye ngesibhalo abasaziyo size sicacise iinkalo ezithile zaso ekusenokwenzeka ukuba bebengazazi. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba kudala bephindaphinda amazwi athi “Malingcwaliswe igama lakho” nathi “Mabufike ubukumkani bakho” kodwa bengalazi igama likaThixo okanye uBukumkani bakhe. (Mateyu 6:9, 10) Elinjani ukumangalisa ilungelo esiba nalo xa umntu esivumela ukuba simcacisele ngokusuk’ eBhayibhileni!

23 Ukucaphula eLizwini likaThixo, ukulithethelela, nokulicacisa, kuyindlela ebalaseleyo yokuxelisa umzekelo kaYesu wokwabelana nabanye ngenyaniso. Kwisahluko esilandelayo siza kuxubusha iindlela eziphumelelayo awazisebenzisayo uYesu ukuze afikelele iintliziyo zabantu ngenyaniso yeBhayibhile.

a Umbhali-mbali wenkulungwane yokuqala uJosephus, owayengumFarisi oqhawule umtshato, wathi kuvumelekile ukuqhawula umtshato “ngaso nasiphi na isizathu (indoda esibona sifanelekile).”