Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 3

Ubizo-magama Oluchanileyo

Ubizo-magama Oluchanileyo

ASINGAWO onke amaKristu aye afumana imfundo eyaneleyo yehlabathi. Kwanompostile uPetros noYohane bachazwa njengabantu ‘abaqhelekileyo abangazange bafumane imfundo yoorabhi.’ (IZe. 4:13) Noko ke, kubalulekile ukuphepha ukugxobha intshumayelo yakho yenyaniso yeBhayibhile ngobizo-magama olungachananga.

Oothunywashe Abamele Baqwalaselwe. Imigaqo yobizo-magama ayifani kuzo zonke iilwimi. Iilwimi ezininzi zibhalwa ngoonobumba bealfabheti. Ukongezelela kwialfabheti yesiLatini, kukho nezinye iialfabheti zesiArabhu, zesiCyrillic, zesiGrike nezesiHebhere. Kunokuba sisebenzise ialfabheti, isiTshayina esibhalwayo sisebenzisa oonobumba abayilwe ziingcambu eziliqela. Aba nobumba badla ngokumela igama okanye inxalenye yegama. Nangona isiJapan nesiKorea zisebenzisa oonobumba besiTshayina, abo nobumba banokubizwa ngendlela eyahlukileyo yaye basenokungathethi into enye.

Kwiilwimi ezisebenzisa iialfabheti, ukuze uwabize kakuhle amagama kufuneka umbize kakuhle unobumba okanye intlanganisela yoonobumba nganye. Xa ulwimi olunjalo lunemigaqo engaguqukiyo, njengesiGrike, isiSpanish nesiZulu, ubizo-magama luba lula noko. Noko ke, impembelelo esuka kwezinye iilwimi inokubangela ukuba ubizo-magama lubonise imvelaphi yaloo magama. Ngenxa yoko, unobumba okanye iqela loonobumba elithile linokubizwa ngeendlela eziliqela okanye, maxa wambi, linokungabizwa konke konke. Kusenokufuneka uzinkqaye ezo meko zahlukileyo uze uzisebenzise ngokufuthi xa uthetha. KwisiTshayina, ukuze uwabize kakuhle amagama kufuneka unkqaye amawaka oonobumba. Kwezinye iilwimi intsingiselo yegama iyatshintsha xa ithoni iguqulwe. Ukungayinanzi le nkalo yolwimi kunokubangela ukuba udlulisele iingcamango eziphosakeleyo.

Ukuba amagama olwimi ayilwe ngamalungu, kubalulekile ukuba ucinezele ilungu elifanelekileyo. Iilwimi ezininzi ezisebenzisa loo nkqubo zidla ngokuba nendlela elandelekayo noko yokucinezela amagama. Apho kukho iimeko ezikhethekileyo kwindlela yokucinezela, kusenokubakho uphawu locinezelo oluyinxalenye yelo gama libhaliweyo. Oku kuyanceda ekwenzeni ubizo-magama olufanelekileyo lube lulana. Noko ke, ukuba indlela yokucinezela amagama iyaguquguquka, kuba nzinyana. Kuye kufuneke unkqaye nangakumbi ukuze uhlangabezane nayo ngempumelelo.

Kwezinye iilwimi, iimpawu ezibonisa isandi sonobumba zibaluleke gqitha kwaye zifanele ziqwalaselwe. Oku kuquka iimpawu eziboniswe ngaphezulu nangaphantsi koonobumba abathile bealfabheti, ezifana nezi: è, é, ô, ñ, ō, ŭ, č, ö, ç. Iimpawu ezibonisa izandi zoonobumba zinokubhalwa, okanye loo mntu ufundayo kusenokufuneka azifakele ngokomongo ezivela kuwo. Kule meko ichazwe mva, kudla ngokufuneka ulungiselele ngenyameko xa unikwe isabelo sokufunda esidlangalaleni.

Kumba wobizo-magama, kukho imigibe efanele iphetshwe. Ukufunda ngocoselelo olubaxiweyo kunokukwenza uvakale ngathi uyazenzisa, okanye uyazidla. Kunjalo ke nangobizo-magama olungasasetyenziswayo ngabantu abaninzi. Umphumo uya kuba kukutsalela ingqalelo kwisithethi kuphela. Kwelinye icala, kuhle nokuphepha ukungakhathali xa sithetha okanye sibiza amagama. Eminye yale mibandela sele ixutyushiwe phantsi komxholo othi “Amagama Aphinyiselwe Kakuhle.”

Ubizo-magama olwamkelekileyo lunokwahluka kumazwe ngamazwe, kwanakwiindawo ezahlukeneyo zelizwe elinye. Umntu ovela kwelinye ilizwe usenokuthetha ulwimi lwakho ngendlela eyahlukileyo. Izichazi-magama zisenokubonisa iindlela eziliqela ezamkelekileyo zokubiza igama. Ngokukodwa ukuba ubani akafundanga kuyaphi okanye ukuba ulwimi aluthethayo ngoku asilolwimi lwakhe ncam, uya kungenelwa kakhulu ngokuphulaphula abo baluthetha kakuhle aze alandele indlela abawabiza ngayo amagama. NjengamaNgqina kaYehova sifuna ukuthetha ngendlela esenza sibe nesidima isigidimi esisishumayelayo neya kuqondakala lula kubantu abakummandla wethu.

Kwincoko yemihla ngemihla, kudla ngokuba kuhle ukusebenzisa amagama oqhelene nawo. Ngokufuthi ubizo-magama alubi yingxaki kwincoko eqhelekileyo. Noko ke, xa ulesa ngokuvakalayo, usenokudibana namagama ongawasebenzisi rhoqo kwincoko yakho. Ibe ke kumaNgqina kaYehova zininzi izihlandlo ekuye kufundwe ngokuvakalayo ngazo. Abantu siye sibafundele iBhayibhile xa sinikela ubungqina kubo. Abanye abazalwana bayacelwa ukuba bafunde iziqendu ebudeni beSifundo seMboniselo okanye kwiSifundo Sencwadi Sebandla. Kubalulekile ukuba sifunde ngendlela echanileyo nokuba singasigxobhi isigidimi ngokuwabiza phosakeleyo amagama.

Ngaba akho amagama abantu naweendawo okufumanisa kunzima ukuwabiza eBhayibhileni? EsiXhoseni kubakho iimpawu zocinezelo emva kwelo lungu lifanele licinezelwe ngokukhethekileyo. Ukuba ilungu elinophawu locinezelo liphela ngesikhamiso, eso sikhamiso siyatsalwa xa sibizwayo. Ukuba ilungu liphela ngeqabane, isikhamiso esikwelo lungu asitsalwa xa sibizwayo.

Iindlela zokuphucula. Uninzi lwabantu abanengxaki yobizo-magama aluyazi into yokuba lunayo. Ukuba umveleli wesikolo webandla lakho ukubonisa iinkalo ezithile zobizo-magama ezifuna unikele ingqalelo kuzo, buxabise ububele bakhe. Wakuba uyazile ingxaki, unokuphucula njani?

Okokuqala, xa unikwe isabelo sokuba ufunde ngokuvakalayo, ziphe ixesha lokukhangela isichazi-magama. Khangela amagama ongawaziyo. Ukuba akukwazi kusebenzisa isichazi-magama, tyhila kumaphepha asekuqaleni ukuze ubone ingcaciso yeempawu ezisetyenzisiweyo okanye, ukuba kuyimfuneko, cela omnye umntu ukuba akuchazele ngazo. Isichazi-magama siya kukubonisa apho umele ucinezele khona egameni eliyilwe ngamalungu angaphezu kwelinye nalapho umele uphinde ucinezele khona ukuba elo gama lide. Siya kukubonisa izandi omele uzikhuphe kwizikhamiso nakumaqabane elo gama. Kwezinye iimeko, igama linokubizwa ngeendlela eziliqela, kuxhomekeka kwimeko elisetyenziswa kuyo. Enoba liliphi na igama olikhangelayo, libize ngokuvakalayo kangangezihlandlo eziliqela ngaphambi kokuba uvale isichazi-magama.

Indlela yesibini onokuluphucula ngayo ubizo-magama lwakho kukulesa phambi komnye umntu—umntu owabiza kakuhle amagama—uze umcele ukuba akulungise apho uphazame khona.

Indlela yesithathu yokuphucula ubizo-magama kukuphulaphula ngenyameko kwizithethi eziphumelelayo. Ukuba iikhasethi zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha okanye ezephephancwadi IMboniselo noVukani! ziyafumaneka, zisebenzise ngokuyingenelo. Njengoko uphulaphule, phawula amagama abizwa ngendlela eyahlukileyo kuleyo ubuya kuwabiza ngayo. Wabhale phantsi, uze uwaqhelisele. Ethubeni, intetho yakho ayiyi kuba nazo iziphako zobizo-magama olungachananga, ibe loo nto iya kuyiphucula gqitha intetho yakho.