ISIFUNDO 30
Ukuba Nomdla Kumntu Othetha Naye
XA SICHAZELA abanye ngeenyaniso zeBhayibhile, kufuneka senze okungaphaya kokondla ingqondo ngenkcazelo. Simele sithimbe intliziyo. Enye indlela esinokukwenza ngayo oku kukuba nomdla onyanisekileyo kwabo basiphulaphuleyo. Umdla onjalo unokubonakaliswa ngeendlela ezahlukeneyo.
Cinga Ngembono Yabaphulaphuli Bakho. Umpostile uPawulos wayecinga ngemvelaphi nangendlela yokucinga yabaphulaphuli bakhe. Wachaza: “KumaYuda ndaba njengomYuda, ukuze ndiwazuze amaYuda; kwabo baphantsi komthetho ndaba njengophantsi komthetho, nakuba mna ngokwam ndingekho phantsi komthetho, ukuze ndibazuze abo baphantsi komthetho. Kwabo bangenamthetho ndaba njengongenamthetho, nangona ndingenguye ongenamthetho kuThixo kodwa ndiphantsi komthetho kuKristu, ukuze ndibazuze abo bangenamthetho. Kwababuthathaka ndaba buthathaka, ukuze ndibazuze ababuthathaka. Ndiye ndaba zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo, ukuze ngandlela zonke ndisindise abathile. Kodwa ndenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndabelane nabanye ngazo.” (1 Kor. 9:20-23) Sinokwenza njani ukuze sibe “zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo” namhlanje?
Ukuba unethuba lokuba ukhe ubabukele abantu, kwanokuba lixeshana nje elingephi, ngaphambi kokuba uthethe nabo, usenokuzibona izinto abanomdla kuzo kunye neemeko zabo. Ngaba bayabonakala ukuba benza umsebenzi onjani? Ngaba ikho into ebonisa ukuba bangabantu benkonzo? Ngaba ikho into ebonisa imeko yeentsapho abasuka kuzo? Ngokuxhomekeka kuloo nto uyibonayo, ngaba akunakuguqula intshumayelo yakho ukuze uyenze ibangel’ umdla nangakumbi kubaphulaphuli bakho?
Ukwenza intshumayelo yakho ibangel’ umdla ngakumbi kufuna ukuba ucinge kusengaphambili ngendlela oza kuthetha ngayo nabantu abakwintsimi yakho. Kwezinye iindawo, oku kuquka abo basandul’ ukufika bevela kumazwe asemzini. Ukuba kukho abantu abanjalo kwintsimi yenu, ngaba sele uyifumene indlela yokunikela ubungqina kubo? Ekubeni ikukuthanda kukaThixo ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso,” kwenze usukelo lwakho ukudlulisela 1 Tim. 2:4.
isigidimi soBukumkani ngendlela enomtsalane kubo bonke abantu odibana nabo.—Phulaphula Ngenyameko. Nangona uYehova esazi yonke into, uyabaphulaphula abanye abantu. Umprofeti uMikaya wabona umbono apho uYehova wayekhuthaza iingelosi ukuba zikhuphe izimvo zazo ngendlela yokusingatha umcimbi othile. Emva koko uThixo wavumela enye ingelosi ukuba yenze ngaloo ndlela loo ngelosi yayicebise ngayo. (1 Kum. 22:19-22) Xa uAbraham wavakalisa inkxalabo ngomgwebo owawuza kufikela iSodom, ngenceba uYehova waziphulaphula iimvakalelo zakhe. (Gen. 18:23-33) Kubulungiseleli bethu, sinokuwuxelisa njani umzekelo kaYehova kumbandela wokuphulaphula?
Khuthaza abanye ukuba baveze izimvo zabo. Buza umbuzo ofanelekileyo, uze unqumame ngokwaneleyo ukuze baphendule. Phulaphula ngenyameko. Ingqalelo yakho iya kubakhuthaza ukuba bathethe ngokukhululeka. Ukuba intsabelo yabo ibonisa ukuba banomdla kumbandela othile, yiphande ngobuchule loo nto. Ngaphandle kokutshintsha incoko ibe ngathi uyabancina, zama ukubaqonda nangakumbi. Bancome ngeengcamango zabo, ukuba unokukwenza oko ngokunyaniseka. Ukuba akuvumelani nembono yabo, yiba linene ngokubonisa ukuba ukuvile oko bakuthethayo.—Kol. 4:6.
Noko ke, kufuneka silumkele ukuba umdla esinawo ebantwini ugqithise. Ukubaxhalabela abanye akusiniki gunya lakungena ngempumlo kwimicimbi yabo yobuqu. (1 Pet. 4:15) Kufuneka silumkele ukuba umntu wesini esahlukileyo awuqonde phosakeleyo umdla okhatshwa bububele esinawo. Ekubeni oko kugqalwa njengomlinganiselo ofanelekileyo womdla kusahluka kumazwe, kwanakubantu abahlukeneyo, kufuneka ubani asebenzise ukuqonda.—Luka 6:31.
Ukulungiselela kuya kukunceda ube ngumphulaphuli olungileyo. Xa sisiqonda kakuhle isigidimi sethu, siya kutsho sikwazi ukukhululeka size sinikele ingqalelo kwabanye ngendlela esiqhele ukuphulaphula ngayo. Oku kubenza bakhululeke yaye batyekele ngakumbi ekuncokoleni nathi.
Siba nembeko kwabanye xa sibaphulaphula. (Roma 12:10) Loo nto ibonisa ukuba sizigqala njengezibalulekileyo iingcamango kunye neemvakalelo zabo. Inokude ibenze banikele ingqalelo nangakumbi kuloo nto siyithethayo. Ngesizathu esihle, iLizwi likaThixo lisicebisa ukuba ‘sikhawuleze ukuva, sicothe ukuthetha.’—Yak. 1:19.
Nceda Abanye Benze Inkqubela. Ukuxhalabela abanye kuya kusenza sihlale sicinga ngabo banomdla size sibatyelele kwakhona ukuze sabelane Isa. 48:17.
nabo ngeenyaniso zeBhayibhile ezizanelisa ngokungqalileyo iimfuno zabo. Xa ulungiselela utyelelo olulandelayo, cinga ngoko ukufumanisileyo ngabo kutyelelo oludluleyo. Lungiselela inkcazelo engombandela obaxhalabisayo. Gxininisa ukubaluleka kwaloo mbandela, ubancede babone indlela abanokungenelwa ngayo koko bakufundayo.—Ukuba loo mntu ukuphulaphuleyo ukuchazela ngemeko okanye ngengxaki ethile ekudala imkhathaza, elo thuba ligqale njengelikhethekileyo lokwabelana naye ngeendaba ezilungileyo. Landela umzekelo kaYesu, owayesoloko ekulungele ukuthuthuzela abaxhwalekileyo. (Marko 6:31-34) Wuxhathise umgibe wokunikela isicombululo esikhawulezileyo okanye icebiso elikhiwe entloko. Oko kunokwenza loo mntu avakalelwe kukuba akunamdla ngokwenene. Kunoko, yiba nolwazelelo. (1 Pet. 3:8) Emva koko yenza uphando kwiimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni, uze udlulisele inkcazelo eyakhayo eza kunceda loo mntu ayisingathe loo meko. Kakade ke, ukuba nenkxalabo enothando ngomphulaphuli wakho kuya kukuthintela ukuba ungayithethi imibandela eyimfihlo akuchazela yona, ngaphandle kokuba kukho isizathu esihle sokwenjenjalo.—IMize. 25:9.
Sifanele sibe nomdla okhethekileyo kwabo sifundisisa nabo iBhayibhile. Zicingisise ngokunyaniseka iimfuno zomfundi ngamnye, uze ulungiselele eso sifundo ucinga ngezo mfuno. Zibuze, ‘Yintoni elandelayo afanele ayenze ukuze aqhubeke esenza inkqubela?’ Ngothando mncede umfundi ukuba aqonde oko iBhayibhile neempapasho ‘zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ zikutshoyo ngalo mba. (Mat. 24:45) Kwezinye iimeko, ukuchaza nje kusenokunganeli. Kusenokufuneka ubonise umfundi indlela yokusebenzisa umgaqo othile weBhayibhile, nenze naye into eya kubonisa indlela osebenza ngayo.—Yoh. 13:1-15.
Kufuneka ulungelelwano nokusebenzisa ingqondo xa unceda abanye bavisisanise ubomi babo nemilinganiselo kaYehova. Abantu baneemvelaphi nobuchule obungafaniyo, nenkqubela bayenza ngemilinganiselo engafaniyo. Ulindelo onalo ngabanye malube sengqiqweni. (Fil. 4:5) Musa ukubaqhuba ngasemva ukuba benze utshintsho kubomi babo. Vumela iLizwi likaThixo kunye nomoya wakhe ukuba ubashukumise. UYehova ufuna ukuba abantu bamkhonze ngeentliziyo ezivumayo, banganyanzelwa. (INdu. 110:3) Kuphephe ukuveza izimvo zakho kwizigqibo zobuqu abafanele bazenze, yaye kwanokuba abanye bayakucela ukuba uziveze, ulumke ungabenzeli izigqibo.—Gal. 6:5.
Nikela Uncedo. Nangona ngokuyintloko uYesu wayeyixhalabele impilo-ntle yokomoya yabaphulaphuli bakhe, wayekhawuleza azibone nezinye iintswelo zabo. (Mat. 15:32) Kwanokuba asinazinto zingako, zininzi iindlela esinokunceda ngazo.
Ukuba nomdla kwabanye kuya kusishukumisela ekubeni sibe nolwazelelo. Ngokomzekelo, ukuba imozulu yenza umphulaphuli wakho angakhululeki, yiya kwindawo efanelekileyo, okanye ulungiselele ukuba niqhubeke naloo ngxubusho ngelinye ixesha. Ukuba ufike ngexesha axakeke ngalo, mchazele ukuba uza kuphinda ubuye. Ukuba ummelwane okanye omnye umntu onomdla uyagula okanye usesibhedlele, bonisa inkxalabo ngokumthumelela ikhadi okanye wenze imidana okanye ke umtyelele. Ukuba kufanelekile, unokude umphathele isidlo okanye umenzele nasiphi na isenzo sobubele.
Njengoko abafundi beBhayibhile besenza inkqubela, basenokuziva benesithukuthezi ngenxa yokuba bengasachithi ixesha elininzi nabahlobo babo bangaphambili. Yakha ubuhlobo nabo. Chitha ixesha uncokola nabo emva kokuba nifundisise iBhayibhile nangamanye amaxesha. Bakhuthaze ukuba bazenzele abahlobo abalungileyo. (IMize. 13:20) Bancede baye kwiintlanganiso zamaKristu. Hlala nabo kwezo ntlanganiso, uze ubancede ngabantwana babo ukuze bonke bangenelwe ngokuzeleyo kucwangciso.
Yiba Nomdla Onyanisekileyo. Ukuba nomdla ebantwini asibobugcisa onokubuhlakulela, kodwa luphawu lwentliziyo. Umlinganiselo esinomdla ngawo kwabanye ubonakala ngeendlela ezininzi. Ubonakala kwindlela esiphulaphula ngayo nakoko sikuthethayo. Ubonakala kububele nakulwazelelo esilubonakalisa kwabanye. Kwanaxa singathethi okanye singenzi nto, uyabonakala kwisimo sengqondo sethu nakwimbonakalo yobuso bethu. Ukuba sibakhathalela ngokwenene abanye, ngokuqinisekileyo baya kuyibona loo nto.
Esona sizathu sibalulekileyo sokuba nomdla onyanisekileyo kwabanye kukuba, xa sisenjenjalo, sixelisa uthando nenceba yoBawo wethu wasezulwini. Oku kunceda abo basiphulaphuleyo ukuba basondele kuYehova nakwisigidimi asinike sona ukuba sisisasaze. Ngenxa yoko, njengoko usabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo, zabalazela ukuqwalasela “kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.”—Fil. 2:4.