Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO SESHUMI EINESITHANDATHU

“UYesu . . . Wabathanda De Kwasekupheleni”

“UYesu . . . Wabathanda De Kwasekupheleni”

1, 2. UYesu wayichitha njani ingokuhlwa yakhe yokugqibela kunye nabapostile bakhe, yaye kutheni lalibalulekile nje kuye elo xesha?

 NJENGOKO wayehlanganisa abapostile bakhe kwigumbi eliphezulu eYerusalem, uYesu wayesazi ukuba leyo yayiyingokuhlwa yakhe yokugqibela kunye nabo. Lalisondele ixesha lokuba abuyele kuYise. Kwiiyure ezimbalwa, uYesu wayeza kubanjwa aze avavanywe ngendlela angazange ayibone ngaphambili. Kodwa nangona wayejamelene nokufa, waqhubeka ebanyamekela abapostile bakhe.

2 UYesu wayebachazele abapostile ngokumka kwakhe, kodwa wayesamele abachazele okungakumbi ukuze balungele iziganeko ezaziza kwenzeka. Ngoko wasebenzisa elo xesha libalulekileyo lokugqibela ukuze abafundise izifundo ezibalulekileyo ezaziya kubanceda bahlale bethembekile. Wabomeleza ngamazwi obubele nachukumis’ intliziyo. Kodwa kwakutheni ukuze uYesu azixhalabise ngabapostile bakhe kunokuba axhalabele isiqu sakhe? Kutheni zazixabiseke kangako nje kuye ezo yure zokugqibela ekunye nabo? Isizathu sinye, luthando. Wayenothando olunzulu ngabo.

 3. Sazi njani ukuba uYesu akazange alinde de ibe yingokuhlwa yakhe yokugqibela ngaphambi kokuba abonise uthando kubafundi bakhe?

3 Kumashumi eminyaka kamva, umpostile uYohane wabhala wathi ngeso siganeko: “Ngenxa yokuba wayesazi ngaphambi komthendeleko wepasika ukuba lifikile ilixa lakhe lokuba emke kweli hlabathi aye kuYise, uYesu, ebathandile abakhe ababesehlabathini, wabathanda de kwasekupheleni.” (Yohane 13:1) UYesu akazange alinde de kufike loo ngokuhlwa ngaphambi kokuba abonise ukubathanda kwakhe “abakhe.” Ebudeni babo bonke ubulungiseleli bakhe, ngeendlela ezinkulu nezincinane, wabonisa ukubathanda kwakhe abafundi bakhe. Kuya kusinceda ukuhlolisisa ezinye zeendlela awalubonisa ngazo uthando lwakhe, kuba ukumxelisa kwethu kule nkalo kuya kungqina ukuba singabafundi bakhe bokwenene.

Ukuba Nomonde

4, 5. (a) Kutheni kwafuneka uYesu abonise umonde kubafundi bakhe? (b) Wasabela njani uYesu xa abapostile bakhe abathathu bengazange bahlale bephaphile kumyezo waseGetsemane?

4 Uthando luhambisana nomonde. “Uthando luzeka kade umsindo,” itsho njalo eyoku-1 kwabaseKorinte 13:4, yaye ukuzeka kade umsindo kuthetha ukuba nomonde kwabanye. Ngaba uYesu wayefanele abonise umonde kubafundi bakhe? Ngokuqinisekileyo kunjalo! Njengoko sibonile kwiSahluko 3, abapostile abazange bakhawuleze ukuhlakulela ukuthobeka. Kangangezihlandlo eziliqela babebangisana ngokuba ngubani oyena mkhulu phakathi kwabo. Wasabela njani uYesu? Ngaba waba nomsindo waza wabangxolisa kabukhali? Akunjalo, waqiqa nabo ngomonde, kwanaxa kwavela ‘impikiswano eshushu’ phakathi kwabo ngawo kanye lo mbandela ngengokuhlwa yakhe yokugqibela kunye nabo!​—Luka 22:24-30; Mateyu 20:20-28; Marko 9:33-37.

5 Ngaloo ngokuhlwa yokugqibela, xa uYesu wayekumyezo waseGetsemane kunye nabapostile bakhe abathembekileyo abali-11, umonde wakhe wavavanywa kwakhona. Washiya abapostile abasibhozo ngasemva, waza wathabatha uPetros, uYakobi noYohane wangena nabo phakathi kuloo myezo. UYesu wathi kubo: “Umphefumlo wam ubuhlungu ngokunzulu, de kuse ekufeni. Hlalani apha, nihlale nilindile.” Wathi qelele umganyana kubo waza wathandaza ngokusuk’ entliziyweni. Emva kokuthandaza ithuba elide, wabuyela kwabo bapostile bathathu. Wafika besenza ntoni? Ngeli xesha kanye lolona vavanyo lwakhe luqatha, babekobunzulu ubuthongo! Ngaba wabakhalimela ngenxa yokungahlali kwabo bephaphile? Akunjalo, wababongoza ngomonde. Amazwi akhe obubele abonisa ukuba wayeyiqonda indlela ababexinezeleke ngayo nababebuthathaka ngayo. a Wathi: “Kambe ke, umoya unentumekelelo, kodwa inyama ibuthathaka.” UYesu waba nomonde ngaloo ngokuhlwa, kwanaxa wafika belele, kungekhona nje isihlandlo esinye kodwa ezithathu!​—Mateyu 26:36-46.

 6. Sinokumxelisa njani uYesu kwindlela esibaphatha ngayo abanye?

6 Kuyakhuthaza ukwazi ukuba uYesu akazange aphelelwe lithemba kubapostile bakhe. Ekugqibeleni umonde wakhe waba nemiphumo emihle, kuba la madoda athembekileyo afunda ukubaluleka kokuthobeka nokuhlala ephaphile. (1 Petros 3:8; 4:7) Sinokumxelisa njani uYesu kwindlela esibaphatha ngayo abanye? Abadala ngokukhethekileyo bafanele babe nomonde. Amanye amakholwa asenokuya kumdala neengxaki zawo, ngexesha umdala lowo ediniwe okanye ebandezeleke zezakhe iingxaki. Maxa wambi, abo bafuna uncedo basenokungakhawulezi ukwamkela isiluleko. Sekunjalo, abadala abanomonde baya kubayalela “ngobulali” baze ‘bawuphathe ngemfesane umhlambi.’ (2 Timoti 2:24, 25; IZenzo 20:28, 29) Nabazali banokumxelisa uYesu ekuboniseni umonde, kuba maxa wambi abantwana basenokungasamkeli ngokukhawuleza isiluleko. Ukuba nothando nomonde kuya kubanceda abazali bangaphelelwa lithemba ngabantwana babo. Ukuba nomonde kwabo kunokuba nemiphumo emihle gqitha.—INdumiso 127:3.

Ukunyamekela Iintswelo Zabo

 7. UYesu wazinyamekela ngaziphi iindlela iintswelo zokwenyama zabafundi bakhe?

7 Uthando lubonakaliswa ngezenzo zobubele. (1 Yohane 3:17, 18) “Alufuni ezalo izilangazelelo.” (1 Korinte 13:5) Uthando lwashukumisela uYesu ekubeni anyamekele iintswelo zokwenyama zabafundi bakhe. Ngokufuthi wayezinyamekela iintswelo zabo bengekamceli nokumcela. Xa wabonayo ukuba badiniwe, wacebisa ukuba bahambe naye baye ‘kwindawo engasese baze baphumle kancinane.’ (Marko 6:31) Xa waphawula ukuba balambile, wabondla ngokuzithandela—kwakunye namanye amawakawaka abantu ababeze kuphulaphula iimfundiso zakhe.—Mateyu 14:19, 20; 15:35-37.

8, 9. (a) Yintoni ebonisa ukuba uYesu wayeziqonda iintswelo zokomoya zabafundi bakhe waza wabanyamekela? (b) Xa uYesu wayexhonywe esibondeni, wayibonisa njani inkxalabo enzulu ngokunyanyekelwa kukanina?

8 UYesu waziphawula iintswelo zokomoya zabafundi bakhe waza wabanyamekela. (Mateyu 4:4; 5:3) Xa efundisa, wayedla ngokunikela ingqalelo ekhethekileyo kubo. INtshumayelo Yasentabeni wayinikela ngokukhethekileyo ukuze kungenelwe abafundi bakhe. (Mateyu 5:1, 2, 13-16) Xa wayefundisa ngemizekeliso, “ngasese kubafundi bakhe wayecacisa zonke izinto.” (Marko 4:34) UYesu wamisela ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ukuze aqinisekise ukuba abalandeli bakhe babeza kondliwa ngokwaneleyo ngokomoya emva kokubuyela kwakhe ezulwini. Olu didi lwekhoboka, olubunjwa liqela elincinci labazalwana abathanjisiweyo bakaYesu abasemhlabeni, luqhubekile ngokuthembekileyo lulungiselela ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo’ ukususela ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo.—Mateyu 24:45.

9 Ngosuku lokufa kwakhe, uYesu wazinyamekela ngendlela echukumisayo iintswelo zokomoya zabo abathandayo. Khawube nomfanekiso-ngqondweni wale meko ilandelayo. UYesu wayexhonywe esibondeni, ephethwe ziintlungu ezingathethekiyo. Ukuze akwazi ukuphefumla, ngokucacileyo wayemele anyuse umzimba wakhe ngokuthi axhathise ngeenyawo. Ngokuqinisekileyo oku kwakubuhlungu ngeyona ndlela njengoko ubunzima bomzimba wakhe babubangela ukuba isikhonkwane sidlabhuze iinyawo zakhe nanjengoko umqolo wakhe owawutyabukile yimivumbo wawukhuhleka kweso sibonda. Ekubeni wayengaphefumli lula, kumele ukuba kwakunzima yaye kubuhlungu ukuthetha. Sekunjalo, ngaphambi nje kokufa kwakhe, uYesu wathetha amazwi abonisa uthando olunzulu ngonina uMariya. Uthe uYesu akubona uMariya nompostile uYohane bemi kufuphi, wathetha ngamandla besiva nabanye, wathi kunina: “Mfazi, khawubone! Unyana wakho!” Emva koko, wathi kuYohane: “Khawubone! Unyoko!” (Yohane 19:26, 27) UYesu wayesazi ukuba lo mpostile uthembekileyo wayeya kunyamekela, kungekuphela nje iintswelo zokwenyama zikaMariya, kodwa kwanezokomoya. b

Abazali abanenkathalo banomonde yaye bayazinyamekela iintswelo zabantwana babo

10. Abazali banokumxelisa njani uYesu njengoko benyamekela iintswelo zabantwana babo?

10 Abazali abanenkathalo bakufumanisa kuyingenelo ukuhlolisisa umzekelo kaYesu. Utata oyithanda ngokwenene intsapho yakhe uyayinyamekela ngokwenyama. (1 Timoti 5:8) Iintloko-ntsapho ezinolwazelelelo nothando zizinika ixesha lokuphumla nelokuzonwabisa kunye neentsapho zazo. Okubaluleke nangakumbi kukuba, abazali abangamaKristu bayazinyamekela iintswelo zokomoya zabantwana babo. Njani? Baqhuba isifundo seBhayibhile sentsapho rhoqo, yaye bazabalazela ukuba esi sifundo sibe sesakhayo nesinomtsalane ebantwaneni babo. (Duteronomi 6:6, 7) Ngamazwi nangomzekelo abawumiselayo, abazali bafundisa abantwana babo ukuba ubulungiseleli bubalulekile, yaye ukulungiselela nokuya kwiintlanganiso zamaKristu kuyinxalenye ebalulekileyo yonqulo lwabo.​—Hebhere 10:24, 25.

Ukuxolela Ngesisa

11. Yintoni uYesu awayifundisa abalandeli bakhe ngokuphathelele ukuxolela?

11 Ukuxolela kuyinxalenye yothando. (Kolose 3:13, 14) Uthando “alunanzondo,” itsho njalo eyoku-1 kwabaseKorinte 13:5. Kangangezihlandlo eziliqela, uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukubaluleka kokuxolela. Wababongoza ukuba baxolele abanye “kungekhona, Ukusa kwizihlandlo ezisixhenxe, kodwa, Ukusa kwizihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe”—oko kukuthi, ithuba elingasikelwanga mda. (Mateyu 18:21, 22) Wabafundisa ukuba umoni ufanele axolelwe ukuba uyaguquka xa ekhalinyelwa. (Luka 17:3, 4) Noko ke, uYesu wayengafani nabaFarisi abahanahanisayo, ababefundisa ngomlomo kuphela; wayekwenza oko wayekufundisa. (Mateyu 23:2-4) Makhe sibone indlela uYesu awaxolela ngayo ngesisa kwanaxa waphoxwa ngumhlobo amthembileyo.

12, 13. (a) UPetros wamphoxa njani uYesu ngobusuku bokubanjwa kwakhe? (b) Izenzo zikaYesu emva kokuvuswa kwakhe, zibonisa njani ukuba wenza okungakumbi kunokushumayela nje kuphela ngokuxolela?

12 UYesu wayemthanda gqitha umpostile uPetros, owayeyindoda enobubele neyayithanda maxa wambi ukwenza izinto ngokungxama. UYesu waphawula iimpawu ezintle kuPetros waza wamnika amalungelo akhethekileyo. UPetros, kunye noYakobi noYohane babona imimangaliso ekhethekileyo engazange ibonwe ngabanye abapostile. (Mateyu 17:1, 2; Luka 8:49-55) Njengoko kuchaziwe ngaphambilana, uPetros wayengomnye wabapostile abangena noYesu phakathi kumyezo waseGetsemane ngobusuku bokubanjwa kwakhe. Kodwa, kwangabo obo busuku xa uYesu wangcatshwayo waza wabanjwa, uPetros nabanye abapostile bamshiya babaleka. Kamva, uPetros waba nenkalipho waza wema ngaphandle ngoxa kwakuxoxwa ityala likaYesu ngokungekho mthethweni. Sekunjalo, uPetros wangenwa luloyiko waza wenza impazamo enzulu—kangangezihlandlo ezithathu waxoka eyikhanyela into yokuba uyamazi kwaukumazi uYesu! (Mateyu 26:69-75) Wasabela njani uYesu? Wawuya kusabela njani wena ukuba umhlobo wakho osenyongweni wayenokukuphoxa ngaloo ndlela?

13 UYesu wamxolela ngesisa uPetros. Wayesazi ukuba uPetros wayezisola ngokunzulu ngenxa yeso sono sinzulu. Wayebuhlungu kangangokuba “woyisakala wasuka walila.” (Marko 14:72) Ngosuku lokuvuka kwakhe, uYesu wabonakala kuPetros, mhlawumbi ukuze amthuthuzele yaye amqinisekise ngokumxolela kwakhe. (Luka 24:34; 1 Korinte 15:5) Kwisithuba esingaphantsi kweenyanga ezimbini kamva, uYesu wamnika ilungelo uPetros lokuba anikele ubungqina kwizihlwele ezaziseYerusalem ngomhla wePentekoste. (IZenzo 2:14-40) Masikhumbule kwanokuba, nabanye abapostile, uYesu akazange abaqumbele ngokumshiya kwabo. Kunoko, emva kokuvuswa kwakhe wababiza ngokuthi ‘bazalwana bam.’ (Mateyu 28:10) Ngaba ayicacanga into yokuba uYesu wenza okungakumbi kunokushumayela nje kuphela ngokuxolela?

14. Kutheni sifanele sifunde ukubaxolela abanye, yaye sinokubaxolela njani ngesisa?

14 Njengabafundi bakaKristu, sifanele sifunde ukubaxolela abanye. Ngoba? Ngokungafaniyo noYesu, asifezekanga—njengokuba benjalo nabo basonayo. Maxa wambi, sonke siyakhutyekiswa ngamazwi nezenzo zabanye. (Roma 3:23; Yakobi 3:2) Xa sibaxolela ngenceba abanye nanini na kunokwenzeka, sivula indlela yokuba nezethu izono zixolelwe nguThixo. (Marko 11:25) Ngoko sinokubaxolela njani ngesisa abo basonayo? Kwiimeko ezininzi, uthando luyasinceda ukuba sizibethe ngoyaba izono neempazamo ezingenamsebenzi zabanye. (1 Petros 4:8) Xa abo basonileyo beguquka ngokunyanisekileyo, njengoko wenzayo noPetros, ngokuqinisekileyo sifanele sixelise uYesu ngokuthi sibaxolele ngesisa. Kunokuba sibe nenqala, ngobulumko sifanele siyisuse ingqumbo yethu. (Efese 4:32) Ngokwenjenjalo, siya kuba negalelo ekudaleni uxolo ebandleni, yaye siya kuba noxolo lwengqondo.​—1 Petros 3:11.

Wayebathemba Abanye

15. Kwakutheni ukuze uYesu abathembe abapostile bakhe nangona babesenza iimpazamo?

15 Uthando luhambisana nokubathemba abanye. Uthando “lukholelwa izinto zonke.” c (1 Korinte 13:7) Ngenxa yothando, uYesu wabathemba abapostile bakhe nangona babesenza iimpazamo. Wayenentembelo kubo yaye ekholelwa ukuba bamthanda ngokusuk’ entliziyweni uYehova yaye bafuna ukwenza ukuthanda kwakhe. Kwanaxa besenza iimpazamo, uYesu akazange ayeke ukubathemba. Ngokomzekelo, xa umpostile uYakobi noYohane bathuma unina ukuba acele uYesu ukuba abahlalise ecaleni kwakhe eBukumkanini bakhe, akazange akuthandabuze ukunyaniseka kwabo okanye abayekise ukuba ngabapostile.—Mateyu 20:20-28.

16, 17. Ziziphi iimbopheleleko uYesu awazinika abafundi bakhe?

16 Ebonisa ukubathemba kwakhe abafundi bakhe, uYesu wabanika iimbopheleleko ezahlukahlukeneyo. Ngezihlandlo ezibini awondla ngazo ngokungummangaliso izihlwele zabantu, wanika abafundi bakhe imbopheleleko yokwaba ukutya. (Mateyu 14:19; 15:36) Wabela uPetros noYohane ukuba baye kulungiselela iPasika yakhe yokugqibela eYerusalem. Babemele bafune imvu, iwayini, isonka esingenagwele, imifuno ekrakra, nezinye izinto ezaziyimfuneko. Esi yayingesosabelo siphantsi, kuba ukubhiyozela iPasika ngendlela efanelekileyo kwakuyalelwe nguMthetho kaMoses, yaye uYesu wayemele awuthobele. Ngapha koko, kwangayo loo ngokuhlwa uYesu wasebenzisa iwayini nesonka esingenagwele njengemifuziselo ebalulekileyo xa wayesungula iSikhumbuzo sokufa kwakhe.—Mateyu 26:17-19; Luka 22:8, 13.

17 UYesu wakubona kufanelekile ukuphathisa abafundi bakhe iimbopheleleko ezibaluleke nangakumbi. Njengoko sichazile ngaphambili, wanika iqela elincinic labalandeli bakhe abasemhlabeni imbopheleleko ebalulekileyo yokulungiselela nokusasaza ukutya kokomoya. (Luka 12:42-44) Kwakhona khumbula ukuba wanika abafundi bakhe umsebenzi obalulekileyo wokushumayela nokwenza abafundi. (Mateyu 28:18-20) Kwanangoku, nangona engabonakali yaye elawula ezulwini, uYesu uphathise “izipho ezingabantu” abafanelekayo ngokomoya ilungelo lokunyamekela ibandla lakhe elisemhlabeni.—Efese 4:8, 11, 12.

18-20. (a) Sinokubonisa njani ukuba siyabathemba abo sikhonza kunye nabo? (b) Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu wokunika abanye iimbopheleleko ezingakumbi? (c) Yintoni eza kuxutyushwa kwisahluko esilandelayo?

18 Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu kwindlela esibaphatha ngayo abanye? Ukubathemba kwethu abo sikhonza kunye nabo kubonisa ukuba siyabathanda. Masikhumbule ukuba uthando lusoloko lukhangela okuhle ebantwini, kungekhona okubi. Xa abanye besiphoxa, nto leyo eyenzekayo maxa wambi, uthando luya kusithintela ukuba singakhawulezi sigqibe kwelokuba baneenjongo ezimbi. (Mateyu 7:1, 2) Ukuba sinesimo sengqondo esihle ngabo sikhonza kunye nabo, siya kubakhuthaza kunokuba sibanyathelele phantsi.—1 Tesalonika 5:11.

19 Ngaba sinokuxelisa uYesu ngokuthi sinike abanye iimbopheleleko ezingakumbi? Kubalulekile ukuba abo banembopheleleko ebandleni babanike izabelo ezifanelekileyo abanye, bethemba ukuba baya kwenza okusemandleni abo. Ngoko abadala abanamava banokuqeqesha abafana abafanelekayo ‘bazabalazele izigxina’ ezingakumbi, ukuze babe luncedo ngakumbi ebandleni. (1 Timoti 3:1; 2 Timoti 2:2) Olu qeqesho lubalulekile. Njengoko uYehova eqhubeka ewandisa ngokukhawuleza umsebenzi woBukumkani, kumele kuqeqeshwe amadoda okusingatha iimbopheleleko ezandayo.—Isaya 60:22.

20 UYesu wasimisela umzekelo omhle wokubonisa uthando kwabanye. Kuzo zonke iindlela esinokumxelisa ngazo, ukuxelisa uthando lwakhe kokona kubalulekileyo. Kwisahluko esilandelayo, siza kuxubusha ngeyona ndlela ibalaseleyo awalubonisa ngayo uthando lwakhe ngathi—ukuncama ubomi bakhe ngokuzithandela.

a Ukozela kwabapostile kwakungabangelwa kukudinwa kuphela. Ingxelo ekuLuka 22:45 ithi uYesu “wabafumana besozela ngenxa yentlungu.”

b Kubonakala ukuba uMariya wayesele engumhlolokazi ngelo xesha, yaye ngokucacileyo abanye abantwana bakhe babengekabi ngabo abafundi bakaYesu.—Yohane 7:5.

c Noko ke, oku akuthethi ukuba uthando lukholelwa nantoni na. Kunoko, kuthetha ukuba uthando alugxeki okanye lube nesikrokro ngaphandle kwesizathu. Uthando alubagwebi ngokungxama abanye okanye lugqibe ekubeni baneenjongo ezimbi.