Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 9

Ukuguquguqula Ilizwi

Ukuguquguqula Ilizwi

UKUWACINEZELA kwakho amagama namabinzana aziintloko kuyabanceda abaphulaphuli ukuba bakuqonde oko ukuthethayo. Kodwa xa uyitshintshatshintsha kakuhle imvakalo yelizwi, isantya, nokuphakama kwelizwi lakho, intetho yakho inokuba mnandi nangakumbi. Ukongezelela koko, loo nto inokubonisa abaphulaphuli bakho indlela wena ovakalelwa ngayo ngale nto uyithethayo. Isimo sengqondo sakho ngaloo mbandela sinokuyichaphazela indlela bona abavakalelwa ngayo ngawo. Oku kuyinyaniso enoba unikela intetho okanye uthetha nomntu omnye kubulungiseleli basentsimini.

Ilizwi lomntu lisisixhobo esingummangaliso, esikwaziyo ukusebenza ngeendlela ezahlukeneyo. Xa lisetyenziswa kakuhle, linokuyenza iphile intetho, lichukumise intliziyo, livuselele iimvakalelo lize lishukumisele kwisenzo. Noko ke, oku akuyi kuphunyezwa ngokusuka nje uphawule kumanqaku akho iindawo ezifuna unyuse okanye uhlise ilizwi, utshintshe isantya, okanye uguqule ukuphakama kwelizwi. Ukuguquguqula ilizwi xa ufika kwezo mpawu akuyi kuvakala kuyindlela eqhelekileyo yokuthetha. Endaweni yokuba kuyenze iphile yaye icace intetho yakho, kunokubenza bangakhululeki abaphulaphuli bakho. Ukuliguquguqula ngendlela efanelekileyo ilizwi kusuka entliziyweni.

Xa kusenziwa ngobulumko, ukuguquguqulwa kwelizwi akuyi kutsalela ingqalelo engafanelekanga kwisithethi. Kunoko, kuya kunceda abaphulaphuli baqonde eyona ntsingiselo yombandela oxutyushwayo.

Yilungise Imvakalo Yelizwi Lakho. Enye indlela onokuliguquguqula ngayo ilizwi lakho kukulungisa imvakalo yelizwi lakho. Kodwa oku akufanele kube kukuman’ unyusa uphinde uhlise ilizwi ngendlela ekruqulayo. Ukwenjenjalo kuya kuphazamisa owona mongo wento oyithethayo. Ukuba ulinyusa rhoqo ilizwi, akuyi kuvakala kamnandi.

Imvakalo yelizwi lakho imele ifanele umbandela. Enoba ufunda umyalelo ongxamisekileyo, njengalowo ufumaneka kwiSityhilelo 14:6, 7 okanye kwiSityhilelo 18:4, okanye uvakalisa ulweyiseko olunamandla, njengoko kubhalwe kwiEksodus 14:13, 14, sicebisa ukuba ulinyuse ngokufanelekileyo ilizwi. Ngokufanayo, ukuba ufunda isigidimi somgwebo esinamandla esisuka eBhayibhileni, njengeso sifumaneka kuYeremiya 25:27-38, ukuguquguqula imvakalo yelizwi lakho kuya kwenza amabinzana athile abalasele ngaphezu kwamanye.

Cinga nangenjongo yakho. Ngaba ufuna ukushukumisela abaphulaphuli bakho kwisenzo? Ngaba ufuna ukwenza iingongoma eziziintloko zentetho yakho zibalasele? Ukuliphakamisa ngobuchule ilizwi kuyanceda ekuphumezeni ezi njongo. Noko ke, ukusuka uthethele phezulu nje kusenokungayiphumezi injongo yakho. Njani? Loo nto uyithethayo isenokuba ifuna imfudumalo kunye nemvakalelo kunelizwi eliphakamileyo. Le nkalo siza kuyixubusha kwiSifundo 11.

Xa lithotywa ngobulumko, ilizwi linokuxhokonxa ulindelo. Kodwa ke oko kudla ngokufuna ukuba ubani ayicinezele nangakumbi ithoni emva koko. Ukuthoba ilizwi kunye nokucinezela kunokusetyenziswa ukuze kudluliselwe inkxalabo okanye uloyiko. Ukuthoba ilizwi kunokusetyenziswa naxa kuboniswa ukuba loo nto ithethwayo ayibalulekanga kangako xa ithelekiswa nezinye izinto eziyingqongileyo. Noko ke, ukuba ilizwi lakho lisoloko liphantsi , loo nto inokukwenza uvakale ngathi akuqinisekanga okanye akweyisekanga okanye ke akunamdla ungako kumbandela wakho. Ngokuqinisekileyo, iithoni ezithambileyo zifuna ukusetyenziswa ngobulumko.

Tshintsha Isantya Sakho. Kwincoko yemihla ngemihla, amagama ayazizela njengoko sivakalisa iingcamango zethu. Xa sinemincili, sidla ngokukhawulezisa xa sithetha. Xa sifuna abanye bayikhumbule njengokuba injalo into esiyithethayo, asikhawulezisi xa sithetha.

Noko ke, zimbalwa izithethi ezitsha ezisiguquguqulayo isantya sazo. Ngoba? Ziwahlengahlengisa ngenyameko egqithiseleyo amagama eziwasebenzisayo. Zisenokuba ziyibhale phantsi yonke into eziza kuyithetha. Kwanokuba loo ntetho ayinikelwa ngombhalo-ngqangi, amagama asenokunkqaywa. Ngenxa yoko, yonke into ithethwa ngesantya esilinganiselweyo. Ukufunda ukunikela intetho ngolwandlalo kuya kunceda ekulungiseni obu buthathaka.

Kuphephe ukunyusa isantya ngesiquphe ngathi yikati ethi ibizichulele kamnandi ize isuke yenze owenkawu yakubona inja. Yaye ungaze uthethe ngokukhawuleza kangangokuba ungawaphimiseli kakuhle amagama.

Musa ukusihlisa usinyusa ngalo lonke ixesha isantya kuba ufuna ukusiguquguqula. Loo ndlela yokunikela intetho iya kuwenza ungavakali umbandela owudluliselayo kunokuba iwenze uphuhle. Ukuguqulwa kwesantya kufanele kuhambelane naloo nto uyithethayo, iimvakalelo ofuna ukuzidlulisela, kunye nenjongo yakho. Yinikele ngesantya esilinganiselweyo intetho yakho. Ukuze ubonise imincili, khawulezisa xa uthetha, kanye njengokuba ubuya kwenza kubomi bemihla ngemihla. Oku kufanelekile naxa uchaza iingongoma ezingabalulekanga kangako okanye xa uhlalutya iziganeko ezineenkcukacha ezingabalulekanga. Oku kuya kuyenza iguquguquke ize ingavakali inondiliseko olugqithiseleyo intetho yakho. Kwelinye icala, iingxubusho ezinzulu, iingongoma eziziintloko kunye neencopho zentetho zidla ngokufuna ukudluliselwa ngesantya esiphantsi.

Guquguqula Ukuphakama Kwelizwi Lakho. Khawube nombono womntu odlala isixhobo somculo ithuba elingangeyure. Ebudeni balo lonke elo xesha, udlala inowuthi enye nje kuphela—okokuqala uyidlalela phezulu, aze ayidlalele phantsi, maxa wambi ayidlale ngokukhawuleza, andule ukuyidlala ngokucothayo. Ewe uyayiguquguqula imvakalo yesandi sayo nesantya ayidlala ngaso, kodwa akakuguquguquli ukuphakama kwesandi sayo, loo “mculo” awumnandanga. Ngendlela efanayo, ukuba asikuguquguquli ukuphakama kwelizwi lethu, aliyi kuvakala kamnandi ezindlebeni.

Simele siyiqonde into yokuba ukuguquguqulwa kwezandi zamazwi akubi namiphumo ifanayo kuzo zonke iilwimi. Kwiilwimi ezisebenzisa ithoni, njengesiTshayina, ukuguqulwa kwesandi selizwi kusenokutshintsha intsingiselo yegama. Noko ke, kwanakwiilwimi ezinjalo, zikho izinto ubani anokuzenza ukuze aliguquguqule ilizwi lakhe. Unokusebenzela ekuphuculeni umlinganiselo elinokunyuka okanye lihle ngawo ilizwi lakhe ngoxa esagcine imilinganiselo efanayo yeethoni ezahlukeneyo. Ngaloo ndlela unokwenza iithoni eziphezulu zinyuke nangakumbi, zize eziphantsi zihle nangakumbi.

Kwanakwiilwimi ezingasebenzisi thoni, ukuguqulwa kwesandi selizwi kunokudlulisela iingcamango ezahlukeneyo. Ngokomzekelo, ukusinyusa kancinane nje isandi selizwi kunye nokunyuswa kwemvakalo yelizwi zinokusetyenziswa xa kugxininiswa amagama namabinzana aziintloko. Okanye ukutshintshwa kwesandi selizwi kusenokuba yindlela yokubonisa ubukhulu okanye umgama. Ukunyusa isandi selizwi ekupheleni kwesivakalisi kunokubonisa ukuba kubuzwa umbuzo. Ezinye iilwimi zisenokufuna ukuba isandi selizwi sihle.

Ukuba nemincili nehlombe kunokuvakaliswa ngesandi selizwi esiphezulu. (Kwiilwimi ezisebenzisa ithoni, oko kusenokufuna umlinganiselo ophangaleleyo wokunyuka nokuhla kwelizwi.) Intlungu nonxunguphalo zisenokufuna isandi esiphantsi selizwi. (Okanye umlinganiselo ongaphangalelanga wokunyuka nokuhla kwelizwi kwiilwimi ezisebenzisa ithoni.) Zezi mvakalelo zikhankanywe apha ezinceda isithethi sichukumise intliziyo. Xa ufuna ukuzivakalisa, musa ukwanela kukuthetha nje amazwi. Sebenzisa ilizwi lakho ngendlela ebonisa ukuba uyaziva ezi mvakalelo.

Ukubeka Isiseko. Ngoko ke, kuqala phi ukuguquguqulwa kwelizwi? Kuqala xa ukhetha umbandela wentetho yakho. Ukuba uyenza ibe yingxubusho yonke okanye ibe sisibongozo yonke, akuyi kuwafumana amathuba okuyiguquguqula intetho yakho. Ngoko luhlole ulwandlalo lwakho, uze uqiniseke ukuba unazo izithako eziyimfuneko ukuze intetho yakho icace yaye idlulisele inkcazelo.

Masithi phakathi nentetho yakho, uvakalelwa kukuba ufuna ukuyiguquguqula kuba indlela oyinikela ngayo iyakruqula. Umele wenze ntoni xa kunjalo? Yiguqule indlela oza kuwunikela ngayo umbandela wakho. Njani? Enye indlela kukuvula iBhayibhile, umeme abaphulaphuli ukuba bavule ezabo, uze ufunde isibhalo kunokuba uthethe. Okanye guqula ingongoma ethile ibe ngumbuzo, ufakele nonqumamo ukuze uwugxininise. Fakela umzekeliso olula. La ngamacebo asetyenziswa zizithethi ezinamava. Kodwa kungakhathaliseki ukuba unamava kangakanani, unako ukusebenzisa iingcamango ezifanayo xa ulungiselela umbandela wakho.

Sinokutsho sithi ukuguquguqulwa kwelizwi kusisithako entethweni. Xa kusetyenziswe uhlobo olululo ngomlinganiselo ofanelekileyo, kuya kuwenza ube luncuthu nangakumbi umbandela wakho kuze kuwenze ube mnandi kubaphulaphuli bakho.