Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO SESIBHOZO

“Ndithunywe Oko”

“Ndithunywe Oko”

1-4. (a) UYesu walifundisa njani ngobuchue ibhinqa elingumSamariya, yaye waba yintoni umphumo woko? (b) Basabela njani abapostile bakhe?

 ZAQENGQELEKA iiyure behamba. UYesu nabafundi bakhe basuka kwaYuda besinge kummandla osemantla waseGalili. Bathabatha eyona ndlela imfutshane—ethabatha malunga neentsuku ezintathu—edlula eSamariya. Malunga nasemini emaqanda, babekufuphi nesixeko esincinane saseSikare, apho bema khona ukuze bafumane into esiwa ethunjini.

2 Ngoxa abapostile bakhe babeye kuthenga ukutya, uYesu waphumla ngasequleni elalingaphandle kweso sixeko. Kwafika ibhinqa lize kukha amanzi. Ngelo xesha uYesu ‘wayediniwe luhambo.’ (Yohane 4:6) Besiya kuqondakala isizathu ukuba wayenokungalihoyi elo bhinqa elingumSamariya. Njengoko sibonile kwiSahluko 4 sale ncwadi, kunokwenzeka ukuba elo bhinqa lalilindele ukuphathwa ngendelelo nguye nabani na ongumYuda. Kodwa uYesu wancokola nalo.

3 Waqala ngokwenza umzekeliso ngento kanye elo bhinqa laliyizele apho. Lalize kukha amanzi; uYesu wathetha ngamanzi anik’ ubomi awayeya kuluqabula unxano lwalo lokomoya. Kangangezihlandlo eziliqela, lavelisa iingongoma ezazisenokudal’ impikiswano. a Ngobuchule uYesu waziphepha ezo ngongoma waza waqhubeka encokola ngoko ebenako engqondweni. Wanikel’ ingqalelo kwizinto zokomoya—unqulo olunyulu noYehova uThixo. Amazwi akhe aba nomphumo omhle kakhulu, kuba elo bhinqa lawadlulisela kubantu beso sixeko, yaye nabo baba nomdla wokuphulaphula uYesu.—Yohane 4:3-42.

4 Ekubuyeni kwabapostile, bavakalelwa njani ngobungqina obuphawulekayo uYesu awayebunikela kwelo bhinqa? Babengabonakali bekuvuyela oko. Kunoko yabothusa into yokubona uYesu encokola nelo bhinqa, yaye kubonakala ukuba abazange bathethe nokuthetha nalo. Emva kokuba limkile, bambongoza uYesu ukuba atye ukutya ababevela kukuthenga. Kodwa uYesu wathi kubo: “Ndinokutya endikutyayo eningakwaziyo nina.” Ekuqaleni babedidekile koku kutya wayethetha ngako. Ngoko wabachazela wathi: “Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.” (Yohane 4:32, 34) Ngaloo ndlela uYesu wayebafundisa ukuba umsebenzi wakhe wawubaluleke ngaphezu kokutya kuye. Wayefuna ukuba nabo bawujonge ngendlela efanayo. Nguwuphi loo msebenzi?

 5. Nguwuphi owona msebenzi wawubalulekile kuYesu, ibe yintoni esiza kuyihlolisisa kwesi sahluko?

5 Ngesinye isihlandlo uYesu wathi: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo . . . , ngenxa yokuba ndithunywe oko.” (Luka 4:43) Ewe, uYesu wayethunyelwe ukuba ashumayele yaye afundise iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. b Abalandeli bakaYesu namhlanje banomsebenzi ofanayo. Ngoko kubalulekile ukuba sihlolisise isizathu sokuba uYesu ashumayele, oko wakushumayelayo, nesimo sakhe sengqondo ngalo msebenzi.

Isizathu Sokuba UYesu Ashumayele

6, 7. UYesu wayefuna ukuba avakalelwe njani “wonke umyaleli wasesidlangalaleni” ngokwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo? Zekelisa.

6 Makhe sihlolisise indlela uYesu awayevakalelwa ngayo ngenyaniso awayeyifundisa; emva koko siza kuxubusha ngesimo sengqondo awayenaso ngabantu awayebafundisa. UYesu wenza umzekeliso ocacisa indlela awayevakalelwa ngayo ngokwabelana nabanye ngenyaniso awayeyifundiswe nguYehova. Wathi: “Wonke umyaleli wasesidlangalaleni, xa efundiswe ngobukumkani bamazulu, unjengomntu, umnini-ndlu, okhupha kwingqwebo yobuncwane bakhe izinto ezintsha nezindala.” (Mateyu 13:52) Kutheni umnini-ndlu okulo mzekeliso ekhupha izinto ezikwingqwebo yobuncwane bakhe?

7 Lo mnini-ndlu akazikhuphi izinto zakhe ukuze aqhayise, njengoko wenzayo uKumkani uHezekiya mandulo—waza wohlwaywa ngenxa yoko. (2 Kumkani 20:13-20) Iyintoni intshukumisa yalo mnini-ndlu? Makhe sikuzekelise ngale ndlela oku: Masithi uya ekhayeni likatitshala omthandayo. Uvula idrowa yedesika aze akhuphe iileta ezimbini—enye imthuqwasi ngenxa yobudala, enye isentsha. Ezi leta wazibhalelwa nguyise—enye wayibhalelwa kangangamashumi eminyaka eyadlulayo, naye eseyinkwenkwana ngoko, kanti enye yona usandul’ ukuyifumana. Amehlo akhe ayabengezela luvuyo njengoko ekuchazela indlela azixabise ngayo ezo leta, nendlela amacebiso akuzo abutshintshe ngayo ubomi bakhe nendlela anokukunceda ngayo nawe. Kucacile ukuba lo titshala uzixabise ngokusuk’ entliziyweni ezi leta. (Luka 6:45) Ukubonisa kungekhona ngenjongo yokuqhayisa, okanye kuba efuna ukuzuza okuthile, kodwa ngenjongo yokukunceda nokukubonisa indlela ezixabiseke ngayo.

 8. Kutheni sinesizathu esihle sokucinga ukuba inyaniso esiyifunde eLizwini likaThixo ixabisekile?

8 UMfundisi Omkhulu uYesu, wayeneentshukumisa ezifanayo ekwabelaneni kwakhe nabanye ngenyaniso kaThixo. Wayeyigqala loo nyaniso njengexabiseke gqitha. Wayeyithanda, yaye ekulangazelela ukwabelana nabanye ngayo. Wayefuna ukuba bonke abalandeli bakhe, ‘abangabayaleli basesidlangalaleni,’ bavakalelwe ngendlela efanayo. Ngaba sivakalelwa ngaloo ndlela? Sinesizathu esihle sokuyithanda yonke inyaniso esiyifunda eLizwini likaThixo. Siyayixabisa inyaniso, leyo kudala siyazi naleyo isandul’ ukuhlaziywa kutshanje. Xa sikuthanda oko uYehova asifundise kona size sikudlulisele ngenzondelelo kwabanye, siya kuba sixelisa uYesu.

 9. (a) UYesu wayevakalelwa njani ngabantu awayebafundisa? (b) Sinokusixelisa njani isimo sengqondo awayenaso uYesu ngabantu?

9 Kwakhona uYesu wayebathanda abantu awayebafundisa, njengoko siza kukuxubusha ngakumbi oko kwiCandelo 3. Kwaprofetwa kwangaphambili ukuba uMesiya wayeya “kuba nosizi ngesisweli nangehlwempu.” (INdumiso 72:13) Ngokwenene, uYesu wayebakhathalele abantu. Wayezikhathalele iingcamango zabo; wayebukhathalele ubunzima ababejamelene nabo nemiqobo eyayibathintela ukuba bangayamkeli inyaniso. (Mateyu 11:28; 16:13; 23:13, 15) Ngokomzekelo, khumbula ela bhinqa lomSamariya. Ngokuqinisekileyo laliyixabisa gqitha into yokuba uYesu abonise umdla kulo. Ukuyiqonda kwakhe imeko yalo kwalishukumisela ekubeni likholelwe ukuba ungumprofeti laza laxelela abanye ngaye. (Yohane 4:16-19, 39) Kambe ke, abalandeli bakaYesu namhlanje abakwazi kubona okusezintliziyweni zabantu abashumayela kubo. Kodwa sinokubonisa umdla ebantwini, njengoko uYesu wenzayo; sinokubonisa ukuba sibakhathalele; yaye sinokuthetha ngendlela eya kubomeleza bajamelane neentswelo kwaneengxaki zabo.

Oko Wayekushumayela UYesu

10, 11. (a) Yintoni awayishumayelayo uYesu? (b) Yintoni eyabangela ukuba kufuneke uBukumkani bukaThixo?

10 Yintoni awayishumayelayo uYesu? Ukuba unokufuna impendulo ngokuthi uhlolisise iimfundiso zeecawa ezininzi ezithi zingabameli bakhe, usenokugqiba ekubeni wayeshumayela ivangeli ephathelele ukuphuculwa kwentlalo yoluntu. Okanye usenokuba nengcamango yokuba wayekhuthaza ukuhlaziywa kwezobupolitika okanye ukuba mntu ngamnye alwele ukusindiswa kwakhe ngaphezu kwayo nantoni na enye. Kodwa njengoko kubonisiwe ngaphambili, uYesu wathi ngokucacileyo: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo.” Kwakubandakanya ntoni kanye kanye oko?

11 Khumbula ukuba, uYesu wayekho ezulwini xa uSathana wakucel’ umngeni okokuqala ukulunga kolongamo lukaYehova. Umele ukuba waba buhlungu gqitha uYesu kukubona uYise olilungisa egculelwa yaye etyholwa ngokuba nguMlawuli ongekho sikweni ozibandezayo okulungileyo izidalwa Zakhe! Hayi indlela amele ukuba waba buhlungu ngayo lo Nyana kaThixo xa uAdam noEva, ababeza kuba ngabazali boluntu luphela, balandela uSathana ekugculeleni kwakhe! UNyana wabona ukuba uluntu luphela luchatshazelwe sisono nokufa ngenxa yaloo mvukelo. (Roma 5:12) Noko ke, umele ukuba wavuya gqitha akufumanisa ukuba uYise wayeza kuwulungisa lo monakalo!

12, 13. UBukumkani bukaThixo buza kulungisa wuphi umonakalo, yaye uYesu wabenza njani uBukumkani baba yeyona nto ibalulekileyo kubulungiseleli bakhe?

12 Yiyiphi eyona nto ibalulekileyo yayimele ilungiswe? Igama elingcwele likaYehova lalimele lingcwaliswe, kususwe lonke ugculelo olwabangelwa nguSathana kulo nabaxhasi bakhe. Ukulunga kolongamo lukaYehova, indlela yakhe yokulawula, yayimele ithethelelwe. Akakho omnye umntu owayeziqonda ngaphezu kukaYesu ezi nkalo zibalulekileyo. Kumthandazo wakhe ongumzekelo, wafundisa abalandeli bakhe ukuba bacele kuqala ukuba kungcwaliswe igama likaYise, nokuba uBukumkani bakhe bufike, nokuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni. (Mateyu 6:9, 10) UBukumkani bukaThixo, obunoMlawuli onguYesu Kristu, buza kuyiphelisa kungekudala inkqubo eyonakeleyo kaSathana emhlabeni buze bumisele ulawulo lobulungisa lukaYehova ngonaphakade.—Daniyeli 2:44.

13 Obo Bukumkani babungumxholo wobulungiseleli bukaYesu. Konke awakuthethayo nawakwenzayo kwenza kwacaca ngakumbi oko bukuko uBukumkani nendlela obabuza kuyifeza ngayo injongo kaYehova. UYesu akazange avumele nantoni na ukuba imphambukise ekushumayeleni ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ngexesha lakhe, kwakukho iingxaki zasekuhlaleni, yaye abantu babephathwa ngokungekho sikweni, sekunjalo wanikel’ ingqalelo kwisigidimi sakhe nasemsebenzini wakhe. Ngaba ukunikel’ ingqalelo entweni enye kutheth’ ukuba uYesu wayengekho bhetyebhetye, engazikhathalelanga iinkolelo zabantu, yaye ephindaphind’ intw’ enye? Akunjalo konke konke!

14, 15. (a) UYesu wangqineka njani ‘engaphezu koSolomon’? (b) Sinokumxelisa njani uYesu ekushumayeleni kwethu?

14 Njengoko siza kubona kweli candelo, imfundiso kaYesu yayibangel’ umdla yaye ibhetyebhetye. Wayefikelela iintliziyo zabantu. Sisenokucinga ngoKumkani uSolomon, owasebenzisa amazwi ayolisayo nachanileyo enyaniso ukuze adlulisele iingcamango uYehova awamphefumlela ukuba azibhale. (INtshumayeli 12:10) UYehova wamnika ‘intliziyo ebanzi’ ukuze athethe ngezinto ezininzi, eziquka iintaka, iintlanzi, imithi nezilwanyana zasendle. Abantu babesiza bevela kude ukuze beve amazwi kaSolomon. (1 Kumkani 4:29-34) Kodwa uYesu ‘wayengaphezu koSolomon.’ (Mateyu 12:42) Wayelumke ngakumbi, ‘enentliziyo ebanzi’ ngakumbi. Ekufundiseni kwakhe abantu, uYesu wasebenzisa ulwazi lwakhe oluphakamileyo lweLizwi likaThixo, kwanolwazi lwakhe ngeentaka, izilwanyana, iintlanzi, ezolimo, imozulu, neziganeko zelo xesha, imbali, neemeko zasekuhlaleni. Nakuba kunjalo, uYesu akazange aqhayise ngolwazi lwakhe ngenjongo yokuba adunyiswe ngabanye. Isigidimi sakhe sasilula yaye sicacile. Kungenxa yoko le nto abantu babekulangazelela ukumva ethetha.​—Marko 12:37; Luka 19:48.

15 AmaKristu namhlanje azama ukulandela ukhokelo lukaYesu. Asinabo ubulumko nolwazi olukhulu njengaye, kodwa sonke sinomlinganiselo othile wolwazi namava esinokuwasebenzisa xa sisabelana nabanye ngenyaniso eseLizwini likaThixo. Ngokomzekelo, abazali basenokusebenzisa amava abanawo ekukhuliseni abantwana, ukuze bazekelise uthando uYehova analo ngabantwana bakhe. Abanye basenokusebenzisa imizekelo yasemsebenzini nasesikolweni, okanye basebenzise ulwazi abanalo ngokusebenzisana nabantu nangeziganeko zasekuhlaleni. Kwangaxeshanye, sikuphaphele ukuba singavumeli nantoni na ukuba isuse ingqalelo yethu kwisigidimi sethu—iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.—1 Timoti 4:16.

Isimo Sengqondo SikaYesu Ngobulungiseleli Bakhe

16, 17. (a) Sisiphi isimo sengqondo awayenaso uYesu ngobulungiseleli bakhe? (b) UYesu wabonisa njani ukuba ubulungiseleli babuyeyona nto ibalulekileyo ebomini bakhe?

16 UYesu wabugqala ubulungiseleli bakhe njengobuxabiseke kakhulu. Wayekuvuyela ukunceda abantu bamazi kakuhle uYise wasezulwini, bangakhohliswa ziimfundiso nezithethe zabantu. UYesu wayekuthanda ukunceda abantu babe nolwalamano oluhle noYehova nethemba lobomi obungunaphakade. Wayekuvuyela gqitha ukudlulisela ebantwini iindaba ezilungileyo ezazibazisela intuthuzelo novuyo. Wabonisa njani ukuba leyo yindlela awayevakalelwa ngayo? Makhe sihlolisise iindlela ezintathu.

17 Okokuqala, uYesu wabenza ubulungiseleli baba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakhe. Ukuthetha ngoBukumkani kwakungumsebenzi wakhe, eyona nto wayenikel’ ingqalelo kuyo. Kungenxa yoko le nto ngobulumko uYesu wayephila ubomi obulula, njengoko sibonile kwiSahluko 5. Wawagcina amehlo akhe emiliselwe kwezona zinto zibalulekileyo, njengoko waluleka nabanye ukuba benjenjalo. Akazange aphazanyiswe ngamatyala amaninzi awayemele awahlawule, nabubuxhakaxhaka bezinto ezininzi eziphathekayo ezaziza kufuna ukunyanyekelwa nokulungiswa ekuhambeni kwexesha. Waphila ubomi obulula ukuze kungabikho nto yayiza kumphazamisa kubulungiseleli bakhe.​—Mateyu 6:22; 8:20

18. UYesu wazibhokoxa njani kubulungiseleli bakhe?

18 Okwesibini, uYesu wazibhokoxa kubulungiseleli bakhe. Wazibhokoxa ngokupheleleyo kubo, ehamba amakhulukhulu eekhilomitha kwelasePalestina, efuna abantu awayenokwabelana nabo ngeendaba ezilungileyo. Wathetha nabo emakhayeni abo, kwiindawo zembutho, nakwiindawo zikawonke-wonke. Wathetha nabo kwanaxa wayefuna ukuphumla, elambile yaye enxaniwe, okanye efuna ukuba yedwa nabahlobo bakhe abasondeleyo. Naxa wayesifa, waqhubeka esabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo!—Luka 23:39-43.

19, 20. UYesu wakuzekelisa njani ukungxamiseka komsebenzi wokushumayela?

19 Okwesithathu, uYesu wabugqala ubulungiseleli njengento engxamisekileyo. Khumbula incoko yakhe kunye nebhinqa elingumSamariya ngasequleni elikufuphi neSikare. Ngokucacileyo abapostile bakaYesu abazange bakubone kungxamisekile ngelo xesha ukwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo. UYesu wathi kubo: “Anitsho na ukuba kusekho iinyanga ezine ngaphambi kokufika kwesivuno? Khangelani! ndithi kuni: Phakamisani amehlo enu nize nibone amasimi, ukuba amhlophe ukuze kuvunwe.”—Yohane 4:35.

20 Loo mzekeliso kaYesu wawusekelwe kwixesha lonyaka ababekulo. Ngokucacileyo kwakungenyanga kaChislev (uNovemba noDisemba). Ukuvunwa kwengqolowa kwakusekwisithuba seenyanga ezine, malunga nexesha lePasika, ngoNisan 14. Ngoko abalimi babengekacingi ngokuvuna ngelo xesha. Kwakusasele ithuba elide. Kodwa kuthekani ngesivuno esingabantu? Abaninzi babelungele ukuva nokufunda, babe ngabafundi bakaKristu, baze bazuze ithemba elimangalisayo uYehova awayebagcinele lona. Kufana nokuthi uYesu wayethi xa ejonga loo masimi angabantu awabone emhlophe elungele ukuvunwa. c Ixesha lalifikile, yaye umsebenzi wawungxamisekile! Ngenxa yoko, xa abantu besinye isixeko babecenga uYesu ukuba ahlale nabo, waphendula wathi: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, ngenxa yokuba ndithunywe oko.”—Luka 4:43.

21. Sinokumxelisa njani uYesu?

21 Sinako ukumxelisa uYesu kuzo zontathu ezi nkalo sisandul’ ukuzikhankanya. Sinako ukubenza ubulungiseleli bube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu. Nangona sisenokuba nentsapho nomsebenzi wengqesho, sinokubonisa ukuba ubulungiseleli bethu bukwindawo yokuqala ngokuthi sibe nesabelo rhoqo nangenzondelelo kubo njengoko wenzayo noYesu. (Mateyu 6:33; 1 Timoti 5:8) Sinokuzibhokoxa kubulungiseleli, sisebenzise ngesisa ixesha, amandla, nezinto zethu eziphathekayo ukuze sibuxhase. (Luka 13:24) Yaye sinokuhlala sikhumbula ukuba umsebenzi wethu ungxamisekile. (2 Timoti 4:2) Simele sixhakamfule naliphi na ithuba elivelayo lokushumayela!

22. Yintoni eza kuxutyushwa kwisahluko esilandelayo?

22 Kwakhona uYesu wabonisa ukuba wayekuqonda ukubaluleka kwalo msebenzi ngokuthi aqinisekise ukuba uyaqhubeka nasemva kokufa kwakhe. Wayalela abalandeli bakhe ukuba baqhubeke nomsebenzi wokushumayela nokufundisa. Loo myalelo siza kuxubusha ngawo kwisahluko esilandelayo.

a Ngokomzekelo, ukubuza kwalo isizathu sokuba umYuda athethe nomSamariya, kwakunokuyibuyisela emva loo ncoko kwimbambano yeenkulungwane ezininzi eyayiphakathi kwezo zizwe zibini. (Yohane 4:9) Kwakhona lathi isizwe salo yinzala kaYakobi, nto leyo awayengafuni nokuyiva amaYuda. (Yohane 4:12) Ayewabiza amaSamariya ngokuba ngamaKuta, ngaloo ndlela egxininisa ukuba ayesisizwe sasemzini.

b Ukushumayela kuthetha ukuvakalisa okanye ukudlulisela isigidimi. Ukufundisa kunentsingiselo efanayo, kodwa kubandakanya ukudlulisela isigidimi ngokunzulu nangokweenkcukacha ezingakumbi. Imfundiso esemgangathweni iquka ukufuna iindlela zokufikelela intliziyo ukuze uphembelele abafundi ukuba benze oko bakuvayo.

c Enye incwadi yathi ngale ndinyana: “Xa ingqolowa ivuthiwe ibala layo eliluhlaza liyajika libe mthubi okanye likhanye, nto leyo ebonisa ukuba sele kulixesha lokuvuna.”