‘Mqwalaseleni Ngokusondeleyo Lowo Uye Wanyamezela’
ISAHLUKO SESIXHENXE
1-3. (a) Wayexinezeleke kangakanani uYesu kumyezo waseGetsemane, yaye kwakubangelwa yintoni oko? (b) UYesu wasimisela umzekelo onjani wokunyamezela, yaye yiyiphi imibuzo ephakamayo?
INGCINEZELO ikwelona nqanaba liphakamileyo. UYesu akazange axinezeleke ngale ndlela ngaphambili. Le yayiyiyure yokugqibela yobomi bakhe emhlabeni. Yena nabapostile bakhe, baya kwindawo eqhelekileyo, umyezo waseGetsemane. Babedla ngokuhlanganisana apho. Kodwa ngobu busuku, wayefuna ukuba yedwa. Wabashiya abapostile bakhe, wangena nzulu kulo myezo, waza waguqa ngamadolo wathandaza. Wathandaza ngokunyanisekileyo yaye exinezeleke gqitha kangangokuba ukubila kwakhe “kwaba njengamathontsi egazi esiwa emhlabeni.”—Luka 22:39-44.
2 Yintoni eyabangela ukuba uYesu abandezeleke ngaloo ndlela? Enyanisweni, wayesazi ukuba kungekudala wayeza kujamelana nobunzima, kodwa eso yayingesiso isizathu sokubandezeleka kwakhe. Kwakukho isizathu esibaluleke ngakumbi. Wayexhalabele ngokunzulu igama likaYise, yaye wayeqonda ukuba ikamva loluntu lixhomekeke ekuhlaleni kwakhe ethembekile. UYesu wayeyazi indlela ekubaluleke ngayo ukunyamezela kwakhe. Ukuba wayenokusilela, oko kwakuya kuba lugculelo olukhulu egameni likaYehova. Kodwa uYesu akazange asilele. Ngasekupheleni kolo suku, ngaphambi nje kokufa kwakhe, le ndoda eyamisela owona mzekelo ubalaseleyo wokunyamezela emhlabeni, yadanduluka yathi: “Kufeziwe!”—Yohane 19:30.
3 IBhayibhile isibongoza ukuba ‘simqwalasele ngokusondeleyo uYesu oye wanyamezela.’ (Hebhere 12:3) Ngoko kuphakama imibuzo ebalulekileyo ethi: Ziziphi ezinye zezilingo awazinyamezelayo uYesu? Yintoni eyamenza wakwazi ukunyamezela? Sinokuwuxelisa njani umzekelo wakhe? Kodwa ngaphambi kokuba siphendule le mibuzo, makhe sihlolisise ukuba kuthetha ukuthini ukunyamezela.
Kuthetha Ntoni Ukunyamezela?
4, 5. (a) Kuthetha ntoni ‘ukunyamezela’? (b) Sinokuzekelisa njani ukuba ukunyamezela kuthetha okungakumbi kunokujamelana nje nobunzima obungaphephekiyo?
4 Maxa wambi sonke siva “ubuhlungu ngenxa yezilingo ezahlukahlukeneyo.” (1 Petros 1:6) Ngaba ukufumana isilingo kuthetha ukuba siyasinyamezela? Akunjalo. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukunyamezela” lithetha “ukujamelana ngokuphumelelayo nobunzima.” Omnye umphengululi wathi ngokuphathelele ukunyamezela ekuthethwa ngako eBhayibhileni: “Kuthetha kungekhona ukuyekelela kuba uncamile, kodwa ukuba nethemba lokwenene . . . Kuthetha ukuhlala ethembeni ngoxa ujamelene nobunzima. Kuthetha ukujamelana ngovuyo nesona silingo sinzima kuba unethemba lokuphumelela.”
5 Ngoko ukunyamezela akuthethi nje ukujamelana nobunzima obungaphephekiyo. Ngokwembono yeBhayibhile, ukunyamezela kwakubandakanya ukuhlala unesimo sengqondo esihle nethemba ngoxa ujamelene nezilingo. Singakuzekelisa ngale ndlela oku: Masithi amadoda amabini avalelwa entolongweni enye kodwa ngezizathu ezahluke ngokupheleleyo. Enye esisaphuli-mthetho, iphumeza isigwebo sayo ithe khunubembe yaye imbombozela. Enye, engumKristu wokwenyaniso nebanjelwe ukuthembeka kwayo, inyamezela ngovuyo kuba iyigqala le meko njengethuba lokubonisa ukholo lwayo. Eso saphuli-mthetho asinakugqalwa njengomzekelo wokunyamezela, kanti lo mKristu onyanisekileyo yena umisela umzekelo omhle wokunyamezela.—Yakobi 1:2-4.
6. Sikuhlakulela njani ukunyamezela?
6 Kubalulekile ukuba sinyamezele ukuze sisindiswe. (Mateyu 24:13) Noko ke, olu asilophawu esizalwa sinalo. Simele siluhlakulele. Njani? “Imbandezelo ivelisa unyamezelo,” itsho njalo eyabaseRoma 5:3. Ngoko, ukuba sikufuna ngokwenene ukuhlakulela unyamezelo, asimelanga soyike size sizibaleke zonke izilingo zokholo. Kodwa kufuneka simelane nazo. Unyamezelo lubangelwa kukoyisa izilingo zemihla ngemihla, ezikhulu nezincinane. Silingo ngasinye esisoyisayo sisinika amandla okumelana nesinye esilandelayo. Noko ke, ukunyamezela asikuhlakuleli ngamandla ethu. ‘Sixhomekeke emandleni esiwanikwa nguThixo.’ (1 Petros 4:11) Ukuze asincede sinyamezele, uYehova uye wasinika olona ncedo lubalaseleyo—umzekelo woNyana wakhe. Makhe siwuhlolisise ngakumbi umzekelo ogqibeleleyo wokunyamezela kukaYesu.
Izilingo Awazinyamezelayo UYesu
7, 8. Bubuphi ubunzima awabunyamezelayo uYesu ngasekupheleni kobomi bakhe emhlabeni?
7 Njengoko ubomi bakhe basemhlabeni babusondela esiphelweni, uYesu wanyamezela ubunzima obuninzi. Phezu kwako nje ukuxinezeleka kwakhe ngobo busuku bakhe bokugqibela, khawucinge nje ngendlela awadaniswa ngayo nawathotywa ngayo isidima. Wangcatshwa ngumfundi wakhe osenyongweni, washiywa ngabona bahlobo bakhe bakhulu, wasiwa ematyaleni ngokungekho mthethweni yaye apho wagculelwa, watshicelwa waza wantlithwa ngamanqindi ngamalungu eyona nkundla iphakamileyo yonqulo. Sekunjalo, wahlala ezolile yaye enyamezele ngesidima.—Mateyu 26:46-49, 56, 59-68.
8 Ebudeni beeyure zokugqibela, uYesu wanyamezela ubunzima obungathethekiyo. Watywatyushwa, ukubethwa ngokugqithiseleyo ude umzimba ube “namanxeba anzulu yaye wophe kakhulu.” Wabethelelwa, ukuze “afe ngokuthe ngcembe engcungcutheka ngokungathethekiyo.” Khawucinge nje ngobuhlungu awabuvayo xa izikhonkwane ezikhulu zazigqobhoza izandla neenyawo zakhe zizinamathelisa esibondeni. (Yohane 19:1, 16-18) Cinga nje ngentlungu engcungcuthekisayo awayivayo ngoxa isibonda sasiphakanyiswa baza ubunzima bomzimba wakhe bajinga kwezo zikhonkwane, nomzimba wakhe onamanxeba uthunukwa seso sibonda. Yaye wayinyamezela loo ntlungu egqithiseleyo ngoxa wayexinezeleke ngendlela echazwe ekuqaleni kwesi sahluko.
9. Yintoni ebandakanyekileyo ekuthabatheni ‘isibonda sethu sentuthumbo’ size silandele uYesu?
9 Yintoni thina ekusenokufuneka siyinyamezele njengabalandeli bakaKristu? UYesu wathi: ‘Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makathabathe isibonda sakhe sentuthumbo aze aqhubeke endilandela.’ (Mateyu 16:24) Ibinzana elithi ‘isibonda sentuthumbo’ libhekisela ekubandezelekeni, ihlazo, kwanokufa. Ukulandela uKristu akuyonto ilula. Imilinganiselo yethu yobuKristu isenza sahluke. Eli hlabathi lisithiyile kuba asiyonxalenye yalo. (Yohane 15:18-20; 1 Petros 4:4) Sekunjalo, sikulungele ukuthabatha isibonda sethu sentuthumbo—ewe, sikulungele ukubandezeleka kwanokufa, kunokuba siyeke ukulandela uMzekelo wethu.—2 Timoti 3:12.
10-12. (a) Kutheni ukungafezeki kwabantu awayephila phakathi kwabo uYesu kwaba sisilingo nje kuye? (b) Ziziphi ezinye zezilingo awazinyamezelayo uYesu?
10 Ebudeni bobulungiseleli bakhe, uYesu wajamelana nezinye izilingo ezabangelwa kukungafezeki kwabo wayephila phakathi kwabo. Khumbula ukuba ‘wayengumsebénzi onobuchule,’ owasetyenziswa nguYehova ekudaleni umhlaba nazo zonke izinto eziphilayo kuwo. (IMizekeliso 8:22-31) Ngoko uYesu wayeyazi injongo kaYehova ngoluntu; lwalufanele lubonakalise iimpawu Zakhe luze lunandiphe ubomi nempilo egqibeleleyo. (Genesis 1:26-28) Xa wayesemhlabeni, uYesu wayibonela kufutshane imiphumo ebuhlungu yesono—wayephila njengomntu, ngaloo ndlela eyazi indlela abavakalelwa ngayo abantu. Kumele ukuba kwamenza buhlungu gqitha ukubona umkhamo omkhulu wokungafezeki kwabantu xa kuthelekiswa nemfezeko ka-Adam noEva! Kwafuneka uYesu anyamezele ukuze ajamelane naloo meko. Ngaba wayeza kudimazeka aze ayekelele, ebagqala abantu abanesono njengabancanyiweyo? Makhe sibone.
11 Ukungamkelwa kukaYesu ngamaYuda kwamzisela intlungu enkulu gqitha kangangokuba walila esidlangalaleni. Ngaba wavumela inkcaso yawo ukuba iyithothise inzondelelo yakhe okanye imenze ayeke ukushumayela? Kunokuba enjenjalo, “waqhubeka efundisa mihla le etempileni.” (Luka 19:41-44, 47) Waba ‘buhlungu gqitha’ kukubona inkohlakalo yabaFarisi ababebukele ukuze babone enoba wayeza kuyiphilisa kusini na ngeSabatha indoda ethile eyayigula. Ngaba woyikiswa ngabo bachasi bazigwagwisayo? Ngokuqinisekileyo akunjalo! Waba nenkalipho waza wayiphilisa loo ndoda—embindini kanye wendlu yesikhungu!—Marko 3:1-5.
12 UYesu wayekwajamelene nenye into emele ukuba yayisisilingo kuye—ubuthathaka babafundi bakhe abasenyongweni. Njengoko sifundile kwiSahluko 3, babelulangazelela ngamandla udumo. (Mateyu 20:20-24; Luka 9:46) UYesu wabaluleka kangangezihlandlo ezininzi ukuba bahlakulele ukuthobeka. (Mateyu 18:1-6; 20:25-28) Kodwa babengasabeli kakuhle. Kwanangobusuku bokugqibela kunye nabo, baba “nempikiswano eshushu” ngokuphathelele ukuba ngubani omkhulu phakathi kwabo! (Luka 22:24) Ngaba uYesu wanikezela, esithi abanakuze bancedakale? Akunjalo. Waba nomonde nethemba, ebona iimpawu ezintle kubo. Wayesazi ukuba babemthanda ngokusuk’ entliziyweni uYehova yaye befuna ngokwenene ukwenza ukuthanda Kwakhe.—Luka 22:25-27.
13. Ziziphi izilingo esinokuhlangabezana nazo ezifanayo nezo wazinyamezelayo uYesu?
13 Nathi sisenokujamelana nezilingo ezifanayo nezi wazinyamezelayo uYesu. Ngokomzekelo, sisenokudibana nabantu abangasamkeliyo okanye abasichasayo isigidimi soBukumkani. Ngaba siza kukuvumela oko kusenze buthathaka, okanye ngaba siza kuqhubeka sishumayela ngenzondelelo? (Tito 2:14) Kwanokungafezeki kwabazalwana bethu abangamaKristu kusenokuba sisilingo kuthi. Banokusikhubekisa ngokusuka bathethe okanye benze okuthile bengakhange bacinge kuqala. (IMizekeliso 12:18) Ngaba siza kuzivumela iintsilelo zabo sikhonza nabo ukuba zisenze sibancame, okanye ngaba siza kuqhubeka sibanyamezela size sinikel’ ingqalelo kwiimpawu zabo ezintle?—Kolose 3:13.
Into Eyamncedayo UYesu Ukuba Anyamezele
14. Ziziphi iinkalo ezimbini ezanceda uYesu wanyamezela?
14 Yintoni eyanceda uYesu waqhubeka egcine ingqibelelo yakhe phezu kwayo nje yonke loo mpatho ingqwabalala, nokudaniswa ngabafundi bakhe? Kukho iinkalo ezimbini ezibalaseleyo ezamomelezayo uYesu. Okokuqala, wakhangela phezulu, ecela uncedo ‘kuThixo onika unyamezelo.’ (Roma 15:5) Okwesibini, uYesu wakhangela phambili, enikel’ ingqalelo kumvuzo wokunyamezela kwakhe. Makhe sizihlolisise ezi nkalo, ibe nye ngexesha.
15, 16. (a) Yintoni ebonisa ukuba uYesu akazange athembele emandleni akhe? (b) Yiyiphi intembelo uYesu awayenayo kuYise, yaye ngoba?
15 Nangona uYesu wayenguNyana ogqibeleleyo kaThixo, akazange athembele emandleni akhe. Kunoko, wathandaza kuYise osemazulwini, ecela uncedo oluvela phezulu. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “UKristu wanikela izikhungo kwanezibongozo kuLowo wayekwazi ukumsindisa ekufeni, esitsho ngezikhalo ezinamandla neenyembezi.” (Hebhere 5:7) Phawula ukuba uYesu “wanikela” kungekuphela nje izibongozo kodwa kwanezikhungo. Igama elithi “isikhungo” libhekisela kwisibongozo esinyanisekileyo nesisuk’ entliziyweni—ukucenga ucela uncedo. Ukusetyenziswa kweli gama kwisininzi ngokuthi “izikhungo” kubonisa ukuba uYesu wambongoza uYehova ngaphezu kwesihlandlo esinye. Enyanisweni, kumyezo waseGetsemane uYesu wathandaza ngokuphindaphindiweyo nangokunyanisekileyo.—Mateyu 26:36-44.
16 UYesu wayenentembelo epheleleyo yokuba uYehova wayeza kuziphendula izikhungo zakhe, kuba wayesazi ukuba uYise ‘unguMphulaphuli wemithandazo.’ (INdumiso 65:2) Ngaphambi kokuba aphile emhlabeni njengomntu, lo Nyana wamazibulo wayeyibonile indlela uYise awayiphendula ngayo imithandazo yabakhonzi bakhe abanyanisekileyo. Ngokomzekelo, lo Nyana wazibonela ngamehlo emazulwini xa uYehova wathumela ingelosi ukuba iphendule umthandazo osuk’ entliziyweni womprofeti uDaniyeli—kwanangaphambi kokuba uDaniyeli agqibe ukuthandaza. (Daniyeli 9:20, 21) Ngoko, wayenokuthini ukungaphenduli uYise xa uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ephalaza imbilini yakhe “ngezikhalo ezinamandla neenyembezi”? UYehova waziphendula izibongozo zoNyana wakhe waza wathumela ingelosi ukuba imomeleze ukuze anyamezele.—Luka 22:43.
17. Ukuze sinyamezele, kutheni sifanele sikhangele emazulwini, yaye singakwenza njani oko?
17 Ukuze nathi sikwazi ukunyamezela, simele sikhangele emazulwini—kuThixo ‘osomelezayo.’ (Filipi 4:13) Ukuba uNyana ogqibeleleyo kaThixo wakubona kuyimfuneko ukubongoza uYehova ukuba amncede, kubekise phi ke kuthi! NjengoYesu, kusenokufuneka simbongoze ngokuphindaphindiweyo uYehova. (Mateyu 7:7) Nangona singalindelanga ukuba athumele ingelosi, kodwa into esiqiniseke ngayo yile: UThixo wethu oluthando uya kumphendula umKristu onyanisekileyo ‘ozingisayo ekukhungeni nasekuthandazeni ubusuku nemini.’ (1 Timoti 5:5) Zingakhathaliseki izilingo esijamelana nazo—enoba yimpilo enkenenkene, ukufa komntu omthandayo, okanye ukutshutshiswa ngabachasi—uYehova uya kuyiphendula imithandazo yethu yokucela ubulumko, inkalipho, namandla okunyamezela.—2 Korinte 4:7-11; Yakobi 1:5.
18. UYesu wakhangela njani koko wayekuthenjisiwe?
18 Inkalo yesibini eyanceda uYesu wakwazi ukunyamezela kukuba wakhangela phambili koko wayekuthenjisiwe. IBhayibhile ithi ngoYesu: “Ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe wasinyamezela isibonda sentuthumbo.” (Hebhere 12:2) Umzekelo kaYesu ubonisa indlela ithemba, uvuyo, nonyamezelo ezihlobene ngayo. Oku singakushwankathela ngale ndlela: Ithemba likhokelela kuvuyo, lona uvuyo lukhokelela kunyamezelo. (Roma 15:13; Kolose 1:11) UYesu wayenamathemba amangalisayo. Wayesazi ukuba ukuhlala kwakhe ethembekile kuya kuthethelela ulongamo lukaYise, kuze kumenze akwazi ukukhulula uluntu esonweni nasekufeni. Kwakhona uYesu wayenethemba lokulawula njengoKumkani nelokukhonza njengoMbingeleli Omkhulu, nto leyo eyayiza kuluzisela iintsikelelo ezingakumbi uluntu oluthobelayo. (Mateyu 20:28; Hebhere 7:23-26) Ngokunikela kwakhe ingqalelo kumathemba awayephambi kwakhe, uYesu waba novuyo olungathethekiyo, yaye olo vuyo lwamnceda wakwazi ukunyamezela.
19. Xa sijamelene nezilingo, sinokulenza njani ithemba lethu livelise uvuyo nonyamezelo?
19 NjengoYesu, nathi sifanele sivumele ithemba lisizisele uvuyo nonyamezelo. Umpostile uPawulos wathi: “Yibani nemihlali ngalo ithemba.” Emva koko wongezelela wathi: “Yinyamezeleni imbandezelo.” (Roma 12:12) Ngaba ujamelene nesilingo esiqatha? Ngoko khangela phambili. Ungaze uyilibale into yokuba ukunyamezela kwakho kuya kulizukisa igama likaYehova. Hlala unikel’ ingqalelo kwithemba elixabisekileyo loBukumkani. Zithelekelele ukwihlabathi elitsha likaThixo elizayo, unandipha iintsikelelo zeParadesi. Hlala ulindele ngolangazelelo ukuzaliseka kwezinto ezimangalisayo uYehova azithembisileyo—kuquka ukuthethelelwa kolongamo lwakhe, ukupheliswa kobungendawo emhlabeni, kwanokugula nokufa—oko kuya kukuzisela uvuyo olusuk’ entliziyweni, yaye olo vuyo luya kukunceda unyamezele naziphi na izilingo osenokujamelana nazo. Nakuphi na ukubandezeleka esisenokujamelana nako kule nkqubo yezinto, eneneni ‘kokomzuzwana yaye kuncinane’ xa kuthelekiswa nethemba loBukumkani eliphambi kwethu.—2 Korinte 4:17.
‘Landela Emanyathelweni Akhe Ngokusondeleyo’
20, 21. Ngokuphathelele unyamezelo, yintoni uYehova ayilindeleyo kuthi, ibe yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?
20 UYesu wayeyazi into yokuba ukuba ngumlandeli wakhe kwakuya kuba lucelomngeni, yaye kwakuya kufuna unyamezelo. (Yohane 15:20) Wayekulungele ukusibonisa indlela, esazi ukuba umzekelo wakhe uya kusomeleza. (Yohane 16:33) Ngoko uYesu wasimisela umzekelo ogqibeleleyo wokunyamezela, kodwa thina asifezekanga. Yintoni uYehova ayilindeleyo kuthi? UPetros uchaza athi: ‘UKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.’ (1 Petros 2:21) Ngendlela awajamelana ngayo nezilingo, uYesu wasishiyela ‘umzekelo’ esinokuwuxelisa. a Ingxelo yonyamezelo lwakhe inokufaniswa ‘namanyathelo.’ Asinakuwalandela ngokugqibeleleyo loo manyathelo, kodwa sinokuwalandela “ngokusondeleyo.”
21 Ngoko masizimisele ukuxelisa umzekelo kaYesu kangangoko sinako. Masingaze silibale ukuba okukhona silandela ngokusondeleyo emanyathelweni kaYesu, siya kukulungela ngakumbi ukunyamezela kude kuse ‘esiphelweni’—isiphelo sale nkqubo yezinto okanye isiphelo sobomi bethu. Asazi ukuba sisiphi isiphelo esiya kufika kuqala, kodwa naku esikwaziyo: UYehova uya kusivuza ngonaphakade ngokunyamezela kwethu.—Mateyu 24:13.
a Igama lesiGrike eliguqulelwe apha ngokuthi ‘umzekelo’ lithetha “umbhalo ongaphantsi.” Ngumpostile uPetros kuphela umbhali weZibhalo zamaKristu zesiGrike osebenzisa eli gama, elibhekisela “‘kumbhalo ongaphantsi’ kwephepha elikwincwadi yomntwana, umbhalo ogqibeleleyo amele umntwana azame ukubhala ofana nawo kwiphepha lencwadi yakhe.”