ISAHLUKO SESHUMI ELINESIBHOZO
“Qhubeka Undilandela”
1-3. (a) UYesu wabashiya njani abapostile bakhe, yaye kutheni eso yayingesosiphelo solwalamano lwabo? (b) Kutheni sifanele sifunde ngobomi bukaYesu emva kokuba ebuyele ezulwini?
AMADODA ali-11 ayemi kunye entabeni. Ezaliswe luthando noxabiso, amehlo awo ayethe ntsho kwindoda ye-12. Le ndoda yayinguYesu ovusiweyo, onembonakalo yomntu, yaye kwakhona ungoyena womeleleyo koonyana bakaYehova bomoya. UYesu wayehlanganise abapostile bakhe kule Ntaba yemiNquma okwesihlandlo sokugqibela.
2 Le ntaba, yayingumkrozo weenduli ezinqumla kwiNtlambo yeKidron ukusuka eYerusalem, ngokuqinisekileyo yamkhumbuza lukhulu uYesu. Emazantsi ayo kwakukho idolophu yaseBhethani, apho uYesu wavusa khona uLazaro. Kwiiveki nje ezimbalwa ngaphambi koko, uYesu wangena eYerusalem ekhwele iesile evela kwidolophu ekufuphi yaseBhethefage. Kusenokwenzeka ukuba umyezo waseGetsemane, apho uYesu wachitha khona iiyure zokugqibela ngaphambi kokubanjwa kwakhe, nawo wawukule Ntaba yemiNquma. Ngoku kwakuyo le ntaba, uYesu wayelungele ukubashiya abahlobo bakhe abasenyongweni. Wathetha amazwi akhuthazayo okwahlukana. Emva koko waqalisa ukunyuka! Abapostile babethe khamnqa, amehlo abo bewathe ntsho kwiNkosi yabo ethandekayo njengoko inyukela esibhakabhakeni. Ekugqibeleni, yagutyungelwa lilifu ababi sayibona.—IZenzo 1:6-12.
3 Ngaba usigqala esi njengesiphelo esibuhlungu sokwahlukana kwabahlobo abasenyongweni? Enyanisweni ayisiso isiphelo esinjalo. Njengoko iingelosi ezimbini zabakhumbuzayo abo bapostile, esi yayingesiso nakancinane isiphelo solwalamano lwabo kunye noYesu. (IZenzo 1:10, 11) Eneneni, ukunyukela kwakhe ezulwini kwakusisiqalo nje. ILizwi likaThixo alisishiyi enyanyeni ngokuphathelele oko kwenzekayo kuYesu emva koko. Kubalulekile ukufunda ngobomi bukaYesu emva kokuba emkile emhlabeni. Ngoba? Khumbula amazwi uYesu awawathetha kuPetros athi: “Qhubeka undilandela.” (Yohane 21:19, 22) Sonke sifanele siwuthobele loo myalelo, kungekhona nje okwexeshana kodwa ubomi bethu bonke. Ukuze sikwazi ukwenjenjalo, sifanele sikuqonde oko iNkosi yethu ikwenzayo ngoku kunye nezabelo ezifumeneyo ezulwini.
Ubomi BukaYesu Emva Kokuba Emkile Emhlabeni
4. IBhayibhile yakuchaza njani kwangaphambili oko kwakuza kwenzeka ezulwini emva kokubuyela kukaYesu apho?
4 IZibhalo azithethi nto ngokufika kukaYesu ezulwini, ngovuyo olwalukho ekudibaneni kwakhe noYise. Kodwa iBhayibhile yayichaza kwangaphambili into eyayiza kwenzeka ezulwini ngokukhawuleza emva kokubuyela kukaYesu apho. Kaloku, ngaphezu kweenkulungwane ezili-15 amaYuda ayesiba nomthendeleko ongcwele. Kanye ngonyaka, umbingeleli omkhulu wayengena kwEyona Ngcwele yetempile ukuze afefe igazi lemibingelelo yoMhla Wocamagushelo phambi kwetyeya yomnqophiso. Loo mbingeleli mkhulu wayefanekisela uMesiya. UYesu wakuzalisekisa oko kwakufuziselwa nguloo mthendeleko emva kokuba ebuyele ezulwini. Wema phambi kwesihlalo esizukileyo sikaYehova ezulwini—eyona ndawo ingcwele kwindalo iphela—waza wanika uYise ixabiso ledini lakhe lentlawulelo. (Hebhere 9:11, 12, 24) Ngaba uYehova walamkela?
5, 6. (a) Bubuphi ubungqina obubonisa ukuba uYehova walamkela idini lentlawulelo likaKristu? (b) Ngoobani abangenelwayo kwintlawulelo, yaye ngoba?
5 Impendulo siyifumana ngokuhlolisisa oko kwenzekayo kwiintsuku ezimbalwa emva kokunyukela kukaYesu ezulwini. Iqaqobana lamaKristu amalunga ne-120 lalihlanganisene eYerusalem kwigumbi eliphezulu laza ngequbuliso lazaliswa yimpepho ebhudla ngamandla. Kwabonakala iilwimi ezingathi zezomlilo phezu kweentloko zalo, lazaliswa ngumoya oyingcwele, laza laqalisa ukuthetha ngeelwimi ezahlukahlukeneyo. (IZenzo 2:1-4) Esi siganeko sasifanekisela ukuzalwa kohlanga olutsha, uSirayeli wokomoya, ‘owayesisizwe esitsha esinyuliweyo’ sikaThixo ‘nobubingeleli basebukhosini’ bokuphumeza ukuthanda kukaThixo emhlabeni. (1 Petros 2:9) Ngokucacileyo, uYehova uThixo walamkela yaye wakholiswa lidini lentlawulelo likaKristu. Oku kuthululwa komoya oyingcwele kwakuyenye yeentsikelelo zokuqala zentlawulelo.
6 Ukususela ngoko, intlawulelo kaKristu iye yabazisela iingenelo abalandeli bakhe emhlabeni wonke. Enoba siphakathi ‘komhlambi omncinane’ wabathanjisiweyo abaza kulawula noKristu ezulwini, okanye siphakathi ‘kwezinye izimvu’ eziza kuphila ngaphantsi kolawulo lwakhe emhlabeni, siyangenelwa kwidini lakhe. (Luka 12:32; Yohane 10:16) Lisisiseko sethemba lethu nokuxolelwa kwezono zethu. Logama siqhubeka ‘sibonisa ukholo’ kuloo ntlawulelo, yaye silandela uYesu imihla ngemihla, sinokuba nesazela esicocekileyo nethemba eliqaqambileyo lekamva.—Yohane 3:16.
7. UYesu uye wanikwa liphi igunya ekubuyeleni kwakhe ezulwini, yaye unokumxhasa njani?
7 Yintoni uYesu aye wayenza ezulwini ukususela ekubuyeleni kwakhe apho? Uye wanikwa igunya elikhulu. (Mateyu 28:18) UYehova uye wammisela ukuba alawule ibandla lamaKristu, sabelo eso aye wasiphumeza ngothando nangokusesikweni. (Kolose 1:13) Njengoko kwakuchazwe kwangaphambili, uYesu uye wamisela amadoda athembekileyo ukuba anyamekele iintswelo zomhlambi wakhe. (Efese 4:8) Ngokomzekelo, wakhetha uPawulos ukuba abe ‘ngumpostile weentlanga,’ emthuma ukuba asasaze iindaba ezilungileyo kwimimandla ekude. (Roma 11:13; 1 Timoti 2:7) Ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala, uYesu wadlulisela izigidimi kumabandla asixhenxe awayekwiphondo laseRoma eliyiAsiya, ewancoma yaye ewaluleka. (ISityhilelo, isahluko 2-3) Ngaba umgqala uYesu njengeNtloko yebandla lamaKristu? (Efese 5:23) Ukuze uqhubeke umlandela, ufanele ubonise umoya wentobeko nowentsebenziswano ebandleni okulo.
8, 9. Liliphi igunya awanikwa lona uYesu ngowe-1914, yaye oko kufanele kuzichaphazele njani izigqibo esizenzayo?
8 UYesu uye wanikwa igunya elikhulu ngakumbi ngowe-1914. Ngaloo nyaka wamiselwa njengoKumkani woBukumkani bukaYehova obungoMesiya. Ekuqaliseni kukaYesu ukulawula, “kwabakho imfazwe ezulwini.” Waba yintoni umphumo wayo? USathana needemon zakhe baphoswa emhlabeni, nto leyo eyabangela ukuba kubekho ooyeha. Ukwanda kweemfazwe, ulwaphulo-mthetho, ubugrogrisi, izifo, iinyikima zomhlaba, nendlala, kusikhumbuza ukuba uYesu uyalawula ezulwini. USathana ‘usengumlawuli weli hlabathi’ ‘kangangexesha elifutshane.’ (ISityhilelo 12:7-12; Yohane 12:31; Mateyu 24:3-7; Luka 21:11) Kodwa uYesu unika abantu ehlabathini lonke ithuba lokuba bamkele ulawulo Lwakhe.
9 Kubalulekile ukuba sixhase ulawulo lukaKumkani onguMesiya. Kuzo zonke izigqibo esizenzayo imihla ngemihla, sifanele sifune ukumkholisa, singafuni ukukholisa eli hlabathi lonakeleyo. Njengoko lo ‘Kumkani wookumkani neNkosi yeenkosi’ ehlolisisa uluntu, intliziyo yakhe enobulungisa iyavutha ngumsindo yaye kwangaxeshanye izaliswa luvuyo. (ISityhilelo 19:16) Kubangelwa yintoni oko?
Umsindo Novuyo LukaKumkani OnguMesiya
10. UYesu ungumntu onjani ngokwemvelo, kodwa yintoni eyenza le Nkosi yethu ibe nomsindo wobulungisa?
10 NjengoYise, iNkosi yethu ihlala ivuyile ngokwemvelo. (1 Timoti 1:11) Ngoxa wayephila njengomntu, uYesu wayengagxeki yaye kwakungekho nzima ukumkholisa. Kodwa kuninzi okwenzekayo emhlabeni namhlanje okumele kumenze abe nomsindo wobulungisa. Ngokuqinisekileyo unomsindo nxamnye nazo zonke iinkonzo zonqulo ezixokayo zisithi zimela yena. Wachaza kwangaphambili wathi: ‘Asingabo bonke abathi kum, “Nkosi, Nkosi,” abaya kungena ebukumkanini bamazulu, kodwa ngulowo wenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini oya kungena. Abaninzi baya kuthi kum ngaloo mini, “Nkosi, Nkosi, asizange na senze imisebenzi emininzi yamandla egameni lakho?” Ukanti ndiya kwandula ndivume kubo ndithi: Andizange ndinazi! Mkani kum, nina benzi bokuchasene nomthetho.’—Mateyu 7:21-23.
11-13. Kutheni abanye besenokothuswa ngamazwi abukhali uYesu awawabhekisa kwabo ‘benza imisebenzi emininzi yamandla’ egameni lakhe, yaye yintoni emenza abe nomsindo? Zekelisa.
11 Abantu abaninzi namhlanje abazibiza ngokuba bangamaKristu basenokuwafumanisa esothusa loo mazwi. Angathini uYesu ukuthetha amazwi abukhali ngolo hlobo kubantu abenza “imisebenzi emininzi yamandla” egameni lakhe? Iicawa zeNgqobhoko ziye zanceda ngemali ekuxhaseni amahlwempu, ekwakhiweni kwezibhedlele nezikolo, nakweminye imisebenzi emininzi. Kodwa ukuze ubone isizathu sokuba uYesu abe nomsindo ngakuzo, khawukhe uhlolisise lo mzekeliso ulandelayo.
12 Umama notata othile balungiselela ukuthabatha uhambo. Abanakuhamba nabantwana babo, ngoko baqesha umntu oza kubagcina. Bamnika imiyalelo elula bathi: “Nyamekela abantwana bethu. Bondle, uqinisekise ukuba bacocekile yaye bakhuselekile.” Kodwa xa aba bazali bebuya, bothuswa kukubona ukuba abantwana babo balambile. Bamdaka, bayagula, yaye banxubile. Bayakhala ukuze bafumane ingqalelo yalo mqeshwa, kodwa akabahoyi. Ngoba? Uphezulu kwileli uhlamba iifestile. Benomsindo, aba bazali bafuna ukuqonda ukuba kwenzeka ntoni. Lo mqeshwa uphendula athi: “Khangelani umsebenzi endiwenzileyo! Khanijonge indlela ezicoceke ngayo ezi festile! Ndiye ndalungisa nalapha endlwini, ndisenzela nina!” Ngaba oko kuya kubanelisa aba bazali? Unotshe! Abamqeshelanga ukwenza loo misebenzi; bebefuna nje kuphela anyamekele abantwana babo. Ukungathobeli kwakhe imiyalelo yabo kuya kubenza babe nomsindo.
13 INgqobhoko yenze kanye njengaloo mntu wayeqeshelwe ukugcina abantwana. UYesu wabanika umyalelo abameli bakhe wokuba bondle abantu ngokomoya, ngokuthi babafundise inyaniso eseLizwini likaThixo, yaye babancede ukuba bahlale becocekile ngokomoya. (Yohane 21:15-17) Kodwa iNgqobhoko iye yasilela kanobom ukuthobela umyalelo wakhe. Iye yabashiya abantu belambile ngokomoya, bedidekile yaye bengayazi inyaniso elula eseBhayibhileni. (Isaya 65:13; Amosi 8:11) Kwanemizamo yayo yokuphucula eli hlabathi ayikuthetheleli ukungathobeli kwayo kwangabom. Ngapha koko, le nkqubo yehlabathi ifana nendlu ekugqitywe ekubeni idilizwe! ILizwi likaThixo litsho ngokucacileyo ukuba inkqubo yehlabathi kaSathana iza kutshatyalaliswa kungekudala.—1 Yohane 2:15-17.
14. Nguwuphi umsebenzi omvuyisayo uYesu namhlanje, yaye ngoba?
14 Kwelinye icala, uYesu umele ukuba uvuya gqitha xa ekhangela phantsi esemazulwini aze abone ukuba izigidi zabantu ziyawuphumeza umyalelo wokwenza abafundi awawunika abalandeli bakhe ngaphambi kokumka kwakhe emhlabeni. (Mateyu 28:19, 20) Elinjani lona ilungelo ekulilo ukuba negalelo ekuvuyiseni uKumkani onguMesiya! Masizimisele ukuba asisayi kuze siyeke ukuxhasa ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45) Ngokungafaniyo nabefundisi beNgqobhoko, eli qela lincinci labazalwala abathanjisiweyo liye ngokuthobeka lawenza ngokuzimisela umsebenzi wokushumayela laza lazondla ngokuthembekileyo izimvu zikaKristu.
15, 16. (a) Uvakalelwa njani uYesu ngokungabikho kothando namhlanje, yaye sikwazi njani oko? (b) Kutheni uYesu enomsindo nje nxamnye neNgqobhoko?
15 Sinokuqiniseka ukuba uKumkani uba nomsindo xa ebona ukungabikho kothando emhlabeni namhlanje. Sinokukhumbula indlela abaFarisi abamgxeka ngayo uYesu ngokuphilisa kwakhe ngeSabatha. Babeneentliziyo ezilukhuni, yaye beneenkani kangangokuba bakholosa kuphela ngengcaciso yabo yoMthetho kaMoses nakwimithetho yabo yomlomo. Imimangaliso kaYesu yabazisela iingenelo ezingathethekiyo abantu! Kodwa uvuyo nenkululeko loo mimangaliso eyabazisela yona abantu, kwanendlela eyalomeleza ngayo ukholo lwabo yayingathethi nto kuloo madoda. Wavakalelwa njani uYesu ngawo? Ngesinye isihlandlo ‘wasingasinga kuwo ecaphuka, ebuhlungu kakhulu kukuqaqadeka kweentliziyo zawo.’—Marko 3:5.
16 Namhlanje uYesu ubona iziganeko ezingakumbi ezimenza abe ‘buhlungu ngokugqithiseleyo.’ Iinkokeli zeNgqobhoko zimfanyekiswe kukuzinikela kwazo kwizithethe neemfundiso ezingahambisaniyo neZibhalo. Ngaphezu koko, ziyacatshukiswa kukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Kumazwe amaninzi, abefundisi baye baqhwaya iintshutshiso eziqatha nxamnye namaKristu azama ngokunyanisekileyo ukushumayela isigidimi esashunyayelwa nguYesu. (Yohane 16:2; ISityhilelo 18:4, 24) Kwangaxeshanye, abo befundisi babongoza abalandeli babo ukuba baye emfazweni baze babulale abanye—ngokungathi oko kuya kumkholisa uYesu Kristu!
17. Abalandeli bokwenene bakaYesu bamvuyisa ngayiphi indlela?
17 Ngokwahlukileyo koko, abalandeli bokwenene bakaYesu bazabalazela ukubonisa uthando kwabanye. Bashumayela iindaba ezilungileyo kuzo “zonke iintlobo zabantu,” kanye njengokuba noYesu wenzayo, nangona bechaswa. (1 Timoti 2:4) Yaye uthando abalubonisayo omnye komnye lukhethekile; lubenza babonakale ukuba bangabalandeli bakhe. (Yohane 13:34, 35) Njengoko bewaphatha ngothando, ngentlonelo nangesidima amanye amaKristu abakhonza nawo, ngokwenene baxelisa uYesu—yaye oko kuyamvuyisa lo Kumkani unguMesiya!
18. Yintoni eyenza buhlungu iNkosi yethu, kodwa sinokuyikholisa njani?
18 Kwakhona masikhumbule ukuba iba buhlungu iNkosi yethu xa abalandeli bayo besilela ukunyamezela, bavumele uthando lwabo ngoYehova luphole, baze bayeke ukuba ngabakhonzi Bakhe. (ISityhilelo 2:4, 5) Kodwa uYesu uyakholiswa ngabo banyamezela kude kuse ekupheleni. (Mateyu 24:13) Ngoko masisoloko sikhumbula umyalelo kaKristu othi: “Qhubeka undilandela.” (Yohane 21:19) Makhe sihlolisise ezinye zeentsikelelo eziya kuziswa nguKumkani onguMesiya kwabo banyamezela kude kuse ekupheleni.
Iintsikelelo Ezifunyanwa Ngabakhonzi Abathembekileyo BakaKumkani
19, 20. (a) Ukulandela uYesu kuzisa ziphi iintsikelelo kanye ngoku? (b) Ukulandela kwethu uKristu kusenza sibe nobawo ngayiphi ingqiqo?
19 Ukulandela uYesu kuyindlela eneentsikelelo zokwenene kanye ngoku. Ukuba siyamamkela uKristu njengeNkosi yethu, silandele ulwalathiso lwakhe nomzekelo wakhe, siya kufumana ubutyebi abantu behlabathi abangazange babufumane. Siya kusikelelwa ngomsebenzi obenza bube nenjongo ubomi bethu, sisikelelwe nangamaKristu esikhonza kunye nawo afana nentsapho enothando lokwenene, kwanangesazela esicocekileyo noxolo lwengqondo. Ngokufutshane, siya kuphila ubomi obonwabisayo nobanelisayo. Yaye kukho neentsikelelo ezingakumbi.
20 UYehova ummisele uYesu ‘njengoBawo ongunaPhakade’ kwabo banethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. UYesu uthabathe indawo kabawo wethu wokuqala uAdam, owayizisela intlekele yonke inzala yakhe. (Isaya 9:6, 7) Ngokumamkela kwethu uYesu ‘njengoBawo wethu ongunaPhakade,’ size sibonise ukholo kuye, sinethemba eliqinisekileyo lobomi obungunaphakade. Ngaphezu koko, oko kusenza sisondele ngakumbi kuYehova uThixo. Njengoko sifundile, ukuzabalazela ukuxelisa umzekelo kaYesu imihla ngemihla kuyeyona ndlela ibalaseleyo yokuthobela umyalelo wobuthixo othi: “Yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda.”—Efese 5:1.
21. Abalandeli bakaKristu bakhanyisa njani kweli hlabathi lisebumnyameni?
21 Njengoko sixelisa uYesu kunye noYise uYehova, sinelungelo elimangalisayo. Sidlulisela ukukhanya okuqaqambileyo. Kweli hlabathi ligutyungelwe bubumnyama, nelinamawaka ezigidi zabantu abalahlekiswe nguSathana nabaxelisa imikhwa yakhe, thina esilandela uKristu sisasaza ngokubanzi ukukhanya okuqaqambe ngokwenene—ukukhanya kwenyaniso yeZibhalo, ukukhanya kweempawu ezintle zamaKristu, ukukhanya kovuyo, uxolo nothando lokwenene. Kwangaxeshanye, sisondela ngakumbi kuYehova, yaye olo lolona sukelo lubalaseleyo, yeyona njongo iphakamileyo enokuze isukelwe siso nasiphi na isidalwa esinengqondo ekrelekrele.
22, 23. (a) Ziziphi iingenelo abaya kuzifumana kwixesha elizayo abo baqhubeka belandela uYesu? (b) Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?
22 Kwakhona, cinga ngoko uYehova azimisele ukukwenzela kona kwixesha elizayo esebenzisa uKumkani onguMesiya. Kungekudala loo Kumkani uza kulwa imfazwe yobulungisa nxamnye nenkqubo engendawo yezinto kaSathana. Ngokuqinisekileyo uYesu uza koyisa! (ISityhilelo 19:11-15) Emva koko, uKristu uza kuqalisa uLawulo lwakhe Lweminyaka Eliwaka emhlabeni. Urhulumente wakhe wasezulwini uya kuzisa iingenelo zentlawulelo kubo bonke abantu abathembekileyo, ubenze bafezeke. Khawuzithelekelele ungumqabaqaba, umtsha yaye womelele, usebenza ngovuyo kunye nabantu abamanyeneyo niguqula lo mhlaba ube yiparadesi! Ekupheleni kolo Lawulo Lweminyaka Eliwaka, uYesu uya kubuyisela ulawulo kuYise. (1 Korinte 15:24) Ukuba uyaqhubeka ulandela uKristu, uya kufumana iintsikelelo ezimangalisa gqitha ngendlela ongenakuyithelekelela—‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo’! (Roma 8:21) Ewe, siza kufumana zonke iintsikelelo ababenazo uAdam noEva baza baphulukana nazo. Oonyana neentombi zasemhlabeni zikaYehova, ziya kukhululeka ngonaphakade kwisono sika-Adam. Ngokwenene, ‘akusayi kuba sabakho kufa.’—ISityhilelo 21:4.
23 Khumbula laa mlawuli oselula osisityebi esixubushe ngaye kwiSahluko 1. Akazange asamkele isimemo sikaYesu esithi: ‘Yiba ngumlandeli wam.’ (Marko 10:17-22) Ungaze uyenze loo mpazamo! Ngamana ungasamkela ngovuyo nangehlombe isimemo sikaYesu. Ngamana ungazimisela ukunyamezela, uqhubeke ulandela uMalusi Omhle imihla ngemihla, iminyaka ngeminyaka, uze ubone xa ekugqibeleni ephumeza ngokuzukileyo yonke injongo kaYehova!