Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 48

Ukuqiqa

Ukuqiqa

SINOMBULELO ngotshintsho oluye lwenziwa liLizwi likaThixo kubomi bethu, kwaye sifuna nabanye bangenelwe kulo. Kwaye siyaqonda ukuba indlela abantu abasabela ngayo kwiindaba ezilungileyo iya kuchaphazela ithemba abanalo ngekamva. (Mat. 7:13, 14; Yoh. 12:48) Sifuna ngokunyanisekileyo ukuba bayamkele inyaniso. Noko ke, ulweyiseko nenzondelelo yethu enamandla zifanele zikhatshwe kukuqonda ukuze siphumeze okona kulungileyo.

Ukuhl’ entloko xa siyibhenca njengebubuxoki imfundiso ethandwa ngumntu esithetha naye, kwanaxa sixhasa ngothotho lweZibhalo, kudla ngokungamkelwa kakuhle. Ngokomzekelo, ukuba imibhiyozo ethandwayo iyagxijwa njengevela kubahedeni, loo nto isenokungayiguquli indlela loo mntu sithetha naye avakalelwa ngayo ngaloo mibhiyozo. Ukuqiqa kudla ngokuba nempumelelo engakumbi. Yintoni ebandakanyekileyo ekubeni ngumntu onengqiqo?

IZibhalo zisixelela ukuba ‘ubulumko obuvela phezulu boboxolo, bunengqiqo.’ (Yak. 3:17) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “bunengqiqo” ngokoqobo lithetha “ukuyekelela.” Ezinye iinguqulelo ziliguqulela ngokuthi “buyazelelela,” “buyathantamisa,” okanye “buyazibamba.” Phawula ukuba, ukuba nengqiqo kunxulunyaniswa nokuba noxolo. KuTito 3:2, kukhankanywa kunye nobulali yaye kuthiwa kuchasene nokuthanda ukulwa. EyabaseFilipi 4:5 isibongoza ukuba saziwe ngokuba “nengqiqo.” Umntu onengqiqo ucinga ngemvelaphi, ngeemeko nangeemvakalelo zaloo mntu athetha naye. Ukulungele ukuyekelela xa kuyimfuneko ukwenjenjalo. Ukuqhubana nabanye ngaloo ndlela kuyanceda ekubenzeni bafune ukuphulaphula xa siqiqa nabo ngeZibhalo.

Apho Umele Uqale Khona. Umbhali-mbali uLuka unikela ingxelo yokuba xa umpostile uPawulos wayeseTesalonika, wasebenzisa iZibhalo, “ecacisa yaye engqina ngeembekiselo ukuba kwakuyimfuneko ngoKristu ukubandezeleka nokuvuka kwabafileyo.” (IZe. 17:2, 3) Kuyabonakala ukuba uPawulos wayeyenza le nto kwindlu yesikhungu yamaYuda. Abantu awayethetha nabo babegqala iZibhalo zesiHebhere njengegunya. Kwakufanelekile ukuba aqale ngento ababeyamkela.

Xa uPawulos wayethetha namaGrike kwiAreyopago yaseAthene, akazange aqale ngokubhekisela kwiZibhalo. Kunoko, waqala ngezinto awayezazi nawayezamkela, ibe wasebenzisa ezo zinto ukuze awenze acinge ngoMdali nangeenjongo Zakhe.—IZe. 17:22-31.

Kula maxesha, kukho amawaka ezigidi zabantu angagqali iBhayibhile njengegunya ebomini babo. Kodwa ubomi babo phantse bonke abantu buchatshazelwa ziimeko ezimaxongo zale nkqubo yezinto ikhoyo. Abantu balangazelela into eza kubuphucula. Ukuba uqala ngokubonakalisa inkxalabo ngezinto ezibaphazamisayo uze ubonise indlela iBhayibhile ezicacisa ngayo, loo ndlela isengqiqweni yokuthetha isenokubenza baphulaphule oko iBhayibhile ikutshoyo ngenjongo kaThixo ngoluntu.

Kusenokwenzeka ukuba ilifa elafunyanwa ngumfundi weBhayibhile kubazali bakhe liquka iimfundiso kunye nezithethe zonqulo ezithile. Ngoku lo mfundi ufumanisa ukuba ezo nkolelo nezithethe azimkholisi uThixo, kwaye uyazigatya kuba ekhetha oko kufundiswa yiBhayibhile. Loo mfundi unokusichaza njani isigqibo sakhe kubazali bakhe? Basenokuvakalelwa kukuba xa egatya ilifa lonqulo abamnike lona, ugatya bona. Umfundi weBhayibhile usenokugqiba kwelokuba ngaphambi kokuba acacise isizathu esivela eBhayibhileni sokuba enze eso sigqibo, kuya kufuneka abaqinisekise abazali bakhe ukuba uyabathanda kwaye uyabahlonela.

Ixesha Omele Uyekelele Ngalo. UYehova ngokwakhe, nangona enegunya elikhulu lokuyalela, unengqiqo ngendlela ebalaseleyo. Xa zazisindisa uLote nentsapho yakhe eSodom, iingelosi zikaYehova zambongoza zisithi: “Balekela kummandla weentaba kuba hleze utshayelwe!” Ukanti uLote wabongoza esithi: “Hayi, khawuncede, Yehova!” Wacela ukuba avunyelwe ukuba asabele eTsoware. UYehova waba nolwazelelo ngoLote ngokumvumela ukuba ayenze loo nto; ngoko xa ezinye izixeko zatshatyalaliswayo, iTsoware ayizange itshatyalaliswe. Noko ke, kamva uLote walulandela ulwalathiso lukaYehova lwangaphambili waza waya kummandla weentaba. (Gen. 19:17-30) UYehova wayesazi ukuba indlela yakhe yayichanile, kodwa ngomonde waba nolwazelelelo de uLote wayiqonda loo ndlela.

Ukuze siqhubane kakuhle nabanye abantu, nathi kufuneka sibe nengqiqo. Sisenokuba siqinisekile ukuba loo mntu sithetha naye akathethi nto ichanileyo, kwaye sisenokuba sicinga ngeengongoma ezinamandla ezinokuyingqina loo nto. Kodwa maxa wambi kuba bhetele xa singamnyanzeli ukuba avume ukuba akachananga. Ukuba nengqiqo akuthethi kulalanisa imilinganiselo kaYehova. Kunokuba bhetele ukumbulela loo mntu ngokuveza izimvo zakhe okanye singaziphenduli ezinye izinto eziphosakeleyo azithethayo ukuze sinikele ingqalelo kwinto eya kuphumeza okulungileyo. Ukuba loo mntu uyazigxeka iinkolelo zakho, mus’ ukusabela ngendlela ebaxiweyo. Unokumbuza isizathu sokuba avakalelwe ngendlela avakalelwa ngayo. Mphulaphule ngenyameko xa ephendula. Loo nto iya kukwenza uyiqonde indlela acinga ngayo. Inokubeka isiseko sencoko eyakhaya kwixesha elizayo.—IMize. 16:23; 19:11.

UYehova ujizeke abantu ngamandla okukwazi ukuzikhethela. Uyabavumela ukuba bawasebenzise loo mandla, kwanokuba abawasebenzisi ngobulumko. Njengesithethi sikaYehova, uYoshuwa wabalisa ngeenkqubano zikaThixo noSirayeli. Wandula ke wathi: “Ke kaloku ukuba kubi emehlweni enu ukukhonza uYehova, zikhetheleni namhlanje ukuba ngubani na eniya kumkhonza, enoba ngoothixo ababekhonzwa ngookhokho benu ababengaphesheya koMlambo okanye oothixo bama-Amori enihleli ezweni lawo. Ke mna nendlu yam, siya kukhonza uYehova.” (Yosh. 24:15) Namhlanje isabelo sethu kukunikela “ubungqina,” kwaye sithetha ngolweyiseko, kodwa asibanyanzeli abantu ukuba bakholelwe. (Mat. 24:14) Bamele bazikhethele, kwaye asibahluthi elo lungelo.

Buza Imibuzo. UYesu wamisela umzekelo obalaseleyo ekuqiqeni nabantu. Wayecinga ngemvelaphi yabo aze asebenzise imizekeliso abaya kuyamkela lula. Wayisebenzisa kakuhle nemibuzo. Loo nto yayinika abanye ithuba lokuveza izimvo zabo nokutyhila oko kusezintliziyweni zabo. Kwakhona yayibakhuthaza ukuba baqiqe ngaloo nto ixutyushwayo.

Ndoda ithile eyayiwazi uMthetho yabuza uYesu oku: “Mfundisi, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” UYesu ngewayeyichazele lula impendulo. Kodwa wayicela le ndoda ukuba ikhuphe izimvo zayo. “Kubhalwe ntoni na eMthethweni? Ufunda njani na?” Le ndoda yaphendula ngendlela echanileyo. Ngaba yaphela loo ngxubusho yakunikela impendulo echanileyo? Akunjalo konke konke. UYesu wayivumela le ndoda ukuba iqhubeke, kwaye umbuzo eyawubuzayo le ndoda wabonisa ukuba yayizama ukuzingqina ililungisa. Yabuza: “Ngubani ngokwenene ummelwane wam?” Kunokuba amchaze, nto leyo le ndoda eyayiya kuyiphikisa ngenxa yesimo sengqondo samaYuda kubantu beeNtlanga nakumaSamariya, uYesu wayiqiqisa ngomzekeliso. Wawuthetha ngomSamariya olungileyo owanceda umhambi owayephangiwe waza wabethwa, ngoxa umbingeleli nomLevi bengazange bamncede. UYesu wabuza umbuzo olula wokuqinisekisa ukuba le ndoda iyifumene ingongoma. Ukuba nengqiqo kukaYesu kwenza ukuba igama elithi “ummelwane” libe nentsingiselo le ndoda engazange iyiqonde ngaphambili. (Luka 10:25-37) Onjani ukuba mhle umzekelo esifanele siwulandele! Kunokuba uthethe wedwa, uze ngaloo ndlela umcingele umninimzi, funda indlela yokusebenzisa imibuzo nemizekeliso echuliweyo ukuze ukhuthaze loo mntu ukuphulaphuleyo ukuba acinge.

Chaza Izizathu. Xa umpostile uPawulos wayethetha kwindlu yesikhungu yaseTesalonika, akazange aphelele ekufundeni kwigunya elalisamkelwa ngabaphulaphuli bakhe. ULuka uthi uPawulos wacacisa, wangqina waza wachaza indlela esebenza ngayo loo nto wayeyifunda. Ngenxa yoko, “bambi babo baba ngamakholwa baza bazinxulumanisa noPawulos noSilas.”—IZe. 17:1-4.

Kungakhathaliseki ukuba ngoobani na abaphulaphuli bakho, ukuqiqa ngolu hlobo kunokuba yingenelo. Kuba njalo xa unikela ubungqina kwizalamane, xa uthetha nabantu osebenza nabo okanye ofunda nabo esikolweni, xa uthetha nabantu ongabaziyo kubungqina basesidlangalaleni, xa uqhuba isifundo seBhayibhile okanye xa unikela intetho ebandleni. Xa ufunda isibhalo, intsingiselo isenokuzicacela kuwe kodwa ingacaci kwabanye abantu. Xa usicacisa okanye xa uchaza indlela esisebenza ngayo usenokuvakala ngathi unyanzelisa izimvo zakho. Ngaba ukukhetha nokucacisa amabinzana athile aziintloko kweso sibhalo kuya kunceda? Ngaba unako ukunikela ubungqina obuxhasayo, mhlawumbi obuthabatha kumongo waso okanye kwesinye isibhalo esixubusha loo mbandela? Ngaba ukwenza umzekeliso kuya kubonisa ukuba sengqiqweni kwaloo nto uyithethayo? Ngaba imibuzo ayiyi kubanceda abaphulaphuli bakho baqiqe ngaloo nto? Loo ndlela yokuqiqa iba nemiphumo ethandekayo kwaye yenza abantu bashiyeke benokuninzi kokucinga.