Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 46

Imizekeliso Isekelwe Kwiimeko Eziqhelekileyo

Imizekeliso Isekelwe Kwiimeko Eziqhelekileyo

KAKADE KE, kubalulekile ukuba umzekeliso ngamnye owusebenzisayo uwufanele umbandela owuxubushayo. Noko ke, ukuze isebenze nangakumbi, kubaluleke ngokufanayo ukuba ibafanele abaphulaphuli bakho.

Uhlobo lwabantu abakuphulaphuleyo lunokuyichaphazela njani imizekeliso oyikhethayo xa uthetha neqela labantu? Wenza njani uYesu Kristu? Enoba wayethetha nezihlwele okanye ebhekisa kubafundi bakhe, uYesu akazange asekele imizekelo yakhe kwiindlela zokuphila ezaziqheleke kumazwe angaphandle kwelakwaSirayeli. Loo mizekelo yayingayi kuqheleka kubaphulaphuli bakhe. Ngokomzekelo, uYesu akazange akhankanye ubomi bebhotwe laseYiputa okanye uqheliselo lonqulo olwenziwa eIndiya. Sekunjalo, imizekeliso yakhe wayisekela kwizinto ezaziqhelekile kubantu bawo onke amazwe. Wathetha ngokuthunga impahla, ukuqhuba ishishini, ukuphulukana nento exabisekileyo nangokuya kumsitho womtshato. Wayeyazi indlela abantu ababesabela ngayo phantsi kweemeko ezahlukeneyo, ibe walusebenzisa olo lwazi. (Marko 2:21; Luka 14:7-11; 15:8, 9; 19:15-23) Ekubeni ukushumayela kwakhe kwasesidlangalaleni kwakujoliswe ngokukhethekileyo kubantu bakwaSirayeli, imizekeliso kaYesu yayibhekisela kwizinto nakwimisebenzi eyayiyinxalenye yobomi babo. Ngaloo ndlela, wathetha ngezinto ezinjengokulima, indlela izimvu ezisabela ngayo kumalusi wazo nangokusetyenziswa kweentsuba ukuze kugcinwe iwayini. (Marko 2:22; 4:2-9; Yoh. 10:1-5) Kwakhona wabhekisela kwimizekelo yembali eyaziwayo—eminye yayo kukudalwa kwesibini sokuqala esingabantu, uMkhukula womhla kaNowa, ukutshatyalaliswa kweSodom neGomora, ukufa komfazi kaLote. (Mat. 10:15; 19:4-6; 24:37-39; Luka 17:32) Ngaba uye ucingisise ngenyameko ngezinto eziqhelekileyo kubaphulaphuli bakho kunye nezithethe zabo xa ukhetha imizekeliso?

Kuthekani ke ukuba akuthethi neqela elikhulu labantu, kodwa uthetha nomntu omnye okanye abambalwa nje? Zabalazela ukukhetha umzekeliso obafanele ngokukhethekileyo abo baphulaphuli bambalwa. Xa uYesu wanikela ubungqina kwibhinqa elingumSamariya kwiqula elikufutshane neSikare, wathetha ‘ngamanzi aphilayo,’ ‘ukunganxanwa kwakhona,’ ‘nangomthombo wamanzi ampompozayo anika ubomi obungunaphakade’—onke la mabinzana zizafobe ezinxibelelene ngokungqalileyo nomsebenzi weli bhinqa. (Yoh. 4:7-15) Yaye xa wayethetha namadoda awayehlamba iminatha yawo yokuloba, isafobe awasikhethayo sasibandakanya ishishini lokuloba. (Luka 5:2-11) Kuzo zombini ezi meko, ngewayebhekisele ekulimeni, ekubeni abo bantu babephila kummandla ekulinywayo kuwo, kodwa hayi indlela ekwaba yingenelo ngakumbi ngayo ukubhekisela kumsebenzi abawenzayo bona njengoko wayebakhela umfanekiso-ngqondweni! Ngaba uzabalazela ukuyenza loo nto?

Ngoxa uYesu wanikela ingqalelo ‘kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli,’ umpostile uPawulos wayengathunywanga kuSirayeli kuphela kodwa wayethunywe nakwabeeNtlanga. (Mat. 15:24; IZe. 9:15) Ngaba loo nto yadala umahluko kwindlela uPawulos awathetha ngayo? Ewe. Xa wayebhalela amaKristu aseKorinte, wathetha ngogqatso, wakhankanya ukutya izidlo kwiitempile zezithixo, waza wakhankanya ungcelele loloyiso, izinto ababeqhelene nalo abeeNtlanga.—1 Kor. 8:1-10; 9:24, 25; 2 Kor. 2:14-16.

Ngaba uyikhetha ngobulumko njengoYesu noPawulos imizekeliso nemizekelo oyisebenzisayo xa ufundisa? Ngaba uye ucinge ngemvelaphi nangezinto abazenza imihla ngemihla abaphulaphuli bakho? Kakade ke, kuye kwakho iinguqu ehlabathini ukususela ngenkulungwane yokuqala. Abantu abaninzi babukela iindaba zehlabathi kumabonwakude. Iimeko zamanye amazwe zidla ngokuqheleka kubo. Ukuba kunjalo kwindawo okuyo, ngokuqinisekileyo akuyonto iphosakeleyo ukusebenzisa ezo ndaba njengemizekeliso. Noko ke, ezona zinto zidla ngokubachukumisa kakhulu abantu zezibandakanya ubomi babo—ikhaya labo, intsapho yabo, umsebenzi wabo, ukutya abakutyayo, nemozulu yendawo abakuyo.

Ukuba umzekeliso wakho ufuna ukucaciswa kakhulu, kusenokwenzeka ukuba uthetha ngento abangayaziyo abaphulaphuli bakho. Umzekeliso onjalo unokuyenza ingabonakali ingongoma efundisayo. Ngenxa yoko, abaphulaphuli bakho banokuwukhumbula umzekeliso wakho kodwa bangayikhumbuli inyaniso yeZibhalo obuzama ukuyidlulisela.

Kunokuba athelekise izinto ezintsonkothileyo, uYesu wasebenzisa izinto ezilula nezenzeka imihla ngemihla. Wasebenzisa izinto ezincinane ukuze acacise izinto ezinkulu waza wasebenzisa izinto ezilula ukuze achaze izinto ezinzima. Ngokunxibelelanisa iziganeko zemihla ngemihla neenyaniso ezingokomoya, uYesu wanceda abantu baziqonda ngakumbi iinyaniso zokomoya awayezifundisa baza bazikhumbula. Onjani ukuba mhle umzekelo esimele siwulandele!