Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 7

Iingcamango Eziziintloko Zigxininisiwe

Iingcamango Eziziintloko Zigxininisiwe

UMFUNDI ophumelelayo ubona okungaphaya kwesivakalisi, kwanokungaphaya kwesiqendu esivela kuso eso sivakalisi. Xa efunda, ucinga ngeengcamango eziziintloko ezidluliselwa nguwo wonke loo mbandela awufundayo. Oku kuyayichaphazela indlela agxininisa ngayo.

Xa le nkqubo ingalandelwa, akuyi kubakho zingongoma zibalaseleyo entethweni. Akuyi kubakho nto ibalaselayo. Xa loo ntetho igqityiwe, kusenokuba nzima ukukhumbula nayiphi na ingongoma ebalaseleyo.

Ukunikela ingqalelo efanelekileyo ekugxininiseni iingcamango eziziintloko kudla ngokuphumeza lukhulu xa ubani efunda ingxelo eseBhayibhileni. Ugxininiso olunjalo lunokuzenza zibe nentsingiselo engakumbi iziqendu xa kuqhutywa isifundo seBhayibhile sekhaya okanye kwintlanganiso yebandla. Kwaye lubaluleke ngokukhethekileyo xa unikela intetho engumbhalo-ngqangi, njengoko maxa wambi kusenziwa kwiindibano ezinkulu.

Indlela Yokugxininisa. Esikolweni, usenokwabelwa ukuba ufunde inxalenye ethile yeBhayibhile. Yintoni efanele igxininiswe? Ukuba kukho ingcamango eyintloko okanye isiganeko esibalulekileyo owakhelwe kuso loo mbandela uwufundayo, kuya kuba yinto efanelekileyo ukusenza sibalasele.

Enoba loo nxalenye uza kuyifunda ngumhobe okanye umbongo, ngumzekeliso okanye yinkcaza, abaphulaphuli bakho baya kungenelwa ukuba uyifunda kakuhle. (2 Tim. 3:16, 17) Ukuze wenze oku umele ucinge ngeendinyana oza kuzifunda nangabaphulaphuli bakho.

Ukuba kufuneka ufunde impapasho ethile ngokuvakalayo xa uqhuba isifundo seBhayibhile okanye kwintlanganiso yebandla, ziziphi iingcamango eziziintloko ofuna ukuzigxininisa? Gqala iimpendulo zemibuzo eshicilelweyo yesifundo njengeengcamango eziziintloko. Kwakhona gxininisa iingcamango ezinento yokwenza nomxholwana obhalwe ngqindilili wombandela wakho.

Asiwukhuthazi umkhwa wokuzenza umbhalo-ngqangi iintetho ezinikelwa ebandleni. Noko ke, maxa wambi imibhalo-ngqangi iye ibekho kwiintetho ezithile zeendibano ezinkulu ukuze kudluliselwe iingcamango ngendlela efanayo kuzo zonke iindibano ezinkulu. Ukuze kugxininiswe iingcamango eziziintloko kwimibhalo-ngqangi enjalo, isithethi simele siqale ngokuwuhlalutya ngenyameko umbandela. Ziziphi iingongoma eziziintloko? Sifanele sizazi ezo ngongoma. Iingongoma eziziintloko azizongcamango nje esivakalelwa kukuba zibangel’ umdla. Ziingcamango ezibalaseleyo owakhelwe kuzo umbandela lowo. Maxa wambi kubakho amabal’ engwe engcamango eyintloko atshayelela ukuhlalutywa okanye ukuxutyushwa kwayo. Ngokufuthi, kuye kubekho amagqabaza anamandla emva kokuba kuye kwanikelwa ubungqina obuxhasayo. Zakuba zifunyenwe ezi ngongoma ziziintloko, isithethi sifanele siziphawule kumbhalo-ngqangi waso. Zidla ngokuba mbalwa, mhlawumbi zingabi ngaphezu kwezine okanye ezintlanu. Emva koko kuye kufuneke siqhelisele ukufunda ngendlela yokuba abaphulaphuli bazifumane lula. Ezi ziincopho zentetho. Ukuba umbandela unikelwa kusetyenziswa ugxininiso olufanelekileyo, ezi ngongoma ziziintloko zinokuhlala zinkenteza ezindlebeni zabaphulaphuli. Oku kufanele kube lusukelo lwesithethi.

Zininzi iindlela isithethi esinokuzisebenzisa ukuze sifake ugxininiso oluyimfuneko kuze kuncedwe abaphulaphuli bafumane iingongoma eziziintloko. Phakathi kwazo, sisenokuba nehlombe elingakumbi, sitshintshe isantya, sifakele imvakalelo, okanye sisebenzise izimbo zomzimba ezifanelekileyo.