Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 18

Ukuphendula NgeBhayibhile

Ukuphendula NgeBhayibhile

XA SIBUZWA ngeenkolelo zethu, indlela esiphila ngayo, imbono yethu ngokuphathelele iziganeko ezenzekayo, ithemba lethu ngekamva, sizabalazela ukusebenzisa iBhayibhile xa siphendula. Ngoba? Ngenxa yokuba iliLizwi likaThixo. Sizifumana eBhayibhileni iinkolelo zethu. Sibusekela eBhayibhileni ubomi bethu. Yiyo exonxa indlela esizijonga ngayo iziganeko ezenzeka ehlabathini. Ithemba esinalo ngekamva limiliselwe kumadinga aphefumlelweyo eBhayibhile.—2 Tim. 3:16, 17.

Siyiqonda kakuhle imbopheleleko ehamba negama lethu. SingamaNgqina KaYehova. (Isa. 43:12) Ngoko xa siphendula imibuzo, asisebenzisi intanda-bulumko yabantu, kodwa sisebenzisa oko uYehova akutshoyo kwiLizwi lakhe eliphefumlelweyo. Kuyinyaniso ukuba njengabantu ngabanye izinto sizibona ngeendlela ezahlukeneyo, kodwa sivumela iLizwi likaThixo lixonxe iimbono zethu kuba seyiseke ngokupheleleyo ukuba liyinyaniso. Kakade ke, iBhayibhile iyasivumela ukuba sizenzele ukhetho kwimibandela emininzi. Kunokuba sinyanzelise ukhetho lwethu kwabanye, sifuna ukufundisa imigaqo ebekwe kwiZibhalo, ngaloo ndlela sivumele abo basiphulaphuleyo ukuba babe nenkululeko yokuzikhethela efana neyethu. Njengompostile uPawulos, sifuna ‘ukukhuthaza intobelo ngokholo.’—Roma 16:26.

ISityhilelo 3:14 sichaza uYesu Kristu ‘njengengqina elithembekileyo neliyinyaniso.’ Wayeyisingatha njani imibuzo kunye neemeko ezaziziswa kuye? Maxa wambi wayesebenzisa imizekeliso eyayiza kwenza abantu bacinge. Ngamanye amaxesha wayebuza loo mntu ubuzayo ukuba usiqonda njani na yena isibhalo. Ubukhulu becala wayecaphula izibhalo, azishwankathele, okanye abhekisele kuzo ngendlela engangqalanga. (Mat. 4:3-10; 12:1-8; Luka 10:25-28; 17:32) Ngenkulungwane yokuqala, imisongo yeZibhalo yayidla ngokugcinwa kwizindlu zesikhungu. Abukho ubungqina obubonisa ukuba uYesu wayenengqokelela yobuqu yaloo misongo, kodwa wayezazi kakuhle iZibhalo yaye ebhekisela kuzo ngokufuthi xa efundisa abanye. (Luka 24:27, 44-47) Wayenokutsho enyanisile ukuba oko wayekufundisa kwakungaveli kuye. Wayethetha awayekuve kuYise.—Yoh. 8:26.

Sinqwenela ukulandela umzekelo kaYesu. Asikhange simve ngokobuqu uThixo ethetha, njengoYesu. Kodwa iBhayibhile iliLizwi likaThixo. Xa sisekela iimpendulo zethu kuyo, siphepha ukutsalela ingqalelo kwiziqu zethu. Sibonisa ukuba endaweni yokuvakalisa imbono yomntu ongafezekanga, sizimisele ngokupheleleyo ukuvumela uThixo ukuba achaze oko kuyinyaniso.—Yoh. 7:18; Roma 3:4.

Kakade ke, umnqweno wethu asikokusebenzisa nje iBhayibhile kodwa kukuyisebenzisa ngendlela eya kuba yingenelo nangakumbi kulowo usiphulaphuleyo. Sifuna ukuba aphulaphule ngengqondo ephangaleleyo. Kuxhomekeka kwisimo sengqondo saloo mntu, usenokutshayelela iingcamango zeBhayibhile ngokuthi: “Ingathi okona kubalulekileyo koko kuthethwa nguThixo, akutsho wena?” Okanye unokuthi: “Ubuyazi phofu into yokuba iBhayibhile iyawuxubusha lo mbuzo?” Ukuba uthetha nomntu ongayihloneliyo iBhayibhile, kusenokufuneka usebenzise intshayelelo ethande ukwahluka kancinane. Usenokuthi: “Makhe ndikuchazele ngesi siprofeto samandulo.” Okanye usenokuthi: “Eyona ncwadi isasazwe kakhulu kwezakha zakho ithi . . . ”

Kwezinye iimeko, usenokukhetha ukuyishwankathela nje indinyana. Noko ke, apho iimeko zivumayo, kuhle ukuyivula iBhayibhile ngokwayo uze ufunde oko ikutshoyo. Mbonise eso sibhalo kweyakhe iBhayibhile ukuba kunokwenzeka. Oku kusetyenziswa ngokungqalileyo kweBhayibhile kudla ngokuba nempembelelo enamandla ebantwini.—Heb. 4:12.

Abadala abangamaKristu banembopheleleko ekhethekileyo yokusebenzisa iBhayibhile xa bephendula imibuzo. Enye yeemfaneleko zokukhonza njengomdala kukuba loo mzalwana ‘abambelele ngokuqinileyo elizwini elithembekileyo njengesiseko sobugcisa bakhe bokufundisa.’ (Tito 1:9) Ilungu lebandla linokwenza isigqibo esibalulekileyo ebomini emva kokuba umdala elinike icebiso. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba elo cebiso lisekelwe ngokupheleleyo kwiZibhalo! Umzekelo omiselwa ngumdala ekwenzeni oku unokuphembelela abaninzi kwindlela yabo yokufundisa.