Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 52

Isibongozo Esiphumelelayo

Isibongozo Esiphumelelayo

ABADALA abangamaKristu bamele bakwazi “ukubongoza ngemfundiso ephilileyo.” (Tito 1:9) Maxa wambi oku kumele kwenziwe phantsi kweemeko ezinzima. Kubalulekile ukunikela isiluleko ngokuvisisana nemiyalelo yeZibhalo. Ngenxa yoko, abadala bamele bathobele isiluleko esithi: “Qhubeka uzibhokoxa . . . ekubongozeni.” (1 Tim. 4:13) Nangona le ngxubusho yethu ijoliswe ngokukhethekileyo kubadala okanye kwabo bazama ukufikelela eli lungelo, kubakho amaxesha apho abazali bamele babongoze abantwana babo okanye kufuneke abo baqhuba izifundo zeBhayibhile babongoze abo bafundisisa nabo iBhayibhile. Kwiimeko ezinjalo, kusebenza imiyalelo efanayo.

Iimeko Ezifuna Ukuba Kubongozwe. Ukuze uqonde apho kufuneka isibongozo khona, kuya kunceda ukuhlolisisa iimeko ezibhalwe eBhayibhileni apho kwaye kwanikelwa izibongozo kuzo. Umpostile uPetros wabongoza abadala ukuba banikele ingqalelo kwimbopheleleko yabo njengabalusi bomhlambi kaThixo. (1 Pet. 5:1, 2) UPawulos wacebisa uTito ukuba abongoze amadodana “abe ngaphilileyo engqondweni.” (Tito 2:6) UPawulos wabongoza amanye amaKristu ukuba ‘athethe ngokuvumelanayo’ yaye abaphephe abo babezimisele ukudala iiyantlukwano phakathi kwabazalwana. (1 Kor. 1:10; Roma 16:17; Fil. 4:2) Nangona uPawulos wawancomayo amalungu ebandla laseTesalonika ngezinto ezilungileyo awayezenza, wawabongoza ukuba ayisebenzise ngokuzele nangakumbi imiyalelo awayeyifumene. (1 Tes. 4:1, 10) UPetros wabongoza amanye amaKristu ukuba ‘azikhwebule kwiminqweno yenyama.’ (1 Pet. 2:11) UYude wabongoza abazalwana bakhe ukuba ‘balulwele nzima ukholo’ ngenxa yempembelelo yabo bangenabuthixo ababezifica kwihambo evakalala. (Yude 3, 4) AmaKristu onke abongozwa ukuba abongozane ukuze kungabikho owenziwa lukhuni ngamandla akhohlisayo esono. (Heb. 3:13) UPetros wabongoza amaYuda awayengekabi nalukholo kuKristu esithi: “Sindiswani kwesi sizukulwana sigwenxa.”—IZe. 2:40.

Ziziphi iimpawu ezifunekayo ukuze wenze izibongozo ezinamandla kwiimeko ezinjalo? Loo mntu ubongozayo unokusenza njani isibongozo sakhe singxamiseke ngaphandle kokunyanzelisa okanye abe ngqwabalala?

“Ngothando.” Ukuba isibongozo sethu asinikelwa “ngothando,” sinokuvakala siqatha. (Filem. 9) Kuyinyaniso kona ukuba, xa kufuneka kuthatyathwe inyathelo ngokukhawuleza, indlela isithethi esithetha ngayo ifanele ibonise ukungxamiseka kwaloo nto. Ukuba sithetha thambileyo sisenokuvakala ngathi siyangxengxeza. Kwangaxeshanye, isibongozo simele senziwe ngozimiselo nangovelwano. Isibongozo esinikelwa ngothando siya kubashukumisa ngakumbi abaphulaphuli. Xa wayethethela yena noogxa bakhe, uPawulos wabaxelela oku abaseTesalonika: “Njengoko nisazi, besixelisa ubawo kubantwana bakhe, sibongoza ngamnye wenu.” (1 Tes. 2:11) Abo badala bangamaKristu bababongoza ngothando abazalwana babo. Amazwi owathethayo makaqhutywe yinkxalabo yokwenene ngabaphulaphuli bakho.

Thetha ngendlela echubekileyo. Musa ukubacaphukisa abo uzabalazela ukubashukumisela kwisenzo. Kwangaxeshanye, musa ukuzibamba ekuxeleleni abaphulaphuli bakho “lonke icebo likaThixo.” (IZe. 20:27) Abo banoxabiso abayi kukhubeka okanye bakucaphukele ngenxa yokuba uye wababongoza ngothando ukuba benze okulungileyo.—INdu. 141:5.

Kudla ngokuba yingenelo ukutshayelela isibongozo ngokuncoma into ethile ngokunyaniseka. Cinga ngezinto ezintle ezenziwa ngabazalwana bakho—izinto ezimele ukuba ziyamkholisa uYehova: ukholo olubonakala kwimisebenzi yabo, uthando olubashukumisela ukuba bazibhokoxe, nokunyamezela kwabo phantsi kweemeko ezinzima. (1 Tes. 1:2-8; 2 Tes. 1:3-5) Oku kuya kunceda abazalwana bakho bazive bexatyiswa yaye beqondwa, kwaye kuya kubenza bakulungele ukwamkela isibongozo esilandelayo.

“Ngako Konke Ukuzeka Kade Umsindo.” Isibongozo sifanele sinikelwe “ngako konke ukuzeka kade umsindo.” (2 Tim. 4:2) Kubandakanya ntoni oku? Ukuzeka kade umsindo kuquka ukukunyamezela ngomonde ukoniwa okanye ukucatshukiswa. Umntu ozeka kade umsindo uhlala enethemba lokuba abaphulaphuli bakhe baya kukusebenzisa oko akutshoyo. Ukubongoza unesimo sengqondo esinjalo kuya kwenza abaphulaphuli bangavakalelwa kukuba ubacingela kakubi. Ukuba nentembelo kwakho ekubeni abazalwana noodade wenu bafuna ukukhonza uYehova kangangoko banako kuya kubenza babe nomnqweno ongakumbi wokwenza okulungileyo.—Heb. 6:9.

“Ngemfundiso Ephilileyo.” Umdala ‘unokubongoza njani ngemfundiso ephilileyo’? ‘Ngokubambelela ngokuqinileyo elizwini elithembekileyo njengesiseko sobugcisa bakhe bokufundisa.’ (Tito 1:9) Kunokuba uveze imbono yakho, yenza iLizwi likaThixo libe ngamandla esibongozo sakho. Vumela iBhayibhile ikuncede uqonde oko umele ukuthethe. Dwelisa iingenelo zokusebenzisa oko iBhayibhile ikutshoyo kuloo mbandela uwuxubushayo. Yigcine engqondweni imiphumo—eyangoku neyexesha elizayo—yokungaphili ngokuvisisana neLizwi likaThixo, uze uyisebenzise ekweyiseleni abaphulaphuli bakho ngemfuneko yokuthabatha inyathelo elifanelekileyo.

Qiniseka ukuba ubacacisela kakuhle abaphulaphuli bakho oko bafanele bakwenze nendlela abafanele bakwenze ngayo. Yicacise into yokuba le ndlela uqiqa ngayo isekelwe ngokuqinileyo kwiZibhalo. Ukuba iZibhalo zivumela inkululeko ethile kuso nasiphi na isigqibo esimele senziwe, yichaze loo nkululeko ukuba ihamba iye kuphelela phi na. Wandule ke, xa uqukumbela, wenze isibongozo sokugqibela esiya kwenza abaphulaphuli bakho bazimisele ngakumbi ukuthabatha amanyathelo.

‘Ngenkululeko Yokuthetha.’ Ukuze aphumelele ekubongozeni abanye, ubani umele abe ‘nenkululeko yokuthetha elukholweni.’ (1 Tim. 3:13) Yintoni eyenza umntu akwazi ukuthetha ngokukhululeka? Isibakala sokuba ‘engumzekelo wemisebenzi emihle’ sivisisana noko abongoza abazalwana bakhe ukuba bakwenze. (Tito 2:6, 7; 1 Pet. 5:3) Xa kunjalo, abo babongozwa ukuba bathabathe amanyathelo baya kuqonda ukuba loo mntu ubabongozayo akafuni benze into angayenziyo yena. Baya kubona ukuba banako ukuluxelisa ukholo lwakhe njengoko ezabalazela ukuxelisa uKristu.—1 Kor. 11:1; Fil. 3:17.

Isibongozo esisekelwe kwiLizwi likaThixo nesinikelwa ngomoya wothando sinokuphumeza lukhulu. Abo banembopheleleko yokunikela isibongozo esinjalo bafanele bazibhokoxe ukuze basinikele kakuhle.—Roma 12:8.