Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 43

Ukusebenzisa Umbandela Owabelweyo

Ukusebenzisa Umbandela Owabelweyo

IBHAYIBHILE ifanisa ibandla lamaKristu nomzimba womntu. Onke amalungu abalulekile, kodwa “akanamsebenzi ufanayo onke.” Ngokuvisisana noko, sifanele sizibhokoxe kulo naliphi na ilungelo esilinikiweyo. Oku kufuna ukuba siziqonde size sizinyamekele kakuhle naziphi na izabelo zentetho kunokuba sikujongele phantsi ukubaluleka kweminye imibandela kuba sicinga ukuba kukho eminye imibandela ebangela umdla ngakumbi. (Roma 12:4-8) Udidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi lunembopheleleko yokulungiselela ukutya kokomoya “ngexesha elifanelekileyo.” (Mat. 24:45) Xa sisebenzisa ubuchule bethu ekwakheni iintetho ngokuvisisana nemiyalelo esiyifumanayo, sibonisa ukuba siyalixabisa elo lungiselelo. Oku kuba negalelo ekusebenzeni kakuhle kwebandla liphela.

Oko Ufanele Ukuquke. Xa wabelwe umbandela esikolweni, qiniseka ukuba wakha loo mbandela kungekhona omnye. Kwiimeko ezininzi, uye unikwe iimbekiselo ezingqalileyo. Ukuba akuxelelwanga ukuba usebenzise yiphi inkcazelo eshicilelweyo kwintetho yakho, unokuzikhethela umthombo oza kuqokelela kuwo inkcazelo. Noko ke, njengoko ulungiselela intetho yakho, qiniseka ukuba yonke intetho yakhelwe kuloo mxholo uwabelweyo. Xa ugqiba ngoko umele ukuquke, kuza kufuneka ucinge nangabaphulaphuli bakho.

Yifundisise ngenyameko inkcazelo ekuloo mbekiselo, uhlalutye izibhalo ezikuyo. Emva koko cinga ngendlela onokuyisebenzisa ngokuyingenelo ngayo kubaphulaphuli. Khetha iingongoma zibe mbini okanye ke zibe ntathu kumbandela oshicilelweyo uze uzisebenzise njengeengongoma eziziintloko kwintetho yakho. Ngendlela efanayo, khetha kwakuloo mbandela uwabelweyo izibhalo oceba ukuzifunda nokuzixubusha.

Ufanele ugubungele umbandela ongakanani? Umbandela onokukwazi ukuwusingatha kakuhle kuphela. Musa ukutyeshela iindlela zokufundisa eziphumelelayo kuba ufuna ukufaka inkcazelo eninzi. Ukuba enye yaloo nkcazelo ayingeni kwinjongo yentetho yakho, nikela ingqalelo kwiinxalenye eziya kukunceda ufikelele olo sukelo. Kuloo mbandela uwabelweyo, sebenzisa ezona zinto zifundisayo neziyingenelo kubaphulaphuli bakho. Oyena ndoqo kule nkalo yesiluleko sentetho asingomlinganiselo wombandela owugubungelayo, kodwa kukusebenzisa umbandela owabelwe loo ntetho uyinikelayo.

Intetho yakho ayimele kuba lushwankathelo nje lombandela owabelweyo. Ufanele ucebe ukuchaza iingongoma ezithile, uzityebise, uzicacise, uze ukuba kunokwenzeka uchaze umzekelo wendlela ezisebenza ngayo. Iingcamango ezongezelelekileyo zifanele zisetyenziswe ukwakha iingongoma ezibalulekileyo zombandela wakho kunokuba zithabathel’ indawo umbandela ngokwawo.

Abazalwana abaneemfaneleko ezifunekayo zokufundisa ethubeni banokucelwa ukuba bafundise kwiNtlanganiso Yenkonzo. Bayayiqonda imfuneko yokuwusebenzisa kakuhle umbandela owabelweyo kunokuba bafake omnye endaweni yawo. Ngokufanayo, abazalwana abanikela iintetho zesidlangalala banikwa ulwandlalo abamele balulandele. Olu lwandlalo lubhetyebhetye, kodwa ke luzibonisa kakuhle iingongoma eziziintloko ezimele zakhiwe, iingongoma ezixhasayo ezimele zisetyenziswe kunye nezibhalo ezakha isiseko saloo ntetho. Ukufunda indlela yokufundisa usebenzisa umbandela owabelweyo njengesiseko kuyinxalenye ebalulekileyo yokulungiselela ezinye izabelo zokunikela intetho.

Olu qeqesho lunokukunceda nasekuqhubeni izifundo zeBhayibhile ezinenkqubela. Uya kufunda ukunikela ingqalelo kumbandela eniwufundisisayo kunokuba uwutshintshe umbandela ngokubalaselisa ezinye izinto ezisenokuba zibangela umdla kodwa ezingeyomfuneko ukuze kuqondwe loo mbandela. Ukanti, ukuba uyiqonda kakuhle eyona njongo yesi sifundo, akuyi kuba ngqongqo kangangokuba unganikeli ingcaciso eyongezelelekileyo esenokufunwa ngumfundi.