Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukunxibelelana Ngeeleta

Ukunxibelelana Ngeeleta

IILETA ziye zabuphucula ubomi kunye nehambo yezigidi zabantu. Inkoliso yeencwadi ezikwiZibhalo zamaKristu zesiGrike zaziziileta. Nathi namhlanje sinako ukubhala iileta ukuze sakhe amakholwa amatsha, sinxibelelane nabahlobo, sikhuthaze abazalwana noodade abaye bafumana iimbopheleleko ezikhethekileyo, someleze abo bajamelana nobunzima, size sikwazi ukudlulisela inkcazelo efunekayo ukuze sinyamekele izinto zebandla.—1 Tes. 1:1-7; 5:27; 2 Pet. 3:1, 2.

Ukubhala iileta kukwayindlela ephumelelayo yokunikela ubungqina. Kwezinye iindawo, abantu abaninzi bahlala kwizakhiwo ezikhuselweyo okanye kwiihotele ekuhlalwa ixesha elide ezingenakusetyenzwa ngokukhululekileyo. Abanye bachitha ixesha elininzi bengekho ekhaya, ngoko asibafumani xa sinikela ubungqina kwindlu ngendlu. Abanye bahlaliswa bodwa.

Ukugula, imozulu embi, okanye imiqathango ebekwa ngurhulumente inokukwenza ungakwazi ukuphuma ekhayeni lakho. Ngaba unokukwazi ukubhala ileta ukuze unikele ubungqina obongezelelekileyo kwisalamane okanye kumntu obunikele ubungqina obungacwangciswanga kuye? Ngaba omnye kubantu ofundisisa iBhayibhile kunye nabo ufudukile? Ileta evela kuwe isenokuba kuphela kwento ayifunayo ukuze agcine umdla wakhe wezinto zokomoya uvutha. Okanye mhlawumbi unokwabelana ngenkcazelo efanelekileyo yeZibhalo nabasandul’ ukutshata, abasandul’ ukuba nomntwana okanye abasandul’ ukufelwa ngabo babathandayo.

Ukunikela Ubungqina Ngeleta

Xa ubhala ngenjongo yokunikela ubungqina kumntu ongamaziyo, zazise kuqala. Unokumchazela ukuba wenza umsebenzi wokuzithandela owenziwa ehlabathini lonke. Ukuba kubonakala kufanelekile ukwenjenjalo, yikhankanye into yokuba ungomnye wamaNgqina kaYehova. Mchazele loo mntu isizathu sokuba umbhalele kunokuba umtyelele. Bhala ngokungathi uncokola naye nijongene. Ukanti ke, ngokuvisisana nolwalathiso lokuba ‘sizingqine silumkile njengeenyoka ukanti simsulwa njengamahobe,’ cingisisa nzulu ngomlinganiselo wenkcazelo ofanele uwudlulisele ngesiqu sakho.—Mat. 10:16.

Kuloo leta bhala izinto obuya kuzithetha kuloo mntu ukuba ubumtyelele. Unokusebenzisa intshayelelo ekwincwadi ethi Ukuqiqa okanye usebenzise intshumayelo yeZibhalo ekwinkupho yakutshanje yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Unokubuza umbuzo uze ukhuthaze loo mntu ukuba acinge ngawo. Abanye abavakalisi baye bachaze nje ukuba sinelungiselelo lesisa lokuphendula imibuzo yeBhayibhile baze babonise eminye imixholo yezahluko ethatyathwe kwenye yeencwadi zethu zokufundisisa. Ileta engumzekelo ebonisa indlela yokunikela ubungqina ikwiphepha 73. Inokukunika amanye amacebo, kodwa kuhle ukukutshintshatshintsha oko ikuquletheyo. Kungenjalo, ethubeni abantu basenokufumana ileta efanayo kangangezihlandlo eziliqela.

Abanye abantu baye babe mathidala ukufunda ileta ende esuka kumntu abangamaziyo. Ngoko kunokuba bubulumko ukuyenza ibe mfutshane. Yiqukumbele ileta yakho ngaphambi kokuba imkruqule lowo uza kuyifunda. Bekuya kuba yinto efanelekileyo ukufaka nesimemo esimmemela ezintlanganisweni eziqhutywa kwiHolo yoBukumkani. Unokuquka iphecana, incwadana enemifanekiso okanye inkupho yakutshanje yeMboniselo okanye kaVukani! uze uchaze ukuba unokumphathela zona rhoqo ukuba ufuna njalo. Okanye unokumbuza enoba unokumtyelela na kwikhaya lakhe ukuze nithethe ngokubhekele phaya ngalo mbandela niwuxubushileyo.

Amagqabaza Ngendlela Yokubhala

Khawuqwalasele le leta engumzekelo yokunikela ubungqina ebonisiweyo. Phawula ezi zinto zilandelayo: (1) Iyabukeka, ayirhiphizwanga. (2) Kwanokuba imvulopu inokulahleka, loo mntu umbhaleleyo uza kuba nalo igama nedilesi yakho yeposi. (3) Injongo yale leta ichazwe ngendlela elula nengqalileyo kwisiqendu sokuqala. (4) Ingcamango nganye eyintloko isingathwa kwisiqendu esahlukileyo. (5) Xa sicinga ngenjongo yayo, le leta ayikhululekanga kakhulu ngoxa kwangaxeshanye ibonakalisa ubuhlobo.

Kwileta eya kwabasemagunyeni, njengeleta ethunyelwa ngunobhala webandla kwiofisi yesebe, kuya kuqukwa igama lebandla, igama likanobhala, idilesi yakhe yeposi, nomhla. Igama kunye nedilesi yomntu okanye yombutho ethunyelwa kuwo loo leta ziyabhalwa. Emva koko kulandela umbuliso ofanelekileyo. Xa kuqukunjelwa ileta, ezinye iilwimi zisebenzisa amabinzana afana nelithi “Owakho/Owenu ngenene” okanye “Ozithobileyo” abhalwa ngentla kotyobelo. Utyobelo lumele lwenziwe ngesandla.

Kuyo nayiphi na ileta, nikela ingqalelo kwindlela owapela ngayo amagama, kwimigaqo yentetho, kwiziphumlisi nasekubhaleni kakuhle. Ukwenjenjalo kuya kuyenza ibe nesidima ileta yakho kunye nesigidimi esiquletheyo.

Ngemva kwemvulopu, ngalo lonke ixesha bhala idilesi enokubuyiselwa kuyo xa ingafikanga kumniniyo—ekucetyiswa ukuba ibe yidilesi yakho yeposi. Ukuba uvakalelwa kukuba akubobulumko ukunikisa ngedilesi yakho xa unikela ubungqina ngeleta kubantu ongabaziyo, cela imvume kubadala yokusebenzisa idilesi yeHolo yoBukumkani yasekuhlaleni. Idilesi yeWatch Tower Society ayifanele kusetyenziselwa le njongo, kuba loo mntu uya kucinga ukuba ithunyelwe yiofisi yoMbutho ibe loo nto iya kudala ukudideka. Ukuba idilesi yomntu oyithumeleyo ayikho yaye kufakwe uncwadi, nako oku kuya kumenza acinge ukuba ithunyelwe nguMbutho.

Qiniseka ukuba usebenzisa isitampu esifanele loo leta, ngokukodwa ukuba ufake noncwadi. Ukuba imali yesitampu ayanelanga, loo mali ifunekayo isenokubizwa kuloo mntu umbhalelayo, ibe loo nto iya kusenza singavakali isigidimi sakho. Khumbula ukuba kumazwe amaninzi, xa kufakwe incwadana okanye iphephancwadi, ixabiso lesitampu liba ngaphezu kweleleta eqhelekileyo.

Indlela Elungileyo Yokubhala

Wakuba ugqibile ukubhala ileta yakho, yifunde ukuze uhlole oko ikuquletheyo. Ivakala njani? Ngaba yileta yobuhlobo ebhalwe ngobuchule? Uthando nobubele zezinye zeempawu esizabalazela ukuba nazo xa siqhubana nabanye. (Gal. 5:22, 23) Ukuba uphawula nto ithile engaginyekiyo okanye engakhiyo, yilungise.

Ileta inokufikelela kwiindawo ongenako ukufikelela kuzo. Iyodwa nje loo nto iyenza ukuba ibe sisixhobo esisebenzisekayo kubulungiseleli. Ekubeni ileta yakho imela wena kunye nezinto okholelwa kuzo, cingisisa ngoko ikutshoyo, ngendlela ekhangeleka ngayo nangendlela evakala ngayo. Inokuba sisiqalo sokomeleza, okanye sokukhuthaza umphefumlo othile oxabisekileyo ukuba ungene endleleni esa ebomini.