Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 31

Ukuhlonela Abanye

Ukuhlonela Abanye

IZIBHALO zisixelela ukuba ‘sibeke abantu bazo zonke iintlobo,’ yaye ‘singathethi kakubi nangabani na.’ (1 Pet. 2:17; Tito 3:2) Eneneni wonk’ ubani esidibana naye ‘wenziwe “ngomfanekiso kaThixo.”’ (Yak. 3:9) Wonk’ ubani wafelwa nguKristu. (Yoh. 3:16) Yaye bonke abantu bafanele beve iindaba ezilungileyo ukuze bathabathe amanyathelo baze basindiswe. (2 Pet. 3:9) Abanye abantu baneempawu okanye igunya elibenza bafanelwe yimbeko ekhethekileyo.

Yintoni enokubangela abanye bazame ukuzingxengxezela ekubeni nohlobo lwentlonelo ekhuthazwa yiBhayibhile? Izithethe zasekuhlaleni zinokugqiba ngokuba ngubani ofanelwe yimbeko ngokuya ngokodidi lwabantu, ngebala, ngobuni, impilo, ubudala, ubutyebi, okanye isikhundla anaso loo mntu kwibutho labantu. Ukwanda kobungendawo kumagosa kawonke-wonke kuye kwenza abantu abalihlonela igunya. Kwamanye amazwe abantu abanelisekanga ziimeko abakuzo ebomini, mhlawumbi basebenza iiyure eziliqela ukuze baziphilise, ibe bangqongwe ngabantu abangenantlonelo. Ulutsha luntyontyelwa ngoontanga ukuba luvukele abafundisi-ntsapho nabanye abasemagunyeni abangathandwayo. Oluninzi luphenjelelwa yindlela umabonwakude abonisa ngayo abantwana beqhatha okanye belawula abazali babo. Kufuneka senze umgudu ukuze singavumeli ezo ngcamango zehlabathi ukuba zisenze sibadele abanye. Ukanti, xa sibaphatha ngembeko abanye, oko kwenza kube lula ukuphakelana ngezimvo.

Ukuba Nentlonelo. Umntu owenza umsebenzi wonqulo ulindeleke ukuba abe nentlonelo ngokunxiba nangokwenza izinto ngendlela efanelekileyo. Indlela yokuhomba efanelekileyo iyahluka kwiindawo ngeendawo. Abanye bakugqala njengokungabi nantlonelo ukuthetha nomnye umntu uthwele umnqwazi okanye ufake isandla epokothweni. Abantu bezinye iindawo banokuyamkela loo nto. Cinga ngeemvakalelo zabantu basekuhlaleni ukuze ungabacaphukisi. Ukwenjenjalo kunokukunceda uphephe izithintelo njengoko usazisa iindaba ezilungileyo ngempumelelo.

Kunjalo ke nakumba wokuthetha nabanye, ngokukodwa abantu abadala. Idla ngokugqalwa njengokusa into yokuba umntwana abize umntu omdala ngegama ngaphandle kokuba loo mntwana ufumene imvume yokwenjenjalo. Kwezinye iindawo kwanabantu abadala abafanelanga babize abantu abangabaziyo ngamagama abo. Yaye ezinye iilwimi zisebenzisa u-“nina” okanye amanye amagama ukuze kuboniswe intlonelo kumntu omdala okanye osegunyeni.

Ukuvuma Ngentlonelo. Kwiindawo ezinabemi abambalwa kulindeleke ukuba ubonise ukuba uyambona umntu xa udibana naye endleleni okanye xa ungena endlwini. Oku kudla ngokukhatshwa ngumbuliso, uncumo, ukunqwala, okanye kwanokunyusa iintshiyi. Ukungamhoyi omnye umntu kugqalwa njengokungabi nantlonelo.

Noko ke, abanye basenokuziva bengahoywanga kwanaxa ubonisa ukuba uyababona. Ngoba? Kuba basenokucinga ukuba akubazele nto. Kuyinto eqhelekileyo ukuba abantu bacalulwe ngembonakalo yabo. Abantu abaneziphene okanye iingxaki zempilo badla ngokubalekwa. Ukanti iLizwi likaThixo lisibonisa indlela yokuqhubana ngothando nangentlonelo nabantu abanjalo. (Mat. 8:2, 3) Sonke sichaphazeleka ngandlel’ ithile lilifa lesono esalinikwa nguAdam. Ngaba ubunokuziva uhlonelwa ukuba abanye bebesoloko bekufanisa ngeentsilelo zakho? Ngaba ubungekhethi ukufaniswa ngeempawu ezintle onazo?

Ukuba nentlonelo kukwathetha ukugqala ubuntloko. Kwezinye iindawo kufuneka uthethe nentloko-ntsapho kuqala ngaphambi kokuba unikele ubungqina kwabanye abasekhayeni. Nangona sithunywe nguYehova ukuba sishumayele yaye sifundise, siyaqonda ukuba ngabazali abanikwe igunya nguThixo ukuba baqeqeshe baze balathise abantwana babo. (Efe. 6:1-4) Ngenxa yoko, xa usiya ekhayeni, kudla ngokufuneka uthethe nabazali kuqala ngaphambi kokuba uxubushe nabantwana.

Njengoko ekhula, umntu uye afumane amava amele ahlonelwe ngobomi. (Yobhi 32:6, 7) Ukuyigqala loo nto kwanceda udade oselula onguvulindlela eSri Lanka owangena ekhayeni lengwevu ethile. Ekuqaleni ayizange imamkele, isithi: “Ndinokuthini ukuthi ndimdala kangaka ndifundiswe iBhayibhile ngumntwana ongangawe?” Kodwa lo dade waphendula esithi: “Enyanisweni, andizanga kukufundisa, kodwa ndize kwabelana nawe ngento ethile endiyifundileyo yaza yandivuyisa kangangokuba ndaqonda ukuba ndimele ndixelele abanye ngayo.” Ukuphendula ngentlonelo kwalo vulindlela kwavusa umdla kule ndoda. “Yitsho ke, uthi ufunde ntoni?” “Ndifunde indlela yokuphila ngonaphakade,” watsho lo dade. Le ngwevu yaqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Asingabo bonke abantu abadala abaya kutsho ukuba bafuna ukuphathwa ngaloo ndlela, kodwa ke inkoliso yabo iya kukuxabisa ukuphathwa ngolo hlobo.

Noko ke, inokwenzeka nento yokuba zibaxwe iimbonakaliso zembeko. Kwiziqithi zePasifiki nakwezinye iindawo, ukusetyenziswa ngentlonelo kwendlela ethile yokuthetha xa ungena elalini okanye usondela kwinkosi kunokunceda amaNgqina ukuba aphulaphulwe yaye afumane ithuba lokuthetha neenkosi kunye nabantu abangaphantsi kwazo. Kodwa ke ukukhohlisa akuyomfuneko kwaye akufanelekanga. (IMize. 29:5) Ngendlela efanayo, ulwimi lusenokuquka izihlonipho njengenxalenye yomgaqo-ntetho, kodwa intlonelo yomKristu ayifuni kuba ezo zihlonipho ziphindaphindwe ngokubaxiweyo.

Ukunikela Intetho Ngentlonelo. IBhayibhile isibongoza ukuba sichaze isizathu sethemba lethu “ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.” (1 Pet. 3:15) Ngoko ke, nangona sisenokukwazi ukuzidandalazisa elubala msinya iziphako zembono yomnye umntu, ngaba kububulumko ukuba senjenjalo ngendlela eya kumhlutha isidima sakhe? Ngaba akuyi kuba bhetele ukumphulaphula ngenyameko, mhlawumbi sibuze isizathu sokuba avakalelwe ngaloo ndlela, size sicinge ngeemvakalelo zakhe njengoko siqiqa naye ngeZibhalo?

Intlonelo esiba nayo xa sithetha nabaphulaphuli siseqongeni ifanele ifane naleyo siba nayo xa sithetha nomntu ngamnye. Isithethi esibahlonelayo abaphulaphuli baso asiyi kubagxeka rhabaxa abaphulaphuli baso okanye ngesimo sengqondo saso sibe ngathi sithi: “Ngeniyenzile le nto ukuba benifuna ngokwenene.” Ukuthetha ngolo hlobo kuyabatyhafisa abanye. Hayi indlela ekubhetele ngakumbi ngayo ukugqala abaphulaphuli njengeqela labantu abathanda uYehova nabafuna ukumkhonza! Sifanele sixelise uYesu ngokusebenzisa ukuqonda xa siqhubana nabo babuthathaka ngokomoya, abangenamava, okanye abasisebenzisa kade isiluleko seBhayibhile.

Abaphulaphuli baya kuva ukuba isithethi siyabahlonela ukuba naso siyaziquka kwabo kufuneka basebenzise iLizwi likaThixo nangakumbi. Ngaloo ndlela, kububulumko ukuphepha ukusoloko usebenzisa u-“ni-” xa uchaza indlela izibhalo ezisebenza ngayo. Ngokomzekelo, phawula umahluko phakathi kwalo mbuzo “Ngaba nenza konke okusemandleni enu?” kunye nothi “Ngamnye kuthi uya kuba wenza kakuhle xa ezibuza oku: ‘Ngaba ndenza konke okusemandleni am?’” Eyona ngongoma yale mibuzo inye, kodwa owokuqala ubonisa ukuba isithethi asizibeki kumgangatho ofanayo nabaphulaphuli baso. Owesibini ukhuthaza bonke abantu, kuquka nesithethi, ukuba bahlole iimeko zabo kunye neentshukumisa zabo.

Wuphephe umnqweno wokufuna ukuqhula kuba nje ufuna abaphulaphuli bahleke. Oku kuyasihlisa isidima sesigidimi seBhayibhile. Ewe sifanele siyoliswe kukukhonza uThixo. Zisenokubakho iinxalenye ezihlekisayo kuloo mbandela siwabelweyo. Ukanti, ukwenza izinto ezibalulekileyo zibe zizinto zokuhlekisa kubonisa ukungabahloneli abaphulaphuli kunye noThixo.

Ngamana indlela esizenza ngayo izinto, indlela esiziphatha ngayo kwabanye, kunye nendlela esithetha ngayo zingasoloko zibonisa ukuba sibagqala ngendlela uYehova asifundise ukuba sibajonge ngayo.