Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 10

Ihlombe

Ihlombe

IHLOMBE liyenza iphile intetho. Ngoxa kubalulekile ukuba nombandela onenkcazelo, kukuwunikela ngendlela ephilileyo nenehlombe okuya kuthimba ingqalelo yabaphulaphuli bakho. Enoba unayiphi na imvelaphi yobuhlanga okanye unabuphi na ubuntu, unako ukulihlakulela ihlombe.

Thetha Ngemvakalelo. Xa wayethetha nebhinqa laseSamariya, uYesu wathi abo banqula uYehova bamele benjenjalo “ngomoya nenyaniso.” (Yoh. 4:24) Bamele banqule beshukunyiswa ziintliziyo ezinoxabiso yaye bekwenza oko ngokuvisisana nenyaniso efumaneka kwiLizwi likaThixo. Xa ubani enoxabiso olunzulu ngolo hlobo, luya kubonakala kwindlela athetha ngayo. Uya kukulangazelela ukuthetha nabanye ngamalungiselelo othando kaYehova. Ubuso, izimbo zakhe zomzimba kunye nelizwi lakhe ziya kubonisa indlela avakalelwa ngayo ngokwenene.

Ngoko ke, kwenzeka njani ukuba isithethi esimthandayo uYehova nesikholelwayo koko sikuthethayo singabi nalo ihlombe xa sithetha? Ukulungiselela oko siza kukuthetha akwanelanga. Simele sithabatheke nguloo mbandela siza kuwuxubusha, sibandakanyeke ngokweemvakalelo kuwo. Masithi sabelwe ukuba sithethe ngedini lentlawulelo likaYesu Kristu. Xa isithethi sinikela intetho yaso, iingcamango zaso azimele zizaliswe ziinkcukacha kuphela, kodwa zimele zizaliswe nakukuqonda oko idini likaYesu likuthethayo kuso nakubaphulaphuli baso. Kufuneka sikhumbule iimvakalelo zaso zokuba nombulelo kuYehova uThixo nakuKristu uYesu ngeli lungiselelo lihle. Sifanele sicinge ngethemba elizukileyo lobomi eli dini elilivulela uluntu—ulonwabo lukanaphakade lukwimpilo egqibeleleyo kwiparadesi yasemhlabeni ebuyiselweyo! Ngenxa yoko, kufuneka sibandakanye intliziyo yaso.

Xa ithetha ngombhali ogama linguEzra, umfundisi wakwaSirayeli, iBhayibhile ithi “wayeyilungisile intliziyo yakhe ukuba ahlole umthetho kaYehova, awenze aze afundise uSirayeli.” (Ezra 7:10) Ukuba senjenjalo nathi—singaneli kulungiselela inkcazelo kodwa silungise neentliziyo zethu—siya kuthetha ngokusuka entliziyweni. Oko kuthetha inyaniso ngokusuka entliziyweni kunokwenza lukhulu ekuncedeni abo sithetha nabo ukuba bahlakulele uthando lokwenene ngenyaniso.

Cinga Ngabaphulaphuli Bakho. Enye inkalo ebalulekileyo ekubeni nehlombe kukweyiseka ukuba abaphulaphuli bakho bamele bayive le nto ufuna ukuyithetha. Oku kuthetha ukuba xa ulungiselela intetho yakho, akumele wanele nje ukuqokelela inkcazelo efanelekileyo kodwa ufanele uthandaze nakuYehova ukuba akukhokele ukuze uyisebenzise ukuze kungenelwe abo bantu uza kuthetha nabo. (INdu. 32:8; Mat. 7:7, 8) Zibuze isizathu sokuba abaphulaphuli bakho bayifune loo nkcazelo, indlela eza kuba yingenelo ngayo, nendlela onokuyinikela ngayo ukuze bakuqonde ukubaluleka kwayo.

Wuphicothe umbandela wakho de ufumane into eza kukwenza ube nemincili. Akuyomfuneko ukuba ibe yingongoma entsha, kodwa indlela owuvela ngayo loo mbandela inokuba yengaqhelekanga. Ukuba ulungiselela into eya kubanceda ngokwenene abaphulaphuli bakho ukuba bomeleze ulwalamano lwabo noYehova, baxabise amalungiselelo akhe, bahlangabezane ngempumelelo neengcinezelo zobomi bale nkqubo indala, okanye babe nempumelelo kubulungiseleli babo, unesizathu sokuba nehlombe ngentetho yakho.

Kuthekani ukuba wabelwe ukuba ufunde esidlangalaleni? Ukuze ufunde ngehlombe, kufuneka okungaphaya kokubiza amagama ngendlela echanileyo nokuwabiza njengamaqela. Wufundisise loo mbandela. Ukuba uza kufunda isicatshulwa seBhayibhile, yenza uphando ngaso. Qiniseka ukuba uyayiqonda intsingiselo yaso esisiseko. Cinga ngendlela esiyingenelo ngayo kuwe nakubaphulaphuli bakho, uze ufunde unomnqweno wokudlulisela loo nto kubaphulaphuli bakho.

Ngaba ulungiselela ukuya kubulungiseleli basentsimini? Khawuphinde uwuhlole umbandela oza kuwuxubusha kunye nezibhalo oceba ukuzisebenzisa. Cinga nangoko kusezingqondweni zabantu. Yintoni ebingundaba-mlonyeni ezindabeni? Ziziphi iingxaki abajamelana nazo? Xa uxhobele ukubabonisa abantu ukuba iLizwi likaThixo liqulethe izicombululo kuzo zonke iingxaki ezibaxhalabisayo, uziva ukulangazelela ukwenjenjalo, ibe ihlombe lizizela ngokuzenzekelayo.

Bonakalisa Ihlombe Ngokunikela Intetho Ngodlamko. Ihlombe libonakala ngakumbi xa intetho yakho idlamkile. Oku kufanele kubonakale ebusweni bakho. Umele ubonakale weyisekile, unganyanzelisi iingcamango zakho.

Ulungelelwano luyafuneka. Abanye basenokutyekela ekubeni nemincili kuyo yonk’ into le. Kusenokufuneka bancedwe baqonde ukuba xa umntu egqekreza ngamagama okanye esiba neemvakalelo kakhulu, abaphulaphuli bakhe baya kucinga ngaye kunokuba bacinge ngesigidimi sakhe. Kwelinye icala, abo baneentloni bafuna ukukhuthazwa ukuba babe nehlombe nangakumbi.

Ihlombe liyosulela. Ukuba unxibelelana kakuhle nabaphulaphuli bakho kwaye unehlombe ngentetho yakho, abaphulaphuli bakho baya kuliva elo hlombe. UApolo wayedlamka xa ethetha, ibe wachazwa njengeciko. Ukuba uyavutha ngumoya kaThixo, intetho yakho edlamkileyo iya kushukumisela abo baphulaphuleyo kwisenzo.—IZe. 18:24, 25; Roma 12:11.

Ihlombe Lifanele Umbandela. Ulumkele ukuba ihlombe lakho lihlale liphezulu kuyo yonke intetho yakho kangangokuba abaphulaphuli bakho bakruquke. Nasiphi na isibongozo osenzayo sokuba kwenziwe loo nto ixutyushwayo siya kungena kule ndlebe siphume kwenye. Oku kubethelela imfuneko yokulungiselela umbandela ovumela ukuba uyiguquguqule indlela owunikela ngayo. Zama ukuba ungaweli kumkhwa obonakalisa ukuba akukhathali. Ukuba uwukhetha ngenyameko umbandela wakho, uya kuba nomdla wokwenene kuwo. Kodwa ke kukho ezinye iingongoma eziye zifune ihlombe elingakumbi kunezinye, ibe zifanele zixutywe kakuhle kuyo yonke intetho.

Ngokukodwa iingongoma eziziintloko zifanele zinikelwe ngehlombe. Intetho yakho ifanele ibe neencopho omele uye kufikelela kuzo. Ekubeni ezi iziincopho zentetho yakho, ngokufuthi ziya kuba ziingongoma ezilungiselelwe ukushukumisa abaphulaphuli bakho. Wakuba ubeyisele abaphulaphuli bakho, kufuneka ubashukumisele esenzweni, ubabonise iingenelo zokukwenza oko kuxutyushiweyo. Ihlombe lakho liya kukunceda ufikelele iintliziyo zabo bakuphulaphuleyo. Akufanelanga uyinyanzele intetho yakho ukuba idlamke. Kufanele kubekho isizathu, ibe umbandela wakho uya kukunika eso sizathu.