Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 21

IZibhalo Zifundwe Ngogxininiso Olufanelekileyo

IZibhalo Zifundwe Ngogxininiso Olufanelekileyo

XA UTHETHA nabanye ngeenjongo zikaThixo, enoba kusecaleni okanye kuseqongeni, ingxubusho yakho ifanele isekelwe kwiLizwi likaThixo. Oku kudla ngokuquka ukufunda iindinyana zeBhayibhile, nto leyo efanele yenziwe kakuhle.

Ugxininiso Olufanelekileyo Lubandakanya Imvakalelo. IZibhalo zimele zifundwe ngemvakalelo. Khawuqwalasele eminye imizekelo. Xa ufunda ngokuvakalayo INdumiso 37:11, ilizwi lakho lifanele lidlulisele ulonwabo oluza kubakho ngenxa yoxolo oluthenjiswa kule ndinyana. Xa ufunda ISityhilelo 21:4 esithetha ngokupheliswa kokubandezeleka nokufa, ilizwi lakho lifanele lidlulisele imfudumalo ekhatshwa luxabiso ngenxa yoncedo olungummangaliso oluxelwa kusengaphambili. ISityhilelo 18:2, 4, 5, esiqulethe isibongozo sokuba kuphunywe ‘kwiBhabhiloni Enkulu’ enkone zizono, sifanele sifundwe ngethoni evakalisa ukungxamiseka. Kakade ke, imvakalelo edluliselwayo ifanele isuke entliziyweni kodwa ingabaxwa. Sisibhalo kunye nendlela esisetyenziswa ngayo ezigqiba ngomlinganiselo ofanelekileyo wemvakalelo omele usetyenziswe.

Gxininisa Amagama Afanelekileyo. Ukuba amagqabaza akho ngendinyana ethile asekelwe kwinxalenye ethile yayo kuphela, ufanele uyibalaselise loo nxalenye xa ufunda eso sibhalo. Ngokomzekelo, xa ufunda uMateyu 6:33, akuyi kucinezela ngokukhethekileyo ibinzana elithi “nobulungisa bakhe” okanye elithi “zonke ezinye izinto” ukuba injongo yakho kukuhlalutya intsingiselo yebinzana elithi “funa kuqala ubukumkani.”

Xa unikela intetho kwiNtlanganiso Yenkonzo, usenokuceba ukufunda uMateyu 28:19. Ngawaphi amagama ofanele uwagxininise? Ukuba ufuna ukukhuthaza inzondelelo ekuqaliseni izifundo zamakhaya zeBhayibhile, cinezela ibinzana elithi “niye kubenza abafundi.” Kwelinye icala, ukuba uceba ukuxubusha imbopheleleko yomKristu yokwabelana ngenyaniso yeBhayibhile nabantu abafudukele kwilizwe lakho okanye ufuna ukukhuthaza abavakalisi abathile ukuba bakhonze apho kukho imfuneko khona, unokucinezela ibinzana elithi “abantu beentlanga zonke.”

Kudla ngokufakwa isibhalo esithile xa kuphendulwa umbuzo okanye kuxhaswa ingcamango abanye abavakalelwa kukuba ayicacanga. Ukuba yonke into ekuloo ndinyana igxininiswa ngendlela efanayo, abaphulaphuli bakho basenokungaboni ukuba ingena phi na. Isenokuba loo ngongoma izicacele kuwe kodwa ke kungabi njalo kubo.

Ngokomzekelo, xa ufunda INdumiso 83:18 kwiBhayibhile enegama likaThixo, ukuba ugxininisa ibinzana elithi “Oyena Uphakamileyo,” umninimzi usenokungasiqondi isibakala esibonakala sizicacele sokuba uThixo unegama. Ufanele ucinezele igama elithi “Yehova.” Noko ke, xa usebenzisa kwaesi sibhalo sinye kwingxubusho engolongamo lukaYehova, ufanele uligxininise ngokukhethekileyo ibinzana elithi “Oyena Uphakamileyo.” Ngokufanayo, xa usebenzisa uYakobi 2:24 ukubonisa imbaluleka yokuba nokholo olukhatshwa yimisebenzi, ukuligxininisa ngokukhethekileyo ibinzana elithi “uvakaliswa elilungisa” kunelithi “ngemisebenzi,” kunokwenza ukuba abanye abakuphulaphuleyo bangayifumani ingongoma.

Omnye umzekelo onokukunceda ufumaneka kweyabaseRoma 15:7-13. Esi sibhalo siyinxalenye yencwadi eyabhalwa ngumpostile uPawulos isiya kwibandla elaliyilwe ngabeeNtlanga namaYuda emvelo. Apha umpostile umi ngelithi ubulungiseleli bukaKristu abuyongenelo kumaYuda alusiweyo kuphela kodwa kwanakubantu beentlanga ukuze “iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe.” Uyandula ke uPawulos acaphule izibhalo ezine ezitsalela ingqalelo kweli thuba livulekele iintlanga. Unokuzifunda njani ezi ngcaphulo ukuze ugxininise ingongoma awayecinga ngayo uPawulos? Xa uphawula amabinzana ofanele uwacinezele, usenokubalaselisa elithi “iintlanga” kwindinyana 9, elithi “zintlanga” kwindinyana 10, elithi “nonke nina zintlanga” kwindinyana 11, nelithi “iintlanga” kwindinyana 12. Zama ukufunda eyabaseRoma 15:7-13 ugxininisa loo mabinzana. Xa usenjenjalo, ingcamango kaPawulos iya kucaca kuze kube lula nangakumbi ukuyiqonda.

Iindlela Zokugxininisa Ezinokusetyenziswa. Amagama aqulethe ingcamango ofuna ukuyibalaselisa asenokugxininiswa ngeendlela eziliqela. Indlela oyisebenzisayo ifanele ivisisane nesibhalo kunye nendlela elungiselelwe ngayo loo ntetho. Kukho amacebiso ambalwa anikelwayo apha.

Ukucinezela ngelizwi. Oku kubandakanya nakuphi na ukuguqulwa kwelizwi okwenza ukuba amagama aqulethe ingcamango abalasele kweso sivakalisi. Kusenokugxininiswa ngokuguqulwa kwemvakalo yelizwi—ngokulinyusa okanye ngokulihlisa. Kwiilwimi ezininzi, ukuguqulwa kwemvakalo yelizwi kuyenza ibetheleleke loo nto ithethwayo. Noko ke, kwezinye iilwimi ukwenjenjalo kusenokuyitshintsha ngokupheleleyo intsingiselo. Xa amabinzana aziintloko ebizwa ngokucothayo, oku kuwenza abetheleleke nangakumbi. Kwiilwimi ezingakuvumeliyo ukucinezela ngelizwi ukuze kugxininiswe amagama athile, kuya kufuneka kusetyenziswe nayiphi na indlela eqhelekileyo ukuze kuphunyezwe loo nto ifunekayo.

Unqumamo. Lunokwenziwa ngaphambi okanye ngemva kokufunda inxalenye eyintloko yesibhalo—okanye kokubini. Ukunqumama ngaphambi nje kokuba ufunde ingcamango eyintloko kwenza abantu babe nolindelo; ukunqumama emva koko kuwenza azike ezintliziyweni zabo loo mazwi. Noko ke, xa unqumama kaninzi, ayikho ingongoma eya kubalasela.

Ukuphindaphinda. Unokuyigxininisa ingongoma ethile ngokuthi ungekagqibi ukulifunda igama okanye ibinzana, uphinde uliqale ekuqaleni. Indlela edla ngokunconyelwa kukuba usifunde usigqibe eso sibhalo uze uphinde amabinzana aziintloko.

Izimbo zomzimba. Ukushukuma komzimba nezimbo zobuso ngokufuthi zinokongezelela imvakalelo kwigama okanye kwibinzana elithile.

Ithoni yelizwi. Kwezinye iilwimi, maxa wambi amagama anokufundwa ngethoni enento yokwenza nentsingiselo yawo newahlulayo. Nalapha kumele kusetyenziswe ubulumko, ngokukodwa xa kusetyenziswa impoxo.

Xa Abanye Befunda Izibhalo. Xa umninimzi efunda isibhalo, unokucinezela amagama angafanelanga awacinezele okanye angacinezeli konke konke. Yintoni onokuyenza xa kunjalo? Ngokuqhelekileyo kuba kuhle ukuyenza icace intsingiselo ngokuchaza indlela ezisebenza ngayo ezo zibhalo. Emva kokuchaza indlela ezisebenza ngayo, usenokunikela ingqalelo ekhethekileyo kumagama aqulethe ingcamango aseBhayibhileni.