Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 41

Iyaqondakala Kwabanye

Iyaqondakala Kwabanye

XA UTHETHA, musa ukwanela ukudlulisela inkcazelo kuphela. Zabalazela ukuyenza iqondakale kubaphulaphuli loo nto uyithethayo. Loo nto iya kukunceda ube nonxibelelwano oluhle, enoba unikela intetho ebandleni okanye uthetha nomntu ongeloNgqina.

Zininzi iinkalo eziphathelele intetho eqondakalayo. Ezinye zazo zigutyungelwe kwiSifundo 26, esinomxholo othi “Ukuyondelelaniswa Kombandela.” Ezinye zixutyushwe kwiSifundo 30, esithi “Ukuba Nomdla Kumntu Othetha Naye.” Kwesi sifundo, siza kuxubusha iingongoma ezimbalwa ezongezelelekileyo.

Amagama Alula, Indlela Elula Yokuthetha. Amagama alula nezivakalisi ezifutshane zizixhobo ezinamandla zokunxibelelana. INtshumayelo yaseNtabeni kaYesu ingumzekelo omhle gqitha wentetho eqondakalayo kubantu kungakhathaliseki ukuba bangoobani okanye bahlala phi na. Ezo ngcamango zisenokuba zintsha kubo. Ukanti bayakuqonda oko uYesu wakuthethayo kuba wayethetha ngezinto ezisixhalabisa sonke: indlela yokufumana ulonwabo, indlela yokuphucula ulwalamano lwethu nabanye, indlela yokuhlangabezana namaxhala, nendlela yokufumana ubomi obunentsingiselo. Kwaye iingcamango zakhe wazidlulisela ngolwimi oluqhelekileyo. (Mat., isahlu. 5-7) Kakade ke, iBhayibhile inemizekelo emininzi yezivakalisi ezinobude obahlukeneyo nezakhiwe ngeendlela ezingafaniyo. Eyona njongo yakho ifanele ibe kukuvakalisa iingcamango zakho ngendlela ecacileyo neqondakalayo.

Kwanaxa uxubusha umbandela onzima, ukuthetha ngendlela elula kunokunceda ekuwenzeni ube lula. Unokuyenza njani ibe lula intetho? Musa ukungxala abaphulaphuli bakho ngeenkcukacha ezingeyomfuneko. Hlengahlengisa umbandela wakho ukuze uphelelise iingongoma eziziintloko zakho. Zikhethe ngenyameko izibhalo ezibalulekileyo. Kunokuba usuke kwesinye isibhalo uye kwesinye, zifunde uze uzixubushe. Musa ukugqumelela ingcamango elungileyo ngokuthetha into eninzi.

Xa uqhuba isifundo seBhayibhile sekhaya, sebenzisa loo migaqo ifanayo. Musa ukuzama ukucacisa zonke iinkcukacha. Nceda umfundi aziqonde kakuhle iingcamango ezibalaseleyo. Kamva, xa esenza ufundisiso lobuqu nakwiintlanganiso zebandla, unokuzifunda iinkcukacha.

Ukuze uwunikele lula umbandela, kufuneka ulungiselele kakuhle. Umele uwuqonde kakuhle umbandela wakho wena kuqala ukuba ufuna abanye bawuqonde. Xa uyiqonda kakuhle into, uyakwazi ukuchaza izizathu zokuba ibe njalo. Uyakwazi kananjalo ukuyichaza ngawakho amazwi.

Cacisa Amabinzana Angaqhelekanga. Maxa wambi ukwenza umbandela uqondakale kufuna ukuba ucacise intsingiselo yamabinzana angaqhelekanga kubaphulaphuli bakho. Musa ukucinga ukuba bayazi abaphulaphuli bakho, kwangaxeshanye ungacingi ukuba abanangqondo. Ekubeni ufundisisa iBhayibhile, unokusebenzisa amabinzana angaqhelekanga kwabanye abantu. Ukuba akuwacacisi, abo banganxulumaniyo namaNgqina kaYehova abayi kuqonda ukuba amabinzana athi “intsalela,” “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” “ezinye izimvu,” kunye ‘nesihlwele esikhulu’ amela amaqela abantu. (Roma 11:5; Mat. 24:45; Yoh. 10:16; ISityhi. 7:9) Ngokufanayo, ngaphandle kokuba umntu uqhelene nentlangano yamaNgqina kaYehova, usenokungayiqondi intsingiselo yamabinzana anjengelithi “umvakalisi,” “uvulindlela,” “umveleli wesiphaluka,” nelithi “iSikhumbuzo.”

Amanye amabinzana eBhayibhile asetyenziswa kakhulu nangabantu abangengomaNgqina asenokufuna ukucaciswa. Kubantu abaninzi “iArmagedon” ithetha imbubhiso yenyukliya. Basenokunxulumanisa “uBukumkani bukaThixo” nemeko yentliziyo yomntu okanye izulu kodwa kungekhona norhulumente. Xa uthetha “ngomphefumlo,” basenokucinga ngenxalenye yomntu ekuthiwa ingumoya kwaye iqhubeka iphila xa umzimba usifa. Ngokwendlela izigidi zabantu eziye zafundiswa ngayo, “umoya oyingcwele” ungumntu, uyinxalenye kaBathathu Emnye. Ngenxa yokuba abantu abaninzi gqitha beyityeshele imilinganiselo yokuziphatha yeBhayibhile, basenokude bafune ukuncedwa baqonde oko iBhayibhile ikutshoyo xa isithi: “Sabani kulo uhenyuzo.”—1 Kor. 6:18.

Ngaphandle kokuba abantu bayifundisisa rhoqo iBhayibhile, basenokungakuqondi ngendlela echanileyo ukuba uthi, “uPawulos wabhala esithi . . . ” okanye “uLuka wathi . . . ” Basenokuba banabahlobo okanye abamelwane abanaloo magama. Kusenokufuneka ufakelele ibinzana elichaza loo mntu njengompostile ongumKristu okanye umbhali weBhayibhile.

Abantu abaphila kule mihla badla ngokufuna ukuncedwa ukuze baqonde izibhalo ezibandakanya iindlela zokulinganisa ubude okanye izithethe zamandulo. Ngokomzekelo, xa usithi umkhombe kaNowa wawuziikubhite ezingama-300 ubude, uziikubhite ezingama-50 ububanzi, kunye neekubhite ezingama-30 ukuphakama, basenokungakuqondi kwaphela. (Gen. 6:15) Kodwa ukuba uchaza loo milinganiselo ngendlela yasekuhlaleni abayiqhelileyo, abaphulaphuli bakho baya kukhawuleza babe nomfanekiso-ngqondweni wobukhulu bomkhombe kaNowa.

Cacisa Xa Kuyimfuneko. Ukuze abaphulaphuli bakho bacacelwe ngumbandela, kusenokufuneka okungakumbi kunokunikela ingcaciso echanileyo yebinzana elithile. KwiYerusalem yomhla kaEzra, ukufundwa koMthetho kwakuphelekwa yingcaciso. Ukuze bancede abantu baqonde intsingiselo yawo, abaLevi bawucacisa baza bachaza indlela osebenza ngayo uMthetho kwiimeko abantu ababejamelene nazo ngelo xesha. (Neh. 8:8, 12) Ngokufanayo ke, ziphe ixesha lokuchaza nelokubonisa indlela izibhalo ozifundayo ezisebenza ngayo.

Emva kokuba efile waza wavuswa, uYesu wachazela abaphulaphuli ukuba oko kwakusandul’ ukwenzeka kwakuzalisekisa iZibhalo. Kwakhona wagxininisa imbopheleleko yabo njengamangqina ezo zinto. (Luka 24:44-48) Xa unceda abantu ukuba babone indlela loo nto bayifundisiweyo efanele ibuchaphazele ngayo ubomi babo, baya kuyiqonda lula intsingiselo yayo yokwenene.

Indlela Intliziyo Ebandakanyeka Ngayo. Kakade ke, kwanokuba iingcaciso zakho ziyavakala, zikho ezinye izinto ezinokwenza umntu aziqonde okanye angaziqondi. Xa intliziyo yomntu ilukhuni, iya kumthintela ukuba angayiva loo nto ithethwayo. (Mat. 13:13-15) Kwabo bazimisele ukubona izinto ngeliso lenyama, izinto zokomoya zibubudenge. (1 Kor. 2:14) Xa umntu eneso simo sengqondo, kuya kuba bubulumko ukuyiphelisa ingxubusho—ubuncinane okwelo xesha.

Ukanti kwezinye iimeko intliziyo yenziwa lukhuni ziingxaki zobomi. Xa enikwa ithuba lokuphulaphula inyaniso yeBhayibhile kangangexesha elidana, intliziyo yaloo mntu inokuthamba. Xa uYesu waxelela abapostile bakhe ukuba wayeza kubethwa aze abulawe, abazange baqonde. Ngoba? Babengayilindelanga loo nto yaye ngokuqinisekileyo babengafuni ukuba yenzeke! (Luka 18:31-34) Noko ke, ethubeni abali-11 kwabo bapostile baqonda, yaye babonisa oko ngokwenza ngokuvisisana noko uYesu wayebafundise kona.

Umphumo Obangelwa Kukumisela Umzekelo Omhle. Abantu abancedwa baqonde ngamazwi kuphela kodwa kwanangezenzo zethu. Ngokuphathelele utyelelo lwabo lokuqala kwiHolo yoBukumkani, abantu abaninzi bathi bakhumbula uthando olwalulapho, kungekhona into eyayithethwa. Ngendlela efanayo, uvuyo esiba nalo luye lwanceda abaninimzi abaninzi ukuba bayamkele inyaniso yeBhayibhile. Ukubona ububele obunothando obenziwa ngabantu bakaYehova omnye komnye kunye nokwazelelela abanye xa bejamelene namanzithinzithi kuye kwabangela ukuba abanye bagqibe kwelokuba amaNgqina alunqulo lokwenyaniso. Ngoko xa uzabalazela ukunceda abantu ukuba baqonde inyaniso yeBhayibhile, cinga ngendlela oyichaza ngayo nangomzekelo owumiselayo.