Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 23

Ukubaluleka Kombandela Kwenziwe Kwacaca

Ukubaluleka Kombandela Kwenziwe Kwacaca

ENOBA uthetha nomntu omnye okanye nabantu abaninzi, asibobulumko ukucinga ukuba abaphulaphuli bakho baya kuba nomdla kumbandela wakho ngenxa nje yokuba wena unomdla kuwo. Isigidimi sakho sibalulekile, kodwa usenokungabagcini benomdla ixesha elide abaphulaphuli bakho ukuba akubabonisi indlela obaluleke ngayo loo mbandela.

Oku kunjalo kwanakubaphulaphuli abakwiHolo yoBukumkani. Basenokuphulaphula xa usebenzisa umzekeliso okanye ubalisa amava abangazange baweve ngaphambili. Kodwa basenokuyeka ukukuphulaphula xa uthetha ngezinto abasele bezazi, ngokukodwa ukuba akwakheli phezu kwezo zinto. Ufanele ubancede babone isizathu kunye nendlela okuyingenelo ngayo kubo oko ukuthethayo.

IBhayibhile isikhuthaza ukuba sicinge ngendlela eyakhayo. (IMize. 3:21) UYehova wasebenzisa uYohane umBhaptizi ukuze alathise abantu “ubulumko bobuqili babo bangamalungisa.” (Luka 1:17) Obu bubulumko obusekelwe ekumoyikeni ngendlela esengqiqweni uYehova. (INdu. 111:10) Abo babuxabisayo obu bulumko bayancedwa ukuba bahlangabezane ngempumelelo nobomi ngoku yaye babambelele kubomi bokwenene, ubomi obungunaphakade obuza kuza.—1 Tim. 4:8; 6:19.

Ukwenza Intetho Isebenziseke. Ukuba ufuna intetho yakho isebenziseke, umele unganeli nje ukucingisisa ngombandela kodwa ucingisise nangabaphulaphuli. Musa ukucinga ngabo njengeqela kuphela. Kaloku elo qela liyilwe ngabantu ngabanye kunye neentsapho. Kusenokuba kukho abantwana, abakwishumi elivisayo, abantu abadala nabanye abasele bekhulile. Kusenokuba kukho abantu abasebatsha kunye nabo baqalisa ukukhonza uYehova ungekaliboni wena ilanga. Abanye basenokuba baqolile ngokomoya; ukanti abanye basenokuba baphenjelelwa ngamandla zizimo zengqondo kunye nemikhwa yehlabathi. Khawuzibuze ke: ‘Lo mbandela ndiza kuwuxubusha unokuba yingenelo njani kubaphulaphuli? Ndinokubanceda njani bayifumane ingongoma?’ Usenokugqiba kwelokuba unikele ingqalelo ngokuyintloko kwiqela elinye okanye kwamabini kula akhankanywe ngasentla. Noko ke, mus’ ukuwaphosa kwelokulibala ngokupheleleyo amanye.

Kuthekani ukuba unikwe isabelo esixubusha imfundiso esisiseko yeBhayibhile? Unokwenza njani ukuze loo ntetho ibe yingenelo kubaphulaphuli abasele bekholelwa kule mfundiso? Zabalazela ukubenza beyiseke nangakumbi. Njani? Ngokuqiqa ngobungqina beZibhalo obuyixhasayo. Unokude ubenze bayiqonde nangakumbi loo mfundiso yeBhayibhile. Oku unokukwenza ngokubonisa indlela loo mfundiso engqinelana ngayo nezinye iinyaniso zeBhayibhile kunye nobuntu bukaYehova. Sebenzisa imizekelo ebonisa indlela ukuqonda le mfundiso okuye kwayingenelo ngayo kubantu nokuye kwayiphembelela ngayo imbono yabo ngekamva.

Musa ukuchaza indlela osebenza ngayo umbandela wakho ngamazwi ambalwa nje xa sele uqukumbela intetho yakho. Zisuka nje, ngamnye kubaphulaphuli ufanele avakalelwe kukuba “lo mbandela uyandibandakanya nam.” Wakuba usibekile eso siseko, qhubeka ke ubonisa indlela osebenza ngayo loo mbandela njengoko uphuhlisa ingongoma eyintloko nganye yentetho yakho kuquka nomqukumbelo.

Xa uchaza indlela osebenza ngayo umbandela, qiniseka ukuba ukwenza oko ngendlela engqinelana nemigaqo yeBhayibhile. Kuthetha ukuthini oko? Kuthetha ukuba ukwenze ngothando yaye unovelwano. (1 Pet. 3:8; 1 Yoh. 4:8) Kwanaxa umpostile uPawulos wayesingatha iingxaki ezinzima eTesalonika, waqiniseka ukuba wayebalaselisa iinkalo ezakhayo zenkqubela yokomoya yabazalwana noodade abangamaKristu balapho. Kwakhona wavakalisa intembelo yokuba kumbandela owawuxutyushwa ngoko, babeza kufuna ukwenza okulungileyo. (1 Tes. 4:1-12) Onjani ukuba mhle umzekelo esimele siwulandele!

Ngaba injongo yentetho yakho kukushukumisela abantu ukuba babe nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela nowokufundisa iindaba ezilungileyo kwabanye? Hlakulela ihlombe kunye noxabiso ngeli lungelo. Noko ke, xa usenjenjalo, ukhumbule ukuba umlinganiselo abantu ngabanye abakwazi ukuba nesabelo ngawo kulo msebenzi awufani, kwaye iBhayibhile iyayivuma loo nto. (Mat. 13:23) Musa ukuthwalisa abazalwana bakho uxanduva lokuziva benetyala. EyamaHebhere 10:24 isibongoza ukuba “sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle.” Ukuba sivuselelana eluthandweni, imisebenzi eqhutywa yintshukumisa elungileyo iya kulandela. Kunokuba ufune ukunyanzela abantu ukuba bathobele, yiqonde into yokuba uYehova ufuna ukuba sikhuthaze “intobelo ngokholo.” (Roma 16:26) Sicinga ngaloo nto, sifuna ukomeleza ukholo—olwethu nolwabazalwana bethu.

Ukunceda Abanye Bafumane Ingongoma. Njengoko unikela ubungqina kwabanye, ungaze usilele ukucacisa indlela ezibaluleke ngayo iindaba ezilungileyo. Ukwenjenjalo kufuna ukuba ucinge ngoko kusezingqondweni zabantu abakwintsimi yakho. Unokuqonda njani? Phulaphula iindaba zikanomathotholo okanye zikamabonwakude. Khangela iphepha elingaphambili lephephandaba. Kwakhona zabalazela ukuncokola nabantu, uze uphulaphule xa bethetha. Unokufumanisa ukuba bamhokamhokana neengxaki ezingxamisekileyo—ukulahlekelwa yimisebenzi, ukuhlawula irenti, ukugula, ukufa kwelungu lentsapho, ukuba sengozini yolwaphulo-mthetho, ukudlelw’ indlala ngumntu osegunyeni, ukuqhawuka komtshato, ukuqeqesha abantwana abaselula, njalo njalo. Ngaba iBhayibhile inako ukubanceda? Ngokuqinisekileyo inako.

Xa uqalisa incoko, kusenokwenzeka ukuba ubucinga ngombandela othile. Noko ke, ukuba loo mntu ubonisa ukuba kukho omnye umbandela ongxamisekileyo anomdla kuwo, ukuba unako, musa ukulibazisa ukuwuxubusha, okanye mchazele ukuba uza kubuya nenkcazelo eza kumnceda. Kakade ke, siyakuphepha ‘ukugxuphuleka koko kungafuni thina,’ kodwa siyakuvuyela ukwabelana nabanye ngesiluleko esisebenzisekayo esinikelwa yiBhayibhile. (2 Tes. 3:11) Ngokuqinisekileyo into eya kubachukumisa nangakumbi abantu sisiluleko seBhayibhile esichaphazela ubomi babo.

Xa abantu bengayiboni indlela isigidimi sethu esibachaphazela ngayo, basenokuyiphelisa msinya incoko. Kwanokuba bayasivumela ukuba siqhubeke sithetha, ukusilela ukubabonisa ukubaluleka kwaloo mbandela kunokuthetha ukuba isigidimi sethu asiyi kubuchaphazela kangako ubomi babo. Ngokwahlukileyo koko, ukuba siyabacacisela ngokubaluleka kwesigidimi, ingxubusho yethu inokudala utshintsho kubomi babantu.

Xa uqhuba izifundo zeBhayibhile, qhubeka ubonisa indlela loo mbandela osebenziseka ngayo. (IMize. 4:7) Nceda abafundi baqonde isiluleko seZibhalo, imigaqo kunye nemizekelo ebabonisa indlela yokuhamba emendweni kaYehova. Gxininisa iingenelo zokwenjenjalo. (Isa. 48:17, 18) Oku kuya kushukumisela abafundi ukuba benze utshintsho oluyimfuneko ebomini babo. Bafundise ukuba bamthande uYehova yaye banqwenele ukumkholisa, baze bavumele intshukumisa yokusebenzisa isiluleko esivela kwiLizwi likaThixo ukuba isuke entliziyweni.