Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukulungiselela Iintetho Zebandla

Ukulungiselela Iintetho Zebandla

UCWANGCISO lweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo lulungiselelwe ukuze kungenelwe ibandla liphela. Ikho nenye inkcazelo ebalulekileyo edluliselwa kwezinye iintlanganiso zebandla nakwiindibano ezincinane nezinkulu. Ukuba wabelwe inxalenye ethile kucwangciso lwazo, unikwe imbopheleleko enkulu kakhulu. Umpostile uPawulos wabongoza umveleli ongumKristu uTimoti ukuba alumkele imfundiso yakhe. (1 Tim. 4:16) Abo bezileyo kwiimbutho zamaKristu baye babekela bucala ixesha elibalulekileyo—kwaye abanye baye benza umgudu omkhulu—ukuze baze kufundiswa ngezinto eziphathelele ulwalamano lwabo noThixo. Ukudlulisela loo mfundiso kulilungelo elizuke ngokwenene! Unokuliphatha kakuhle njani elo lungelo?

Iimbalasane Zofundo LweBhayibhile

Le nxalenye yesikolo isekelwe kufundo lweBhayibhile olwabelwa loo veki. Kumelwe kugxininiswe kwindlela loo mbandela osichaphazela ngayo namhlanje. Njengoko kuchazwe kuNehemiya 8:8, uEzra noogxa bakhe babefunda iLizwi likaThixo phambi kwabantu, belicacisa, ‘bechaza intsingiselo yalo,’ yaye bedlulisela ukuqonda kwabo baphulaphuleyo. Iimbalasane zeBhayibhile zikunika ithuba lokwenza loo nto kanye.

Ufanele usilungiselele njani esi sabelo? Ukuba kunokwenzeka, yifunde yonke loo nxalenye yeBhayibhile kwisithuba esingangeveki okanye nangaphezulu ngaphambi kokuba uyinikele. Wakugqiba, cinga ngebandla lakho nangeemfuno zalo. Wuthandazele lo mba. Sisiphi isiluleko, yiyiphi imizekelo, yiyiphi imigaqo ekule nxalenye yeLizwi likaThixo enokuhlangabezana nezo mfuno?

Uphando lubalulekile. Ngaba sikho ngolwimi lwakho isalathiso semibandela esifumaneka kwinkupho yokuphela konyaka yeMboniselo? Ukuba sikho, sisebenzise. Ngokwenza uphando ngoko kuye kwapapashwa ngeendinyana okhethe ukunikela ingqalelo kuzo, unokufumana ingcombolo etsho kuthi qwenge, iingcaciso zenzaliseko yeziprofeto, iingxubusho ezichaza ngoko iindinyana ezithile zikutyhilayo ngoYehova, okanye iingxubusho ezingemigaqo. Nikela ingqalelo kwiindinyana nje ezimbalwa ozikhethileyo. Musa ukuzama ukugubungela iingongoma ezininzi. Kubhetele ukugubungela iindinyana ezimbalwa uze uzigubungele ngocoselelo.

Isabelo sakho sisenokufuna umeme abaphulaphuli ukuba bagqabaze ngendlela bona abaye bangenelwa ngayo kufundo lweBhayibhile lweveki. Yintoni abaye bayifumana eya kuba yingenelo kufundisiso lwabo lobuqu nolwentsapho okanye kubulungiseleli babo okanye kwindlela abaphila ngayo? Ziziphi iimpawu zikaYehova ezabonakaliswa ziinkqubano zakhe nabantu neentlanga? Kwizinto eziye zafundwa ngabaphulaphuli, yintoni eye yomeleza ukholo lwabo yaza yabenza banoxabiso olungakumbi ngoYehova? Musa ukugxininisa kubuceducedu obunzima. Bethelela intsingiselo kunye nendlela ezibaluleke ngayo iingongoma ezikhethiweyo.

Intetho Yokuyala

Le ntetho isekelwa kumbandela opapashiweyo, njengenqaku elikwiMboniselo okanye uVukani! okanye inxalenye yencwadi ethile. Kwiimeko ezininzi umbandela uye ube mninzi gqitha kunexesha olabelweyo. Ufanele usisingathe njani esi sabelo? Sisingathe njengomfundisi, kungekhona umntu ogubungela nje umbandela. Umveleli umele “afanelekele ukufundisa.”—1 Tim. 3:2.

Xa ulungiselela, qala ngokufundisisa umbandela owabelweyo. Funda izibhalo. Camngca. Zabalazela ukuyenza loo nto usekude umhla wokuba uyinikele loo ntetho. Khumbula ukuba abazalwana bayakhuthazwa ukuba bawufunde kusengaphambili umbandela opapashiweyo esekelwe kuwo intetho. Isabelo sakho asikokwenza impinda nje okanye ukuwushwankathela loo mbandela, kodwa kukubonisa indlela onokusetyenziswa ngayo. Sebenzisa iinxalenye ezifanelekileyo zaloo mbandela ngendlela eya kuba yingenelo ngokwenene ebandleni.

Kanye njengokuba umntwana ngamnye enobuntu bakhe, ibandla ngalinye lineempawu elahluke ngazo. Umzali ofundisa ngendlela ephumelelayo akasuki acengceleze imigaqo yokuziphatha kumntwana wakhe. Uyaqiqa naloo mntwana. Uye acinge ngobuntu bomntwana nangeengxaki ajamelana nazo. Ngokufanayo ke, abo bafundisayo ebandleni bazabalazela ukuziqonda baze bahlangabezane neemfuno zeqela abathetha nalo. Noko ke, umfundisi osebenzisa ukuqonda uya kukuphepha ukusebenzisa imizekelo enokwenza omnye wabaphulaphuli bakhe azive eneentloni. Uya kuchaza iingenelo ezisele zifumaneka ngenxa yokuhamba ngendlela kaYehova aze abalaselise isiluleko seZibhalo esiya kunceda ibandla lihlangabezane ngempumelelo neengxaki elijamelana nazo.

Umfundisi olungileyo uchukumisa iintliziyo zabaphulaphuli. Oku kufuna ukuba ubani anganeli kuchaza nje izibakala, kodwa umele enze abantu bakuxabise nangakumbi oko bakumelayo. Kufuna ukuba ubani abaxhalabele ngokwenene abo abafundisayo. Abalusi bokomoya bafanele bawazi umhlambi. Ukuba ngothando bayazikhumbula iingxaki abajamelana nazo abantu abahlukahlukeneyo, baya kukwazi ukuthetha ngendlela ekhuthazayo, babe nokuqonda, imfesane novelwano.

Nanjengokuba izithethi eziphumelelayo zisazi, intetho imele ibe nenjongo ecacileyo. Umbandela umele unikelwe ngendlela eya kwenza iingongoma eziziintloko zicace yaye zikhunjulwe. Abaphulaphuli bamele bakwazi ukuzikhumbula iingcamango ezisebenzisekayo eziya kuchaphazela ubomi babo.

INtlanganiso Yenkonzo

Xa unikela intetho esekelwe kwinqaku elikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani, usenokuhlangabezana nocelomngceni olwahlukileyo. Apha uya kufumanisa ukuba ngokufuthi akuye kufuneke ukuba ukhethe owona mbandela ufanelekileyo, kodwa kuye kufuneke uwudlulisele kubaphulaphuli wonke umbandela owunikiweyo. Nceda abaphulaphuli baqiqe ngezibhalo eziyinxalenye yesiseko saso nasiphi na isiluleko esinikelwayo. (Tito 1:9) Ixesha liyalinganiselwa, kwiimeko ezininzi alivumi ukuba ufakelele umbandela owongezelelekileyo.

Kwelinye icala, usenokwabelwa ukuba unikele umbandela ongasekelwanga kwinqaku elikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Usenokwalathiswa kwinqaku leMboniselo, okanye eso sabelo sisenokuquka iingongoma ezimbalwa ezimfutshane. Njengomfundisi, nguwe omele ahlole iimfuno zebandla ngokuphathelele umbandela owabelweyo. Kusenokufuneka usebenzise umzekeliso omfutshane nongqalileyo okanye ubalise amava awufaneleyo loo mbandela. Khumbula ukuba isabelo sakho asikokuthetha nje ngaloo mbandela kodwa kukuwusingatha ngendlela eya kunceda ibandla ukuba liwuphumeze umsebenzi elithi iLizwi likaThixo sifanele siwenze lize likuvuyele ukwenjenjalo.—IZe. 20:20, 21.

Njengoko ulungiselela isabelo sakho, cinga ngeemeko zabo basebandleni. Bancome ngoko bakwenzayo. Indlela abawasebenzisa ngayo amacebiso anikelwe kuloo mbandela uwabelweyo inokubuphucula ize ibenze buvuyise njani ubulungiseleli babo?

Ngaba isabelo sakho sifuna ukuba wenze umboniso okanye udliwano-ndlebe? Ukuba kunjalo, ufanele uwucebe kusengaphambili. Kulula ukusuka ucele omnye umntu ukuba akulungiselele wona, kodwa ke oko akusoloko kusiba neyona miphumo mihle. Ukuba kunokwenzeka, wulungiselele umboniso okanye udliwano-ndlebe ngaphambi kosuku lweentlanganiso. Qiniseka ukuba le nxalenye yentetho yakho isingathwa ngendlela eya kufaka isandla kwimfundiso enikelwayo.

Iindibano Ezincinane Nezinkulu

Abazalwana ababa neempawu ezintle zokomoya nababa zizithethi nabafundisi abaphumelelayo basesidlangalaleni basenokuthi ngokuhamba kwexesha bacelwe ukuba babe nesabelo kucwangciso lwendibano encinane okanye enkulu. Ngokwenene ezi iba zizihlandlo ezikhethekileyo zemfundiso yobuthixo. Eso sabelo sisenokuba yintetho engumbhalo-ngqangi, yintetho elulwandlalo, yimiyalelo yomdlalo weBhayibhile onesifundo osidluliselayo kule mihla, okanye sisiqendu esinemiyalelo. Ukuba uvavwe ngelungelo lokuba nenxalenye kucwangciso olunjalo, wufundisise ngenyameko umbandela owunikiweyo. Wuphonononge de uyiqonde indlela obaluleke ngayo.

Abo babelwe intetho engumbhalo-ngqangi bafanele bawufunde njengokuba unjalo umbandela wabo. Abafakeli awabo amagama okanye bawuhlengahlengise ngolunye uhlobo umbandela. Bayawufundisisa ukuze baziqonde kakuhle iingongoma eziziintloko nendlela eziphuhliswa ngayo. Baqhelisela ukufunda ngokuvakalayo de bakwazi ukunikela loo ntetho becinezela iingcamango ngendlela efanelekileyo, benehlombe, befudumele, benemvakalelo, bezimisele yaye beyisekile, kwaye imvakalo-zwi nokucinezela kwabo kufanele abaphulaphuli abaninzi.

Abazalwana ababelwa intetho elulwandlalo banembopheleleko yokuwuphuhlisa loo mbandela ngendlela esondeleyo kulwandlalo. Kunokuba sifunde ulwandlalo xa sinikela intetho okanye siyilungiselele njengombhalo-ngqangi, isithethi sifanele siwunikele loo mbandela ngokusuka entliziyweni. Kubalulekile ukunamathela kwixesha elibhalwe kulwandlalo ukuze unikele ngokucacileyo ingongoma eyintloko nganye kwezibonisiweyo. Isithethi sifanele sizisebenzise kakuhle iingcamango kunye nezibhalo ezidweliswe kwiingongoma eziziintloko. Isithethi asifanele songezelele iingongoma esizithandayo zize ezo zikulwandlalo zingavezwa. Kakade ke, esona siseko semfundiso liLizwi likaThixo. Imbopheleleko yabadala abangamaKristu ‘kukushumayela ilizwi.’ (2 Tim. 4:1, 2) Ngoko isithethi sifanele sinikele ingqalelo ekhethekileyo kwizibhalo ezikulwandlalo—siqiqe ngazo size sichaze indlela ezinokusetyenziswa ngayo.

Mus’ Ukuzilazila

Ngaba ukhonza kwibandla apho emaninzi amathuba okunikela intetho? Unokwenza njani ke ukuze unikele ingqalelo eyaneleyo kuwo onke? Kuphephe ukulungiselela iintetho zakho ngomzuzu wokugqibela.

Iintetho eziyingenelo ngokwenene ebandleni zifuna ubani acingisise ngokwaneleyo kusengaphambili. Ngoko ke, ziqhelise ukuwufunda umbandela kamsinya nje emva kokuba ufumene isabelo. Oku kukwenza ukwazi ukucinga ngawo njengoko usenza ezinye izinto. Ebudeni beentsuku okanye iiveki ezingaphambi kokuba unikele intetho yakho, usenokuva amagqabaza akunceda ubone eyona ndlela ilungileyo yokusebenzisa loo nkcazelo. Kusenokuvela iimeko ezikwenza ubone ukuba loo nkcazelo ifike ngexesha elifanelekileyo. Ukufunda nokucinga ngesabelo sakho emva nje kokuba usifumene kutya ixesha, kodwa ke elo lixesha elisetyenziswe kakuhle. Xa ekugqibeleni uhlala phantsi ukuze wenze ulwandlalo, uya kufumana iingenelo zokuba uye wayicingisisa kakuhle kusengaphambili. Ukuzisingatha ngolu hlobo izabelo kuya kuluphungula kakhulu uxinezeleko kwaye kuya kukunceda uwunikele loo mbandela ngendlela esebenzisekayo nefikelela iintliziyo zabo basebandleni.

Ngokomlinganiselo osixabisa ngawo isipho osiphathisiweyo esiphathelele inkqubo kaYehova yokufundisa abantu bakhe, uya kumzukisa uze uzingqine uyintsikelelo kwabo bamthandayo.—Isa. 54:13; Roma 12:6-8.