Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 44

Ukusetyenziswa Kakuhle Kwemibuzo

Ukusetyenziswa Kakuhle Kwemibuzo

NGENXA yokuba imibuzo iye ifune impendulo—enoba yevakalayo okanye kuphendulwa engqondweni—iyanceda ekubandakanyeni abaphulaphuli bakho. Imibuzo inokukunceda uqalise incoko uze ube nencoko emnandi nabantu. Njengesithethi nomfundisi, unokusebenzisa imibuzo ukuze uvuselele umdla, ukuze uncede umntu aqiqe ngombandela othile okanye ukuze ugxininise loo nto uyithethayo. Xa uyisebenzisa kakuhle imibuzo, ukhuthaza abanye ukuba bacinge kunokuba baphulaphule nje. Yiba nosukelo engqondweni yakho, uze ubuze imibuzo ngendlela eya kunceda ekulufikeleleni.

Ukuze Uvuse Incoko. Xa ukubulungiseleli basentsimini, waxhakamfule amathuba okucela abantu ukuba baveze ezabo izimvo ukuba bakulungele ukwenjenjalo.

AmaNgqina amaninzi aqalisa iingxubusho ezibangel’ umdla ngokubuza oku, “Ngaba wakha wazibuza . . . ?” Xa ekhetha umbuzo osezingqondweni zabantu abaninzi, phantse abe aya kuba nosuku oluhle kubulungiseleli basentsimini. Kwanokuba ngumbuzo ongaqhelekanga kuloo mntu, unokumenza afune ukwazi. Imibandela emininzi inokutshayelelwa ngokuthi “Ucinga ntoni nge- . . . ?,” “Uvakalelwa njani nge- . . . ?,” nangokuthi “Ngaba uyakholwa ukuba . . . ?”

Xa umhambisi wevangeli uFilipu waya kwigosa lenkundla elingumTiyopiya elalifunda isiprofeto sikaIsaya, uFilipu wabuza: “Uyakwazi na [okanye uyakuqonda na] okunene oku ukufundayo?” (IZe. 8:30) Lo mbuzo wavulela uFilipu ithuba lokucacisa iinyaniso ngoYesu Kristu. Ngokusebenzisa imibuzo efanayo, amanye amaNgqina ale mihla aye afumana abantu abebekufuna ngamehlo abomvu ukuyiqonda kakuhle inyaniso yeBhayibhile.

Xa ubanika ithuba lokuveza ezabo izimvo, abantu abaninzi baya kutyekela ngakumbi ekukuphulaphuleni. Emva kokubuza umbuzo, phulaphula ngenyameko. Xa usabela kwimpendulo yaloo mntu, yiba nobubele, ungagxeki. Mncome xa unokukwazi ukumncoma ngokunyaniseka. Ngesinye isihlandlo, emva kokuba umbhali othile waye ‘waphendula ngokunengqiqo,’ uYesu wamncoma, esithi: “Akukho kude nobukumkani bukaThixo.” (Marko 12:34) Kwanokuba aniboni ngasonye naloo mntu, unokumbulela ngokuveza izimvo zakhe. Loo nto ayithethileyo inokukwenza usiqonde isimo sengqondo ekufuneka ucinge ngaso xa usabelana naye ngenyaniso yeBhayibhile.

Ukuze Utshayelele Iingcamango Ezibalulekileyo. Xa uthetha neqela labantu okanye uncokola nomntu omnye, zama ukusebenzisa imibuzo xa usiya kwiingcamango ezibalulekileyo. Qiniseka ukuba imibuzo yakho ibandakanya izinto ezibangel’ umdla ngokwenene kubaphulaphuli bakho. Unokusebenzisa nemibuzo ebangel’ umdla kuba impendulo yayo ingekaziwa. Ukuba uyanqumama kancinane nje emva kokubuza umbuzo, abaphulaphuli bakho baya kutyekela ekukuphulaphuleni ngomdla ongakumbi oko uza kukuthetha.

Ngesinye isihlandlo, umprofeti uMika wasebenzisa iqela lemibuzo. Emva kokubuza ukuba yintoni uThixo ayilindeleyo kwabo bamnqulayo, lo mprofeti wabuza eminye imibuzo emine, ngamnye uquka oko kusenokuba yimpendulo yawo. Yonke loo mibuzo inceda ekwenzeni abo bafunda le ncwadi balungele impendulo enengqiqo awaqukumbela ngayo loo nxalenye yengxubusho yakhe. (Mika 6:6-8) Ngaba unako ukwenza ngolo hlobo nawe xa ufundisa? Khawuzame.

Xa Uqiqa Ngombandela. Imibuzo inokusetyenziswa ukunceda abanye bayiqonde ingqiqo esetyenziswayo kwingongoma ethile. Xa wayevakalisa isigidimi esibalulekileyo kumaSirayeli, uYehova wakwenza oku, njengoko kuboniswe kuMalaki 1:2-10. Okokuqala wawaxelela oku: “Ndinithandile.” Awazange aluxabise olo thando, ngoko wawabuza: “UEsawu wayengengomntakwabo Yakobi na?” Emva koko uYehova walatha ekuphanzisweni kwamaEdom njengobungqina bokuba ngenxa yobungendawo bawo, uThixo akazange aluthande olo hlanga. Walandelisa ngemizekeliso ekhatshwa yimibuzo ukuze agxininise ukungasabeli kwamaSirayeli ngendlela efanelekileyo kuthando lwakhe. Eminye yaloo mibuzo ibhalwe ngokungathi ngabo babingeleli bangathembekanga ababeyibuza. Eminye yimibuzo eyayibuzwa nguYehova kwabo babingeleli. Le ncoko ivuselela iimvakalelo kwaye ithimba ingqalelo yethu; ingqiqo yayo izicacele; isigidimi sayo asilibaleki.

Nezinye izithethi zisebenzisa imibuzo ngendlela efanayo nephumelelayo. Nangona kusenokungalindelwa mpendulo ivakalayo, abaphulaphuli babandakanyeka ngengqondo, ngokungathi bayancokola.

Xa siqhuba izifundo zeBhayibhile, sisebenzisa indlela efuna ukuba umfundi abe nenxaxheba. Kakade ke, kuyingenelo ngakumbi ukuba umfundi angacengcelezi iimpendulo ezishicilelweyo nje kuphela. Ngobubele, sebenzisa eminye imibuzo ukuze uqiqe nomfundi. Kwiingcamango eziziintloko, mkhuthaze ukuba asebenzise iBhayibhile njengesiseko sempendulo yakhe. Unokumbuza nangale ndlela: “Le nto siyixubushayo ingena njani kula ngongoma besiyifundisisa? Kutheni ibalulekile nje? Ifanele ibuchaphazele njani ubomi bethu?” Loo ndlela iphumelela ngakumbi kunokuveza izimvo zakho okanye ukunikela eyakho ingcaciso eyongezelelweyo. Ngale ndlela, unceda umfundi ukuba asebenzise ‘amandla akhe engqiqo’ ekunquleni uThixo.—Roma 12:1.

Ukuba umfundi akayiqondi ingcamango ethile, yiba nomonde. Usenokuba uzama ukuthelekisa loo nto uyithethayo kunye nento ebekade eyikholelwa kangangeminyaka emininzi. Ukuwuvela kwelinye icala loo mbandela kunokunceda. Noko ke, maxa wambi kufuneka uqiqe ngendlela elula nje. Zisebenzise kakhulu iZibhalo. Yenza imizekeliso. Buza imibuzo elula eyenza loo mntu aqiqe ngobo bungqina.

Xa Ufuna Ukuqonda Iimvakalelo Zomntu. Xa abantu bephendula imibuzo, abasoloko bezichaza ezona mvakalelo banazo. Basenokukunika nje iimpendulo abacinga ukuba uyazifuna. Kufuneka ukuqonda kulo mba. (IMize. 20:5) Njengoko uYesu wenzayo, usenokubuza: “Uyakukholelwa na oku?”—Yoh. 11:26.

Xa uninzi lwabafundi bakaYesu lwakhutyekiswa yinto awayithethayo lwaza lwamshiya, uYesu wacela abapostile bakhe ukuba bachaze indlela abavakalelwa ngayo. Wabuza: “Ngaba nani nifuna ukumka?” UPetros wazichaza iimvakalelo zabo, esithi: “Nkosi, siya kumka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade; yaye sikholiwe saza safikelela ekwazini ukuba wena unguLowo Ungcwele kaThixo.” (Yoh. 6:67-69) Ngesinye isihlandlo, uYesu wabuza abafundi bakhe oku: “Abantu bathi ungubani uNyana womntu?” Walandelisa ngombuzo owawubenza bachaze oko kusezintliziyweni zabo. “Ke nina nithi ndingubani na?” Ekuphenduleni uPetros wathi: “UnguKristu, uNyana woThixo ophilayo.”—Mat. 16:13-16.

Xa uqhuba isifundo seBhayibhile, unokukufumanisa kuyingenelo ukuzisingatha ngendlela efanayo izinto ezithile. Usenokubuza: “Abantwana okunye nabo eklasini (okanye abantu osebenza nabo) bawujonga njani lo mbandela?” Wandule ke ukubuza: “Wena uvakalelwa njani ngawo?” Xa uzazi ezona mvakalelo anazo umntu, wena njengomfundisi utsho ukwazi ukumnceda.

Ukuze Ugxininise. Imibuzo inokusetyenziswa ukuze kugxininiswe iingcamango. Umpostile uPawulos wakwenza oku, njengoko kubhalwe kweyabaseRoma 8:31, 32: “Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na oya kuba nxamnye nathi? Yena lowo ungambandezanga uNyana wakhe kodwa wamnikela ngenxa yethu sonke, akayi kuthi na kaloku ngobubele asinike zonke ezinye izinto kwandawonye naye?” Phawula ukuba, kwimeko nganye, umbuzo ucacisa igatya elingaphambi kwawo.

Emva kokubhala umgwebo kaYehova onxamnye nokumkani waseBhabhiloni, umprofeti uIsaya wavakalisa ukuba weyiseke ngokwenene ngokongezelela athi: “Siso eso isigqibo sikaYehova wemikhosi, yaye ngubani na onokusaphula? Isandla sakhe soluliwe, ngubani na onokusibuyisa?” (Isa. 14:27) Kwaumongo nje wale mibuzo ubonisa ukuba ingcamango eyivakalisayo ayinakuphikiswa. Akulindelwanga mpendulo.

Xa Kubhencwa Indlela Ephosakeleyo Yokucinga. Imibuzo ecingisiswe kakuhle ikwazizixhobo ezinamandla zokubhenca indlela ephosakeleyo yokucinga. Ngaphambi kokuba aphilise enye indoda, uYesu wabuza abaFarisi nezinye iingcali zoMthetho oku: “Kusemthethweni na ukuphilisa ngesabatha okanye akunjalo?” Emva kokuyiphilisa le ndoda, walandelisa omnye umbuzo: “Ngubani na kuni ongayi kuthi, ukuba unyana okanye inkunzi yakhe yenkomo yeyela equleni, ngoko nangoko ayirhole ngomhla wesabatha?” (Luka 14:1-6) Kwakungalindelekanga mpendulo, ibe ayizange ibekho. Loo mbuzo wawubhenca indlela yabo yokucinga eyayiphosakele.

Maxa wambi, kwanamaKristu okwenyaniso anokucinga ngendlela ephosakeleyo. Amanye awayephila kwiKorinte yenkulungwane yokuqala amangalela abazalwana bawo enkundleni ngelizama ukulungisa iingxaki angewayezilungise ngokwawo. Wawusingatha njani umpostile uPawulos lo mba? Wabuza uthotho lwemibuzo ukuze alungise indlela acinga ngayo.—1 Kor. 6:1-8.

Xa uqhelisela, nawe unako ukufunda ukuyisebenzisa kakuhle imibuzo. Noko ke, ukhumbule ukuba ufanele ube nembeko, ngokukodwa xa uthetha nabantu abadala kunawe, abantu ongabaqhelanga, kunye nabasemagunyeni. Sebenzisa imibuzo ukuze udlulisele inyaniso yeBhayibhile ngendlela enomtsalane.