ISIFUNDO 6
Indlela Efanelekileyo Yokugxininisa Amagama Namabinzana Aziintloko
XA UTHETHA okanye ufunda ngokuvakalayo, kubalulekile ukuba unganeli kubiza amagama ngendlela echanileyo, kodwa umele ugxininise amagama aziintloko kunye namabinzana aqulethe iingcamango ngendlela eyenza ukuba zicace kakuhle.
Ukugxininisa amagama namabinzana ngendlela efanelekileyo kubandakanya okungaphezulu kunokucinezela nje amagama ambalwa okanye aliqela. Kufanele kucinezelwe amagama afanelekileyo. Xa kucinezelwa amagama angafanelekanga, intsingiselo yoko ukuthethayo isenokungacaci kubaphulaphuli bakho, abaya kuthi, ethubeni, bavumele iingqondo zabo zicinge ngezinye izinto. Kwanokuba umbandela unenkcazelo, ukuba akuwagxininisi kakuhle amagama namabinza aziintloko xa unikela intetho yakho, intetho yakho ayiyi kuphumelela ekushukumiseni abaphulaphuli.
Zininzi iindlela zokucinezela ngakumbi, kwaye zidla ngokusetyenziswa ngaxeshanye: ukunyusa ilizwi, ukufaka imvakalelo engakumbi, ukuzekelela, ukunqumama ngaphambi okanye ngemva kwaloo ngongoma (okanye ukuzenza zombini), kunye nezimbo zomzimba nezobuso. Kwezinye iilwimi, unokucinezela nangokuhlisa ithoni okanye ukuphakamisa ilizwi. Cinga ngombandela nangeemeko ukuze ubone eyona ndlela ifanelekileyo.
Xa usenza isigqibo ngoko ufanele ukucinezele, qwalasela ezi zinto zilandelayo. (1) Kwisivakalisi ngasinye, amagama afanele afumane ugxininiso olongezelelekileyo akagqitywa sisivakalisi eso kodwa ngumongo ogqibayo. (2) Ukugxininiswa kwamagama namabinzana afanelekileyo kunokwenziwa ukuze kubalaseliswe ingcamango entsha, enoba yingongoma eyintloko okanye kukutshintshwa nje kwendlela yokuqiqa. Kusenokusetyenziswa nokuze kutsalelwe ingqalelo kumqukumbelo wendlela yokuqiqa. (3) Isithethi sisenokugxininisa amagama namabinzana afanelekileyo ukuze sibonise indlela esivakalelwa ngayo ngaloo mbandela. (4) Ukugxininiswa kwamagama namabinzana afanelekileyo kunokusetyenziswa ukuze kubalaseliswe iingongoma eziziintloko zentetho.
Ukuze sigxininise amagama namabinzana afanelekileyo ngale ndlela, uNehemiya 8:8 uthi: “Baqhubeka befunda ngokuvakalayo encwadini, emthethweni woThixo oyinyaniso, ucaciswa ngokucokisekileyo, kuchazwa intsingiselo yawo; yaye babekuqonda oko kwakufundwa.” Kucacile ukuba abo babefunda yaye becacisa uMthetho kaThixo ngeso sihlandlo bayiqonda imbaluleka yokunceda abaphulaphuli babo ukuba bafumane intsingiselo yoko kwakufundwa, bakugcine baze bakusebenzise.
isithethi okanye lowo ufunda esidlangalaleni umele awuqonde kakuhle umbandela wakhe aze afune ngokunyanisekileyo ukuba abaphulaphuli bakhe bawuqonde. Ngokuphathelele imfundiso eyayinikelwa ngemihla kaEzra,Into Enokubangela Ingxaki. Inkoliso yabantu iyakwazi ukucacisa intsingiselo ngendlela eqhelekileyo nebuncoko. Noko ke, xa befunda umbandela obhalwe ngomnye umntu, kunokuba lucelomngeni ukukhetha amagama okanye amabinzana amele agxininiswe. Undoqo kukuwuqonda kakuhle umbandela. Loo nto ifuna ukuba ubani akufundisise ngenyameko oko kubhaliweyo. Ngoko ukuba uceliwe ukuba ufunde umbandela othile kwintlanganiso yebandla, ufanele ulungiselele ngenyameko.
Abanye abantu basebenzisa indlela esenokubizwa ngokuthi “kukugxininisa ngamaxesha athile” kunokuba bagxininise amagama namabinzana afanelekileyo. Bacinezela amagama emva kwexesha elithile enoba oko kucinezela kunentsingiselo okanye akunayo. Abanye bacinezela amagama abalaseleyo, mhlawumbi bacinezele izimaphambili nezihlanganisi ngendlela ebaxiweyo. Xa ukucinezelwa kwamagama kungabangeli ukuba ingcamango icace, kuba lula ukuba kube ngumkhwa ophazamisayo.
Xa zizama ukugxininisa amagama namabinzana afanelekileyo, ezinye izithethi ziyakhwaza kangangokuba abaphulaphuli bavakalelwe kukuba bayangxoliswa. Kakade, oko akudli ngakuba namiphumo mihle. Ukuba amagama namabinzana akacinezelwa ngendlela eyeyemvelo, isithethi sisenokuvakala ngathi siyabathoba abaphulaphuli baso. Hayi indlela ekubhetele ngayo ukubabongoza ngothando nokubanceda babone ukuba oko kuthethwayo kuxhaswa ziZibhalo kwaye kusengqiqweni!
Indlela Yokuphucula. Umntu ongakwaziyo ukugxininisa amagama namabinzana afanelekileyo udla ngokungayazi loo nto. Kusenokufuneka mntu wumbi ukuba amxelele. Ukuba kufuneka uphucule kulo mba, umveleli wesikolo webandla lakho uya kukunceda. Kwakhona, zive ukhululekile ukucela nabani na osisithethi esiphumelelayo ukuba akuncede. Mcele ukuba akuphulaphule ngenyameko njengoko ufunda yaye uthetha aze anikele amacebiso apho kufuneka uphucule khona.
Umluleki wakho usenokucebisa ukuba uqale ngokusebenzisa inqaku elikwiMboniselo ukuze uqhelisele. Ngokuqinisekileyo uya kukuxelela ukuba uhlahlele isivakalisi ngasinye ukuze ubone ukuba ngawaphi amagama okanye
amabinzana afuna ukucinezelwa ukuze kube lula ukufumana intsingiselo. Usenokukukhumbuza ukuba unikele ingqalelo ekhethekileyo kumagama athile akekelisiweyo. Khumbula ukuba amagama akwisivakalisi asebenza kunye. Ngokuqhelekileyo kuye kufuneke ugxininise iqela lamagama, kungekhona igama elinye. Kwezinye iilwimi, abafundi basenokukhuthazwa ukuba bakuqwalasele ngenyameko oko kuboniswa ziimpawu zezandi zoonobumba xa kufikwa kumba wokugxininisa amagama namabinzana afanelekileyo.Kwinyathelo elilandelayo lokufunda oko kumele kucinezelwe, umluleki wakho usenokukubongoza ukuba uqwalasele umongo ophangalele ngakumbi kunesivakalisi eso. Yiyiphi ingcamango eyintloko edluliselwa kweso siqendu? Ifanele iyichaphazele njani indlela ocinezela ngayo isivakalisi ngasinye? Jonga umxholo wenqaku nomxholwana obhalwe ngqindilili ovela kuwo umbandela wakho. Ukuxelela ntoni ngamabinzana ofanele uwakhethe ukuze uwagxininise? Zonke ezi zinto zimele ziqwalaselwe. Kodwa ulumkele ukucinezela amagama amaninzi gqitha.
Enoba uza kube uthetha ungajonganga lwandlalo okanye uza kube ufunda, umluleki wakho usenokukukhuthaza ukuba uvumele indlela oqiqa ngayo ichaphazele indlela owagxininisa ngayo amagama namabinzana aziintloko. Kufuneka uzazi iindawo ephela kuzo indlela oqiqa ngayo okanye apho intetho isuka kwenye ingcamango isiya kwenye. Abaphulaphuli baya kuyixabisa into yokuba indlela onikela ngayo intetho ibenza bazazi ezi ndawo. Unokubazisa ngokucinezela amagama anjengelithi okokuqala, ngokulandelayo, ekugqibeleni, ngaloo ndlela, nelithi ngokusengqiqweni.
Umluleki wakho uya kutsalela ingqalelo yakho nakwiingcamango ofuna ukufakela kuzo imvakalelo ekhethekileyo. Ukuze wenze oku usenokucinezela amagama afana nelithi gqitha, ngokupheleleyo, soze, nakanye, kubalulekile, nelithi rhoqo. Ukwenjenjalo kwakho kuya kuyichaphazela indlela abaphulaphuli bakho abavakalelwa ngayo ngoko ukutshoyo. Ezinye izinto siya kuzifumana kwiSifundo 11, esithi “Ukufudumala Nemvakalelo.”
Ukuze uphucule kwindlela owagxininisa ngayo amagama namabinzana aziintloko, uya kukhuthazwa ukuba uzigcine ziqaqambile engqondweni yakho iingongoma eziziintloko ofuna abaphulaphuli bakho bazikhumbule. Oku kuya kuqwalaselwa ngokubhekele phaya kufundo lwasesidlangalaleni kwiSifundo 7, esithi “Iingcamango Eziziintloko Zigxininisiwe,” nasekunikeleni intetho kwiSifundo 37, esithi “Iingongoma Eziziintloko Zibalaselisiwe.”
Ukuba uzabalazela ukuphucula ubulungiseleli bakho basentsimini, nikela ingqalelo ekhethekileyo kwindlela ozifunda ngayo izibhalo. Kwenze umkhwa wakho ukuzibuza oku, ‘Kutheni ndifunda le ndinyana?’ Kumntu ofundisayo, ukuwabiza ngendlela efanelekileyo nje amagama akwanelanga. Kwanokufunda indinyana ngemvakalelo kusenokunganeli. Ukuba uphendula umbuzo okanye ufundisa inyaniso esisiseko, xa ufunda isibhalo kuhle ukuba ucinezele amagama okanye amabinzana axhasa loo nto ixutyushwayo. Kungenjalo, loo mntu umfundelayo usenokungayifumani ingongoma.
Ekubeni ukugxininiswa kwamagama namabinzana afanelekileyo kubandakanya ukuwacinezela ngakumbi amagama namabinzana athile, isithethi esingenamava sisenokutyekela ekuwacinezeleni ngokugqithiseleyo. Umphumo uya kufana noweenowuthi ezidlalwa ngumntu ofunda ukudlala isixhobo somculo. Noko ke, xa siqhelisela nangakumbi, “iinowuthi” ezihamba ngazinye ziya kuba yinxalenye “yomculo” omnandi.
Emva kokuba ufunde ezinye zezinto ezisisiseko, uya kukwazi ukungenelwa ngokujonga kwizithethi ezinamava. Kungekudala uya kukuqonda oko kunokuphunyezwa kukuwutshintshatshintsha umlinganiselo ocinezela ngawo. Kwaye uya kukuqonda ukubaluleka kokucinezela ngeendlela ezahlukeneyo ukuze ucacise intsingiselo yoko ukuthethayo. Ukusebenzela ekugxininiseni amagama namabinzana afanelekileyo kuya kukwenza ube nempumelelo ekufundeni nasekuthetheni.
Musa ukwanela ukufunda ukugxininisa amagama namabinzana aziintloko ngendlela eyamkelekileyo. Ukuze ube sisithethi esiphumelelayo, qhubeka usebenzela kule nkalo de ukwazi ukuwagxininisa amagama namabinzana aziintloko ngendlela evakala iyeyemvelo ezindlebeni zabanye.