Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Yokwenza Uphando

Indlela Yokwenza Uphando

UKUMKANI USOLOMON “waphonononga waza wafuna ngokucokisekileyo, ukuze alungelelanise imizekeliso emininzi.” Ngoba? Kaloku wayefuna ukubhala “amazwi achanileyo enyaniso.” (INtshu. 12:9, 10) ULuka ‘wazilanda zonke izinto ukususela kwasekuqaleni ngokuchanileyo’ ukuze azibhale kakuhle iziganeko zobomi bukaKristu. (Luka 1:3) Bobabini aba bakhonzi bakaThixo babesenza uphando.

Yintoni uphando? Kukukhangela ngocoselelo inkcazelo engombandela othile. Lubandakanya ukufunda, yaye lufuna ukuba ubani ayisebenzise imigaqo yofundisiso. Lusenokubandakanya ukudlan’ indlebe nabantu.

Kuxa kutheni apho kufuneka uphando? Nantsi imizekelo embalwa. Ufundisiso lobuqu okanye ufundo lweBhayibhile lwakho lusenokuphakamisa imibuzo ebalulekileyo kuwe. Umntu obunikela ubungqina kuye usenokuphakamisa umbuzo obungathanda ukufumana inkcazelo ecacileyo ukuze umphendule. Usenokuba wabelwe intetho.

Masithi unikwe isabelo sentetho. Umbandela ocelwe ukuba uwugubungele usenokubonakala uqhelekile. Unokuwusebenzisa njani kwibandla lasekuhlaleni? Wunonge ngokwenza uphando. Xa uxhaswa ngamanani athile okanye ngumzekelo ofanele umbandela wakho ochaphazela ubomi babaphulaphuli bakho, ingongoma ebibonakala iqhelekile nje iba nenkcazelo, de ishukumisele abantu ukuba benze okuthile. Umbandela opapashiweyo owusebenzisayo usenokuba ubulungiselelwe abafundi abasehlabathini lonke, kodwa kufuneka wandise, ucacise yaye ubonise iindlela ezisebenza ngayo iingongoma ebandleni okanye kumntu ngamnye. Ufanele wenze njani?

Ngaphambi kokuba uphande inkcazelo, cinga ngabo baza kube bekuphulaphule. Yintoni abamele ukuba sele beyazi? Yintoni ekufuneka bayazi? Emva koko khangela ukuba luyintoni usukelo lwayo. Ngaba kukuchaza? kukweyisela? kukuphikisa? okanye kukushukumisela esenzweni? Ukuchaza kufuna ubani anikele ngenkcazelo eyongezelelekileyo ukuze into icace nangakumbi. Nangona izibakala eziyintloko zisenokuqondwa, kusenokufuneka unabe ngexesha okanye ngendlela yokwenza oko kuthethwayo. Ukweyisela kufuna ubani anike izizathu zokuba izinto zibe njalo, kuquka ukudandalazisa ubungqina. Ukuphikisa kufuna ubani awazi kakuhle amacala omabini aloo mbandela aze abuphicothe ngenyameko ubungqina obusetyenzisiweyo. Kakade ke, asifuni zibakala zinamandla nje kuphela kodwa sifuna neendlela zokuzidlulisela ngobubele ezo zibakala. Ukushukumisela kwisenzo kubandakanya ukufikelela intliziyo. Kuthetha ukubakhuthaza abaphulaphuli bakho nokwakha umnqweno wabo wokwenza oko kuxutyushwayo. Imizekelo yabantu abaye bathabatha elo nyathelo, kwanaxa bejamelene nobunzima, inokunceda ukuze ufikelele intliziyo.

Ngaba ngoku ukulungele ukuqalisa? Hayi. Cinga ngomlinganiselo wenkcazelo owufunayo. Ixesha libalulekile. Ukuba uza kuyidlulisela kwabanye loo nkcazelo, uza kuba nexesha elingakanani lokwenjenjalo? Imizuzu emihlanu? Engama-45? Ngaba lixesha elisikelweyo, njengakwiintlanganiso zebandla okanye ngaba alisikelwanga mda, njengakwisifundo seBhayibhile okanye kutyelelo lokwalusa?

Okokugqibela, ziziphi izixhobo zokwenza uphando onazo? Ukongezelela kwezo unazo ekhaya, ngaba zikho ezingakumbi kwithala leHolo yoBukumkani yebandla lakho? Ngaba abazalwana ekukudala bekhonza uYehova baya kukuvumela ukuba usebenzise izixhobo zabo zokwenza uphando? Ngaba ukho umzi wogcino-zincwadi kwindawo okuyo apho kunokusetyenziswa iincwadi zeembekiselo xa kuyimfuneko?

Ukusebenzisa Esona Sixhobo Siphambili Sokwenza Uphando—IBhayibhile

Ukuba uphando lwakho lubandakanya intsingiselo yesibhalo, qala ngeBhayibhile ngokwayo.

Hlola Umongo. Zibuze: ‘Ayebhekiswa kubani la mazwi? Iindinyana eziwangqongileyo zibonisa ntoni ngokuphathelele iimeko ezakhokelela kuloo mazwi okanye isimo sengqondo sabantu ababandakanyekileyo?’ Iinkcukacha ezinjalo zinokusinceda siwaqonde loo mazwi, kwaye zinokude ziyenze iphile intetho owasebenzisa kuyo.

Ngokomzekelo, eyamaHebhere 4:12 idla ngokucatshulwa ukuze kuboniswe amandla eLizwi likaThixo ekuchukumiseni iintliziyo nasekuphembeleleni abantu. Umongo usenza siyiqonde ngakumbi indlela okunokwenzeka ngayo oko. Uxubusha izinto ezazisenzeka kumaSirayeli ebudeni beminyaka engama-40 esentlango ngaphambi kokuba angene kwilizwe elalithenjiswe nguYehova kuAbraham. (Heb. 3:7–4:13) “Ilizwi likaThixo,” idinga awalenzayo lokuba wayeza kubasa kwindawo yokuphumla ezalisekisa umnqophiso wakhe noAbraham, lalingafanga; laliphila yaye liza kuzaliseka. AmaSirayeli ayenezizathu zokuba nokholo kulo. Noko ke, njengoko uYehova wayewakhokela ewakhupha eYiputa ewasa kwiNtaba yeSinayi de aya kufika kwiLizwe Lesithembiso, abonakalisa ukungabi nalukholo kangangezihlandlo eziliqela. Ngenxa yoko, indlela awasabela ngayo xa uThixo wayezalisekisa ilizwi lakhe yabonisa oko kwakusezintliziyweni zabo. Nanamhlanje ke, ilizwi likaThixo lesithembiso libonisa oko kusezintliziyweni zabantu.

Hlola Iimbekiselo. Ezinye iiBhayibhile zineembekiselo. Ngaba injalo neyakho? Ukuba inazo, zisenokukunceda. Phawula umzekelo okwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele. Eyoku-1 kaPetros 3:6 ichaza uSara njengomzekelo ofanele ukuxeliswa ngabafazi abangamaKristu. Imbekiselo eyalatha kwiGenesis 18:12 ixhasa loo nto ngokuchaza ukuba uSara wayebiza uAbraham ngokuthi nkosi “ngaphakathi.” Ngoko ke, ukuzithoba kwakhe kwakusuka entliziyweni. Ukongezelela kuloo nkcazelo, iimbekiselo zisenokukwalathisa kwimibhalo ebonisa inzaliseko yesiprofeto seBhayibhile okanye iinkcukacha zomnqophiso woMthetho. Noko ke, yiqonde into yokuba ezinye iimbekiselo azenzelwanga kunikela ezo ngcaciso. Zinokukunika nje ingcamango efanayo okanye ingcombolo engomntu okanye engendawo.

Phanda Usebenzisa Isalatha-magama SeBhayibhile (Concordance). Isalatha-magama seBhayibhile yincwadi edwelisa amagama asetyenziswe eBhayibhileni ngokulandelelana koonobumba. Sinokukunceda ufumane izibhalo ezinxibelelene nombandela ophanda ngawo. Njengoko uzihlola, uya kufunda nezinye iinkcukacha eziluncedo. Uya kubona ubungqina benyaniso obudandalaziswe kwiLizwi likaThixo. (2 Tim. 1:13) INguqulelo Yehlabathi Elitsha inoludwe olusisiseko “lweSalathiso Samagama EBhayibhile.” IComprehensive Concordance ingena nzulu nangakumbi. Ukuba ikho ngolwimi lwakho, iya kukwalathisela kuzo zonke iindinyana eziqulethe ngalinye kumagama aziintloko aseBhayibhileni.

Ukufunda Ukusebenzisa Ezinye Izixhobo Zokwenza Uphando

Ibhokisi ekwiphepha 33 idwelisa ezinye zezixhobo zokwenza uphando eziye zalungiselelwa “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mat. 24:45-47) Uninzi lwezi zixhobo luneziqulatho, kwaye ezininzi ekugqibeleni zinesalathiso esenzelwe ukukunceda ufumane kanye loo nkcazelo uyifunayo. Ekupheleni konyaka ngamnye, izalathiso zemibandela zengqokelela yamanqaku aloo nyaka ziyapapashwa kwiMboniselo nakuVukani!

Ukuqhelana nohlobo lwenkcazelo enikelwa ziimpapasho zokufundisisa iBhayibhile kunokuluphangalalisa uphando. Ngokomzekelo, masithi ufuna ukwazi ngesiprofeto, ngemfundiso, ngehambo yamaKristu okanye ngendlela yokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. IMboniselo idla ngokuba nayo loo nkcazelo uyifunayo. UVukani! usingatha iziganeko ezenzeka ngoku, iingxaki zeli xesha siphila kulo, unqulo, inzululwazi, nabantu bamazwe ahlukahlukeneyo. Ingcombolo enikelwa kwingxelo nganye yeencwadi zeVangeli ebhalwe ngokokulandelelana kwayo ikwincwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. Ingxubusho yendinyana ngendinyana yeencwadi zeBhayibhile ifumaneka kwiimpapasho ezinjengethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! nethi Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli! kunye nemiqulu emibini yencwadi ethi Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu. Kwincwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo, uya kufumana iimpendulo ezanelisayo zemibuzo emininzi yeBhayibhile edla ngokubuzwa kwinkonzo yasentsimini. Ukuze uziqonde kakuhle ezinye iinkonzo, iimfundiso kunye nemvelaphi yazo, bona incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo. Ingxelo eneenkcukacha yembali yale mihla yamaNgqina kaYehova ikwincwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo. Ukuba ufuna ingxelo engeziganeko zakutshanje ekushunyayelweni kweendaba ezilungileyo ehlabathini, hlola Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova yakutshanje. I-Insight on the Scriptures yintyilalwazi kwanencwadi yeemaphu zeBhayibhile. Ukuba ufuna ingcombolo ngabantu, ngeendawo, ngezinto, ngeelwimi okanye ngeziganeko zembali ezinxibelelene neBhayibhile, le ncwadi isisixhobo esisemagqabini.

I-“Watch Tower Publications Index.” Le Index, epapashwe ngeelwimi ezingaphezu kwama-20, iya kukwalathisa kwinkcazelo ekwiimpapasho ezininzi ezahlukahlukeneyo. Yahlulwe kubini yaba sisalathiso semibandela kunye nesalathiso sezibhalo. Ukuze usebenzise isalathiso semibandela, khangela igama elimela umbandela ofuna ukuwuphanda. Xa usebenzisa isalathiso sezibhalo, kuludwe lwezibhalo olukhoyo khangela eso sibhalo ufuna ukusiqonda ngakumbi. Ukuba kukho inkcazelo ebipapashiwe ngolwimi lwakho exubusha ngaloo mbandela okanye ngeso sibhalo kwiminyaka egutyungelwa yiloo Index, uya kufumana uludwe lweembekiselo onokuzikhangela. Sebenzisa isikhokelo esisekuqaleni kweIndex ukuze uqonde izishunqulelo zamagama eempapasho ezicatshuliweyo. (Ngokomzekelo, ngoncedo lwaso uya kufumanisa ukuba i-w99 3/1 15 ibhekisela kwinkupho yeMboniselo kaMatshi 1, 1999, iphepha 15.) Imixholo eyintloko, enjengothi “Field Ministry Experiences [Amava Enkonzo Yasentsimini]” nothi “Life Stories of Jehovah’s Witnesses [Amabali Obomi AmaNgqina KaYehova]” anokuba luncedo ekulungiseleleni iingxubusho ezishukumisayo ebandleni.

Ekubeni ukwenza uphando kunokuthimb’ ingqondo, lumka ungalandeli omnye umbandela. Namathela kusukelo obuzibekele lona lokuphanda umbandela ofunekayo kuloo nto ufuna ukuyenza. Ukuba i-Index ikwalathisa kwincwadi ethile, tyhila kwelo phepha (okanye kumaphepha) ekwalathisa kuwo, uze usebenzise imixholwana kunye nezivakalisi ezisekuqaleni kweziqendu ukuze zikwalathise kumbandela ofanele iimfuno zakho. Ukuba uphanda intsingiselo yendinyana ethile yeBhayibhile, qala ukhangele loo mbhalo kwiphepha owalathiswe kulo. Emva koko khangela amagqabaza akufutshane nawo.

I-“Watchtower Library” EkwiCD-ROM. Ukuba unayo ikhompyutha, unokungenelwa ngokusebenzisa iWatchtower Library ekwiCD-ROM, equlethe intaphane yeempapasho zethu. Le nkqubo yokuphanda ekulula ukuyisebenzisa ikwenza ukwazi ukukhangela igama, ibinzana, okanye isibhalo kuyo nayiphi na impapasho ekwiWatchtower Library. Kwanokuba esi sixhobo sokwenza uphando asifumaneki ngolwimi lwakho, unokukwazi ukungenelwa kuso ngokusebenzisa esolwimi oluqhelileyo kwiilwimi ezithethwa kumazwe ngamazwe nezisetyenziswa kakhulu.

Amanye Amathala Obuthixo

Kwincwadi yakhe yesibini ephefumlelweyo eyayisiya kuTimoti, uPawulos wamcela lo mfana ukuba eze “nemisongo, ngokukodwa eyesikhumba” xa esiya kuye eRoma. (2 Tim. 4:13) UPawulos wayigqala njengexabisekileyo imisongo ethile ibe wayigcina. Nawe unokwenza okufanayo. Ngaba uyayigcina imibhalo yobuqu yeMboniselo, kaVukani! neyoBulungiseleli Bethu BoBukumkani kwanasemva kokuba ezi mpapasho zisetyenzisiwe kwiintlanganiso zebandla? Ukuba wenjenjalo, unokuzisebenzisa njengezixhobo zokwenza uphando, kunye nezinye iimpapasho zamaKristu ozifumeneyo. Inkoliso yamabandla izabalazela ukugcina ingqokelela yeempapasho zobuthixo kwithala leencwadi elikwiHolo yoBukumkani. Ezi mpapasho ziya kuba yingenelo kwibandla lonke, ukuze lizisebenzise xa likwiHolo yoBukumkani.

Zigcinele Iifayile Zakho

Ziphaphele izinto onokuzisebenzisa xa uthetha okanye ufundisa. Ukuba kwiphephandaba okanye kwiphephancwadi ufumana iindaba, amanani okanye imizekelo onokuyisebenzisa kubulungiseleli bakho, yisike okanye uyikhuphele loo nkcazelo. Quka umhla, umxholo, yaye mhlawumbi negama lombhali okanye lompapashi. Kwiintlanganiso zebandla, bhala iingongoma nemizekeliso onokuyisebenzisa xa uqiqa nabanye ukuze ubacacisele inyaniso. Ngaba ikhe yenzeka into yokuba ucinge ngomzekeliso omhle kodwa ungalifumani ithuba lokuwusebenzisa ngoko nangoko? Wubhale phantsi, uze uwugcine efayileni. Emva kwexesha ubhalise kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, uya kube sele ulungiselele iintetho eziliqela. Kunokuba uwalahle amanqaku ezi ntetho, wagcine. Uphando olwenzileyo lunokukunceda ngeny’ imini.

Thetha Nabantu

Khumbula ukuba abantu bangumthombo otyebileyo wenkcazelo. Xa uLuka wayebhala ingxelo yakhe yeVangeli, kubonakala ukuba inkcazelo eninzi wayiqokelela ngokudlan’ indlebe nabantu abazibonela ngawabo amehlo. (Luka 1:1-4) Kunokwenzeka ukuba omnye umKristu akukhanyisele ngombandela ozama ukuwuphanda. Ngokutsho kweyabase-Efese 4:8, 11-16, uKristu usebenzisa “izipho ezingabantu” ukuze zisincede sikhule “kulwazi oluchanileyo loNyana kaThixo.” Ukudlan’ indlebe nabo banamava okukhonza uThixo kunokuvelisa iingcamango eziluncedo. Ukuncokola nabantu kunokukubonisa oko bakucingayo, ibe loo nto inokukunceda ulungiselele umbandela oluncedo kakhulu.

Hlola Oko Ukufumanisileyo

Yakuba ivuniwe ingqolowa, kufuneka kweliwe umququ kwiinkozo. Kunjalo ke nangoko ukufumanisileyo kuphando lwakho. Ngaphambi kokuba ukusebenzise, kufuneka wahlule inkcazelo ebalulekileyo kuleyo ingabalulekanga kangako.

Ukuba loo nkcazelo uza kuyisebenzisa entethweni, zibuze: ‘Ngaba le ngongoma ndiceba ukuyisebenzisa inegalelo ngokwenene kulo mbandela? Okanye, nangona umbandela lo ubangel’ umdla, ngaba ayiphumi ecaleni kumbandela endifanele ndithethe ngawo?’ Ukuba ucinga ngokusebenzisa iziganeko zakutshanje okanye umbandela osuka kwezenzululwazi okanye kwezamayeza eziguquguquka mihla le, qiniseka ukuba loo nkcazelo isexesheni. Kwakhona, yiqonde into yokuba ezinye zeengongoma ezikwiimpapasho zethu ezindadlana zisenokuba ziye zahlaziywa, ngoko qwalasela oko kusandul’ ukupapashwa kutshanje ngaloo mbandela.

Kufuneka ulumke ngokukhethekileyo ke xa ukhetha ukuqokelela inkcazelo evela kwiincwadi zehlabathi. Ungaze uyilibale into yokuba iLizwi likaThixo liyinyaniso. (Yoh. 17:17) UYesu ungundoqo kwinzaliseko yenjongo kaThixo. Ngoko eyabaseKolose 2:3 ithi: “Nguye uvimba wabo bonke ubuncwane bobulumko nolwazi.” Kujonge ngelo liso oko ukufumanisileyo kuphando lwakho. Kumba wophando olwenziwa kwiincwadi zehlabathi, zibuze: ‘Ngaba lo mbandela awubaxwanga, akufuniselwa okanye kunikelwe inkcazelo engaphelelanga? Ngaba ubhalwe ngentshukumisa yokuzingca okanye yokurhweba? Ngaba nezinye iincwadi ezaziwayo ziyavumelana nawo? Ngaphezu kwako konke, ngaba uvisisana nenyaniso yeBhayibhile?’

IMizekeliso 2:1-5 isikhuthaza ukuba siqhubeke sifuna ulwazi nokuqonda ‘njengesilivere, nanjengobuncwane obufihliweyo.’ Oku kuthetha ukuzibhokoxa nokuvuzwa ngokutyebileyo. Kufuneka wenze umgudu ukuze uphande, kodwa ke oko kuya kukunceda ufumane iingcamango zikaThixo ngemibandela, ulungise iingcamango eziphosakeleyo, yaye uyiqonde nangakumbi inyaniso. Kwakhona kuya kuzenza zivakale yaye ziphile iintetho zakho, kube mnandi ukuzinikela yaye kube luyolo ukuziphulaphula.