Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Yokuphucula Ubuchule Bokuncokola

Indlela Yokuphucula Ubuchule Bokuncokola

NGABA ngokuqhelekileyo uye ukufumanise kulula ukuncokola nabanye abantu? Kwabaninzi, kwaukucinga nje ngokuncokola, ngokukodwa nomntu abangamaziyo, kuyabaxhalabisa. Abantu abanjalo basenokuba baneentloni. Basenokuzibuza: ‘Ndiza kuncokola ntoni? Khona, ndiyiqale ngaphi loo ncoko? Ndize ndiyigcine njani iqhubeka?’ Abantu abazithembayo nabangamancoko basenokuthanda ukuyilawula incoko. Ucelomngeni lwabo isenokuba kukwenza abanye bancokole nokuba bafunde ukuphulaphula oko kuthethwayo. Ngoko, sonke, enoba sineentloni okanye singamaqhakraqhakra, kufuneka siqhubeke sibuhlakulela ubuchule bokuncokola.

Qala Ekhaya

Ukuze uphucule ubuchule bakho bokuncokola, kutheni ungaqali ekhaya? Iincoko ezakhayo zinokuba negalelo kakhulu kulonwabo lwentsapho.

Oyena ndoqo kwezo ncoko kukukhathalelana. (Dut. 6:6, 7; IMize. 4:1-4) Xa sikhathala, siyanxibelelana, yaye siyaphulaphula xa omnye umntu efuna ukuthetha. Enye into ebalulekileyo kukuba nento yokuthetha. Ukuba sinocwangciso oluthe rhoqo lokufunda nokufundisisa iBhayibhile, zininzi izinto esinokwabelana ngazo. Ukuyisebenzisa ngobulumko incwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla kunokuvusa incoko. Ebudeni bemini, mhlawumbi sibe namava amnandi kwinkonzo yasentsimini. Sinokufunda nto ithile enenkcazelo eninzi okanye ehlekisayo. Sifanele sikwenze umkhwa ukuncokola ngezi zinto xa intsapho idibene yaye incokola. Oko kuya kusinceda nasekuncokoleni nabantu abangengomalungu entsapho.

Ukuncokola Nomntu Ongamaziyo

Abantu abaninzi baba mathidala ukuqalisa incoko nomntu abangamaziyo. Kodwa ngenxa yokuthanda uThixo nommelwane, amaNgqina kaYehova enza umgudu onyanisekileyo wokufunda indlela yokuncokola ukuze abelane nabanye ngeenyaniso zeBhayibhile. Yintoni enokukunceda ukuba uphucule kulo mba?

Umgaqo okhankanywe kweyabaseFilipi 2:4 ubaluleke gqitha. Siyakhuthazwa ukuba sinyamekele, “kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.” Kaloku: Ukuba uyaqala ukumbona loo mntu, naye akakwazi. Yintoni onokuyenza ukuze umenze akhululeke? Uncumo kunye nombuliso obonakalisa ubuhlobo uya kunceda. Kodwa ke akuphelelanga apho.

Usenokuba uye wamphazamisa esacinga. Ukuba uthi, ungakunanze nganto oko akucingayo yena, uzame ukumenza axubushe oko wena ukucingayo, ngaba uya kusabela kakuhle? UYesu wenza ntoni akudibana nebhinqa kwiqula laseSamariya? Ingqondo yalo yayicinga ngokukha amanzi. UYesu wasebenzisa loo nto kanye ukuze aqalise incoko, waza wayitshintsha kamsinya yaba yingxubusho efudumeleyo yokomoya.—Yoh. 4:7-26.

Ukuba uneliso elibukhali, nawe unako ukuyiqonda into abayicingayo abantu. Ngaba loo mntu ubonakala onwabile okanye edakumbile? Ngaba sele aluphele, mhlawumbi nempilo inkenenkene? Ngaba bukho ubungqina obubonayo bokuba unabantwana? Ngaba lo mntu ubonakala efumile noko ngezinto eziphathekayo okanye ngaba ubonakala etsala nzima ukuze afumane izinto eziyimfuneko ebomini? Ngaba izinto ahombise ngazo endlwini okanye izacholo azinxibileyo zibonisa ukuba ungumntu onqulayo? Ukuba ubulisa unezo zinto engqondweni, loo mntu usenokukugqala njengomntu onomdla kwizinto anomdla kuzo.

Ukuba anibonani nomninimzi, mhlawumbi kuvakala ilizwi lakhe ngaphaya kweengcango ezitshixiweyo, sisiphi isigqibo onokufikelela kuso? Loo mntu usenokuba uyoyika. Ngaba unokuyisebenzisa loo nkcazelo ukuze uqalise incoko ngoxa umi emnyango?

Kwezinye iindawo unako ukumenza ancokole umntu ngokumxelela nto ithile ngawe—imvelaphi yakho, isizathu sokuba uze endlwini yakhe, isizathu sokuba ukholelwe kuThixo, isizathu sokuba uqalise ukufundisisa iBhayibhile nendlela iBhayibhile eye yakunceda ngayo. (IZe. 26:4-23) Kakade ke, oku ufanele ukwenze ngobulumko yaye unosukelo oluthile. Oku kunokwenza loo mntu naye akuxelele ngesiqu sakhe nangendlela azijonga ngayo izinto.

Kwezinye iindawo, ukuba nezinwe kubantu ongabaziyo kuyinto eqhelekileyo. Abantu banokukumema lula ukuba ungene uze uhlale phantsi. Wakuba uhleli phantsi, ukuba ubuza impilo ngendlela echubekileyo kwaye uyiphulaphula ngokunyaniseka impendulo yakhe, nomnininzi unokukuphulaphula ngendlela efanayo oko ukutshoyo. Ezinye iintlanga ziba nomdla ongakumbi kwiindwendwe, ngoko umbuliso usenokuba mde. Ebudeni baloo mbuliso, loo mntu usenokufumanisa ukuba unezinto afana ngazo nawe. Oku kunokukhokelela kwingxubusho eyakhayo yokomoya.

Kuthekani ukuba baninzi abantu kwindawo ohlala kuyo abathetha ezinye iilwimi? Unokubafikelela njani aba bantu? Ukuba ufunda nje nokuba yindlela elula yokubulisa ngezinye zezo lwimi, abantu baya kubona ukuba unomdla kubo. Oku kunokuhlahl’ indlela yonxibelelwano olungakumbi.

Indlela Yokuqhuba Incoko

Ukuze uyiqhube incoko, yiba nomdla kwiingcamango zomnye umntu. Mkhuthaze ukuba athethe ukuba uyafuna. Imibuzo ekhethwe kakuhle inokunceda. Ukubuza imbono yakhe kuyeyona ndlela ilungileyo kuba kunokumenza anganeli kuphendula ngoewe nohayi. Ngokomzekelo, emva kokukhankanya ingxaki exhalabise abantu basekuhlaleni, unokubuza: “Ucinga ukuba yintoni ebangele le nto?” okanye “Ucinga ukuba siyintoni isicombululo sale nto?”

Xa ubuze umbuzo, yiphulaphule ngenyameko impendulo. Bonisa umdla onyanisekileyo ngokuthetha, ngokunqwala, ngesimbo somzimba. Ungamphazamisi. Kugqale ngengqondo ephangaleleyo oko akutshoyo. ‘Khawuleza ukuva, ucothe ukuthetha.’ (Yak. 1:19) Xa uphendula, bonisa ukuba ubuyiphulaphule ngokwenene le nto ebeyithetha.

Noko ke, yiqonde into yokuba imibuzo yakho ayiyi kuphendulwa nguye wonk’ ubani. Abanye abantu baya kukuphendula ngokunyus’ iintshiyi okanye ngoncumo. Abanye baya kusuka bathi ewe okanye hayi. Ungatyhafi. Yiba nomonde. Musa ukuzama ukuyinyanzelisa incoko. Ukuba loo mntu ukulungele ukuphulaphula, sebenzisa elo thuba ukuze wabelane naye ngeengcamango zeZibhalo. Ethubeni, loo mntu usenokukugqala njengomhlobo. Mhlawumbi ke emva koko akulungele ukuzichaza ngokukhululekileyo iingcamango zakhe.

Njengoko uthetha nabantu, cinga ngexesha elizayo. Ukuba umntu ubuza imibuzo emininzi, yiphendule eminye yayo kodwa ushiye omnye okanye emibini ijinga ukuze uyiphendule xa niphinda nincokola. Mxelele ukuba uza kwenza uphando uze wabelane naye ngoko ukufumanisileyo. Ukuba akabuzi, usenokuyiqukumbela loo ncoko ngokubuza umbuzo ocinga ukuba uza kubangel’ umdla kuye. Mchazele ukuba niza kuwuxubusha kutyelelo olulandelayo. Amacebiso amaninzi unokuwafumana kwincwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo, kwincwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?, nakwiinkupho zakutshanje zeMboniselo noVukani!

Xa Sikunye Namanye Amakholwa

Xa udibana nelinye iNgqina likaYehova okwesihlandlo sokuqala, ngaba uye ube ngowokuqala ukuzama ukuqhelana nalo? Okanye ngaba usuka uzimele nje uvale phezulu? Ukuthanda abazalwana bethu kufanele kusishukumisele ekubeni sifune ukubazi. (Yoh. 13:35) Unokuqalisa njani? Ngokumchazela nje igama lakho uze ubuze elakhe. Ukumbuza ukuba wayifumana njani inyaniso kudla ngokukhokelela kwincoko emnandi kwaye kuya kuninceda nazane. Kwanokuba loo nto uyithethayo ayivakali kakuhle, umzamo owenzayo uya kumbonisa loo mntu ukuba umkhathalele, ibe yeyona nto ibalulekileyo leyo.

Yintoni enokufak’ isandla ekubeni nencoko enentsingiselo nomntu enikunye naye ebandleni? Yiba nomdla onyanisekileyo kuye nakwintsapho yakhe. Ngaba nisandul’ ukuphuma ezintlanganisweni? Gqabaza ngeengcamango ozifumanise ziluncedo. Loo nto inokuba yingenelo kuni nobabini. Unokukhankanya ingongoma ebangel’ umdla efumaneka kwinkupho yakutshanje yeMboniselo okanye kaVukani! Ungamqhayiseli okanye uvavanye ulwazi lwakhe. Injongo yoko ifanele ibe kukwabelana naye ngento oyifumanise ibangel’ umdla ngokukhethekileyo. Usenokuthetha ngesabelo somnye wenu kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo nize niphakelane izimvo ngendlela yokusisingatha. Unokwabelana naye ngamava enkonzo yasentsimini.

Kakade ke, umdla wethu ebantwini udla ngokusikhokelela ekubeni sincokole ngabantu—izinto abazithethayo nabazenzayo. Noburharha bunokuba yinxalenye yencoko yethu. Ngaba siza kuthetha ngezinto ezakhayo? Ukuba siyasithobela isiluleko seLizwi likaThixo kwaye sishukunyiswa luthando lobuthixo, ngokuqinisekileyo incoko yethu iya kwakha.—IMize. 16:27, 28; Efe. 4:25, 29; 5:3, 4; Yak. 1:26.

Ngaphambi kokuba siye kubulungiseleli basentsimini, siyalungiselela. Kutheni ungalungiseleli ingongoma ethile oza kuyincokolela abahlobo bakho? Njengoko ufunda yaye usiva izinto ezibangel’ umdla, zigcine engqondweni iingongoma ofuna ukwabelana nabanye ngazo. Ethubeni, uya kuba neengongoma ezininzi onokukhetha kuzo. Ukwenjenjalo kuya kukwenza ukwazi ukuphangalala, ungapheleli ekuncokoleni ngezinto zobomi bemihla ngemihla. Ngaphezu kwako konke, ngamana incoko yakho ingabonisa indlela elixabiseke ngayo iLizwi likaThixo kuwe!—INdu. 139:17.