Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 22

IZibhalo Zisetyenziswe Ngendlela Echanileyo

IZibhalo Zisetyenziswe Ngendlela Echanileyo

XA UFUNDISA abanye, kufuneka okungakumbi kunokufunda nje iindinyana zeBhayibhile. Umpostile uPawulos wabhalela ugxa wakhe uTimoti esithi: “Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsebénzi ongenazintloni nganto, uliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.”2 Tim. 2:15.

Oku kuthetha ukuba indlela esizicacisa ngayo izibhalo imele ingqinelane noko iBhayibhile ikufundisayo. Oku kufuna ukuba sicinge ngomongo, kunokuba sikhethe nje amabinzana anomtsalane kuthi size songezelele iingcamango zethu. Esebenzisa umprofeti uYeremiya, uYehova walumkisa nxamnye nabaprofeti ababezibanga bethetha okuvela emlonyeni kaYehova ngoxa eneneni bethetha “umbono wentliziyo yabo.” (Yer. 23:16) Umpostile uPawulos walumkisa amaKristu nxamnye nokungcolisa iLizwi likaThixo ngeentanda-bulumko zabantu xa wabhala esithi: “Sisuka sizilahle izinto ezifihlakeleyo ezibangela iintloni, singahambi ngobuqhokolo, singalingxengi nelizwi likaThixo.” Ngaloo mihla abathengisi bewayini ababenganyanisekanga babeyixuba iwayini yabo ukuze ibe ninzi baze bafumane imali eninzi. Thina asilingxengi iLizwi likaThixo ngokulixuba neentanda-bulumko zabantu. UPawulos wathi: “Asingobathengisi belizwi likaThixo njengoko abantu abaninzi benjalo, kodwa sithetha ngokunyaniseka, phambi kwamehlo kaThixo, njengabathunywa bakaThixo, sikunye noKristu.”—2 Kor. 2:17; 4:2.

Maxa wambi usenokucaphula isibhalo ukuze ubalaselise umgaqo othile. IBhayibhile inentaphane yemigaqo enikela ulwalathiso olusengqiqweni ekuhlangabezaneni neemeko ezahlukahlukeneyo. (2 Tim. 3:16, 17) Kodwa ufanele uqiniseke ukuba indlela osisebenzisa ngayo ichanile nokuba akusisebenzisi kakubi eso sibhalo, kubonakale ngathi usenza sithethe into wena ofuna siyithethe. (INdu. 91:11, 12; Mat. 4:5, 6) Indlela osisebenzisa ngayo imele ivisisane nenjongo kaYehova, ingqinelane nalo lonke iLizwi likaThixo.

‘Ukuliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso’ kukwaquka ukufumana ingcamango yoko iBhayibhile ikutshoyo. Ayililo “igqudu” lokuqweqwedisa abanye. Abefundisi bonqulo ababechasa uYesu Kristu bacaphula kwiZibhalo, kodwa babengazinanzi nganto ezona zinto zibalulekileyo—ezazibandakanya okusesikweni, inceba kunye nokuthembeka—ezifunwa nguThixo. (Mat. 22:23, 24; 23:23, 24) Xa wayefundisa iLizwi likaThixo, uYesu waxelisa ubuntu bukaYise. Inzondelelo awayenayo uYesu ngenyaniso yayikhatshwa kukubathanda ngokunzulu abantu awayebafundisa. Sifanele sizabalazele ukulandela umzekelo wakhe.—Mat. 11:28.

Sinokuqiniseka njani ukuba isibhalo sisisebenzisa ngendlela efanelekileyo? Ufundo lweBhayibhile oluthe rhoqo luya kunceda. Kwakhona kufuneka silixabise ilungiselelo likaYehova ‘lekhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ iqumrhu lamaKristu athanjiswe ngomoya alisebenzisayo ukuze alungiselele indlu yokholo ukutya kokomoya. (Mat. 24:45) Ufundisiso lobuqu nokubakho rhoqo yaye sibe nenxaxheba kwiintlanganiso zebandla kuya kusinceda singenelwe kwimfundiso elungiselelwe ludidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.

Ukuba incwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo ikho ngolwimi lwakho kwaye ufunda ukuyisebenzisa kakuhle, kuya kuba lula ukuba ufumane ukhokelo olufunayo ukuze uwasebenzise ngendlela echanileyo amakhulu ezibhalo asetyenziswa ngokufuthi kubulungiseleli bethu. Ukuba uceba ukusebenzisa isibhalo ongaqhelananga naso, ukululama kuya kukushukumisela ekubeni wenze uphando oluyimfuneko ukuze xa uthetha, uliphathe ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.—IMize. 11:2.

Yicacise Indlela Osisebenzisa Ngayo. Xa ufundisa abanye, qiniseka ukuba bayibona kakuhle indlela onxibelelene ngayo umbandela owuxubushayo kunye nesibhalo osisebenzisayo. Ukuba eso sibhalo ubusitshayelele ngombuzo, abaphulaphuli bakho bafanele babone indlela eso sibhalo esiwuphendula ngayo loo mbuzo. Ukuba usebenzisa eso sibhalo ukuze uxhase into oyithethileyo, qiniseka ukuba umfundi uyibona kakuhle indlela eso sibhalo esiyingqina ngayo ingongoma.

Ukufunda nje isibhalo—kwanokuba uyagxininisa—kudla ngokunganeli. Khumbula, umntu oqhelekileyo akadli ngakuyazi iBhayibhile kwaye mhlawumbi akayi kuthi ngokufunda nje kube kanye abe sele eyifumana ingongoma. Tsalela ingqalelo kwinxalenye yesibhalo esebenza ngokungqalileyo kuloo nto niyixubushayo.

Ngokufuthi oku kufuna ukuba ukhethe amagama aziintloko, amagama anxibelelene ngokungqalileyo naloo ngongoma ixutyushwayo. Eyona ndlela ilula kukuwaphinda loo magama aqulethe ingcamango. Ukuba uthetha nomntu omnye, usenokubuza imibuzo eya kumnceda afumane amagama aziintloko. Xa zithetha neqela labantu, ezinye izithethi zikhetha ukufikelela usukelo lwazo ngokusebenzisa izithetha-ntonye okanye ngokuyiphinda loo ngcamango. Noko ke, ukuba ukhetha ukusebenzisa le ndlela, ulumkele ukuba abaphulaphuli bakho bangayiboni indlela ingongoma oyixubushayo enxibelelana ngayo namagama akweso sibhalo.

Wakuba uwakhethile amagama aziintloko, ubeke isiseko esihle. Ngoku dlulela kwinyathelo elilandelayo. Ubuye wasitshayelela na phofu eso sibhalo ngokubonisa isizathu sokuba usisebenzise? Ukuba ubukwenzile oko, bonisa ke ngoku indlela amagama oye wawabalaselisa anxibelelana ngayo nolindelo oye waluhlakulela kubaphulaphuli bakho. Luchaze ngokucacileyo olo nxibelelwano. Kwanokuba ubungakhange wenze intshayelelo ecacileyo kweso sibhalo, ufanele udlulele kweli nyathelo.

AbaFarisi babuza uYesu umbuzo ababecinga ukuba uyintsinda-badala, othi: “Kusemthethweni na ukuba indoda iqhawule umtshato nomfazi wayo nangasiphi na isizathu?” UYesu wasekela impendulo yakhe kwiGenesis 2:24. Phawula ukuba wajolisa ingqalelo kwinxalenye enye nje yayo, waza wachaza indlela esebenza ngayo. Akuba echazile ukuba indoda nomfazi baba “nyama-nye,” uYesu waqukumbela ngelithi: “Ngoko ke, oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu.”—Mat. 19:3-6.

Ufanele unikele ingcaciso engakanani ukuze ucacise indlela osisebenzisa ngayo isibhalo? Kuxhomekeka ekubeni ngoobani abayila abaphulaphuli bakho nokuba ibaluleke kangakanani loo ngongoma uyixubushayo. Injongo yakho ifanele ibe kukwenza izinto zibe lula yaye ungqale.

Qiqa NgeZibhalo. Xa zithetha ngobulungiseleli bukampostile uPawulos eTesalonika, iZenzo 17:2, 3 zisixelela ukuba ‘waqiqa ngeZibhalo.’ Bonke abakhonzi bakaYehova bafanele bazame ukubuhlakulela obu buchule. Ngokomzekelo, uPawulos wachaza izibakala eziphathelele ubomi nobulungiseleli bukaYesu, wabonisa ukuba ezi zibakala zazixelwe kwangaphambili kwiZibhalo zesiHebhere, wandula ke waqukumbela ngengqiniseko esithi: “Nguye lowo uKristu, lo Yesu ndimvakalisa kuni.”

Xa wayebhalela amaHebhere, uPawulos wacaphula ecaphulile kwiZibhalo zesiHebhere. Ukuze agxininise okanye acacise ingongoma, wayedla ngokukhetha igama libe linye okanye ibinzana aze achaze intsingiselo yalo. (Heb. 12:26, 27) Kwingxelo efumaneka kweyamaHebhere isahluko 3, uPawulos wacaphula INdumiso 95:7-11. Phawula indlela awazityebisa ngayo iinxalenye ezintathu zayo: (1) imbekiselo yentliziyo (Heb. 3:8-12), (2) intsingiselo yebinzana elithi “Namhlanje” (Heb. 3:7, 13-15; 4:6-11), kunye (3) nentsingiselo yamazwi athi: “Abayi kungena ekuphumleni kwam” (Heb. 3:11, 18, 19; 4:1-11). Zabalazela ukuxelisa loo mzekelo njengoko usebenzisa isibhalo ngasinye.

Phawula indlela awaba nempumelelo ngayo uYesu xa wayeqiqa ngeZibhalo kwingxelo efumaneka kuLuka 10:25-37. Ndoda ithile eyayisazi uMthetho yabuza: “Mfundisi, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” Xa wayephendula, uYesu waqala ngokuyicela ukuba iveze ezayo izimvo ngalo mba, emva koko uYesu wagxininisa ukubaluleka kokwenza oko iLizwi likaThixo likutshoyo. Xa kwaye kwabonakala ukuba le ndoda ayiyifumani ingongoma, uYesu waxubusha nzulu igama elinye nje lesibhalo—“ummelwane.” Kunokuba alichaze, wasebenzisa umzekeliso ukuze ancede loo ndoda ifikelele kwisigqibo esifanelekileyo ngokwayo.

Kucacile ukuba xa ephendula imibuzo, uYesu wayengacaphuli nje izibhalo ezazinikela iimpendulo ezingqalileyo nezizicaceleyo. Wayehlalutya oko zikutshoyo aze azisebenzise kuloo mbuzo ubuziweyo.

Xa abaSadusi babephikisa uvuko, uYesu wajolisa ingqalelo kwinxalenye ethile yeEksodus 3:6. Kodwa akazange ayeke emva kokuba ecaphule eso sibhalo. Waqiqa ngaso ukuze abonise kakuhle ukuba uvuko luyinxalenye yenjongo kaThixo.—Marko 12:24-27.

Ukuba nobuchule bokuqiqa ngeZibhalo ngendlela echanileyo nephumelelayo kuya kuba yinkalo ebalulekileyo ekubeni ngumfundisi onobuchule kwakho.