ISIFUNDO 15
Inkangeleko Entle
INKANGELEKO yakho ithetha lukhulu ngawe. Ngoxa uYehova ejonga intliziyo, abantu badla ngokufikelela kwizigqibo ngoko “kubonakalayo emehlweni.” (1 Sam. 16:7) Xa ucocekile yaye uzilungise kakuhle, abantu badla ngokucinga ukuba ungumntu ozihlonelayo, kwaye baya kutyekela ngakumbi ekukuhloneleni. Ukunxiba kwakho ngendlela efanelekileyo kuya kuyenzela igama elihle intlangano oyimelayo, yaye abaphulaphuli bakho baya kuba nomdla kuThixo omnqulayo.
Ulwalathiso Omele Ulusebenzise. IBhayibhile ayibeki mithetho mininzi ngenkangeleko. Kodwa iyasinika imigaqo elungeleleneyo enokusinceda senze izigqibo ezisengqiqweni. Owona ubalulekileyo kuyo yonke le migaqo ngothi “zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.” (1 Kor. 10:31) Yiyiphi imigaqo ekhoyo enxibelelene nenkangeleko yethu?
Owokuqala, iBhayibhile isikhuthaza ukuba sicoceke, emzimbeni nakwisinxibo sethu. KuMthetho wakhe awawunika uSirayeli wamandulo, uYehova wachaza izinto ezazifuneka ngokuphathelele ucoceko. Ngokomzekelo, xa ababingeleli besemsebenzini, babemele bahlambe imizimba yabo kunye nezambatho zabo ngamaxesha athile abekiweyo. (Lev. 16:4, 24, 26, 28) AmaKristu akakho phantsi koMthetho kaMoses, kodwa imigaqo equlethwe nguwo isasebenza. (Yoh. 13:10; ISityhi. 19:8) Ngokukodwa xa sisiya kwindawo esinqulela kuyo okanye sisiba nesabelo kubulungiseleli basentsimini, umzimba wethu, umlomo wethu, kunye nempahla esiyinxibileyo zifanele zicoceke ukuze abanye bangaxakaniseki sithi. Abo banikela iintetho okanye ababa nesabelo kwimiboniso eyenziwa phambi kwebandla bafanele bamisele umzekelo omhle kule nkalo. Ukunikela ingqalelo kwinkangeleko yethu kubonisa ukuba siyamhlonela uYehova kunye nentlangano yakhe.
Owesibini, iBhayibhile iyasibongoza ukuba sihlakulele ukuthozama nokuba nengqondo ephilileyo. Umpostile uPawulos wabongoza abafazi abangamaKristu ukuba “bazihombise . . . ngokuthozama nangengqondo ephilileyo, kungekhona ngezimbo zokulukwa kweenwele nokunxitywa kwegolide neeperile nezambatho zeendleko ezinkulu, kodwa ngendlela efanele abafazi abazibanga behlonela uThixo.” (1 Tim. 2:9, 10) Ukuthozama nokuba nengqondo ephilileyo zikwabalulekile kwisinxibo nakwindlela yokuzilungisa yamadoda.
Umntu othozamileyo ukuxhalabele ukungabakhubekisi ngokungeyomfuneko abanye nokunganikeli ingqalelo engafanelekanga kwisiqu sakhe. Ukuba nengqondo ephilileyo kuphumela ekubeni nengqiqo, okanye ukwenza izigqibo ezilungileyo. Umntu onezi mpawu unolungelelwano olubangelwa kukuhlonela imilinganiselo yobuthixo. Ukuba nezi mpawu akuthethi kuthi unganxibi ngendlela enomtsalane, kodwa ziyasinceda ukuba sibe nengqiqo kwinkangeleko yethu yaye siphephe izimbo zokunxiba nezokuzilungisa ezigabadeleyo. (1 Yoh. 2:16) Sifuna ukuyisebenzisa le migaqo enoba sikwindawo yonqulo, sikubulungiseleli basentsimini okanye sikweminye imisebenzi. Kwanempahla yethu yokuphola ifanele ibonise ukuthozama nokuphila kwengqondo. Esikolweni okanye kwindawo esiphangela kuyo, aya kuvela amathuba okunikela ubungqina obungacwangciswanga. Ngoxa singayi kuba sinxibe ngendlela esinxiba ngayo xa sisiya ezintlanganisweni nasezindibanweni ezinkulu nezincinane, sifanele sinxibe kakuhle, sinxibe impahla ecocekileyo nendilisekileyo.
Kakade ke, asinxibi ngendlela efanayo sonke. Akulindelekanga ukuba sinxibe ngendlela efanayo. Abantu bathanda izinto ezahlukeneyo, ibe akukho nto ityhulu kuloo nto. Kodwa ke ulwalathiso lweBhayibhile lufanele lusetyenziswe ngalo lonke ixesha.
Umpostile uPetros wabonisa ukuba eyona nto ibaluleke nangaphezu kokulungiswa kweenwele nezambatho zangaphezulu zizivatho ezinxibelelene ‘nomntu ofihlakeleyo wentliziyo.’ (1 Pet. 3:3, 4) Xa iintliziyo zethu zizaliswe luthando, uvuyo, uxolo, ububele kunye nokholo olunesiseko esihle, ezi mpawu ziya kuba zizambatho zokomoya ezimzukisa ngokwenene uThixo.
Owesithathu, iBhayibhile isibongoza ukuba siqwalasele enoba inkangeleko ilungiswe kakuhle. Kweyoku-1 kuTimoti 2:9, kukhankanywa ‘isinxibo esilungiswe kakuhle.’ Ngoxa umpostile uPawulos wayebhekisela kwisinxibo sabafazi, lo mgaqo ukwasebenza nakumadoda. Into elungiswe kakuhle yecocekileyo nendilisekileyo. Enoba sinezinto eziphathekayo okanye asinazo, sinako ukukhangeleka ngendlela ecocekileyo.
Enye yezinto ezibalulekileyo kwinkangeleko ebonakalayo kwabanye ziinwele zethu. Zimele zicoceke okanye zilungiswe kakuhle. Izithethe zasekuhlaleni kunye nemfuza ziba negalelo kwindlela ubani azilungisa ngayo iinwele zakhe. Kweyoku-1 kwabaseKorinte 11:14, 15, sifumana isiluleko esivela kumpostile uPawulos ngendlela yokulungisa iinwele, ekubonakala ukuba siziqwalasela zombini ezi nkalo. Noko ke, xa indlela umntu azilungisa ngayo iinwele zakhe idlulisela ingcamango yokuba uzama ukubonakala ngathi ngumntu wesini esahlukileyo, uyangqubana nemigaqo yeBhayibhile.—Dut. 22:5.
Kumadoda, inkangeleko ecocekileyo inokuquka ukutsheva. Kwiindawo apho amabhovu agqalwa njenganesidima, nabani na onawo umele awagcine echetywe kakuhle.
Owesine, inkangeleko yethu ayifanele ibonise ukuba siyalithanda ihlabathi neendlela zalo. Umpostile uYohane walumkisa: “Musani ukulithanda ihlabathi nezinto ezisehlabathini.” (1 Yoh. 2:15-17) Zininzi iinkanuko zesono elibonakala ngazo eli hlabathi. Phakathi kwazo, uYohane ukhankanya inkanuko yenyama enesono kunye nokuqhayisa ngezinto ubani anazo. IZibhalo zikwatsalela ingqalelo kumoya wemvukelo, okanye wokungathobeli igunya. (IMize. 17:11; Efe. 2:2) Ezi nkanuko kunye nezimo zengqondo zidla ngokubonakala kwindlela abantu abanxiba nabazilungisa ngayo. Ngenxa yoko, inkangeleko yabo inokuthob’ isidima, ivuselele inkanuko yesini, banxibe mbejembeje, ngendlela ebubuxelegu nebonisa ukungakhathali. Njengabakhonzi bakaYehova siyaziphepha izimbo ezingquzulanayo nobuKristu.
Kunokuba uxelise ihlabathi, hayi indlela ebekuya kuba bhetele ngayo ukuba uvumele umzekelo omhle wamadoda nabafazi abaqolileyo ngokomoya abasebandleni lamaKristu ukuba uphembelele indlela onxiba kunye nozilungisa ngayo! Abafana abafuna ukuba zizithethi zasesidlangalaleni ngenye imini banokujonga indlela abanxiba ngayo abo sele bekufanelekela ukunikela iintetho zesidlangalala. Wonke umntu unokufunda kumzekelo omiselwe ngabantu abaye kangangeminyaka emininzi baba nesabelo ngokunyaniseka kubulungiseleli basesidlangalaleni.—1 Tim. 4:12; 1 Pet. 5:2, 3.
Owesihlanu, xa sisenza isigqibo ngoko kufanelekileyo, simele sikhumbule ukuba “kwanoKristu akazange azikholise yena ngokwakhe.” (Roma 15:3) Eyona nto wayeyixhalabele uYesu yayikukwenza ukuthanda kukaThixo. UYesu wagqala nokunceda abanye njengento ebaluleke ngaphezu kokwanelisa isiqu sakhe. Xa kufikwa kwezinye izimbo zokunxiba nezokuzilungisa, ukuba kunokuvela umqobo phakathi kwethu nabantu bendawo esikhonza kuyo ngoku, sifanele senze ntoni? Ukuxelisa umoya wokuthobeka owaboniswa nguKristu kunokusinceda senze izigqibo zobulumko. Umpostile uPawulos wabeka umgaqo: “Siyakuphepha ukuba sisikhubekiso nangayiphi na indlela.” (2 Kor. 6:3) Ngenxa yoko sinokuziyeka iindlela zokulungisa iinwele okanye iimpahla eziya kuzivala iingqondo zabantu esinikela ubungqina kubo.
Lev. 26:13; Luka 21:28) Noko ke, ngenxa yokusebenza egobile kangangeminyaka okanye ngenxa yokwaluphala okanye impilo enkenenkene, umzalwana okanye udade usenokungakwazi ukuma nkqo okanye usenokufuna ukwayama ngento. Kodwa ke kwabo bakwaziyo, kunconyelwa ukuba beme nkqo ngomlinganiselo osengqiqweni xa bethetha nabanye ukuze bangabi ngathi abakhathali okanye babonakale belusizi. Ngokufanayo ke, ngoxa kungeyonto iphosakeleyo ukuba isithethi sibeke izandla zaso eqongeni ngamaxesha athile, kuye kube kuhle nangakumbi ukuba asingqiyami ngeqonga.
Indlela Yokuma. Inkangeleko entle ibandakanya ukuma ngendlela efanelekileyo. Kakade ke, izinto asizenzi ngendlela efanayo sonke, kwaye asizabalazeli kwenza izinto ngendlela ethile efanayo. Noko ke, kuhle ukuyiphawula into yokuba xa kufikwa ekusetyenzisweni kweBhayibhile, ukuma nkqo kunikela ingcamango yokundiliseka nesimo sengqondo esakhayo. (Izixhobo Ezicocekileyo. Ayifanele ibe yinkangeleko yethu kuphela ecocekileyo nelungiswe kakuhle, kodwa kwanezinto esizisebenzisayo kubulungiseleli basentsimini zifanele zicoceke.
Khawucinge ngeBhayibhile yakho. Ewe asikwazi sonke ukuthenga iBhayibhile entsha xa indala leyo besinayo. Noko ke, kungakhathaliseki ukuba lide kangakanani ixesha sisebenzisa loo Bhayibhile, ifanele ibonakale ukuba ibiphethwe kakuhle.
Kakade ke, zininzi iindlela zokupakisha ingxowa yasentsimini, kodwa ke ifanele ipakishwe kakuhle. Ngaba wakha wawabona amaphepha eBhayibhile esiwa xa umvakalisi elungiselela ukufunda isibhalo kumninimzi okanye ke xa umzalwana enikela intetho ebandleni? Yakuphazamisa loo nto, akunjalo? Ukuba amaphepha owagcine eBhayibhileni asisiphazamiso, ukuwakhupha uze uwagcine kwenye indawo kunokukunceda ugcine izixhobo zakho zilungiswe kakuhle. Kwakhona yiqonde into yokuba ukubeka phantsi iBhayibhile okanye enye incwadi yonqulo kubonisa ukuswel’ imbeko okugqithiseleyo kwezinye iindawo.
Inkangeleko entle ifanele ibe yinto ebalulekileyo kuthi. Ikwachaphazela indlela abanye abasijonga ngayo. Ngaphezu kwako konke, siyinika ingqalelo enyamekileyo kuba sinomnqweno ‘wokuhombisa imfundiso yoMsindisi wethu, uThixo, ezintweni zonke.’—Tito 2:10.