ISIFUNDO 11
Ukufudumala Nemvakalelo
IIMVAKALELO ziyinxalenye esisiseko yobomi bomntu. Xa umntu ebonisa iimvakalelo zakhe, utyhila okusentliziyweni yakhe, oyena mntu anguye ngaphakathi, indlela avakalelwa ngayo ngeemeko nangabantu. Ngenxa yokuba ubomi babo buzaliswe ziinzingo—yaye maxa wambi nangenxa yempembelelo yezithethe—abantu abaninzi bayazifihla iimvakalelo zabo. Kodwa uYehova usikhuthaza ukuba sihlakulele iimpawu ezintle zomntu wangaphakathi size sizibonakalise ngendlela efanelekileyo.—Roma 12:10; 1 Tes. 2:7, 8.
Xa sithetha, amagama esiwasebenzisayo asenokuzibonisa ngendlela echanileyo iimvakalelo. Kodwa ukuba amagama esiwasebenzisayo asiwathethi ngemvakalelo elinganayo, abo basiphulaphuleyo basenokukuthandabuza ukunyaniseka kwethu. Kwelinye icala, ukuba amagama abizwa ngemvakalelo efanelekileyo, intetho yethu inokuba mnandi ize ichukumise iintliziyo zabo baphulaphuleyo.
Ukufudumala. Iimvakalelo ezifudumeleyo zidla ngokunxityelelaniswa nokucinga ngabantu. Ngaloo ndlela, xa sithetha ngeempawu zikaYehova ezithandekayo naxa sivakalisa uxabiso lwethu ngokulunga kukaYehova, amazwi ethu afanele afudumale. (Isa. 63:7-9) Yaye xa sithetha nabanye abantu, indlela esithetha ngayo ifanele idlulisele imfudumalo enomtsalane.
Umntu oneqhenqa uya kuYesu aze acele ukuba amphilise. Khawuthelekelele ithoni yelizwi likaYesu xa esithi: “Ndiyathanda. Hlambuluka.” (Marko 1:40, 41) Kwakhona, khawube nombono womfazi obenethombo legazi kangangeminyaka eli-12 ethwethwa ngasemva esiya kuYesu aze achukumise umphetho wesambatho sakhe sangaphezulu. Akuphawula ukuba ubhaqiwe, lo mfazi uza ngaphambili engcangcazela, uwa ezinyaweni zikaYesu aze achaze phambi kwakhe wonk’ ubani isizathu sokuba achukumise isambatho sakhe nendlela aye waphila ngayo. Cinga ngendlela uYesu awathetha ngayo naye esithi: “Ntombi, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo.” (Luka 8:42b-48) Imfudumalo awayenayo uYesu ngezo zihlandlo isazichukumisa nanamhlanje iintliziyo zethu.
Xa sinemfesane ngabantu yaye sikufuna ngokwenene ukubanceda njengoYesu, loo nto iyabonakala kwindlela esithetha ngayo nabo. Loo mfudumalo iyanyaniseka, kwaye ayibaxwa. Ukufudumala kwethu kunokwenza umahluko omkhulu kwindlela abantu abasabela ngayo. Inkoliso yezinto esizithethayo kubulungiseleli basentsimini iye ifune sifudumale, ngokukodwa xa siqiqa, sikhuthaza, sibongoza yaye sisiba novelwano.
Ukuba unemvakalelo efudumeleyo kwabanye, yibonise ebusweni loo nto. Xa ubonakalisa imfudumalo, abaphulaphuli bakho batsaleleka kuwe oku kwabantu abatsaleleka emlilweni ngobusuku obubandayo. Ukuba ukufudumala akubonakali ebusweni bakho, abaphulaphuli bakho basenokungeyiseki ukuba ubakhathalele ngokwenene. Ukufudumala akunxitywa njengesigqubuthelo—kumele kube kokwenene.
Ukufudumala kufanele kubonakale nakwilizwi lakho. Ukuba unelizwi elikhulu nelisisitshotho, kusenokuba nzima ukuba ufudumale xa unikela intetho. Kodwa unako ukukwenza oko ngokuhamba kwexesha yaye usenza umgudu onyanisekileyo. Enye into enokunceda, ephathelele indlela yokuthetha, kukukhumbula ukuba izandi ezimfutshane nezibizwa ngokukhawuleza zenza intetho ingabi namvakalelo. Funda ukuzitsala izandi ezithambileyo zamagama. Oko kuya kukunceda uyenze ifudumale intetho yakho.
Noko ke, eyona nto ibaluleke nangakumbi yiloo nto ujolise umdla wakho kuyo. Ukuba iingcamango zakho zisekelwe ngokunyanisekileyo kwabo bantu uthetha nabo kwaye unomdla ongazenzisiyo wokubaxelela into enokuba yingenelo kubo, loo mvakalelo iya kuvakala kwindlela othetha ngayo.
Intetho edlamkileyo iyashukumisa, kodwa nothantamiso luyafuneka. Akusoloko kwanele ukuba seyisele ingqondo; simele sishukumise nentliziyo.
Ukubonakalisa Ezinye Iimvakalelo. Iimvakalelo ezinjengexhala, uloyiko nodandatheko zinokubonakaliswa ngumntu oxhwalekileyo. Uvuyo yimvakalelo efanele ibalasele kubomi bethu nesiyibonakalisa ngokukhululekileyo xa sithetha nabanye. Kwelinye icala, ezinye iimvakalelo zimele ziphetshwe. Azihambelani nobuntu bobuKristu. (Efe. 4:31, 32; Fil. 4:4) Zonke iintlobo zeemvakalelo zidluliselwa ngamazwi esiwakhethayo, yithoni yelizwi lethu, yindlela esicinezela ngayo xa sithetha, kwizimbo zobuso bethu kunye nezimbo zomzimba.
IBhayibhile ithetha ngazo zonke iimvakalelo zabantu. Maxa wambi ikhankanya amagama ezo mvakalelo. Ngamanye amaxesha, ibalisa iziganeko okanye icaphule amazwi atyhila iimvakalelo. Xa ufunda ngokuvakalayo umbandela onjalo, uya kuba nempembelelo engakumbi, kuwe nakwabo baphulaphuleyo, ukuba ilizwi lakho livakalisa ezo mvakalelo. Ukuze wenjenjalo kufuneka uzibeke kwimeko yabo ufunda ngabo. Noko ke, intetho ayingomdlalo weqonga, ngoko lumkela ukubaxa izinto. Zibethelele izicatshulwa ezingqondweni zabo bakuphulaphuleyo.
Zifanele Umbandela. Imfudumalo oba nayo xa ubiza amabinzana kunye nezinye iimvakalelo ozivezayo, ubukhulu becala, zixhomekeke kuloo nto uyithethayo, njengoko kunjalo nangehlombe.
Khawuvule uMateyu 11:28-30 uze ukuve kakuhle oko ikutshoyo le ncwadi. Emva koko, funda amazwi awathethwa nguYesu xa wayegxeka ababhali nabaFarisi, abhalwe kuMateyu isahluko 23. La mazwi abukhali akanakuba wayewathetha ngelizwi elidangeleyo nelingumsina-ndozele.
Ucinga ukuba yiyiphi imvakalelo efunekayo kwingxelo enjengekwiGenesis isahluko 44 ethetha ngoYuda ecengela umninawa wakhe uBenjamin? Phawula iimvakalelo ezidluliselwa yindinyana 13, imbonakaliso yendlela uYuda awavakalelwa ngayo ngesizathu sentlekele echazwe kwindinyana 16, nendlela uYosefu awasabela ngayo, njengoko kuboniswe kwiGenesis 45:1.
Ngaloo ndlela, enoba siyafunda okanye sinikela intetho, ukuze senjenjalo ngempumelelo asimele sanele ukucinga ngamazwi nangeengcamango kuphela kodwa simele sicinge nangemvakalelo emele izipheleke.