ISIFUNDO 24
Ukukhetha Amagama
AMAGAMA azizixhobo ezinamandla zokunxibelelana. Kodwa ukuze amagama esiwasebenzisayo aphumeze injongo ethile, kufuneka siwakhethe ngenyameko. Igama elinokufaneleka ngesihlandlo esithile lisenokuba nomphumo ongafanelekanga kwiimeko ezahlukileyo. Xa lisetyenziswe ngendlela engafanelekanga, ibinzana elibangel’ umdla linokuba ‘lilizwi elibangela intlungu.’ Ukusebenzisa amabinzana anjalo kusenokuba kukungabacingeli abanye, ukungabi nalwazelelelo. Amanye amagama aneentsingiselo ezimbini, enye isenokuba iyacaphukisa okanye inendelelo. (IMize. 12:18; 15:1) Kwelinye icala, “ilizwi elilungileyo”—ilizwi elikhuthazayo—liyayivuyisa intliziyo yalowo libhekiswa kuye. (IMize. 12:25) Kwanakumntu osisilumko, ukufumana amagama afanelekileyo kufuna umgudu. IBhayibhile isixelela ukuba uSolomon wayeyiqonda imfuneko yokukhangela “amazwi ayolisayo” kunye ‘namazwi achanileyo enyaniso.’—INtshu. 12:10.
Kwezinye iilwimi, kusetyenziswa amabinzana athile xa kuthethwa nabantu abadala okanye abasemagunyeni, ngoxa kusetyenziswa amabinzana ahlukileyo xa ubani ethetha noontanga bakhe okanye abancinane kunaye. Ukutyeshela loo migaqo kugqalwa njengobukrwada. Kukwagqalwa njengento engafanelekanga ukuzibiza ngamabinzana abonisa intlonelo ngokwesithethe abekelwe abanye abantu. Kumbandela wokubonisa imbeko, iBhayibhile ibeka umlinganiselo ophakame nangakumbi kunaleyo inokufunwa ngumthetho okanye sisithethe sasekuhlaleni. Ibongoza amaKristu ukuba ‘abeke abantu bazo zonke iintlobo.’ (1 Pet. 2:17) Abo benza oku ngokusuka entliziyweni bathetha ngentlonelo kwabakhulileyo nakwabancinane.
Kakade ke, abantu abaninzi abangengomaKristu okwenyaniso basebenzisa intetho ekrwada. Basenokuvakalelwa kukuba ukuthetha rhabaxa kuyenza ibetheleleke loo nto bayithethayo. Okanye ke ubukrwada babo busenokuba bubonisa ukungabi nasigama saneleyo. Ukuba ubani wayenomkhwa Roma 12:2; Efe. 4:29; Kol. 3:8.
wokusebenzisa intetho enjalo ngaphambi kokuba afunde iindlela zikaYehova, usenokukufumanisa kunzima ukwahlukana naloo mkhwa. Kodwa ke unako. Umoya kaThixo unokumnceda umntu atshintshe indlela athetha ngayo. Noko ke, loo mntu umele akulungele ukwakha isigama esilungileyo—amagama akholekileyo, amagama akhayo—aze awasebenzise rhoqo.—Ulwimi Oluqondakala Lula. Into esisiseko efunekayo ukuze usebenzise intetho elungileyo kukuba iqondakale lula. (1 Kor. 14:9) Ukuba amagama owasebenzisayo akaqondakali lula kubaphulaphuli bakho, usenokuvakala ngathi uthetha ulwimi lwasemzini kubo.
Amanye amagama anentsingiselo ekhethekileyo kubantu abenza umsebenzi othile. Basenokuba bawasebenzisa rhoqo loo magama. Kodwa ukuwasebenzisa kwakho kwimeko engawafanelanga kusenokukubangela unganxibelelani kakuhle. Ngaphezu koko, kwanokuba usebenzisa isigama semihla ngemihla, ukuba unamathela kwiinkcukacha ngokungeyomfuneko, abaphulaphuli bakho basenokuvumela iingqondo zabo zibhadulele kwezinye izinto.
Isithethi esinolwazelelo sikhetha amagama aqondakalayo kwanakwabo bangafundanga kakhulu. Sixelisa uYehova, siyamazelelela “lowo usweleyo.” (Yobhi 34:19) Ukuba isithethi sikufumanisa kuyimfuneko ukusebenzisa igama elingaqhelekanga, sifanele silisebenzise kunye namabinzana alula ukuze icace intsingiselo yalo.
Amagama alula akhethwe kakuhle aba namandla ekudluliseleni iingcamango. Izivakalisi ezifutshane ezinamabinzana alula ziqondakala lula. Zinokuxutywa nezivakalisi ezide ukuze intetho idibane. Kodwa kwiingcamango ofuna ngokukhethekileyo ukuba abaphulaphuli bakho bazikhumbule, khetha amagama alula nezivakalisi ezihlab’ emxholweni.
Ukutshintshwa Nokuchana Kwamabinzana. Amagama afanelekileyo akanqongophalanga. Kunokuba usebenzise amabinzana afanayo kwimeko nganye, watshintshe amagama. Intetho yakho iya kubangel’ umdla ize ibe nentsingiselo. Unokusikhulisa njani isigama sakho?
Xa ufunda, phawula naliphi na igama ongaliqondi kakuhle uze ulikhangele kwisichazi-magama ukuba sikho ngolwimi lwakho. Khetha abe mbalwa kuloo magama, uze wenze umgudu wokuwasebenzisa xa kufanelekile. Qiniseka ukuba uwabiza kakuhle kwaye uwasebenzisa apho aya kuqondakala lula khona kungekhona ukuze ucel’ injezu. Ukukhulisa isigama sakho kuya kukwenza uyiguquguqule intetho yakho. Kodwa ke kufuneka
ulumke—xa umntu engawabizi kakuhle amagama okanye ewasebenzisa ngendlela ephosakeleyo, abanye basenokucinga ukuba akayazi loo nto athetha ngayo.Injongo yokwandisa isigama sethu kukudlulisela inkcazelo, kungekhona ukucel’ injezu kwabo basiphulaphuleyo. Intetho entsonkothileyo namagama amade adla ngokutsalela ingqalelo kwisithethi. Umnqweno wethu ufanele ube kukwabelana nabanye ngenkcazelo ebalulekileyo nokuyenza ibangel’ umdla kwabo baphulaphuleyo. Khumbula umzekeliso weBhayibhile othi: “Ulwimi lwezilumko lulusebenzisa kakuhle ulwazi.” (IMize. 15:2) Ukusebenzisa amagama alungileyo, amagama afanelekileyo naqondakala lula, kuyanceda ekwenzeni intetho yethu ihlaziye yaye ivuselele kunokuba ikruqule yaye ingabangeli umdla.
Njengoko ukhulisa isigama sakho, nikela ingqalelo ekhethekileyo ekusebenziseni igama elifanelekileyo. Amagama amabini asenokuba neentsingiselo eziyeleleneyo ezisetyenziswa kwiimeko ezahlukileyo. Ukuba uyayiphawula loo nto, uya kukwazi ukuphucula ekwenzeni intetho yakho icace uze uphephe ukucaphukisa abaphulaphuli bakho. Phulaphula ngenyameko kubantu abazizithethi ezivunyiweyo. Ezinye izichazi-magama ziye zibeke izithetha-ntonye (amagama anentsingiselo efanayo, nangona isenokungafani ncam) ecaleni kwegama ngalinye kunye nezichasi zalo (amagama athetha okuchasene nelo gama). Ngaloo ndlela, akwaneli kufumana amabinzana ahlukahlukeneyo adlulisela ingcamango enye kodwa ukwafumana neentsingiselo ezahlukeneyo. Oku kuluncedo gqitha xa ufuna igama elifanele imeko ethile. Ngaphambi kokuba ufake igama kwisigama sakho, qiniseka ukuba uyayazi intsingiselo yalo, indlela yokulibiza, nemeko ekufanelekileyo ukulisebenzisa kuyo.
Amabinzana angqalileyo adlulisela ingcamango ecacileyo kunalawo angangqalanga. Isithethi sisenokuthi: “Ngelo xesha, baninzi abantu abagulayo.” Okanye sisenokuthi: “Emva kweMfazwe Yehlabathi I, kwisithuba seenyanga ezimbalwa, abamalunga nezi-21 000 000 babulawa nguMbathalala.” Onjani umahluko obakho xa isithethi sicacisa oko sikutshoyo xa sisithi “ngelo xesha,” “baninzi abantu” naxa sisithi “abagulayo”! Ukuthetha ngolu hlobo kufuna ukuba uzazi izibakala eziphathelele umbandela wakho yaye uwakhethe ngenyameko amagama owasebenzisayo.
Ukusebenzisa amagama afanelekileyo kunokukunceda ungen’ emxholweni ngaphandle kokugwegweleza. Ukugwegweleza kudla ngokuzenza zingavakali iingcamango. Ukusebenzisa isigama esilula kwenza ukuba abanye baziqonde lula baze bazigcine izibakala ezibalulekileyo. Kuyanceda ekudluliseleni ulwazi oluchanileyo. Imfundiso kaYesu Kristu yayibalasele kuMateyu 5:3-12 nakuMarko 10:17-21.) Kuqhelisele ukuthetha kakuhle usebenzisa amagama akhethwe kakuhle.
ngokusebenzisa ulwimi olulula. Funda kuye. (Bona imizekelo ebhalweAmagama Anamandla, Anemvakalelo Nacacileyo. Njengoko usandisa isigama sakho, musa ukucinga ngamagama amatsha kuphela kodwa cinga nangamagama aneempawu ezithile. Ngokomzekelo khawucinge ngezenzi ezinamandla; izichazi ezenza umbandela ucace; namabinzana abonisa uthando, ububele okanye ukunyaniseka.
IBhayibhile izaliswe yimizekelo yolo lwimi lunentsingiselo. Esebenzisa umprofeti uAmos, uYehova wabongoza: “Funani okulungileyo, kungekhona okubi . . . Thiyani okubi, nithande okulungileyo.” (Amosi 5:14, 15) Ebhekisa kuKumkani uSawule, umprofeti uSamuweli wathi: “UYehova ulukrazule kuwe namhlanje ulawulo lwasebukhosini lukaSirayeli.” (1 Sam. 15:28) Xa wayethetha noHezekile, uYehova wasebenzisa ulwimi olungalibaleki lula, esithi: “Bonke abo bendlu kaSirayeli baneentloko ezilukhuni neentliziyo ezilukhuni.” (Hez. 3:7) Egxininisa ubukhulu besono sikaSirayeli, uYehova wabuza: “Umntu wasemhlabeni angamphanga na uThixo? Kodwa nina niyandiphanga.” (Mal. 3:8) Xa wayechaza uvavanyo lokholo eBhabhiloni, uDaniyeli wayibeka yacaca into yokuba “wavutha ngumsindo uNebhukadenetsare” ngenxa yokuba uShadraki, noMeshaki noAbhednego babengavumi ukunqula umfanekiso wakhe, ngoko wayalela ukuba babotshwe baze baphoswe “ezikweni elivutha umlilo.” Ukuze asincede sibone umlinganiselo wobo bushushu, uDaniyeli wachaza ukuba ukumkani wayalela amadoda akhe esithi “iziko malenziwe shushu ngokuphindwe kasixhenxe kunesiqhelo”—lalitshisa kangangokuba athi akusondela kwelo ziko, loo madoda kakumkani afa. (Dan. 3:19-22) Ethetha nabantu baseYerusalem kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu wathetha eneemvakalelo ezinzulu esithi: “Kufuthi kangakanani na ndifuna ukuhlanganisela ndawonye abantwana bakho, ngendlela esithi isikhukukazi sihlanganisele ngayo ndawonye amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso! Kodwa anavuma. Khangelani! Indlu yenu ishiyelwa kuni.”—Mat. 23:37, 38.
Amagama akhethwe kakuhle anokubetheleleka kwiingqondo zabaphulaphuli bakho. Ukuba usebenzisa amagama angena lula engqondweni, abaphulaphuli bakho baya “kuzibona” yaye “bazichukumise” izinto othetha ngazo, baya “kukungcamla” baze “beve nevumba” lokutya othetha ngako, baya “kuziva” izandi ozichazayo kunye nabantu obacaphulayo. Abaphulaphuli baya kuthabatheka koko ukuthethayo ngenxa yokuba ukwenza kuphile kubo.
ezinjengeNdumiso 37:10, 11, 34; uYohane 3:16; neSityhilelo 21:4, 5.
Amagama azidlulisela ngokucacileyo iingcamango anokwenza abantu bahleke okanye balile. Anokubenza babe nethemba, anike umntu odimazekileyo umnqweno wokuphila aze avuselele kuye uthando ngoMdali wakhe. Abantu emhlabeni wonke baye bachukunyiswa kanobom lithemba elidluliselwa ngamazwi akwiindinyana zeBhayibhileNjengoko ufunda iBhayibhile neempapasho ‘zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ uya kuphawula amagama namabinzana ahlukahlukeneyo. (Mat. 24:45) Musa ukuwafunda nje uze uwaphose kwelokulibala. Khetha lawo uwathandayo uze uwenze abe yinxalenye yesigama osisebenzisa rhoqo.
Intetho Evisisana Nemigaqo Yentetho. Abanye abantu bayayiqonda into yokuba indlela abathetha ngayo ayisoloko ivisisana nemigaqo yentetho. Yintoni abanokuyenza ngaloo nto?
Ukuba usesesikolweni, sebenzisa elo thuba ukuze ufunde umgaqo-ntetho olungileyo nokuwakhetha ngenyameko amagama. Ukuba akuqinisekanga ngesizathu somgaqo othile wentetho, buza umfundisi-ntsapho wakho. Musa ukwenza kuphela oko kuza kukwenza udlulele kwibanga elilandelayo. Kaloku wena unentshukumisa abangenayo abanye abafundi. Wena ufuna ukuba ngumlungiseleli wendaba ezilungileyo ophumelelayo.
Kuthekani ukuba sele umdala yaye wakhula uthetha ulwimi olungelulo olu ulusebenzisayo ngoku? Okanye akuzange ufumane ithuba lokufunda ulwimi lwakho. Mus’ ukutyhafa. Kunoko, yenza umgudu onyanisekileyo wokuphucula, wenze oko ngenxa yeendaba ezilungileyo. Inkoliso yoko sikwaziyo ngomgaqo-ntetho sikwazi ngokuphulaphula abanye xa bethetha. Ngoko phulaphula ngenyameko xa izithethi ezinamava zinikela iintetho. Xa ufunda iBhayibhile kunye neempapasho ezisekelwe kuyo, jonga indlela ezakhiwa ngayo izivakalisi, amagama asetyenziswa kunye, kunye nemeko asetyenziswa kuyo. Xelisa loo mizekelo mihle kwintetho yakho.
Abezolonwabo kunye neemvumi zisenokusebenzisa amabinzana kunye neendlela zokuthetha ezingquzulanayo nemigaqo yentetho. Abantu badla ngokubaxelisa. Abathengisi beziyobisi kunye nabanye abaphila ubomi bokwaphula umthetho okanye bokuziphatha okubi badla ngokuba nesigama sabo, bechaza amagama ngendlela eyahluke gqitha kwintsingiselo eqhelekileyo. Kububulumko ukuba umKristu angabaxelisi aba bantu. Ukwenjenjalo kuya kusifanisa naba thunywashe behlabathi size sibe ngathi siphila ngendlela abaphila ngayo.—Yoh. 17:16.
Ziqhelise ukuthetha kakuhle ngalo lonke ixesha. Ukuba uyazivumela ukuba ungakhathali kwindlela othetha ngayo kwincoko yemihla ngemihla, ungalindeli ukuba uza kukwazi ukuthetha kakuhle ngezihlandlo ezikhethekileyo. Kodwa ukuba usebenzisa ulwimi olusemgangathweni kwiimeko eziqhelekileyo ebomini, kuya kuba lula yaye uya kuthetha ngendlela oqhele ukuthetha ngayo xa useqongeni okanye unikela ubungqina ngenyaniso kwabanye.