Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 53

Abaphulaphuli Bakhuthaziwe Baza Bomelezwa

Abaphulaphuli Bakhuthaziwe Baza Bomelezwa

KUNGAKHATHALISEKI ukuba ziziphi na iingxaki abajamelana nazo, abakhonzi bakaThixo bafanele bafumane ukhuthazo kwibandla lamaKristu. Ukuze balunikele, abadala ngokukhethekileyo bamele baqiniseke ukuba iintetho kunye neziluleko zabo ziyakhuthaza. Abadala bafanele bazingqine ‘benjengendawo yokuzimela umoya nendawo yokuzifihla esiphangweni, babe njengemisinga yamanzi kwilizwe elingumqwebedu, nanjengomthunzi wengxondorha enkulu kwilizwe elibharhileyo.’—Isa. 32:2.

Ukuba ungumdala, ngaba iintetho zakho ziyahlaziya zize zithuthuzele? Ngaba zibanika ifuthe abo bazabalazela ukukhonza uYehova ngokuthembeka? Ngaba zibanika amandla okuba banyamezele ekwenzeni ukuthanda kukaThixo phezu kwako nje ukungabi namdla okanye ukuchaswa ngabantu? Kuthekani ukuba abanye kubaphulaphuli bakho badandathekile, bathwaxwa ziingcinezelo zezoqoqosho, okanye babanjwe sisigulo esinganyangekiyo? Unako ‘ukubomeleza abazalwana bakho ngamazwi omlomo wakho.’—Yobhi 16:5.

Sebenzisa eli thuba ulifumeneyo lokunikela intetho ukuze uncede abazalwana bakho bafumane ithemba namandla kuYehova nakumalungiselelo awenzileyo.—Roma 15:13; Efe. 6:10.

Bakhumbuze Oko UYehova Akwenzileyo. Indlela ebalulekileyo yokwenza abantu bakhaliphe kukubabonisa indlela uYehova aye kwixesha elidluleyo wabanceda ngayo abantu bakhe ukutyhubela iingxaki.—Roma 15:4.

UYehova waxelela uMoses ukuba ‘akhuthaze’ yaye “omeleze” uYoshuwa ngaphambi kokuba uSirayeli angene kwiLizwe Lesithembiso, ngelo xesha elalimiwe ziintlanga eziziintshaba. UMoses wakwenza njani oku? Ekho uYoshuwa, uMoses wakhumbuza lonke uhlanga ngezinto uYehova awalwenzela zona xa lwaluphuma eYiputa. (Dut. 3:28; 7:18) UMoses wabalisa nangokuncedwa kwabo nguYehova ukuba boyise ama-Amori. Wandula ke uMoses wabongoza uYoshuwa esithi: “Yiba nesibindi, womelele.” (Dut. 31:1-8) Xa ufuna ukukhuthaza abazalwana bakho, ngaba uyabanceda bafumane amandla ngokukhumbula oko uYehova sele ebenzele kona?

Maxa wambi abantu bonganyelwa gqitha ziingxaki zabo kangangokuba bade bazibuze enoba baya kuze bazifumane kusini na iintsikelelo zoBukumkani. Bakhumbuze ngokuxhomekeka kwabo kwizithembiso zikaYehova.—Yosh. 23:14.

Kwamanye amazwe abazalwana bethu babekelwa imithetho ngurhulumente ebalelayo ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo. Kwiimeko ezinjalo, abadala abanothando banokuwanceda amanye amakholwa afumane amandla kumava abapostile bakaYesu Kristu. (IZe. 4:1–5:42) Yaye ukubalaselisa indlela uThixo awazalathisa ngayo iziganeko ezibhalwe kwincwadi kaEstere ngokuqinisekileyo kuya kubenza babe nenkalipho abazalwana.

Maxa wambi abantu bayaya kwiintlanganiso zebandla kodwa bangenzi nkqubela. Basenokuvakalelwa kukuba uThixo akayi kuze abaxolele kuba indlela abebephila ngayo ngaphambili imbi kakhulu. Mhlawumbi unokubalisa indlela uYehova awaqhubana ngayo noKumkani uManase. (2 Kron. 33:1-16) Okanye unokubalisa ngabantu beKorinte yamandulo abatshintsha indlela ababephila ngayo, baba ngamaKristu, baza bavakaliswa bengamalungisa nguThixo.—1 Kor. 6:9-11.

Ngaba kukho abathile abavakalelwa kukuba iingxaki abajamelana nazo zibonisa ukuba abasamkholisi uThixo? Unokubakhumbuza ngoko kwehlela uYobhi nendlela awasikelelwa kakhulu ngayo ngenxa yokuba egcine ingqibelelo yakhe kuYehova. (Yobhi 1:1-22; 10:1; 42:12, 13; INdu. 34:19) Abathuthuzeli bobuxoki bakaYobhi bathi uYobhi umele ukuba wayenze isono. (Yobhi 4:7, 8; 8:5, 6) Ngokwahlukileyo koko, xa babesomeleza abafundi yaye “bebakhuthaza ukuhlala elukholweni,” uPawulos noBharnabhas bathi: “Simele singene ebukumkanini bukaThixo ngokuphumela kwiimbandezelo ezininzi.” (IZe. 14:21, 22) Ngokufanayo ke nanamhlanje, unokubomeleza abo baphantsi kwezilingo ngokubachazela ukuba ukunyamezela phantsi kwembandezelo kuyafuneka kuwo onke amaKristu yaye kubaluleke gqitha emehlweni kaThixo.—IMize. 27:11; Mat. 24:13; Roma 5:3, 4; 2 Tim. 3:12.

Khuthaza abaphulaphuli bakho bacinge ngeendlela uYehova aye wazizalisekisa ngayo izithembiso zakhe kubomi babo. Xa ubakhumbuza, basenokubona indlela uYehova asele eqhubene ngayo nabo, kanye ngokwesithembiso sakhe. KwiNdumiso 32:8, sifunda oku: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo. Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.” Ngokunceda abaphulaphuli bakho babone indlela uYehova abalathise okanye abomeleze ngayo, uya kukwazi ukubenza bazibonele indlela uYehova abakhathalela ngayo nokuba ngokwenene uya kubanceda batyhubele naziphi na izilingo abajamelene nazo ngoku.—Isa. 41:10, 13; 1 Pet. 5:7.

Vuyiswa Koko UThixo Akwenzayo Ngoku. Xa ufuna ukukhuthaza abazalwana bakho, tsalela ingqalelo koko uYehova akwenzayo ngoku. Ukuthetha ngezi zinto ngendlela ebonisa ukuba ziyakuvuyisa kuya kuvuselela iimvakalelo ezifanayo nakwiintliziyo zabaphulaphuli bakho.

Qwalasela indlela uYehova asinceda ngayo ukuba sihlangabezane neengcinezelo zobomi. Usibonisa eyona ndlela ilungileyo yokuphila. (Isa. 30:21) Usichazela isizathu sokuba kubekho ulwaphulo-mthetho, ukungabikho kokusesikweni, ubuhlwempu, ukugula nokufa yaye usichazela indlela aya kuziphelisa ngayo ezi zinto. Usifake phakathi kobuzalwana obunothando. Usinike ilungelo elixabisekileyo lokuthandaza. Usinike ilungelo lokuba ngamaNgqina akhe. Uvula amehlo ethu ukuze sibone ukuba uKristu sele ebekiwe etroneni esemazulwini nokuba imihla yokugqibela yale nkqubo indala iya ixhabashile esiphelweni sayo.—ISityhi. 12:1-12.

Kwezi ntsikelelo yongezelela iintlanganiso zethu zebandla, iindibano ezinkulu nezincinane. Ukuba uthetha ngala malungiselelo ngendlela ebonisa uxabiso lokwenene ngazo, uya kulomeleza uzimiselo lwabanye lokungakutyesheli ukuhlanganisana kwabazalwana.—Heb. 10:23-25.

Iingxelo ezingqina ukuba uYehova uyasisikelela kwimigudu esiyenza kubulungiseleli basentsimini, nazo zingumthombo wamandla. Ngenkulungwane yokuqala, xa uPawulos noBharnabhas babesendleleni eya eYerusalem, babangela “uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana” ngokubalisa ngokweenkcukacha inguquko yabantu beentlanga. (IZe. 15:3) Nawe unokubangela uvuyo kubazalwana bakho ngokubabalisela amava akhuthazayo.

Abantu baya kukhuthazeka nangakumbi xa bencedwa babone ukubaluleka koko bakwenzayo. Bancome ngesabelo ababa naso kubulungiseleli bamaKristu. Ncoma abo umsebenzi wabo usikelw’ imida kukwaluphala nokugula kodwa ababonisa unyamezelo olukhatshwa kukuthembeka. Bakhumbuze ukuba uYehova akalulibalanga uthando abaye balubonakalisa ngegama lakhe. (Heb. 6:10) Ukholo olungqinwe phantsi kovavanyo lunexabiso elingenakulinganiswa nanto. (1 Pet. 1:6, 7) Abazalwana bethu bamele bakhunjuzwe loo nto.

Yiba Nemvakalelo Xa Uthetha Ngethemba Lezinto Ezizayo. Izithembiso eziphefumlelweyo zezinto ezizayo zingowona mthombo mkhulu wokhuthazo kubo bonke abathanda uThixo. Mhlawumbi inkoliso kubaphulaphuli bakho idla ngokuziva ezi zinto. Kodwa ngoxabiso oba nalo xa uthetha ngezi zithembiso, unokuzenza zibe zezokwenene, unokubenza baqiniseke ukuba ziza kuzaliseka, yaye wenze iintliziyo zabo ziphuphume ngumbulelo. Ukusebenzisa oko uye wakufunda kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kuya kukunceda ukwenze oko.

UYehova unguMkhuthazi noMomelezi Ozukileyo kubantu bakhe. Ukanti unako ukusebenzisana naye ekudluliseleni ezo ntsikelelo. Xa unikela intetho ebandleni, lisebenzise kakuhle elo thuba ukuze wenze oko.