ISAHLUKO SESHUMI ELINESINE
“Kweza Kuye Izihlwele Ezikhulu”
1-3. Kwenzeka ntoni xa abazali bazisa abantwana babo kuYesu, yaye oku kubonisa ntoni ngoYesu?
UYESU wayesazi ukuba ubomi bakhe basemhlabeni busondela esiphelweni. Wayesalelwe ziiveki nje ezimbalwa, kodwa wayesenokuninzi kokwenza! Wayeshumayela nabapostile bakhe ePereya, ummandla okwimpuma yoMlambo iYordan. Babesendleleni eya emazantsi eYerusalem, apho uYesu wayeza kuyidlela khona iPasika yakhe yokugqibela.
2 Emva kokuba uYesu ebe nengxubusho eshushu kunye neenkokeli zonqulo, kwabakho ukuphazamiseka okuncinane. Abantu bazisa abantwana babo ukuze baze kumbona. Kubonakala ukuba aba bantwana babengalingani ngeminyaka, kuba uMarko wababiza ngegama elifanayo nelo wachaza ngalo umntwana oneminyaka eli-12 ubudala, ngoxa yena uLuka wasebenzisa igama elichaza ‘iintsana.’ (Luka 18:15; Marko 5:41, 42; 10:13) Kambe ke, apho kukho khona abantwana, kudla ngokubakho ingxolo nokuxokozela. Abafundi bakaYesu babangxolisa abazali, mhlawumbi becinga ukuba iNkosi ixakeke gqitha ukuba ingabe izikhathaza ngabantwana. Wenza ntoni uYesu?
3 Akukubona oku uYesu wacaphuka. Wayecatshukiswa ngubani? Ngabantwana? Ngabazali? Akunjalo—ngabafundi bakhe! Wathi: “Bayekeni abantwana abaselula beze kum; ningabaleli, kuba ubukumkani bukaThixo bobabo banjalo. Inene ndithi kuni, Nabani na ongabamkeliyo ubukumkani bukaThixo njengomntwana oselula akasayi kuze angene kubo.” Emva koko uYesu “wabawola” aba bantwana, waza wabasikelela. (Marko 10:13-16) La mazwi kaMarko abonisa ukuba uYesu wabanga ngothando, mhlawumbi wada “wazifunqula” ezinye iintsana, njengoko watsho njalo omnye umguquleli. Ngokucacileyo, uYesu wayebathanda abantwana. Noko ke, oku kukwasifundisa nenye into ngaye—eyokuba wayengeneka.
4, 5. (a) Sinokuqiniseka njani ukuba uYesu wayengeneka? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyihlolisisa kwesi sahluko?
4 Ukuba uYesu wayengumntu ongqongqo, ongenabubele, nonekratshi, abo bantwana babengenakutsaleleka kuye; nabazali babo babengenakuziva bekhululekile ukubazisa kuye. Khawube nomfanekiso-ngqondweni wendlela abavuya ngayo abo bazali njengoko le ndoda enobubele yayibonisa uthando kubantwana babo, ichaza nokuba baxabisekile emehlweni kaThixo, yaza yabasikelela. Ngoko, nangona uYesu wayejamelene neyona mbopheleleko inzima, wayesangeneka ngakumbi kunabanye abantu.
5 Ngoobani abanye abamfumanisa engeneka uYesu? Yintoni eyayisenza ukuba angeneke? Yaye sinokumxelisa njani uYesu kule nkalo? Makhe sibone.
Ngoobani Abamfumanisa Engeneka UYesu?
6-8. Ngoobani uYesu awayedla ngokunxulumana nabo, yaye isimo sakhe sengqondo ngabo sasahluke njani kweso seenkokeli zonqulo?
6 Xa ufunda ingxelo yeencwadi zeVangeli, usenokumangaliswa yindlela abantu abaninzi ababekufumanisa kulula ngayo ukuya kuYesu. Ngokomzekelo, sifunda kaninzi ukuba “izihlwele ezikhulu” zazisiza kuye. “Izihlwele ezikhulu zamlandela zivela eGalili.” “Izihlwele ezikhulu zahlanganisana kuye.” “Kweza kuye izihlwele ezikhulu.” “Izihlwele ezikhulu zazihamba naye.” (Mateyu 4:25; 13:2; 15:30; Luka 14:25) Ewe, uYesu wayesoloko engqongwe zizihlwele zabantu.
7 Ubukhulu becala, aba yayingabantu nje abakumgangatho oqhelekileyo, abo babejongelwa phantsi ziinkokeli zonqulo, zibabiza ngokuba “ngabantu bomhlaba.” AbaFarisi nababingeleli bathetha esidlangalaleni besithi: “Esi sihlwele singawaziyo uMthetho singabantu abaqalekisiweyo.” (Yohane 7:49) Ekuhambeni kwexesha esi simo sabo sengqondo sendelelo sachazwa kwiincwadi zoorabhi. Iinkokeli zonqulo ezininzi zazibadelela aba bantu, zisala ukutya nabo, ukuthenga kubo, nokunxulumana nabo. Kangangokuba ezinye zazo zazide zithi akukho themba lovuko kwabo bantu bangawaziyo umthetho wazo womlomo! Kunokuba bafune ulwalathiso kwezo nkokeli, abantu abaninzi bamele ukuba babesoyika kwaukusondela kuzo. Kodwa uYesu yena wayahlukile.
8 UYesu wayenxulumana ngokukhululekileyo nabantu abakumgangatho oqhelekileyo. Watya nabo, wabaphilisa, wabafundisa, waza wabanika ithemba. Noko ke, uYesu wayeqonda ukuba abaninzi babeza kuligatya ithuba lokukhonza uYehova. (Mateyu 7:13, 14) Sekunjalo wahlal’ ethembeni, eqonda ukuba abantu abaninzi babenako ukuguquka benze okulungileyo. Hayi indlela awayehluke ngayo kwabo babingeleli nabaFarisi ababeneentliziyo ezilukhuni! Okumangalisayo kukuba, kwanababingeleli nabaFarisi beza kuYesu, yaye abaninzi babo baguquka baza bamlandela. (IZenzo 6:7; 15:5) Kwanabantu abazizityebi nabadumileyo babekufumanisa kulula ukuya kuYesu.—Marko 10:17, 22.
9. Kwakutheni ukuze amabhinqa akufumanise kulula ukuya kuYesu?
9 Amabhinqa akufumanisa kulula ukuya kuYesu. Ayedla ngokuthotyw’ isidima ziinkokeli zonqulo. Ngokuqhelekileyo oorabhi babemjonga kakubi nabani na ofundisa amabhinqa. Kangangokuba amabhinqa ayengavumelekanga ukuba anikele ubungqina kwiinkundla zamatyala; ayegqalwa njengamangqina angathembekanga. Oorabhi babede bathandaze bebulela uThixo kuba bengengawo amabhinqa! Kodwa uYesu akazange awajongele phantsi ngaloo ndlela amabhinqa. Amaninzi aya kuye, elangazelela ukuba awafundise. Ngokomzekelo, udadeboLazaro uMariya wahlala ezinyaweni zeNkosi, ephulaphule ngenyameko amazwi kaYesu, ngoxa udadewabo uMarta wayexakekile elungisa ukutya. UYesu wamncoma uMariya ngokulangazelela eyona nto ibalulekileyo kuqala.—Luka 10:39-42.
10. Indlela uYesu awabaphatha ngayo abagulayo yayahluke njani kuleyo yeenkokeli zonqulo?
10 Kwanabagulayo bathontelana ukuya kuYesu, kodwa babengahoywanga ziinkokeli zonqulo. UMthetho kaMoses wawunelungiselelo lokuba abantu abaneqhenqa bahlaliswe bodwa ngenxa yezizathu zempilo, kodwa wawungayaleli ukuba bangaphathwa ngobubele. (Levitikus, isahluko 13) Kodwa ekuhambeni kwexesha, imithetho yoorabhi yabonisa ukuba abantu abaneqhenqa babecekiseka njengelindle. Ezinye iinkokeli zonqulo zazide zibagibisele ngamatye abantu abaneqhenqa ukuze bangasondeli kuzo! Kwakungenakwenzeka ukuba abantu abaneqhenqa ababephethwe ngaloo ndlela babe nobuganga bokuya kuye nawuphi na umfundisi, kodwa baya kuYesu. Omnye wabo wathetha la mazwi abonis’ ukholo: “Nkosi, ukuba nje uyathanda, unako ukundenza ndihlambuluke.” (Luka 5:12) Kwisahluko esilandelayo, siza kuxubusha ngendlela awasabela ngayo uYesu. Okwangoku, kwanele ukuthi abukho ubungqina obubalasele ngaphezu kobu bokuba uYesu wayengeneka.
11. Nguwuphi umzekelo obonisa ukuba abo babekhathazwa zizazela babesondela ngokulula kuYesu, yaye kutheni kubalulekile nje oku?
11 Abo babekhathazwa sisazela babesondela ngokukhululekileyo kuYesu. Ngokomzekelo, khawucinge ngexesha laxa uYesu wayesesidlweni ekhayeni lomnye umFarisi. Kwangena umfazi owayesaziwa ngokuziphatha okubi waza waguqa ezinyaweni zikaYesu, eliliswa zizono zakhe. Iinyembezi zakhe zawela ezinyaweni zikaYesu, waza wazisula ngeenwele zakhe. Ngoxa umFarisi owayememe uYesu engazange akuthande oku waza wamgxeka kabukhali uYesu ngokuvumela lo mfazi ukuba asondele kuye, ngobubele uYesu wamncoma lo mfazi ngokuguquka kwakhe ngokunyanisekileyo waza wamqinisekisa ukuba uYehova umxolele. (Luka 7:36-50) Namhlanje kubaluleke ngakumbi ukuba abantu abakhathazwa sisazela bakwazi ukusondela lula kwabo banokubanceda bavuselele ulwalamano lwabo noThixo! Yintoni eyenza ukuba uYesu angeneke ngolo hlobo?
Yintoni Eyenza Ukuba UYesu Angeneke?
12. Kutheni ingamangalisi nje into yokuba uYesu wayengeneka?
12 Khumbula ukuba uYesu wamxelisa ngokugqibeleleyo uYise onothando wasezulwini. (Yohane 14:9) IBhayibhile isikhumbuza ukuba uYehova ‘akakude kuye ngamnye wethu.’ (IZenzo 17:27) ‘UMphulaphuli wemithandazo’ uYehova, usoloko ekufuphi kubakhonzi bakhe abathembekileyo nakwabanye abantu abafuna ngokunyanisekileyo ukumkhonza. (INdumiso 65:2) Khawufan’ ucinge—oyena Mntu unamandla nobalulekileyo kwindalo iphela ukwangoyena ungenekayo! NjengoYise, uYesu uyabathanda abantu. Kwizahluko ezilandelayo siza kuxubusha ngendlela olwalunzulu ngayo olo thando lukaYesu. Into eyenza ukuba uYesu angeneke kukuba, uthando lwakhe ngabantu lwalubonakala ngokucacileyo. Makhe sihlolisise ezinye zezenzo zikaYesu ezazibonisa olo thando.
13. Abazali banokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu?
13 Abantu babebona ngokucacileyo ukuba uYesu unomdla wobuqu kubo. Loo mdla wobuqu awuzange uphele xa uYesu wayebandezelekile. Njengoko sibonile kumzekelo wabazali abazisa abantwana babo kuYesu, wayengeneka nangona wayexakekile, ejamelene nembopheleleko enzima. Onjani ukuba mhle umzekelo awawumisela abazali! Ukukhulisa abantwana kulucelomngeni kwihlabathi lanamhlanje. Kodwa kubalulekile ukuba abazali bangeneke ebantwaneni babo. Ukuba ungumzali, uyazi ukuba maxa wambi uxakeka gqitha ukuba unganika umntwana wakho ingqalelo ayifunayo. Sekunjalo, kutheni ungamqinisekisi nje ukuba uza kumhoya ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka? Ukuba uyasigcina isithembiso sakho, umntwana wakho uya kufunda ukubaluleka kokuba nomonde. Kwakhona uya kufunda ukuba usoloko amkelekile ukuba angasondela kuwe xa enengxaki okanye efuna ukunyanyekelwa.
14-16. (a) UYesu wawenza phi ummangaliso wakhe wokuqala, yaye kutheni yayisisenzo esimangalisayo nje eso? (b) Ummangaliso kaYesu eKana utyhila ntoni ngaye, yaye oko kunasiphi isifundo kubazali?
14 UYesu wayenza yacaca ebantwini into yokuba ukukhathazeka kwabo kubalulekile kuye. Ngokomzekelo, cinga nje ngommangaliso wokuqala awawenzayo. Wayeye emtshatweni eKana, idolophu eseGalili. Kwavela ingxaki ehlazisayo—kwaphela iwayini! UMariya unina, wamxelela oko kwenzekileyo. Wenza ntoni uYesu? Wacela abantu ukuba bazalise ngamanzi iingqayi ezintandathu ezinkulu zelitye. Xa kwakhiwa intwana yasiwa kumalathisi womtshato, wafumanisa ukuba yiwayini enencasa! Ngaba yayiliqhinga nje elo, okanye umlingo? Akunjalo, loo manzi ‘ayejikwe aba yiwayini.’ (Yohane 2:1-11) Kudala abantu benomnqweno wokujika izinto. Kangangeenkulungwane, izazinzulu bezizama ukujika ilothe ibe yigolide. Azizange ziphumelele—nangona ilothe negolide zifana ngokuphawulekayo. a Kuthekani ngamanzi newayini? Amanzi anemichiza emibini kuphela. Yona iwayini inemichiza entsonkothileyo emalunga newaka! Kwakutheni ukuze uYesu enze isenzo esimangalisa ngolo hlobo ngenxa yento ebonakala ingenamsebenzi njengokuphela kwewayini emtshatweni?
15 Le ngxaki yayingeyonto engenamsebenzi kumyeni nomtshakazi. Mandulo kuMbindi Mpuma, ukunyamekela iindwendwe ezimenyiweyo kwakuyinto ebaluleke gqitha. Ukuphela kwewayini emtshatweni kwakuya kumhlazisa kanobom umyeni nomtshakazi, kuwenze ube nebala elibi umtshato wabo kangangeminyaka. Le ngxaki yayibalulekile kubo, ibe yayibalulekile nakuYesu. Ngoko wenza okuthile ngayo. Ngaba uyasibona isizathu sokuba abantu baye kuye xa bekhathazekile?
16 Kwakhona, abazali banokufunda lukhulu koku. Kuthekani ukuba umntwana wakho uza kuwe nengxaki emkhathazayo? Usenokufuna ukumjikisa ngelithi ayibalulekanga loo ngxaki. Usenokude ufune nokumhleka. Xa le ngxaki yomntwana wakho ithelekiswa neengxaki zakho, isenokubonakala iyinto engenamsebenzi. Kodwa khumbula ukuba ibalulekile emntwaneni! Ukuba ibalulekile emntwaneni omthanda kakhulu, ngaba ayimelanga ibaluleke nakuwe? Ukubonisa umntwana wakho ukuba uzikhathalele izinto ezimkhathazayo kuya kukwenza ube ngumzali ongenekayo.
17. UYesu wamisela wuphi umzekelo wobulali, yaye kutheni olu phawu lububungqina bokomelela?
17 Njengoko kuxutyushiwe kwiSahluko 3, uYesu wayenobulali yaye ethobekile. (Mateyu 11:29) Ubulali luphawu oluhle gqitha, yaye lububungqina obunamandla bokuthobeka komntu ngokusuk’ entliziyweni. Buyinxalenye yesiqhamo somoya oyingcwele kaThixo, yaye buhlobene nobulumko bobuthixo. (Galati 5:22, 23; Yakobi 3:13) Kwanaxa ecatshukiswe gqitha, uYesu wayezibamba. Ukuba nobulali kwakhe kwakungathethi kuthi ubuthathaka. Omnye umphengululi wathi ngolu phawu: “Ngaphaya kokuthantamisa kukho ukomelela okunjengokwentsimbi.” Eneneni, kufuneka ukomelela ukuze sikwazi ukuzibamba xa sicatshukisiwe size sibaphathe ngobulali abanye. Kodwa uYehova uya kuyisikelela imigudu yethu, ukuze sikwazi ukuxelisa uYesu ekuboniseni ubulali, yaye oko kuya kusenza singeneke ngakumbi.
18. Nguwuphi umzekelo obonisa ukuba nolwazelelelo kukaYesu, yaye ucinga ukuba kutheni olu phawu lumenza umntu angeneke?
18 UYesu wayenolwazelelelo. Xa wayeseTire, kweza omnye umfazi owayenentombi ‘eyayiphethwe kakubi yidemon.’ Ngeendlela ezintathu ezahlukeneyo, uYesu wabonisa ukuba wayengenakukwenza oko kwakufunwa ngulo mfazi. Okokuqala, wathula akamphendula; okwesibini, wamchazela isizathu sokuba wayengenako ukwenza oko akucelayo; okwesithathu, wenza umzekeliso owayicacisa ngakumbi ingongoma. Kodwa ngaba wayengqwabalala, yaye elukhuni? Ngaba wamtyityimbisel’ umnwe ngokuphikisa kwakhe amazwi endoda ebaluleke ngolo hlobo? Akunjalo, lo mfazi wayengenasizathu sakoyika. Akazange anele nje ukucela uncedo, kodwa wambongoza naxa uYesu wayeyenze yacaca into yokuba akanako ukumnceda. UYesu walubona ukholo lwakhe olumangalisayo olwamenza wazingisa, waza wayiphilisa intombi yakhe. (Mateyu 15:22-28) Ngokuqinisekileyo, ukuba nolwazelelelo kukaYesu, ukukulungela kwakhe ukuphulaphula nokuyekelela xa kufanelekile, kwabenza abantu bakulangazelela ukusondela kuye!
Ngaba Uyangeneka?
19. Sinokwazi njani ukuba siyangeneka ngokwenene?
19 Abantu badla ngokucinga ukuba bayangeneka. Ngokomzekelo, abantu abanegunya bathanda ukuthi umnyango wabo usoloko uvulekile, ngoko abo bangaphantsi kwabo bamkelekile ngalo lonke ixesha. Noko ke, iBhayibhile ilumkisa ngelithi: “Abantu abaninzi babhengeza ngamnye ububele bakhe bothando, kodwa umntu othembekileyo ngubani onokumfumana?” (IMizekeliso 20:6) Kulula ukuthi siyangeneka, kodwa ngaba siyixelisa ngokunyanisekileyo le nkalo yothando lukaYesu? Impendulo ixhomekeke, kungekhona kwindlela esizijonga ngayo thina, kodwa kwindlela abasijonga ngayo abanye. UPawulos wathi: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.” (Filipi 4:5) Ngamnye wethu ufanele azibuze ukuba: ‘Bandijonga njani abanye? Ndidume njani?’
20. (a) Kutheni kubalulekile ukuba abadala abangamaKristu bangeneke? (b) Kutheni sifanele sibonise ulwazelelelo size singalindeli okungaphaya kwamandla kubadala bebandla?
20 Abadala abangamaKristu bamele bazame ngokukhethekileyo ukuba ngabangenekayo. Bafanele banqwenele ngokunyanisekileyo ukuphila ngokuvisisana nenkcazelo ekuIsaya 32:1, 2 ethi: “Ngamnye uya kuba njengendawo yokuzimela umoya nendawo yokuzifihla esiphangweni, abe njengemisinga yamanzi kwilizwe elingumqwebedu, nanjengomthunzi wengxondorha enkulu kwilizwe elibharhileyo.” Umdala unokukhusela aze ahlaziye ngaloo ndlela kuphela ukuba uyangeneka. Liyinyaniso elokuba oko akusoloko kulula, kuba abadala banembopheleleko enkulu kula maxesha anzima. Sekunjalo, abadala bazabalazela ukuba bangaxakeki kakhulu ngokokude bangazinyamekeli iimfuno zezimvu zikaYehova. (1 Petros 5:2) Amanye amalungu ebandla amele abonise ulwazelelo ngokuthi angalindeli okungaphaya kwamandla ala madoda athembekileyo, kodwa abonise ukuthobeka nentsebenziswano.—Hebhere 13:17.
21. Abazali banokuzenza njani bangeneke ebantwaneni babo, yaye yintoni esiza kuxubusha ngayo kwisahluko esilandelayo?
21 Abazali bafanele babe nexesha labantwana babo. Oku kubaluleke gqitha! Bafanele babenze abantwana babo bazi ukuba kulungile ukubachazela ngeengxaki zabo. Ngoko, abazali abangamaKristu bamele bakuphaphele ukubonisa ubulali nolwazelelelo, bangavuthi ngumsindo xa umntwana ebachazela ngempazamo ayenzileyo okanye ukungaqondi kwakhe. Njengoko abazali beqeqesha abantwana babo ngenyameko, bamele balugcine luvulekile unxibelelwano phakathi kwabo. Eneneni, sonke simele sizabalazele ukungeneka njengoYesu. Kwisahluko esilandelayo, siza kuxubusha ngovelwano lukaYesu olusuk’ entliziyweni—olunye lweempawu eziphambili ezamenza wangeneka.
a Imichiza yelothe ifana kakhulu naleyo yegolide. Izazinzulu zanamhlanje zide zakwazi ukujika inxalenye encinane yelothe yaba yigolide, kodwa oko kuntsonkothe kakhulu kangangokuba kuziindleko ezigqithiseleyo.