Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 40

Ukuchana Kombandela

Ukuchana Kombandela

KUTHENI umKristu esenokuthetha into engeyonyaniso? Usenokuba uphinda into ayivileyo, engakhange aziphe ithuba lokuhlola izibakala. Okanye unokuzibaxa izinto ngenxa yokuba eye, engaqondanga, akawufunda kakuhle umthombo afumene kuwo inkcazelo yakhe. Xa sinikela ingqalelo enyamekileyo ekuthetheni izinto ezichanileyo, kwanokuba zizinto ezingenamsebenzi, abaphulaphuli baya kubona ukuba banokuzithemba neenkalo ezibaluleke ngakumbi zesigidimi sethu.

Kubulungiseleli Basentsimini. Abaninzi baye bathi bakufumanisa ukuba kuninzi ekusafuneka bakufunde, boyike ukuqalisa ukuya kubulungiseleli basentsimini. Ukanti kungekudala baye bafumanisa ukuba bayakwazi ukunikela ubungqina ngempumelelo, nangona benolwazi olusisiseko kuphela ngenyaniso. Njani? Undoqo kukulungiselela.

Ngaphambi kokuba uphume uye kwinkonzo yasentsimini, ziqhelanise nombandela ofuna ukuwuxubusha. Zama ukuthelekelela imibuzo abanokuyibuza abaphulaphuli bakho. Khangela iimpendulo ezanelisayo nezisekelwe eBhayibhileni. Oku kuya kukwenza ukwazi ukunikela iimpendulo ezichanileyo ngomzimba okhululekileyo. Ngaba uza kuqhuba isifundo seBhayibhile? Khawuphinde uwuhlole ngenyameko umbandela eniza kuwufundisisa. Qiniseka ukuba uyaziqonda iZibhalo ezisekelwe kuzo iimpendulo zemibuzo eshicilelweyo.

Kuthekani ukuba umninimzi okanye umntu osebenza naye ubuza umbuzo ongakulungelanga ukuwuphendula? Ukuba akuqinisekanga ngezibakala, musa ukufunisela. “Intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo.” (IMize. 15:28) Unokulufumana uncedo olufunayo kwincwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo okanye kwi-“Mixholo YeBhayibhile Yengxubusho” ukuba zikho ngolwimi lwakho. Ukuba akuziphethanga ezi mpapasho, mchazele ukuba uza kwenza uphando uze ubuyele kuye. Ukuba loo mntu ubuze loo mbuzo unyanisekile, akuyi kumkhathaza ukulinda impendulo echanileyo. Enyanisweni unokuchukumiseka kakhulu kukuthobeka kwakho.

Ukusebenza nabavakalisi abanamava kubulungiseleli basentsimini kunokukunceda uhlakulele ubuchule bokuliphatha kakuhle iLizwi likaThixo. Khangela ukuba ziziphi izibhalo abazisebenzisayo kunye nendlela abazisebenzisa ngayo xa beqiqa. Wamkele ngokuthobeka nawaphi na amacebiso okanye isiluleko abasinikelayo. Umfundi owayenenzondelelo uApolo wangenelwa luncedo awayelufumana kwabanye. ULuka wachaza uApolo ‘njengeciko,’ ‘indoda eyayizazi kakuhle izinto,’ ‘neyayivutha ngumoya,’ indoda ‘eyayithetha kwaye ifundisa ngokuchanileyo izinto ezingoYesu.’ Sekunjalo, kukho nto ithile awayesilela kuyo ekuqondeni kwakhe. Xa uPrisila noAkwila bayiphawulayo loo nto, “bamthabathela kubo baza bacokisa ukumcacisela ngokuchane ngakumbi indlela kaThixo.”—IZe. 18:24-28.

‘Bambelela Ngokuqinileyo Elizwini Elithembekileyo.’ Iintetho esizinikela kwiintlanganiso zifanele zibonise ukuba siyigqala njengezukileyo indima ephunyezwa libandla ‘njengentsika nesixhaso senyaniso.’ (1 Tim. 3:15) Ukuze siyiphakamise inyaniso, kubalulekile ukuba siziqonde izibhalo esiceba ukuzisebenzisa kwiintetho. Cinga ngomongo wazo nangenjongo yazo.

Oko ukuthetha kwintlanganiso yebandla kusenokuphindwa. Kuyinyaniso ukuba “sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.” (Yak. 3:2) Kodwa iya kukunceda into yokuba uhlakulele imikhwa eya kukwenza uthethe izinto ezichanileyo. Ekuhambeni kwethuba, abazalwana abaninzi ababhalise kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo baya kuba ngabadala. Kulindeleke “okungakumbi kunokuqhelekileyo” kwabo bathwaliswe imbopheleleko enjalo. (Luka 12:48) Ukuba umdala unikela icebiso eliphosakeleyo ngenxa yokungabi nankathalo, uze umphumo ube ziingxaki ezinzulu kumalungu ebandla, loo mdala unokujamelana nengqumbo kaThixo. (Mat. 12:36, 37) Ngaloo ndlela, umzalwana ofaneleka njengomdala ufanele aziwe ‘ngokubambelela ngokuqinileyo elizwini elithembekileyo njengesiseko sobugcisa bakhe bokufundisa.’—Tito 1:9.

Qiniseka ukuba ingqiqo yakho ivisisana ‘namazwi aphilileyo’ abonakala kuyo yonke inyaniso yeZibhalo. (2 Tim. 1:13) Loo nto ayifanelanga ikoyikise. Mhlawumbi akukagqibi ukuyifunda uyigqibe iBhayibhile iphela. Qhubeka usebenzela kuloo nto. Kodwa okwangoku, phawula indlela la macebiso alandelayo anokukunceda ngayo uhlalutye umbandela ocinga ngokuwusebenzisa xa ufundisa.

Okokuqala, zibuze: ‘Ngaba lo mbandela uyavisisana noko sele ndikufundile eBhayibhileni? Ngaba uza kwenza abaphulaphuli bam basondele ngakumbi kuYehova, okanye ngaba uphakamisa ubulumko behlabathi, ukhuthaza abantu ukuba bafune ukhokelo kubo?’ UYesu wathi: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yoh. 17:17; Dut. 13:1-5; 1 Kor. 1:19-21) Emva koko, zisebenzise kakuhle izixhobo zokufundisisa ezilungiselelwe ludidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi. Oku akuyi kwanela ukukunceda uziqonde ngendlela echanileyo izibhalo, kodwa uya kuqonda nendlela yokuzisebenzisa ngolungelelwano nangengqiqo. Ukuba iintetho zakho uzisekela ‘kumazwi aphilileyo’ kwaye uxhomekeka kwijelo elisetyenziswa nguYehova xa uchaza yaye ubonisa indlela izibhalo ezisebenza ngayo, uya kuthetha izinto ezichanileyo.

Ukuhlola Ukuchana Kwenkcazelo. Iziganeko ezenzekayo, iingcaphulo kunye namava zinokunceda xa ucacisa yaye ubonisa indlela iingongoma ezithile ezisebenza ngayo. Unokuqiniseka njani ukuba zichanile? Enye indlela kukuzithabatha kwimithombo ethembekileyo ezo zibakala. Ungalibali ukukhangela enoba loo nkcazelo isexesheni kusini na. Amanani ayatshintsha; izinto ezifunyaniswe zizazinzulu ziphelelwa lixesha ngokukhawuleza; yaye njengoko umntu eyiqonda ngakumbi imbali neelwimi zamandulo, izigqibo ekufikelelwe kuzo ezisekelwe kulwazi lwangaphambili zifanele zihlolisiswe ngokutsha. Uze uchule ukunyathela ke xa ufuna ukusebenzisa inkcazelo oyifumene kumaphephandaba, kumabonwakude, kunomathotholo, kwimiyalezo ethunyelwa nge-elektroniki okanye oyifumene kwi-Internet. IMizekeliso 14:15 icebisa ngelithi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” Zibuze: ‘Ngaba lo mthombo udume ngokudlulisela inkcazelo echanileyo? Ngaba zikho ezinye iindlela zokuyiqinisekisa le nkcazelo?’ Ukuba uyabuthandabuza ubunyaniso baloo nkcazelo, yilahle kude.

Ukongezelela ekuhloleni ukuba umthombo unokuthenjwa kusini na, yiqwalasele ngenyameko indlela oceba ukuyisebenzisa ngayo loo nkcazelo. Qiniseka ukuba indlela ozisebenzisa ngayo iingcaphulo kunye namanani iyangqinelana nomongo ezithatyathwe kuwo. Xa usenza umgudu wokugxininisa ingongoma yakho, ulumkele ukuba ibinzana elithi “abanye abantu” lingajiki libe lelithi “inkoliso yabantu,” yaye elithi “abantu abaninzi” lingabi lelithi “wonk’ ubani,” lize elithi “kwezinye iimeko” lingabi lelithi “ngalo lonke ixesha.” Ukuzinonga izinto okanye ukubaxa iingxelo ezibandakanya inani, umkhamo okanye ubunzulu bento kukwenza kuthandabuzeke ukuthembeka kwakho.

Xa usoloko uthetha izinto ezichanileyo, uya kwaziwa njengomntu oyihlonelayo inyaniso. Loo nto iwamela kakuhle amaNgqina kaYehova njengeqela. Okubaluleke ngakumbi, isa uzuko ‘kuYehova uThixo wenyaniso.’—INdu. 31:5.