Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 42

Iyafundisa Kubaphulaphuli Bakho

Iyafundisa Kubaphulaphuli Bakho

UKUZE intetho yakho ifundise kubaphulaphuli bakho, kufuneka wenze okungakumbi kunokuthetha nje ngombandela ofanelekileyo. Zibuze: ‘Kutheni aba baphulaphuli befanele bawuve nje lo mbandela? Yintoni endiza kuyithetha ukuze abaphulaphuli bavakalelwe kukuba ngokwenene bangenelwe kule ngxubusho?’

Esikolweni, ukuba unikwe umboniso wendlela yokunikela ubungqina komnye umntu, umninimzi wakho uya kuba ngumphulaphuli wakho. Kwezinye iimeko, usenokuthetha nebandla liphela.

Oko Abaphulaphuli Bakho Bakwaziyo. Zibuze, ‘Yintoni abayaziyo abaphulaphuli ngalo mbandela?’ Loo nto iya kuba sisiseko sentetho yakho. Ukuba uthetha phambi kwebandla elinamaKristu aqolileyo amaninzi, musa ukuphinda nje iinyaniso ezisisiseko, inkoliso yawo ezaziyo. Yakhela phezu kwezo nyaniso zisisiseko. Kakade ke, ukuba kukho abantu abaninzi abanomdla, ufanele ucinge ngeemfuno zawo omabini la maqela.

Isantya sentetho yakho silungelelanise noko abaphulaphuli bakho bakwaziyo. Ukuba uquka iinkcukacha abasenokuba baqhelene nazo abaninzi, zigubungele ngokukhawuleza. Kodwa ke thoba isantya xa uxubusha iingcamango ezisenokuba zintsha kwinkoliso yabaphulaphuli bakho ukuze bazive kakuhle.

Umbandela Ofundisayo. Ukuthetha into efundisayo akuthethi ukuba usoloko uthetha into abaqala ukuyiva abantu. Ezinye izithethi zinobuchule bokuchaza iinyaniso ezithile eziqhelekileyo ngendlela elula kangangokuba uninzi kubaphulaphuli luziqonde kakuhle okwesihlandlo sokuqala.

Kubulungiseleli basentsimini, akwanelanga ukukhankanya into oyive ezindabeni ebonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela. Sebenzisa iBhayibhile ukuze ubonise intsingiselo yeso siganeko. Loo nto iya kumfundisa umphulaphuli. Ngendlela efanayo, xa ukhankanya inkcukacha ethile yomthetho wemvelo okanye yobomi bezityalo okanye bezilwanyana, usukelo lwakho alufanele lube kukuchaza inkcazelo ebangel’ umdla yenzululwazi aqala ukuyiva umninimzi. Kunoko, injongo yakho ifanele ibe kukudibanisa ubungqina obusuka kwindalo kunye namazwi eBhayibhile abonisa ukuba ukho uMdali osithandayo. Oku kuya kunceda umninimzi ajonge izinto ngendlela angazange azijonge ngayo ngaphambili.

Ukuxubusha umbandela kubaphulaphuli abakhe bawuva kangangezihlandlo ezininzi kunokuba lucelomngeni. Kodwa ke ukuze ube sisithethi esiphumelelayo, kufuneka ufunde indlela yokwenza oku ngempumelelo. Inokwenziwa njani loo nto?

Ukwenza uphando kuya kunceda. Kunokuba ufake kwintetho yakho izibakala ezithi qatha engqondweni, sebenzisa izixhobo zokwenza uphando ezixutyushwe kwiphepha 33 ukusa kwelama-38. Cinga ngamacebiso anikelwe apho ngokuphathelele iinjongo ofanele uzabalazele ukuziphumeza. Xa usenza uphando, usenokufumanisa ukuba kukho isiganeko sembali esingaziwa ngabantu abaninzi esinxibelelene ngokungqalileyo nombandela wakho. Okanye usenokufumana inkcazelo ethile ezindabeni zakutshanje ecacisa ingongoma oceba ukuyixubusha.

Njengoko uhlola umbandela, xhokonxa iingcinga zakho ngokubuza imibuzo enjengothi yintoni? kutheni? nini? phi? ngubani? nothi njani? Ngokomzekelo: Kutheni kuyinyaniso nje oku? Ndinokuyingqina njani loo nto? Yiyiphi inkolelo ethandwayo eyenza kube nzima ukuqonda le nyaniso yeBhayibhile? Kutheni ibalulekile nje? Ifanele ibuchaphazele njani ubomi bomntu? Nguwuphi umzekelo obonisa ingenelo yokuyisebenzisa? Le nyaniso yeBhayibhile ityhila ntoni ngobuntu bukaYehova? Kuxhomekeka kumbandela owuxubushayo, usenokubuza: Yenzeke nini le nto? Namhlanje sinokuwusebenzisa njani lo mbandela? Unokude uyenze idlamke intetho yakho ngokubuza nangokuphendula eminye yaloo mibuzo xa unikela intetho.

Intetho yakho isenokufuna ukuba usebenzise izibhalo abaqheleneyo nazo abaphulaphuli bakho. Yintoni onokuyenza ukuze uzisingathe ngendlela efundisayo? Musa ukuzifunda nje; zicacise.

Ukuxubusha isibhalo esiqhelekileyo kunokuba nemfundiso engakumbi ukuba uyasahlulahlula, ukhethe iinxalanye ezinxibelelene nomxholo wentetho yakho uze uzicacise. Khawucinge ngesibhalo esinjengoMika 6:8 kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha. Yintoni “okusesikweni”? Ngokabani lo mlinganiselo wokusesikweni oxutyushwayo? Ubunokuyicacisa njani intsingiselo yebinzana elithi ‘ukuqhelisela okusesikweni’? Okanye elithi ‘ukuthanda ububele’? Yintoni ukuthozama? Ubunokuwusebenzisa njani lo mbandela kumntu osele ekhulile? Kakade ke, into yokuba usebenzise wuphi umbandela ifanele igqitywe zizinto ezinjengomxholo wakho, injongo yakho, abaphulaphuli bakho, nexesha onalo.

Ukuchaza amabinzana ngendlela elula kudla ngokunceda. Kwabanye abantu, kuye kuthi qwenge bakufunda intsingiselo yegama elithi “ubukumkani” ekuthethwa ngalo kuMateyu 6:10. Ukukhunjuzwa ngoko kuthethwa libinzana elithile kunokunceda kwanomKristu oligqala ukuba ayiqonde ngendlela echane nangakumbi eyona nto ithethwa sisibhalo esithile. Oku kucaca xa sifunda eyesi-2 kaPetros 1:5-8 size sichaze iinkalo ezahlukeneyo ezikhankanywe kwezo ndinyana: ukholo, isidima, ulwazi, ukuzeyisa, unyamezelo, uzinikelo lobuthixo, umsa wobuzalwana nothando. Xa amagama anentsingiselo ephangaleleyo esetyenziswa kwimeko efanayo, ukuwachaza kunokukunceda uwahlule. Oku kunjalo kumabinzana anjengelithi ubulumko, ulwazi, ingqiqo nelithi ukuqonda, asetyenziswe kwiMizekeliso 2:1-6.

Abaphulaphuli bakho banokufunda lukhulu ukuba uyaqiqa ngesibhalo. Abantu abaninzi bayamangaliswa bakufumanisa ukuba kwezinye iinguqulelo zeBhayibhile, kwiGenesis 2:7 kuthiwa uAdam ungumphefumlo ophilayo, nokuba kuHezekile 18:4 kuthiwa umphefumlo uyafa. Ngesinye isihlandlo, uYesu wamangalisa abaSadusi ngokubhekisela kwiEksodus 3:6, ababezibanga beyikholelwa, waza wayisebenzisa kuvuko lwabafi.—Luka 20:37, 38.

Maxa wambi kuyanceda ukuchaza umongo wesibhalo, iimeko ezazibhalwa phantsi kwazo, kunye nomntu owayethetha okanye owayephulaphule. AbaFarisi babeqhelene neNdumiso 110. Sekunjalo, uYesu watsalela ingqalelo yabo kwinkcukacha ebalulekileyo efumaneka kwindinyana yokuqala. Wabuza: “‘Nicinga ntoni ngoKristu? Ungunyana kabani?’ Bathi kuye: ‘KaDavide.’ Wathi kubo: ‘Kwenzeka njani, ke ngoko, ukuba uDavide ngempefumlelo ambize ngokuthi “Nkosi,” esithi, “UYehova wathi eNkosini yam: ‘Hlala ngasekunene kwam ndide ndizibeke iintshaba zakho ngaphantsi kweenyawo zakho’”? Ukuba, ke ngoko, uDavide umbiza ngokuthi “Nkosi,” ungunyana wakhe njani?’” (Mat. 22:41-45) Xa uqiqa ngeZibhalo ngendlela uYesu awenza ngayo, uya kubanceda abantu balifunde ngenyameko iLizwi likaThixo.

Xa isithethi sichaza ixesha eyabhalwa ngalo incwadi yeBhayibhile okanye ixesha esenzeka ngalo isiganeko esithile, sifanele sichaze neemeko ezazikho ngelo xesha. Ngaloo ndlela, abaphulaphuli baya kukuqonda kakuhle nangakumbi ukubaluleka kwaloo ncwadi okanye kweso siganeko.

Ukuthelekisa izinto kunokunceda ekwenzeni loo nto uyithethayo ifundise. Unokuthelekisa imbono ethandwayo kunye noko iBhayibhile ikutshoyo ngaloo nto. Okanye unokuthelekisa iingxelo zeBhayibhile ezimbini ezibalisa ngento enye. Ngaba ukho umahluko? Kutheni ukho nje? Yintoni esiyifundayo kuloo mahluko? Xa usenjenjalo, unokwenza abaphulaphuli bakho bawujonge ngenye indlela loo mbandela.

Ukuba wabelwe ukuxubusha inkalo ethile yobulungiseleli bamaKristu, unokuyityebisa intetho yakho ngokuyishwankathela kuqala. Xubusha oko kumele kwenziwe, kutheni kumele kwenziwe, nendlela okunxibelelene ngayo nalo lonke usukelo lwamaNgqina kaYehova. Emva koko chaza ukuba loo msebenzi umele wenziwe phi, nini, njani.

Kuthekani ukuba intetho yakho ifuna ukuba uxubushe ezinye ‘zezinto ezinzulu zikaThixo’? (1 Kor. 2:10) Ukuba uqalisa ngokuchaza nangokucacisa izibakala ezithile eziziintloko zombandela wakho, iinkcukacha ziya kuqondakala lula. Yaye ukuba uwuqukumbela ngoshwankathelo olufutshane umbandela wakho, abaphulaphuli bakho baya kuziva banelisekile ukuba bafunde nto ithile.

Isiluleko Ngendlela Yokuphila YamaKristu. Abaphulaphuli bakho baya kungenelwa ngokukhethekileyo ukuba ubanceda babone indlela inkcazelo yentetho yakho esebenza ngayo kubomi babo. Njengoko uhlolisisa izibhalo ezikumbandela owabelweyo, zibuze, ‘Kutheni le nkcazelo igcinwe kwiZibhalo ukuza kutsho kumhla wethu?’ (Roma 15:4; 1 Kor. 10:11) Cinga ngeemeko abajamelana nazo abaphulaphuli bakho ebomini. Cinga ngezo meko uzithelekise nesiluleko kunye nemigaqo yeZibhalo. Kwintetho yakho, qiqa ngeZibhalo ukuze ubonise indlela ezinokumnceda ngayo umntu ahlangabezane ngobulumko nezo meko. Kuphephe ukugwegweleza xa uthetha. Ngqala xa uxubusha izimo zengqondo nezenzo.

Okokuqala, sebenzisa icebiso elinye okanye amabini kwachazwe ngasentla kwintetho oyilungiselelayo. Njengoko uzuza amava, sebenzisa angakumbi kuwo. Ethubeni uya kufumanisa ukuba abaphulaphuli bakho bakhangela phambili kwiintetho zakho, beqinisekile ukuba baza kuva into eya kuba yingenelo ngokwenene kubo.