Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 37

Iingongoma Eziziintloko Zibalaselisiwe

Iingongoma Eziziintloko Zibalaselisiwe

ZIINTONI iingongoma eziziintloko zentetho? Asizonkalo ezibangel’ umdla nje ezikhankanywa kudlulwa. Ziingcamango ezibalulekileyo ezixutyushwa ngokuzeleyo. Ziingcamango ezibalulekileyo ukuze uphumeze injongo yakho.

Undoqo ekwenzeni iingongoma eziziintloko zibalasele kukukhetha uze uhlengahlengise umbandela wakho ngobulumko. Uphando olwenzelwa intetho ludla ngokuza nenkcazelo eninzi kunaleyo inokusetyenziswa. Unokuyazi njani eyona nkcazelo ufanele uyisebenzise?

Okokuqala, cinga ngabaphulaphuli bakho. Ngaba abawazi kwaphela umbandela wakho, okanye ngaba bawuqhele kakhulu? Ngaba inkoliso yabo iyavumelana noko iBhayibhile ikutshoyo ngawo, okanye ngaba abanye batyekele ekuthandabuzeni? Hlobo luni locelomngeni abajamelana nalo kubomi bemihla ngemihla xa bezabalazela ukusebenzisa oko iBhayibhile ikutshoyo ngaloo mbandela? Okwesibini, qiniseka ukuba icacile engqondweni yakho into ofuna ukuyiphumeza xa uthetha nabaphulaphuli ngaloo mbandela uceba ukuwusebenzisa. Usebenzisa la macebiso mabini, wuphicothe umbandela wakho uze usebenzise lowo ungenayo kuphela.

Ukuba unikwe ulwandlalo olusisiseko nolunomxholo neengongoma eziziintloko, ufanele unamathele kulo. Noko ke, ukubaluleka kwentetho yakho kuya kuvakala ngakumbi ukuba ukhumbula ezi nkalo zingasentla njengoko usakha ingongoma eyintloko nganye. Xa unganikwanga lwandlalo, kukuwe ukuzikhethela iingongoma eziziintloko.

Xa uzibethelele engqondweni iingongoma zakho eziziintloko yaye uzihlengahlengise kakuhle iinkcukachaza ezingaphantsi kwazo, kuya kuba lula kuwe ukunikela intetho. Nabaphulaphuli bakho baya kuzuza lukhulu kuyo.

Iindlela Ezahlukeneyo Zokulungelelanisa Umbandela Wakho. Zininzi iindlela onokuzisebenzisa xa ulungelelanisa intetho yakho. Njengoko uqhelana nazo, uya kufumanisa ukuba ezininzi ziyaphumelela, kuxhomekeka kwinjongo yentetho yakho.

Indlela edla ngokusebenza kwiimeko eziliqela kukusebenzisa imixholwana. (Ingongoma eyintloko nganye iyafuneka kuba yenza abaphulaphuli bakho bawuqonde nangakumbi umbandela okanye iyakunceda ukuze uphumeze injongo yentetho yakho.) Enye indlela kukulandelelanisa izinto ngokwamaxesha. (Ngokomzekelo, iziganeko ezingaphambi koMkhukula zinokulandelwa ziziganeko zangaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-70 C.E., zize ke zilandelwe ziziganeko zomhla wethu.) Indlela yesithathu kukuchaza unobangela kunye nomphumo. (Unokuqala nangayiphi na. Ngokomzekelo, unokuqala ngemeko ekhoyo sithethanje, umphumo wayo, uze uchaze unobangela.) Eyesine indlela kukuthelekisa izinto ezingafaniyo. (Unokuthelekisa okulungileyo nokubi okanye into elukhuthazo nengelokhuthazo.) Maxa wambi intetho iya kuquka iindlela ezingaphezu kwenye.

Xa uStefano wamangalelwa ngobuxoki kwiSanhedrin yamaYuda, wanikela intetho enamandla awayibeka ngolandelelwano lwamaxesha. Xa ufunda iZenzo 7:2-53, phawula ukuba iingongoma zikhethwe kakuhle. UStefano waqala ngokuyenza icace into yokuba wayebalisa imbali ababengenakuyikhanyela abaphulaphuli bakhe. Wandula ke wabonisa ukuba nangona uYosefu wachaswayo ngabazalwana bakhe, uThixo wamsebenzisa ukuze ahlangule. Emva koko, wabonisa ukuba amaYuda akazange amthobele uMoses, owayesetyenziswa nguThixo. Waqukumbela ngokugxininisa ukuba umoya awayenawo amaYuda amandulo uyafana nowalawo ayebulele uYesu Kristu.

Musa Ukuba Neengongoma Eziziintloko Ezininzi Kakhulu. Zimbalwa iingongoma ezifunekayo ukuze ubani akhe umxholo. Kwiimeko ezininzi, azidluli kwisihlanu. Oku kunjalo enoba uza kuthetha imizuzu emi-5, imizuzu eli-10, imizuzu engama-30, okanye engaphezulu. Musa ukuzama ukubalaselisa iingongoma ezininzi kakhulu. Abaphulaphuli bakho banokuva iingcamango ezahlukeneyo ezimbalwa kuphela kwintetho enye. Yaye okukhona inde intetho, kokukhona zimele zibe namandla yaye zigxininiswe iingongoma eziziintloko.

Kungakhathaliseki ukuba zingaphi iingongoma eziziintloko ozisebenzisayo, qiniseka ukuba nganye yazo uyakha ngokwaneleyo. Nika abaphulaphuli ixesha elaneleyo lokuhlolisisa ingongoma eyintloko nganye ukuze ibetheleleke ezingqondweni zabo.

Intetho yakho ifanele ivakale ilula. Oku akusoloko kuxhomekeka ekubeni mngakanani umbandela owusebenzisayo. Ukuba iingcamango zakho zilungelelaniswe ngendlela ecacileyo phantsi kwemixholwana embalwa kwaye wakha ube mnye ngexesha kule mixholwana, kuya kuba lula ukuyilandela loo ntetho kwaye ayiyi kulibaleka.

Balaselisa Iingongoma Eziziintloko Zakho. Ukuba umbandela wakho ulungelelaniswe kakuhle, akuyi kuba nzima ukubethelela ukubaluleka kweengongoma eziziintloko zakho xa uyinikela.

Eyona ndlela iphambili yokubalaselisa ingongoma kukuchaza iingongoma ezingqinayo, izibhalo kunye nomnye umbandela ngendlela yokuba zitsalele ingqalelo kwingcamango eyintloko zize ziyityebise. Zonke iingongoma ezingaphantsi zifanele zicacise, zingqine okanye ziphangalalise ingongoma eyintloko. Musa ukufakelela iingcamango ezingangeniyo kumbandela wakho ngenxa nje yokuba zibangel’ umdla. Njengoko usakha iingongoma ezingaphantsi, yibonise ngokucacileyo indlela ezinxibelelana ngayo nengongoma eyintloko eziyixhasayo. Musa ukuyekela abaphulaphuli ukuba bazibonele. Ukunxibelelana kwazo kunokuboniswa ngokuphindaphinda amagama abalaselisa ingcamango eyintloko okanye ngokuman’ ukuwuphindaphinda umongo wengongoma eyintloko njengoko uqhubeka nentetho.

Ezinye izithethi zibalaselisa iingongoma eziziintloko ngokuzibiza ngamanani. Ngoxa leyo iyenye indlela yokubalaselisa iingongoma eziziintloko, ayifanelanga ithabathel’ indawo ukukhetha kakuhle nokuyondelelanisa umbandela.

Unokukhetha ukuchaza ingongoma eyintloko ngaphambi kokuba uze nezibakala eziyixhasayo. Oku kuya kunceda abaphulaphuli bakuqonde ukubaluleka koko kuza kulandela, ibe loo nto iza kuyigxininisa loo ngongoma eyintloko. Unokuphinda uyibethelele loo ngongoma ngokuyishwankathela emva kokuba uyixubushile.

Kubulungiseleli Basentsimini. Imigaqo exutyushwe ngasentla ayisebenzi kwiintetho ezicwangcisiweyo kuphela kodwa ikwasebenza naxa uncokola kubulungiseleli basentsimini. Xa ulungiselela, cinga ngayo nayiphi na into ebalasele ezingqondweni zabantu baloo ndawo ukuyo. Khetha umxholo oza kukunika ithuba lokubonisa indlela ithemba leBhayibhile eliya kuyicombulula ngayo loo meko. Khetha iingongoma mhlawumbi zibe mbini eziza kwakha loo mxholo. Khetha izibhalo oza kuzisebenzisa ukuxhasa ezo ngongoma. Emva koko ceba indlela oza kuyiqalisa ngayo ingxubusho yakho. Xa ulungiselela ngolo hlobo uya kukwazi ukuba bhetyebhetye ngendlela efanela incoko. Kwakhona uya kukwazi ukuthetha into aya kuyikhumbula umninimzi.