Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukulungiselela Isabelo Somfundi Sesikolo

Ukulungiselela Isabelo Somfundi Sesikolo

ISABELO ngasinye sesikolo sikunika ithuba lokukhula. Zibhokoxe ngamandla kuso, ibe ukuhambela phambili kwakho kuya kubonakala kuwe nakwabanye. (1 Tim. 4:15) Isikolo siya kukunceda ubuhlakulele ngokuzele nangakumbi ubuchule bakho.

Ngaba uba novalo xa uza kunikela intetho ebandleni? Yinto eqhelekileyo leyo, kwanokuba sele unexesha elide ubhalise esikolweni. Noko ke, zikho ezinye izinto ezinokukunceda uthobe uvalo. Xa usekhaya, ziqhelise ukufunda ngokuvakalayo. Ezintlanganisweni zebandla, gqabaza rhoqo, kwaye ukuba ungumvakalisi, yiba nenxaxheba rhoqo kwinkonzo yasentsimini. Oku kuya kukwenza ube namava okuthetha phambi kwabanye. Ukongezelela koko, silungiselele kuselithuba isabelo sakho somfundi, uze ukuqhelisele ngokuvakalayo ukusinikela. Khumbula ukuba uza kuthetha phambi kwabaphulaphuli abanobuhlobo. Ngaphambi kokuba unikele nayiphi na intetho, thandaza kuYehova. Uyakuvuyela ukubanika umoya oyingcwele abakhonzi bakhe abawucelayo.—Luka 11:13; Fil. 4:6, 7.

Yiba nolindelo olusengqiqweni. Kuthabatha ixesha ukuba ubani abe sisithethi esinamava nomfundisi ophumelelayo. (Mika 6:8) Ukuba usandul’ ukubhalisa esikolweni, musa ukulindela ukuba intetho yakho iza kuba semagqabini zisuka nje. Kunoko, sebenzela ingongoma enye ngexesha kwezikwiphepha lesiluleko sentetho. Funda umbandela okule ncwadi oxubusha ngaloo ngongoma. Ukuba kunokwenzeka, yenza uqheliselo olucetyiswe kuloo ngongoma. Oku kuya kukwenza ube namava kwimibandela enxibelelene naloo ngongoma yephepha lesiluleko sentetho kwanangaphambi kokuba usisingathe eso sabelo ebandleni. Inkqubela iya kulandela.

Indlela Yokulungiselela Isabelo Sokufunda

Ukulungiselela ukufunda esidlangalaleni kubandakanya okungaphezulu kunokukwazi nje ukubiza amagama akumbandela owabelweyo. Zabalazela ukuyiqonda kakuhle intsingiselo yaloo mbandela. Emva nje kokuba usifumene isabelo sakho, wufunde unenjongo yokukhangela apho unokuphucula khona. Zama ukuqonda ingongoma edluliselwa sisivakalisi ngasinye nengcamango edluliselwa sisiqendu ngasinye ukuze ukwazi ukudlulisela iingcamango ngokuchanileyo yaye unemvakalelo efanelekileyo. Xa kunokwenzeka, jonga isichazi-magama ukuze ufumane indlela echanileyo yokubiza amagama angaqhelekanga. Wazi kakuhle loo mbandela. Kusenokufuneka abazali babancede abantwana babo ekwenzeni oku.

Ngaba ukhe wabelwa ukuba ufunde isicatshulwa esithile seBhayibhile okanye mhlawumbi iziqendu zenqaku leMboniselo? Ukuba ziyafumaneka iikhasethi zaloo mbandela ngolwimi lwakho, kunokukunceda gqitha ukuziphulaphula uze uphawule izinto ezifana nobizo-magama, amabinzana, ugxininiso nokuguquguqulwa kwelizwi. Emva koko zama ukufaka ezo zinto nawe xa ufunda.

Qiniseka ukuba uzifundisisa ngenyameko izifundo ezixubusha ngophawu lwentetho owabelwe ukuba usebenzele kulo xa uqalisa ukulungiselela isabelo sakho. Ukuba kunokwenzeka, phinda uluhlole emva kokuba uqhelisele ukufunda umbandela owabelweyo ngokuvakalayo kangangezihlandlo eziliqela. Zabalazela ukusisebenzisa kangangoko unako eso siluleko sibhaliweyo.

Olu qeqesho luya kukunceda kubulungiseleli bakho. Njengoko ubandakanyeka kwinkonzo yasentsimini, uya kufumana amathuba amaninzi okufundela abanye. Ekubeni iLizwi likaThixo linamandla okuguqula ubomi babantu, kubalulekile ukuba ulifunde kakuhle. (Heb. 4:12) Ungalindeli ukuba uza kwenza kakuhle kuzo zonke iinkalo zokufunda wakuba wenze isabelo esinye okanye ezimbini. Xa wayebhalela umdala ongumKristu owayenamava, umpostile uPawulos wathi: “Qhubeka uzibhokoxa kufundo lwasesidlangalaleni.”—1 Tim. 4:13.

Ukulungiselela Umbandela Wentetho Nendlela Ecetywe Ngayo

Yintoni ofanele uyenze xa ufumana isabelo sentetho yesikolo ebandakanya ukufumana indlela ecetywe ngayo?

Zintathu izinto ezibalulekileyo ofanele uziqwalasele: (1) umbandela owabelweyo, (2) indlela oyicebe ngayo nomntu oza kube uthetha naye, kunye (3) nengongoma yesiluleko owabelwe ukuba usebenzele kuyo.

Kufuneka uqokelele umbandela womxholo owabelweyo. Kodwa ngaphambi kokuba uhambele phambili kakhulu, cinga nzulu ngendlela oyiceba ngayo nangomntu oza kuthetha naye, kuba aba thunywashe baya kuba negalelo kuhlobo lombandela oza kuwugubungela nendlela oza kuwunikela ngayo. Ucebe ukuyinikela njani intetho yakho? Ngaba uza kube ubonisa indlela yokushumayela iindaba ezilungileyo kumntu omaziyo? Okanye ngaba uza kubonisa into enokwenzeka xa ubani edibana nomntu okwesihlandlo sokuqala? Ngaba lo mntu mdala okanye mncinane kunawe? Sisiphi isimo sengqondo asenokuba naso ngalo mbandela uceba ukuwuxubusha naye? Usenokuba wazi kangakanani ngalo mbandela? Luluphi usukelo onethemba lokulufikelela wakuba uxubushile naye? Iimpendulo zale mibuzo ziya kukunika ulwalathiso olubalulekileyo onokulusebenzisa.

Uza kuwufumana phi umbandela othetha ngaloo mxholo uwabelweyo? Kwiphepha 33 ukuya kutsho kwelama-38 lale ncwadi, kukho umxholo othi “Indlela Yokwenza Uphando.” Wufunde uze usebenzise izixhobo zokwenza uphando onazo. Kwiimeko ezininzi uye ukhawuleze ufumane inkcazelo engaphezu kwaleyo unokuyisebenzisa. Yifunde ngokwaneleyo ukuze uyazi onokuyisebenzisa. Noko ke, xa usenjenjalo, khumbula indlela oyicebe ngayo intetho yakho kunye nomntu oza kube uthetha naye. Ziphawule iingongoma ezifanelekileyo.

Ngaphambi kokuba uhlengahlengise intetho yakho uze ukhethe ezona nkcukacha uza kuzisebenzisa, ziphe ithuba lokufunda ingxubusho yengongoma yesiluleko sentetho oyabelweyo. Ukusebenzisa kwakho eso siluleko kusesinye sezizathu eziziintloko zokuba unikwe eso sabelo.

Xa ugubungela umbandela wakho ngexesha elabelweyo, uya kufumana ulwaneliseko lokwenza umqukumbelo, kuba kuza kwenziwa umqondiso xa ixesha lakho liphelile. Noko ke, kubulungiseleli bethu basentsimini akusoloko kuyinto ebalulekileyo ukugcina ixesha. Ngoko xa ulungiselela, cinga ngexesha olinikiweyo, kodwa ke eyona nto umele ugxininise kuyo kukufundisa ngendlela ephumelelayo.

Iindlela Zokuceba Iintetho. Khawuhlolisise amacebiso anikelwe kwiphepha 82, uze ukhethe elinye eliza kusebenziseka kubulungiseleli bakho neliza kukunika ithuba lokuwusebenzisa ngokusengqiqweni umbandela owabelweyo. Ukuba sele unethuba usesikolweni, gqala eli thuba njengelokuzabalazela ukuphucula ubuchule bakho kubulungiseleli.

Ukuba umveleli weSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ukwabela indlela omele uyicebe ngayo intetho yakho, lwamkele olo celomngeni. Ubukhulu becala iintetho ziye zicetywe ngendlela ebandakanya ukunikela ubungqina. Ukuba akukaze unikele ubungqina phantsi kweemeko ezichaziweyo, funa amacebiso ngokuthetha nabavakalisi abakhe babunikela. Ukuba kunokwenzeka, zama ukuceba loo mbandela wabelwe ukuba uwuxubushe ngendlela efana naleyo uza kuyisebenzisa esikolweni. Oku kuya kukunceda ufeze eyona njongo yokuqeqeshwa kwakho.

Xa Ifanele Inikelwe Njengentetho

Ukuba ungumzalwana, usenokwabelwa intetho emfutshane ukuba uyinikele ebandleni. Xa kulungiselelwa ezi ntetho, iingongoma eziziintloko ezifuna ukuqwalaselwa ziyafana nezo sele zichaziwe zentetho yomfundi engumboniso. Owona mahluko ukubaphulaphuli nakwindlela yokuyinikela.

Kuye kube kuhle ukulungiselela umbandela wakho ukuze wonk’ ubani ophulaphuleyo angenelwe kuwo. Inkoliso yabo bakhoyo sele izazi iinyaniso ezisisiseko zeBhayibhile. Isenokuba iqhelene nombandela owabelwe ukuthetha ngawo. Kucinge oko sele bekwazi ngaloo mbandela wakho. Zabalazela ukubenza bangenelwe ngandlel’ ithile kwintetho yakho. Zibuze: ‘Ndinokuwusebenzisa njani lo mbandela wam ukuze ndilwenze nzulu uxabiso lwam nolwabaphulaphuli bam ngoYehova njengomntu? Yintoni ekulo mbandela enokusenza sikuqonde ukuthanda kukaThixo? Lo mbandela unokusinceda njani ekwenzeni izigqibo ezinengqondo kweli hlabathi lilawulwa yiminqweno yenyama?’ (Efe. 2:3) Ukuze ufumane iimpendulo ezanelisayo kule mibuzo kufuneka wenze uphando. Xa usebenzisa iBhayibhile, zabalazela ukwenza okungaphaya kokufunda nje iindinyana. Qiqa ngezibhalo ozisebenzisayo, yaye bonisa indlela ezisinika ngayo isizathu sokufikelela kwizigqibo ezithile. (IZe. 17:2, 3) Musa ukuzama ukugubungela umbandela omninzi. Umbandela wakho wunikele ngendlela eya kwenza kube lula ukuwukhumbula.

Ukulungiselela kufanele kubandakanye ukunikela ingqalelo kwindlela oza kuyinikela ngayo intetho yakho. Musa ukuyithabatha lula le nkalo. Qhelisela ngokuvakalayo ukuyinikela intetho yakho. Umgudu owenzayo ekufundisiseni nasekusebenziseni isiluleko esikwiimpawu zentetho ezahlukahlukeneyo kuya kufak’ isandla kakhulu kwinkqubela yakho. Enoba uyaqala ukunikela intetho okanye sele uligqala, lungiselela kakuhle ukuze ukwazi ukuthetha ngokuzimisela nangemvakalelo efanele umbandela wakho. Njengoko uphumeza isabelo ngasinye esikolweni, khumbula ukuba injongo yokusebenzisa isiphiwo osiphiwe nguThixo sokuthetha kukudumisa uYehova.—INdu. 150:6.