Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ufundisiso Lunomvuzo

Ufundisiso Lunomvuzo

NGABA wakha wababona abantu xa bekhetha iziqhamo? Inkoliso yabo ijonga umbala kunye nobukhulu bazo ukuze iqonde enoba zivuthiwe kusini na. Abanye abantu baye bafune ukuva ivumba lezo ziqhamo. Abanye baziva ngezandla, de bazicofe. Ukanti abanye balinganisa ubunzima bazo, babeke sibe sinye kwisandla ngasinye ukuze beve ukuba sisiphi esinencindi eninzi. Yintoni abayicingayo aba bantu? Bahlola izibakala, bafuna umahluko, bacinga nangokhetho ababelwenze ngaphambili, baze bathelekise oko bakubonayo ngoku kunye noko bakwaziyo. Balindelwe ngumvuzo omnandi ngenxa yokuba beye bawuhlola ngenyameko lo mba.

Kakade ke, umvuzo wokufundisisa iLizwi likaThixo ungaphezulu lee. Xa olo fundisiso luthabatha indawo ebalulekileyo ebomini bethu, ukholo lwethu luyomelela, uthando lwethu luba nzulu, ubulungiseleli bethu buba nemveliso nangakumbi, yaye izigqibo esizenzayo zinikela ubungqina obungakumbi bokuba sinengqondo yaye sinobulumko bobuthixo. Ngokuphathelele loo mivuzo, iMizekeliso 3:15 ithi: “Zonke ezinye izinto oyoliswa zizo azinakulinganiswa nabo.” Ngaba uyayifumana loo mivuzo? Indlela ofundisisa ngayo isenokuba ngundoqo.—Kol. 1:9, 10.

Ziphe ixesha lokucamngca

Yintoni ufundisiso? Asikokufunda nje kuba kufundwa. Lubandakanya ukusebenzisa ingqondo ekuwuqwalaseleni ngenyameko okanye ekungeneni nzulu kumbandela. Luquka ukukuhlalutya oko ukufundayo, ukuthelekise noko sele ukwazi, uze ubek’ umnwe kwizizathu zezibakala ezidandalazisiweyo. Xa ufundisisa, cinga nzulu ngazo naziphi na iingcamango osenokuba uyaqala ukuziva. Kwakhona cinga ngendlela wena onokusisebenzisa ngokuzele ngakumbi ngayo isiluleko seZibhalo. NjengeNgqina likaYehova, uya kufuna nokucinga ngamathuba okusebenzisa loo mbandela ekuncedeni abanye. Kakade ke, ufundisiso luquka nokucamngca.

Ukulungisa Ingqondo

Ukuze ungenelwe ngokuzeleyo kufundisiso lwakho lobuqu, lungisa intliziyo yakho

Xa ulungiselela ukufundisisa, uza neBhayibhile yakho, naziphi na iimpapasho oceba ukuzisebenzisa, ipensile okanye usiba lokubhala, mhlawumbi kunye nencwadi yamanqaku. Kodwa ngaba uyayilungisa nentliziyo yakho? IBhayibhile isixelela ukuba uEzra “wayeyilungisile intliziyo yakhe ukuba ahlole umthetho kaYehova, awenze aze afundise uSirayeli imimiselo nokusesikweni.” (Ezra 7:10) Kubandakanya ntoni ukulungisa intliziyo ngolo hlobo?

Umthandazo usenza sikwazi ukufundisisa iLizwi likaThixo sinesimo sengqondo esifanelekileyo. Sifuna ukuba intliziyo yethu, ubuntu bethu, bamkele imfundiso esiyinikwa nguYehova. Ekuqaleni kofundisiso ngalunye, cela uncedo lomoya kuYehova. (Luka 11:13) Mcele ukuba akuncede uqonde intsingiselo yoko uza kukufunda, indlela okunxibelelana ngayo nenjongo yakhe, indlela okunokukunceda ngayo uqonde umahluko phakathi kokulungileyo nokubi, indlela ofanele uyisebenzise ngayo imigaqo yakhe ebomini bakho, nendlela loo mbandela oluchaphazela ngayo ulwalamano lwakho naye. (IMize. 9:10) Njengoko ufundisisa, ‘qhubeka ucela ubulumko kuThixo.’ (Yak. 1:5) Zihlole ngokunyaniseka kumbandela owufundayo njengoko ucela uncedo lukaYehova ukuze ukhuphe iingcamango ezitenxileyo okanye iminqweno eyingozi. Ngalo lonke ixesha sabela “kuYehova ngombulelo” ngenxa yezinto azityhilileyo. (INdu. 147:7) Oku kulusingatha ngokuzimisela ufundisiso kukhokelela kubuhlobo obusondeleyo noYehova, ekubeni kusenza sikwazi ukusabela kuye njengoko ethetha nathi ngeLizwi lakhe.—INdu. 145:18.

Ukukulungela okunjalo ukwamkela izinto esizifundayo kwenza abantu bakaYehova bahluke kwabanye abafundi. Kwabo bangenalo uzinikelo lobuthixo, kuyinto eqhelekileyo ukuba bathandabuze okanye baphikise oko kubhaliweyo. Kodwa ke thina asinasimo sengqondo sinjalo. Sikholose ngoYehova. (IMize. 3:5-7) Ukuba kukho into esingayiqondiyo, asithi ngenxa yokukhukhumala sifikelele kwisigqibo sokuba imele ukuba yimpazamo. Ngoxa siphanda size sikhangele iimpendulo, silindela kuYehova. (Mika 7:7) NjengoEzra, usukelo lwethu kukukwenza size sikufundise oko sikufundayo. Xa sinotyekelo lwentliziyo olunjalo, siza kufumana umvuzo otyebileyo kufundisiso lwethu.

Indlela Yokufundisisa

Kunokuba uqalise kwisiqendu 1 uze utyhutyhe uye kutsho ekugqibeleni, qala ngokulihlola lonke inqaku okanye isahluko kuloo mbandela. Qala ngokuhlalutya amagama omxholo. Lowo ngumbandela oza kube uwufundisisa. Emva koko khangela indlela imixholwana enxibelelana ngayo nomxholo. Hlola nayiphi na imifanekiso, izicangca okanye iibhokisi ezinenkcazelo ezihamba nalo mbandela. Zibuze: ‘Yintoni endilindele ukuyifunda ngokwala mavandlakanya ndiwenzileyo? Iya kubaluleka njani kum?’ Oku kukwenza ulwazi ufundisiso lwakho ukuba lubhekisa ngaphi na.

Qhelana neencwadi zokwenza uphando ezifumaneka ngolwimi lwakho

Ngen’ emxholweni ke ngoku. Amanqaku esifundo seMboniselo nezinye iincwadi ziba nemibuzo eshicilelweyo. Njengoko ufunda isiqendu ngasinye, kuyingenelo ukuphawula iimpendulo. Kwanokuba akukho mibuzo, usenokuziphawula iingongoma ezibalulekileyo ofuna ukuzikhumbula. Ukuba kukho ingcamango oqala ukuyiva, chitha ixesha elingakumbi kuyo ukuze uqiniseke ukuba uyiqonda kakuhle. Yiqwalasele imizekeliso okanye iindlela zokuqiqa eziya kukunceda kubulungiseleli basentsimini okanye ezinokusetyenziswa kwisabelo sentetho esizayo. Cinga ngabantu abathile onokomeleza ukholo lwabo xa usabelana nabo ngoko ukufundayo. Ziphawule iingongoma ofuna ukuzisebenzisa, uze uphinde uzihlole xa ugqiba ukufundisisa.

Njengoko uqwalasela umbandela, tyhila izibhalo ezibonisiweyo. Hlalutya indlela isibhalo ngasinye esinxibelelana ngayo nomongo wesiqendu.

Usenokudibana neengongoma ekungelula ukuba uziqonde okanye obunokuthanda ukukhe ungene nzulu kuzo. Kunokuba uzivumele zikuphazamise, ziphawule ukuze ubuyele kuzo kamva. Iingongoma zidla ngokucaca njengoko uqhubeka uwufunda wonke umbandela. Xa zingacacanga ke, usenokwenza uphando olongezelelekileyo. Ziziphi izinto ezinokufuna ukuphawulwa ukuze ziqwalaselwe? Mhlawumbi kukho isibhalo esicatshuliweyo ongasiqondi kakuhle. Okanye kusenokungabi lula ukubona indlela esingena ngayo kumbandela oxutyushwayo. Mhlawumbi usenokuvakalelwa kukuba uyayiqonda ingcamango ethile kumbandela kodwa akungekwazi ukuyicacisa komnye umntu. Kunokuba uyityhalele bucala, kuya kuba bubulumko ukuba wenze uphando ngale mibandela wakugqiba ukufundisisa.

Qiniseka ukuba uyazifunda izibhalo

Xa umpostile uPawulos wabhala incwadi yakhe eyayineenkcukacha neyayisiya kumaKristu angamaHebhere, wakha wahlab’ ikhefu waza wathi: “Nguwo lo ke umongo.” (Heb. 8:1) Ngaba nawe uye uhlal’ uzikhumbuza ngolo hlobo? Qwalasela isizathu sokuba uPawulos enjenjalo. Kwizahluko ezingaphambili zencwadi yakhe ephefumlelweyo, wayesele ebonisile ukuba uKristu wayesele engene ezulwini njengoMbingeleli Omkhulu obalaseleyo kaThixo. (Heb. 4:14–5:10; 6:20) Ukanti, xa wakhetha waza wagxininisa loo ngongoma iyintloko, ekuqaleni kwesahluko 8, uPawulos wayelungisa iingqondo zabo babeza kufunda incwadi yakhe ukuze zicingisise nzulu ngendlela eyayinxibelelene ngayo nobomi babo. Wathi uKristu wayebonakele phambi kukaThixo ngenkqu ngenxa yabo yaye wayebavulele indlela yokungena “kwindawo engcwele” yasezulwini. (Heb. 9:24; 10:19-22) Ukuqiniseka kwethemba labo kwakuya kubashukumisela ekubeni basisebenzise nesiluleko esikule ncwadi nesasiza kulandela esiphathelele ukholo, ukunyamezela nehambo yamaKristu. Nathi ke, xa sifundisisa, ukunikel’ ingqalelo kwiingongoma eziziintloko kuya kusinceda sihambisane nombandela kwaye kuya kubethelela ezingqondweni zethu izizathu ezibambekayo zokuba senze ngokuvisisana nawo.

Ngaba ufundisiso lwakho lobuqu luya kukushukumisela ekubeni wenze okuthile? Ubalulekile lo mbuzo. Xa ufunda ngento ethile, zibuze: ‘Le nto ifanele isichaphazele njani isimo sengqondo sam nosukelo endinalo ebomini? Ndinokuyisebenzisa njani le nkcazelo ekucombululeni ingxaki, ekwenzeni isigqibo okanye ekufikeleleni usukelo? Ndinokuyisebenzisa njani entsatsheni yam, kubulungiseleli basentsimini, ebandleni?’ Yiqwalasele ngokunyaniseka le mibuzo, ucinge ngemeko yokwenene onokulusebenzisa kuyo ulwazi lwakho.

Emva kokuba ugqibe isahluko okanye inqaku elithile, ziphe ixesha lokwenza impinda. Khangela enoba unokuzikhumbula kusini na iingongoma eziziintloko kunye nezibakala ezizixhasayo. Ukwenjenjalo kuya kukunceda uyigcine loo nkcazelo ukuze uyisebenzise kamva.

Umbandela Omele Uwufundisise

Njengabantu bakaYehova, sineencwadi ezininzi esinokuzifundisisa. Kodwa ke yiyiphi esifanele siqale ngayo? Senza kakuhle xa suku ngalunye sifundisisa umbhalo kunye namagqabaza encwadi ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla. Veki nganye, siya kwiintlanganiso zebandla, kwaye ufundisiso esilwenza xa sizilungiselela luya kusinceda singenelwe kakhulu. Ukongezelela koko, bambi baye ngobulumko bazibekela ixesha lokufundisisa ezinye zeempapasho zamaKristu ezazishicilelwe ngaphambi kokuba bafunde inyaniso. Bambi bakhetha inxalenye ethile yofundo lwabo lweBhayibhile lweveki baze benze ufundisiso olunzulu kwezo ndinyana.

Kuthekani ukuba iimeko zakho azikuvumeli ukuba uyifundisise ngenyameko yonke inkcazelo eza kuqwalaselwa kwiintlanganiso zebandla eziqhutywa veki nganye? Yiphephe imigibe yokuwufundela nje ukuwugqiba umbandela okanye, okona kubi nangakumbi, wokungaqali kwaukuwufundisisa kuba ungenakukwazi nje kwaphela. Kunoko, zimisele umlinganiselo onokufundisisa ngawo, wandule ke ukufundisisa ngaloo mlinganiselo. Fundisisa veki nganye. Ethubeni, zabalazela ukuphangalala uze uquke nezinye iintlanganiso.

‘Yakha Indlu Yakho’

UYehova uyaqonda ukuba iintloko-ntsapho zimele zizibhokoxe ukuze zondle abo zibathandayo. IMizekeliso 24:27 ithi: “Lungisa umsebenzi wakho ngaphandle, yaye wulungiselele wena entsimini.” Ukanti, neentswelo zokomoya zentsapho yakho azimele kutyeshelwa. Ngenxa yoko, le ndinyana iyaqhubeka: “Wandule ukwakha indlu yakho.” Iintloko-ntsapho zinokuyenza njani le nto? IMizekeliso 24:3 ithi: ‘Indlu imiselwa ngokuqinileyo ngokuqonda.’

Ukuqonda kunokuba yingenelo njani kwintsapho yakho? Ukuqonda kukukwazi kwengqondo ukukhangela ngaphaya kwezinto ezibonakalayo. Sinokutsho sithi isifundo sentsapho esiphumelelayo siqalisa ngofundisiso lwentsapho yakho. Injani inkqubela yamalungu entsapho yakho? Phulaphula ngenyameko xa uncokola nawo. Ngaba ukho umoya wokukhalaza okanye wengqumbo? Ngaba eyona nto iphambili lusukelo lwezinto eziphathekayo? Xa ukubulungiseleli basentsimini nabantwana bakho, ngaba kuba lula ukuba bazazise koontanga babo njengamaNgqina kaYehova? Ngaba bayalunandipha ucwangciso lwenu lofundo lweBhayibhile nolofundisiso lwentsapho? Ngaba ngokwenene benza indlela kaYehova ibe yindlela yabo yokuphila? Ukuba neliso elibukhali kuya kukubonisa oko wena, njengentloko-ntsapho, kufuneka ukwenze ukuze umisele yaye wakhe iimpawu zokomoya kwilungu ngalinye lentsapho.

Khangela amanqaku eMboniselo noVukani! axubusha iimfuno ezahlukahlukeneyo. Emva koko yixelele kusengaphambili intsapho oko niza kukufundisisa ukuze icinge ngaloo nkcazelo. Gcina imo yothando ebudeni besifundo. Ngaphandle kokohlwaya okanye ukuhlazisa naliphi na ilungu lentsapho, bethelela indlela oxabiseke ngayo loo mbandela niwuqwalaselayo, uchaze ngokungqalileyo indlela osebenza ngayo kwiimfuno zentsapho yakho. Bandakanya ilungu ngalinye lentsapho. Nceda ilungu ngalinye libone indlela iLizwi likaYehova ‘eligqibelele’ ngayo ekulinikeni kanye oko likufunayo ebomini.—INdu. 19:7.

Ukuzuza Umvuzo

Abantu abaneliso kodwa bengaziqondi izinto zokomoya banokufunda ngommandla osemajukujukwini, ngeziganeko zehlabathi, bade bafunde nangeziqu zabo kodwa abakwazi kuyiqonda intsingiselo yoko bakubonayo. Kwelinye icala, bencedwa ngumoya kaThixo, xa abantu abalifundisisa rhoqo iLizwi likaThixo bebona ezi zinto babona umsebenzi wezandla zikaThixo, bafumana inzaliseko yesiprofeto seBhayibhile, babona ukutyhilwa kwenjongo kaThixo yokusikelela abantu abathobelayo.—Marko 13:4-29; Roma 1:20; ISityhi. 12:12.

Nangona intle loo nto, ayifanele kusenza sikhukhumale. Kunoko, ukuhlolisisa iLizwi likaThixo imihla ngemihla kusinceda sihlale sithobekile. (Dut. 17:18-20) Kukwasikhusela ‘kumandla akhohlisayo esono’ kuba xa iLizwi likaThixo liphila ezintliziyweni zethu, ngokufuthi umtsalane wesono awubi namandla kangangokuba wongamele uzimiselo lwethu lokusixhathisa. (Heb. 2:1; 3:13; Kol. 3:5-10) Ngaloo ndlela, siya ‘kuhamba ngokumfaneleyo uYehova size simkholise ngokupheleleyo njengoko siqhubeka sivelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo.’ (Kol. 1:10) Oko kuyinjongo yethu yokufundisisa iLizwi likaThixo, yaye ukukuphumeza kungowona mvuzo mkhulu.