ISIFUNDO 20
IZibhalo Zitshayelelwe Kakuhle
IZIBHALO zisisiseko semfundiso enikelwa kwiintlanganiso zethu zebandla. Iindinyana zeBhayibhile zingundoqo koko sikuthethayo kubulungiseleli basentsimini. Noko ke, into yokuba ziba negalelo kangakanani na kwingxubusho yethu ixhomekeke ekubeni sizitshayelela kakuhle kangakanani na.
Kufuneka okungakumbi kunokusuka ubize isibhalo uze ucele umntu ukuba asifunde kunye nawe. Xa utshayelela isibhalo, zabalazela ukuphumeza ezi nkalo zimbini: (1) Menze abe nolindelo, uze (2) ujolise ingqalelo yakhe kwisizathu sokuba usebenzise loo ndinyana. Ezi nkalo zinokufikelelwa ngeendlela ezahlukahlukeneyo.
Buza Umbuzo. Ukwenjenjalo kuphumelela nangakumbi xa impendulo ingazicacelanga kubaphulaphuli bakho. Zabalazela ukuwubuza loo mbuzo ngendlela eya kwenza abantu bacinge. UYesu wakwenza oku. Xa abaFarisi beza kuye etempileni baza bavavanya ukuziqonda kwakhe iZibhalo, uYesu wababuza: “Nicinga ntoni ngoKristu? Ungunyana kabani?” Baphendula besithi: “KaDavide.” UYesu wababuza esithi: “Kwenzeka njani, ke ngoko, ukuba uDavide ngempefumlelo ambize ngokuthi ‘Nkosi’?” Emva koku wacaphula INdumiso 110:1. AbaFarisi bathi cwaka. Noko ke, izihlwele zayoliswa kukuphulaphula uYesu.—Mat. 22:41-46.
Kubulungiseleli basentsimini, usenokusebenzisa imibuzo yokutshayelela enjengale ilandelayo: “Sobabini sinamagama esibizwa ngawo. Ngaba uThixo akanalo yena igama abizwa ngalo? Impendulo masiyikhangele kwiNdumiso 83:18.” “Ngaba iya kuze yenzeke into yokuba kubekho urhulumente omnye olawula lonke uluntu? Khawubone indlela uDaniyeli 2:44 awuphendula ngayo lo mbuzo.” “Ngaba phofu iBhayibhile iyathetha ngezi meko zikhoyo kule mihla siphila kuyo? Khawuthelekise oko kuthethwa yeyesi-2 kuTimoti 3:1-5 neemeko oqheleneyo nazo.” “Ngaba kuya kuze kuphele ukubandezeleka nokufa? Impendulo yeBhayibhile ifumaneka kwiSityhilelo 21:4, 5.”
Xa unikela intetho, ukuyisebenzisa ngobuchule imibuzo ukuze utshayelele izibhalo kunokushukumisela abaphulaphuli bakho ukuba bazijonge
ngelinye iliso izibhalo, kwanezo baqheleneyo nazo. Kodwa ngaba baya kukwenza oko? Oko kuya kuxhomekeka ekubeni imibuzo oyibuzayo ibalulekile kubo okanye ayibalulekanga kusini na. Kwanaxa umbandela ubalulekile kubaphulaphuli, iingqondo zabo zisenokubhadula xa ufunda izibhalo abaqheleneyo nazo. Ukuze ingenzeki loo nto, kufuneka uwucingisise ngokwaneleyo umbandela ukuze intetho yakho ibe nomtsalane.Chaza Ingxaki. Usenokuchaza ingxaki uze walathise ingqalelo kwisibhalo esinento yokwenza nesicombululo. Musa ukwenza abaphulaphuli balindele okungaphaya koko banokukufumana. Ngokufuthi isibhalo siye sinikele inxalenye nje yesicombululo. Noko ke, unokucela abaphulaphuli ukuba, ngelixa ufunda isibhalo, bacinge ngolwalathiso olusinikelayo ngokuphathelele loo meko.
Ngendlela efanayo, unokuchaza umgaqo wehambo yobuthixo uze usebenzise ingxelo yeBhayibhile ukuze ubonise indlela ekububulumko ngayo ukuwulandela. Ukuba isibhalo siqulethe iingongoma ezimbini (okanye ezingakumbi) ezicacileyo eziphathelele oko kuxutyushwayo, ezinye izithethi zicela abaphulaphuli ukuba babek’ umnwe kuzo. Ukuba ingxaki ibonakala inzima kakhulu kubaphulaphuli abathile, unokuxhokonxa iingcinga zabo ngokuchaza iingongoma ezisenokuba ziimpendulo zibe liqela, wandule ke uvumele isibhalo kunye nendlela esisebenza ngayo ukuba zichaze eyona mpendulo.
Chaza IBhayibhile Njengegunya. Ukuba sele uwuvuselele umdla kumbandela wakho waza wachaza imbono enye okanye ezimbini kwinkalo ethile yawo, unokutshayelela isibhalo ngokuthi: “Khawubone oko iLizwi likaThixo likutshoyo ngalo mbandela.” Oku kubonisa isizathu sokuba loo mbandela uza kuwufunda uligunya.
UYehova wasebenzisa amadoda anjengoLuka, uPawulos, uPetros noYohane ukuba abhale iinxalenye zeBhayibhile. Kodwa ayengoonobhala nje kuphela; nguYehova oyena Mbhali. Ngokukodwa xa sithetha nabantu abangengobafundi beZibhalo Ezingcwele, ukutshayelela isibhalo ngokuthi “uPetros wabhala” okanye “uPawulos wathi” kusenokungabi namandla njengentshayelelo echaza ukuba eso sibhalo sililizwi likaThixo. Kuphawuleka ukuba kwezinye iimeko, uYehova wayalela uYeremiya ukuba atshayelele izigidimi zakhe ngokuthi: “Liveni ilizwi likaYehova.” (Yer. 7:2; 17:20; 19:3; 22:2) Enoba sisebenzisa igama likaYehova xa sitshayelela izibhalo okanye asilisebenzisi, ngaphambi kokuba siqukumbele ingxubusho yethu, sifanele sizabalazele ukulitsolisa elokuba oko kuseBhayibhileni kulilizwi lakhe.
Cinga Ngomongo. Ufanele ucinge ngomongo xa usenza isigqibo ngendlela yokutshayelela isibhalo. Kwezinye iimeko uya kuwukhankanya ngokungqalileyo umongo; noko ke, unokukuchaphazela nangezinye iindlela oko ukutshoyo. Ngokomzekelo, ngaba ubunokutshayelela amazwi kaYobhi owayesoyika uThixo ngendlela efanayo namazwi awathethwa ngomnye wabathuthuzeli bakhe benkohliso? Incwadi yeZenzo yabhalwa nguLuka, kodwa phakathi kwabanye ucaphula uYakobi, uPetros, uPawulos, uFilipu, uStefano, iingelosi, uGamaliyeli namanye amaYuda awayengengomaKristu. Uza kuthi ngubani othethe loo mazwi uwacaphuleyo? Ngokomzekelo, khumbula ukuba asizizo zonke iindumiso ezabhalwa nguDavide nokuba incwadi yeMizekeliso ayibhalwanga nguSolomon yonke. Kukwayingenelo nokwazi ukuba wayebhekisela kubani na umbhali weBhayibhile nokuba nguwuphi umbandela ngokuyintloko owawuxutyushwa.
Sebenzisa Ingcombolo. Oku kuphumelela ngokukhethekileyo ukuba unokubonisa ukuba iimeko ezazikho ngexesha laloo ngxelo yeBhayibhile ziyafana nezo uzixubushayo. Kwezinye iimeko kuye kufuneke ufumane ingcombolo ukuze uqonde isibhalo esithile. Ngokomzekelo ukuba ubuza kusebenzisa eyamaHebhere 9:12, 24 kwintetho ethetha ngentlawulelo, usenokukufumanisa kuyimfuneko ukutshayelela eso sibhalo ngokuchaza ngokufutshane elona gumbi liphakathi letabanakile, ngokutsho kwesi sibhalo, elifanekisela indawo uYesu awangena kuyo xa wenyukela ezulwini. Kodwa ungaquki ingcombolo eninzi eza kugqubuthela esi sibhalo usitshayelelayo.
Ukuze uphucule kwindlela ozitshayelela ngayo izibhalo, hlalutya oko kwenziwa zizithethi ezinamava. Jonga iindlela ezahlukahlukeneyo ezizisebenzisayo. Hlola enoba ziyaphumelela kusini na. Xa ulungiselela iintetho zakho, phawula izibhalo eziziintloko, uze ucingisise nzulu ngoko kufanele kuphunyezwe sisibhalo ngasinye. Yicebe ngenyameko intshayelelo yesibhalo ngasinye ukuze sisetyenziswe ngempumelelo. Kamva, phangalala uze ubandakanye zonke izibhalo oza kuzisebenzisa. Njengoko uphucula kule nkalo yentetho yakho, uya kujolisa ingqalelo engakumbi kwiLizwi likaThixo.