Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO SESHUMI ELINASIHLANU

“Enosizi”

“Enosizi”

“Nkosi, amehlo ethu makavulwe”

1-3. (a) Wasabela njani uYesu xa iimfama ezimbini zambongozayo zicela uncedo? (b) Lithetha ntoni igama elithi “enosizi”? (Bona umbhalo osemazantsi.)

 IIMFAMA ezimbini zazihleli ecaleni kwendlela, ngaphandle kweYeriko. Suku ngalunye zazihlala kwindawo ekwakudlula kuyo izihlwele, zize zicele imali. Noko ke, ngolu suku kwenzeka into eyabutshintsha kanobom ubomi bazo.

2 Ngequbuliso, ezi mfama zeva ingxokozelo. Ekubeni zazingakuboni oko kwakusenzeka, enye yazo yabuza ukuba kwenzeka ntoni, yaza yachazelwa kwathiwa: “Kudlula uYesu umNazarete!” UYesu wayesendleleni eya eYerusalem okokugqibela. Kodwa wayengekho yedwa; wayelandelwa sisihlwele esikhulu. Zakuba zivile ukuba ngubani lowo udlulayo, ezi mfama zenza ingxokozelo enkulu ngokudanduluka zisithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, yiba nenceba kuthi!” Isihlwele sacaphuka, saza saxelela ezo mfama ukuba zithi tu, kodwa zazilufuna kanobom uncedo. Zange zivume ukuthula.

3 UYesu wakuva ukudanduluka kwazo ngomkhwazo ongaphezu kwengxokozelo yesihlwele. Wayeza kwenza ntoni? Ingqondo nentliziyo yakhe yayixakeke zizinto ezinzulu ngakumbi. Wayesalelwe yiveki kuphela ngaphambi kokuba bufikelele esiphelweni ubomi bakhe basemhlabeni. Wayesazi ukuba ulindelwe yimbandezelo nokufa ngenkohlakalo eYerusalem. Sekunjalo, akazange akubethe ngoyaba ukudanduluka ngokuzingisileyo kwezo mfama. Wema waza wacela ukuba ziziswe kuye. Zambongoza zathi: “Nkosi, amehlo ethu makavulwe.” “Enosizi” uYesu wawachukumisa amehlo azo, zaza zakwazi ukubona. a Ngaphandle kokulibazisa, zamlandela uYesu.—Luka 18:35-43; Mateyu 20:29-34.

 4. UYesu wasizalisekisa njani isiprofeto esithi wayeza kuba “nosizi ngesisweli”?

4 UYesu wayengaqali ukubonisa uvelwano olunjalo. Kangangezihlandlo ezininzi ezahlukeneyo, uYesu wabonisa uvelwano. IBhayibhile yaprofeta ukuba wayeza kuba “nosizi ngesisweli.” (INdumiso 72:13) Ngokuvisisana naloo mazwi, uYesu wayezikhathalele iimvakalelo zabanye. Wabanceda ngokuzithandela abantu. Luvelwano lwakhe olwamshukumisela ekubeni ashumayele. Makhe sibone indlela iincwadi zeVangeli eziyichaza ngayo indlela uYesu awabonisa ngayo uvelwano ngamazwi nangezenzo, size sihlolisise indlela nathi esinokulubonisa ngayo uvelwano olunjalo.

Ukuba Nolwazelelelo Ngeemvakalelo Zabanye

5, 6. Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba uYesu wayenovelwano?

5 UYesu wayenovelwano olunzulu. Wayechukumiseka ngokunzulu xa ebona abanye bebandezeleka. Nangona wayengabandezeleki njengabo, wayevelana nabo ngokusuk’ entliziyweni. (Hebhere 4:15) Xa wayephilisa umfazi owayenethombo legazi kangangeminyaka eli-12, wasichaza isifo sakhe ‘njengesifo esibuhlungu,’ ngaloo ndlela evuma ukuba wayebandezeleke ngokwenene. (Marko 5:25-34) Xa wabona uMariya nabanye abantu belilela ukufa kukaLazaro, wachukumiseka ngokunzulu gqitha yintlungu yabo kangangokuba wagcuma emoyeni. Nangona wayesazi ukuba uza kumvusa uLarazo, wayebuhlungu kangangokuba amehlo akhe athi gwantyi iinyembezi.—Yohane 11:33, 35.

6 Ngesinye isihlandlo, kweza umntu oneqhenqa kuYesu waza wambongoza esithi: “Ukuba nje uyathanda, unako ukundenza ndihlambuluke.” UYesu, owayefezekile yaye engazange agule, wasabela njani? Wavelana naloo mntu uneqhenqa. Eneneni, “waba nosizi.” (Marko 1:40-42) Ngoko wenza into engaqhelekanga. Wayesazi kakuhle ukuba abantu abaneqhenqa babegqalwa bengahlambulukanga eMthethweni yaye babengamelanga babe phakathi kwabanye abantu. (Levitikus 13:45, 46) Ngokuqinisekileyo uYesu wayenawo amandla okuyiphilisa le ndoda ngaphandle kokuba ayichukumise. (Mateyu 8:5-13) Sekunjalo, wakhetha ukolula ingalo aze ayichukumise loo ndoda ineqhenqa, esithi: “Ndiyathanda. Hlambuluka.” Lathi shwaka ngoko nangoko iqhenqa layo. Olunjani lona uvelwano lothando awalubonisayo uYesu!

Bonisa ‘uvelwano’

 7. Yintoni enokusinceda sihlakulele uvelwano, yaye lunokuboniswa njani olu phawu?

7 NjengamaKristu, sikhuthazwa ukuba sixelise uYesu ekuboniseni uvelwano. IBhayibhile isibongoza ukuba ‘sibe novelwano.’ b (1 Petros 3:8) Kusenokungabi lula ukuqonda indlela abavakalelwa ngayo abo banesigulo esinganyangekiyo nabadandathekileyo—ingakumbi ukuba asizange sikhe sibandezeleke ngaloo ndlela. Noko ke, khumbula ukuba ukubonisa uvelwano akuxhomekekanga ekubandezelekeni ngendlela efanayo. UYesu wavelana nabagulayo nangona engazange agule. Ngoko, sinokuluhlakulela njani uvelwano? Ngokuthi siphulaphule ngomonde xa abo babandezelekileyo bephalaza intlungu yabo kuthi. Usenokuzibuza uthi, ‘Ukuba bendikwimeko efanayo, bendiya kuvakalelwa njani?’ (1 Korinte 12:26) Ukuba siyikhathalele intlungu yabanye, kuya kuba lula ngakumbi ‘ukuthuthuzela imiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tesalonika 5:14) Maxa wambi, uvelwano lusenokuboniswa kungekuphela nje ngamazwi, kodwa kwanangeenyembezi. “Lilani kunye nabantu abalilayo,” itsho njalo eyabaseRoma 12:15.

8, 9. UYesu walubonisa njani ulwazelelelo ngeemvakalelo zabanye?

8 UYesu wayenolwazelelelo ngeemvakalelo zabanye abantu. Khumbula xa kwaziswa kuye indoda esisithulu yaye ikwasisimumu. Ngokucacileyo, uYesu wabona ukuba le ndoda ineentloni, ngoko wenza into awayengaqhelanga kuyenza xa ephilisa abanye: ‘Wayisusa esihlweleni.’ Waya nayo ngasese apho kungekho sihlwele khona, waza wayiphilisa.—Marko 7:31-35.

9 UYesu wabonisa ulwazelelelo olufanayo xa abantu bazisa kuye indoda eyimfama baza bamcela ukuba ayiphilise. ‘Wayibamba ngesandla loo ndoda, wayisa ngaphandle kwedolophana.’ Emva koko wayiphilisa ngokwamanqanaba. Mhlawumbi wayesenzela ukuba ingaphandlwa kukukhanya kwequbuliso kwelanga, amehlo ayo awayengaqhelananga nako. (Marko 8:22-26) Olunjani lona ulwazelelelo awalubonisayo uYesu!

10. Ziziphi iindlela esinokubonisa ngazo ulwazelelelo ngeemvakalelo zabanye?

10 Njengabalandeli bakaYesu, nathi sifanele sibonise ulwazelelelo ngeemvakalelo zabanye. Ngaloo ndlela siyikhathalele indlela esithetha ngayo, sikhumbula ukuba ukuthetha singacinganga kunokubakhubekisa abanye. (IMizekeliso 12:18; 18:21) AmaKristu akamele athethe ngqwabalala, ngendlela ethob’ isidima, nenyembayo okanye ekwekwayo, kunoko amele abonise ulwazelelelo ngeemvakalelo zabanye abantu. (Efese 4:31) Badala, ninokulubonisa njani ulwazelelelo ngeemvakalelo zabanye? Xa ninikela isiluleko, sebenzisani amazwi obubele, aya kugcina isidima salowo ululekwayo. (Galati 6:1) Bazali, ninokulubonisa njani ulwazelelelo ngeemvakalelo zabantwana benu? Xa nibaqeqesha, kuphepheni ukubahlazisa ngokungeyomfuneko.—Kolose 3:21.

Ukunceda Abanye Ngokuzithandela

11, 12. Yiyiphi imizekelo eseBhayibhileni ebonisa ukuba uYesu wayengalindeli ukuba acelwe ngaphambi kokubonisa uvelwano kwabanye?

11 UYesu wayengasoloko ecelwa kuqala ngaphambi kokuba abonise uvelwano kwabanye. Ngapha koko, uvelwano lushukumisela esenzweni. Ngoko ayimangalisi into yokuba, uvelwano lwashukumisela uYesu ekubeni abancede ngokuzithandela abanye. Ngokomzekelo, xa isihlwele esikhulu sahlala naye kangangeentsuku ezintathu, singenakutya, akukho mntu waxelela uYesu ukuba abantu balambile okanye acebise ukuba abancede. Ingxelo ithi: “UYesu wabizela kuye abafundi bakhe waza wathi: ‘Ndiyasisizela esi sihlwele, ngenxa yokuba sekuziintsuku ezintathu sihleli nam yaye asinanto yakudla; kwaye andifuni kusindulula singatyanga. Kunokwenzeka sityhafe endleleni.’” Ngoko, ngokuzithandela, wasondla eso sihlwele ngokungummangaliso.—Mateyu 15:32-38.

12 Khawukhe uhlolisise omnye umzekelo. Ngowama-31 C.E., xa uYesu wayekufuphi nesixeko saseNayin, wabona into elusizi. Wabona abantu abasemngcwabeni bephumela ngaphandle kwesixeko, mhlawumbi besiya kumangcwaba akwiinduli ezikufuphi, ukuya kungcwaba ‘unyana womhlolokazi, okuphela kwakhe.’ Ngaba unokuyithelekelela indlela awayebuhlungu ngayo loo mhlolokazi? Wayesiya kungcwaba okuphela konyana wakhe, yaye wayengenayo indoda yokumthuthuzela. Kubo bonke abo bantu babekuloo mngcwabo, uYesu ‘wambona’ loo mhlolokazi owayefelwe ngumntwana. Oko wakubonayo kwamchukumisa—‘waba nosizi ngaye.’ Akukho mntu wamcengayo. Luvelwano olusuk’ entliziyweni olwamshukumisela ekubeni enze okuthile. Ngoko ‘wasondela, wachukumisa ithala,’ waza waphila kwakhona umfana lowo. Kwenzeka ntoni emva koko? UYesu akazange acele loo mfana oselula ukuba athelele isihlwele amlandele. Kunoko “wamnikela kunina,” ebenza babe yintsapho kwakhona, ngaloo ndlela eqinisekisa ukuba loo mhlolokazi uyanyanyekelwa.—Luka 7:11-15.

Bancede ngokuzithandela abo basweleyo

13. Sinokumxelisa njani uYesu ekuncedeni ngokuzithandela abo basweleyo?

13 Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu? Kakade ke, asinakukwazi ukuvelisa ukutya ngokungummangaliso okanye ukuvusa abafileyo. Kodwa sinako ukuxelisa uYesu ngokuthi sibancede ngokuzithandela abo basweleyo. Omnye okhonza kunye nawe usenokutsala nzima gqitha ngokwemali okanye aphulukane nomsebenzi wakhe wempangelo. (1 Yohane 3:17) Kusenokwenzeka ukuba ikhaya lomhlolokazi othile lifuna ukulungiswa ngokungxamisekileyo. (Yakobi 1:27) Sisenokuba sazi intsapho ethile esentlungwini yokufelwa, efuna ukuthuthuzelwa okanye uncedo. (1 Tesalonika 5:11) Xa uncedo lufuneka ngokwenene, asimele silindele ukucelwa ngaphambi kokuba sincede. (IMizekeliso 3:27) Uvelwano luya kusishukumisela ekubeni sincede ngokuzithandela, ngokokuvuma kweemeko zethu. Ungaze ulibale ukuba isenzo esincinane sobubele okanye amazwi ambalwa okuthuthuzela asuk’ entliziyweni, anokubonisa uvelwano lokwenene.—Kolose 3:12.

Uvelwano Lwamshukumisela Ekubeni Ashumayele

14. Kwakutheni ukuze uYesu awugqale njengeyona nto ibalulekileyo umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo?

14 Njengoko sibonile kwiCandelo 2 lale ncwadi, uYesu wamisela umzekelo obalaseleyo wokushumayela iindaba ezilungileyo. Wathi: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, ngenxa yokuba ndithunywe oko.” (Luka 4:43) Kwakutheni ukuze awugqale njengeyona nto ibalulekileyo lo msebenzi? Ngokuyintloko kwakungenxa yothando lwakhe ngoThixo. Kodwa sikho nesinye isizathu: Uvelwano lwakhe olusuk’ entliziyweni lwamshukumisela ekubeni azinyamekele iintswelo zokomoya zabanye. Kuzo zonke iindlela awabonisa ngazo uvelwano, ayikho eyayibaluleke njengokwanelisa kwakhe iintswelo zokomoya zabanye. Makhe sihlolisise iziganeko ezibini ezibonisa indlela uYesu awayebagqala ngayo abantu awayeshumayela kubo. Oko kunokusinceda sihlolisise esethu isizathu sokubandakanyeka kubulungiseleli basesidlangalaleni.

15, 16. Chaza iziganeko ezibini ezibonisa indlela uYesu awayebagqala ngayo abantu awayeshumayela kubo.

15 Ngowama-31 C.E., emva kokuzibhokoxa kwakhe kubulungiseleli kangangeminyaka emibini, uYesu wazibhokoxa nangakumbi ngokuthi ‘akhenkethe zonke izixeko needolophana’ zaseGalili. Oko wakubonayo kwayichukumisa intliziyo yakhe. Umpostile uMateyu uthi: “Akubona izihlwele wazisizela, ngenxa yokuba zazihlinzekile, zilahliwe njengezimvu ezingenamalusi.” (Mateyu 9:35, 36) UYesu wayenovelwano ngabantu abakumgangatho ophantsi. Wayeyiqonda kakuhle imeko yabo elusizi yokomoya. Wayesazi ukuba babephethwe kakubi yaye bengakhathalelwanga ziinkokeli zonqulo, ezazifanele ukuba zibaluse. Eqhutywa luvelwano olunzulu, uYesu wazibhokoxa ngamandla ekudluliseleni kubo isigidimi esinik’ ithemba. Eyona nto babeyifuna ngamandla ziindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.

16 Kwenzeka into efanayo kwiinyanga ezimbalwa kamva, kufuphi nexesha lePasika yowama-32 C.E. Ngesi sihlandlo, uYesu nabapostile bakhe bakhwela isikhephe kuLwandle lwaseGalili befuna indawo ethe cwaka ababenokuphumla kuyo. Kodwa isihlwele sabantu sabaleka elunxwemeni saya kufika ngaphambi kwabo. Wasabela njani uYesu? “Akuphuma, wabona isihlwele esikhulu, kodwa wasisizela, ngenxa yokuba sasinjengezimvu ezingenamalusi. Yaye wasifundisa izinto ezininzi.” (Marko 6:31-34) Kwakhona, uYesu “wasisizela” isihlwele ngenxa yemeko yaso elusizi yokomoya. ‘Njengezimvu ezingenamalusi,’ zazilambile ngokomoya, zingenamntu uzinyamekelayo. UYesu wayenganyanzelekanga ukuba ashumayele kuzo, kodwa washukunyiswa luvelwano.

Shumayela ngovelwano

17, 18. (a) Yintoni esishukumisela ukuba sibe nenxaxheba kubulungiseleli? (b) Sinokuluhlakulela njani uvelwano ngabanye?

17 Yintoni esishukumisayo njengabalandeli bakaYesu ukuba sibe nenxaxheba kubulungiseleli? Njengoko sibonile kwiSahluko 9 sale ncwadi, sinembopheleleko yokushumayela nokwenza abafundi. (Mateyu 28:19, 20; 1 Korinte 9:16) Kodwa asimele siwenze lo msebenzi kuba nje siziva sinyanzelekile. Kodwa kukuthanda kwethu uYehova okumele kusishukumisele ekubeni sishumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani bakhe. Enye into esishukumisela ekubeni sishumayele kukubavela kwethu abo bangakhonzi kunye nathi. (Marko 12:28-31) Ngoko sinokuluhlakulela njani uvelwano ngabanye?

18 Sifanele sibagqale abantu ngendlela uYesu awabagqala ngayo—‘njengabahlinzekileyo, belahliwe njengezimvu ezingenamalusi.’ Khawuzithelekelele ufumana imvana elahlekileyo. Ekubeni le mvana ingenaye umalusi wokuyikhokelela emadlelweni aluhlaza nasemanzini, ilambile yaye inxaniwe. Ngaba ubungayi kuba novelwano olunzulu ngayo? Ngaba ubungayi kwenza konke okusemandleni akho ukuze uyinike ukudla namanzi? Abantu abaninzi abangekaziva iindaba ezilungileyo bafana naloo mvana ilahlekileyo. Ekubeni bengahoywanga ngabalusi bobuxoki bonqulo, balambile yaye banxaniwe ngokomoya, kwaye abanalo ithemba eliqaqambileyo ngekamva. Sinako oko bakufunayo: ukudla okusempilweni kokomoya namanzi ahlaziyayo enyaniso eseLizwini likaThixo. (Isaya 55:1, 2) Xa sicingisisa ngentswelo yokomoya yabantu abasingqongileyo, siba novelwano olunzulu ngabo. Ngoko, njengoYesu, simele senze konke okusemandleni ethu ukuze sabelane nabo ngethemba loBukumkani.

19. Yintoni esinokuyenza ukuze sikhuthaze isifundo seBhayibhile esikufanelekelayo ukuba nenxaxheba ekushumayeleni esidlangalaleni?

19 Sinokubanceda njani abanye baxelise umzekelo kaYesu? Masithi ufuna ukukhuthaza isifundo seBhayibhile esikufanelekelayo ukuba nenxaxheba ekushumayeleni esidlangalaleni. Okanye mhlawumbi ufuna ukunceda umntu opholileyo ukuba abe nenxaxheba ezeleyo kubulungiseleli kwakhona. Sinokubanceda njani abantu abanjalo? Simele sichukumise iintliziyo zabo. Khumbula ukuba uYesu waqala ‘waba nosizi’ ngabantu, waza emva koko wabafundisa. (Marko 6:34) Ngoko ukuba sinokubanceda bahlakulele uvelwano, iintliziyo zabo zisenokubashukumisela ekubeni baxelise uYesu ngokuthi babelane nabanye ngeendaba ezilungileyo. Sisenokubabuza sithi: “Ukwamkela kwakho isigidimi soBukumkani kubuphucule njani ubomi bakho? Kuthekani ngabantu abangasaziyo esi sigidimi—abamelanga na nabo bachazelwe ngeendaba ezilungileyo? Yintoni onokuyenza ukuze ubancede?” Kambe ke, eyona nto isishukumisa ngamandla ukuba sibe nenxaxheba kubulungiseleli, kukuthanda kwethu uThixo nokunqwenela kwethu ukumkhonza.

20. (a) Kubandakanya ntoni ukuba ngumlandeli kaYesu? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa kwisahluko esilandelayo?

20 Ukuba ngumlandeli kaYesu kubandakanya okungakumbi kunokuphinda amazwi awawathethayo nokuxelisa izenzo zakhe. Sifanele sihlakulele “isimo sengqondo” esifana nesakhe. (Filipi 2:5) Ngoko hayi indlela esimele sibe nombulelo ngayo kuba iBhayibhile isichazela ngeengcamango neemvakalelo ezaziboniswa ngamazwi nezenzo zikaYesu! Ukuba ‘nengqondo kaKristu’ kuya kusenza sikwazi ngakumbi ukuhlakulela uvelwano size sibaphathe abanye abantu ngendlela uYesu awayebaphatha ngayo. (1 Korinte 2:16) Kwisahluko esilandelayo, siza kuhlolisisa iindlela ezahlukeneyo uYesu awabonisa ngazo uthando, ingakumbi kubalandeli bakhe.

a Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “enosizi” liye labizwa ngokuba lelinye lawona magama anamandla esiGrike abonisa ukuba novelwano. Enye incwadi ithi eli gama alibhekiseli “ekubeni novelwano nje kuphela, kodwa likwabonisa umnqweno onzulu wokumnceda lowo ubandezelekileyo.”

b Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “uvelwano,” ngokoqobo lithetha “ukubandezeleka kunye.”