ISIFUNDO 1
Ukufunda Ngendlela Echanileyo
IZIBHALO zithi uThixo uthanda ukuba zonke iintlobo zabantu “zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Tim. 2:4) Ngokuvisisana noko, xa sifunda iBhayibhile ngokuvakalayo, umnqweno wethu wokudlulisela ulwazi oluchanileyo ufanele uphembelele indlela esifunda ngayo.
Ukukwazi ukuyifunda ngokuvakalayo iBhayibhile neempapasho ezicacisa iBhayibhile kubaluleke ngokufanayo kulutsha nakwabakhulileyo. NjengamaNgqina kaYehova, sinembopheleleko yokwabelana nabanye ngolwazi lukaYehova nangeendlela zakhe. Oko kudla ngokubandakanya ukufundela umntu omnye okanye iqela elincinane labantu. Ufundo olunjalo siyalwenza nasentsatsheni. KwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, kukho amathuba afanelekileyo avulekele abazalwana noodade, abaselula nabakhulileyo, okuba bafumane isiluleko esinikelwa ngenjongo yokuphucula ukufunda kwabo ngokuvakalayo.
Ukufunda iBhayibhile esidlangalaleni, enoba ufundela abantu ngabanye okanye ufundela ibandla, yinto emele ijongwe nzulu. IBhayibhile iphefumlelwe nguThixo. Ngaphezu koko, “ilizwi likaThixo liphilile, linamandla . . . yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.” (Heb. 4:12) ILizwi likaThixo liqulethe ubuncwane bolwazi obungafumanekiyo kweminye imithombo. Linokunceda umntu azi okuphela koThixo oyinyaniso yaye ahlakulele ulwalamano oluhle naye, kwaye ahlangabezane ngempumelelo neengxaki zobomi. Lichaza indlela eya kubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo. Ngoko ke, usukelo lwethu lufanele lube kukufunda iBhayibhile kangangoko sinako.—INdu. 119:140; Yer. 26:2.
Ukufunda Ngendlela Echanileyo. Zininzi izinto ezinokusinceda sifunde kakuhle, kodwa inyathelo lokuqala kukufunda ngendlela echanileyo. Oko kuthetha ukuzabalazela ukufunda kanye loo nto ibhaliweyo. Ulumkele ukutsiba amagama, ukushiyelela iinxalenye zamagama, okanye ukuwafunda phosakeleyo ngenxa yokuba efana namanye amagama.
Ukuze ufunde ngendlela echanileyo, kufuneka uwuqonde umongo. Oko kuya kufuna ukuba ulungiselele ngenyameko. Ethubeni, njengoko
uhlakulela ubuchule bokujonga amagama alandelayo nobokuqwalasela ingcamango, uya kuphucula ekufundeni ngendlela echanileyo.Iziphumlisi neempawu zezandi zoonobumba zibalulekile kulwimi olubhalwayo. Iziphumlisi zinokubonisa indawo omele unqumame kuyo, ubude bonqumamo, yaye mhlawumbi nemfuneko yokunyusa ilizwi. Kwezinye iilwimi, ukungayitshintshi imvakalo yelizwi xa isiphumlisi sisithi yitshintshe kusenokwenza umbuzo uguquke ube sisivakalisi esiqhelekileyo, okanye kusenokuyiguqula ngokupheleleyo intsingiselo. Kakade ke, maxa wambi umsebenzi weziphumlisi unento yokwenza nomgaqo-ntetho. Kwiilwimi ezininzi soze ukwazi ukufunda ngendlela echanileyo ungakhange unikele ingqalelo ngenyameko kwiimpawu zezandi zoonobumba—kokubini ezibhaliweyo kunye neziqondwa ngokomongo. Ezi mpawu ziyasichaphazela isandi soonobumba ezibekwe kubo. Qiniseka ukuba uqhelene nendlela ezisetyenziswa ngayo iziphumlisi neempawu zezandi zoonobumba ezisetyenziswa kulwimi lwakho. Oku kungundoqo wokufunda ngendlela enentsingiselo. Khumbula ukuba usukelo lwakho lufanele lube kukudlulisela iingcamango, kungekhona ukubiza nje amagama.
Ukuba ufuna ukuhlakulela ubuchule bokufunda ngendlela echanileyo kufuneka uqhelisele. Funda isiqendu sibe sinye, uze usiphindaphinde de ukwazi ukusifunda ungakhange wenze mpazamo. Emva koko dlulela kwisiqendu esilandelayo. Ekugqibeleni, zabalazela ukufunda amaphepha aliqela aloo mbandela ungakhange utsibe, uphindaphinde okanye uwafunde phosakeleleyo
amagama. Emva kokuthabatha loo manyathelo, cela omnye umntu ukuba aphulaphule njengoko ufunda aze akubonise naziphi iimpazamo osenokuba uyazenza.Kwezinye iindawo ehlabathini, amehlo anorhatyazo nezibane ezingakhanyisi ngokwaneleyo zenza kube nzima ukufunda. Ukuba unako ukunikela ingqalelo kwezi nkalo, ngokuqinisekileyo uya kuphucula ekufundeni.
Ethubeni, abazalwana abafunda kakuhle basenokucelwa ukuba babe nesabelo ekufundeni esidlangalaleni umbandela ofundisiswayo weSifundo Sencwadi Sebandla noweSifundo seMboniselo. Kodwa ukuze ubani alinyamekele kakuhle eli lungelo, kufuneka okungakumbi kunokubiza nje amagama ngendlela echanileyo. Ukuze ube ngumfundi wasesidlangalaleni ophumelelayo ebandleni, kuza kufuneka uhlakulele imikhwa emihle yofundo lobuqu. Oku kubandakanya ukuqonda ukuba igama ngalinye elikwisivakalisi linendima eliyiphumezayo. Akunakuwatyeshela amanye uze uyiqonde kakuhle into ethethwayo. Ukuba uwafunda phosakeleyo amagama, kwanokuba uzifundela uwedwa, intsingiselo yeso sivakalisi iya kugqwetheka. Ukufunda amagama ngendlela ephosakeleyo kunokubangelwa kukungaziqwalaseli iimpawu zezandi zoonobumba okanye umongo asetyenziswe kuwo loo magama. Yenza umgudu wokuqonda intsingiselo yegama ngalinye kumongo elivela kuwo. Kwakhona, qwalasela indlela iziphumlisi eziyichaphazela ngayo intsingiselo yesivakalisi. Khumbula ukuba iingcamango zidla ngokudluliselwa liqela lamagama. Waphawule loo magama ukuze xa ufunda ngokuvakalayo uwafunde njengeqela—amabinzana namagatya—kunokuba uwafunde njengamagama. Kucacile ukuba ukuqonda oko ukufundayo kulinyathelo elibalulekileyo elisa ekukwazini ukudlulisela ulwazi oluchanileyo kwabanye ngofundo lwasesidlangalaleni.
Kaloku umpostile uPawulos wayebhekisa kumdala ongumKristu onamava xa wabhala esithi: “Qhubeka uzibhokoxa kufundo lwasesidlangalaleni.” (1 Tim. 4:13) Ngokuqinisekileyo sonke sinokuphucula kule nkalo.