Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 47

Ukusetyenziswa Kakuhle Kwezinto Ezinceda Ekufundiseni

Ukusetyenziswa Kakuhle Kwezinto Ezinceda Ekufundiseni

KUTHENI ufanele usebenzise izinto zokukunceda xa ufundisa? Kungenxa yokuba ukwenjenjalo kunokukwenza ufundise kakuhle. UYehova uThixo noYesu Kristu bazisebenzisa, kwaye nathi sinokufunda kubo. Xa izinto ezinceda ekufundiseni ziphelekwa ngamazwi athethwayo, inkcazelo ingena ngezivamvo ezimbini. Loo nto inokunceda ekubambeni ingqalelo yabaphulaphuli bakho nasekubetheleleni loo nto ithethwayo. Unokuzifaka njani ezi zinto zinceda ekufundiseni xa ushumayela iindaba ezilungileyo? Unokuqiniseka njani ukuba uzisebenzisa kakuhle?

Indlela Abona Bafundisi Bakhulu Abazisebenzisa Ngayo Izinto Ezinceda Ekufundiseni. UYehova wasebenzisa izinto zokufundisa ezingalibaleki msinya ukuze adlulisele izifundo ezibalulekileyo. Ngobunye ubusuku wakhupha uAbraham endlwini waza wathi: “Khawuncede ukhangele phezulu, emazulwini uze ubale iinkwenkwezi, ukuba uyakwazi ukuzibala. . . . Iya kuba ngangazo imbewu yakho.” (Gen. 15:5) Nangona oko kwakuthenjisiwe kwakubonakala kungenakwenzeka ngokwembono yomntu, uAbraham wachukumiseka gqitha waza wanokholo kuYehova. Ngesinye isihlandlo, uYehova wathumela uYeremiya kwindlu yombumbi waza wathi makangene kule ndawo abumbela kuyo aze abukele loo ndoda xa ibumba udongwe. Esinjani ukungalibaleki isifundo awasifundisayo ngegunya analo uMdali kubantu! (Yer. 18:1-6) Ibe uYona wayenokusilibala njani isifundo esiphathelele inceba awasifundiswa nguYehova esebenzisa umhlavuthwa? (Yona 4:6-11) UYehova wada waxelela abaprofeti bakhe ukuba babonise izigidimi zesiprofeto besebenzisa izinto ezithile ezifanelekileyo. (1 Kum. 11:29-32; Yer. 27:1-8; Hez. 4:1-17) Umnquba nezinto ezisetempileni ziyimifuziselo esinceda siqonde izinto zokwenene ezisezulwini. (Heb. 9:9, 23, 24) UThixo wasebenzisa nemibono emininzi ukuze adlulisele inkcazelo ebalulekileyo.—Hez. 1:4-28; 8:2-18; IZe. 10:9-16; 16:9, 10; ISityhi. 1:1.

UYesu wazisebenzisa njani izinto ezinceda ekufundiseni? Xa abaFarisi nabalandeli bakaHerode bazama ukumbambisa kwintetho yakhe, uYesu wathi makuziswe idenariyo waza watsalela ingqalelo kumfanekiso kaKesare okuloo ngqekembe. Emva koko wachaza ukuba izinto zikaKesare zimele zibuyiselwe kuKesare kodwa ezikaThixo zimele zibuyiselwe kuThixo. (Mat. 22:19-21) Xa wayedlulisela isifundo esingokubeka uThixo ngako konke esinako, uYesu walatha kumhlolokazi olihlwempu owayesetempileni omnikelo wakhe—iingqekembe ezincinane ezimbini—wawukuphela kwento awayenayo. (Luka 21:1-4) Ngesinye isihlandlo wasebenzisa umntwana njengomzekelo wokuthobeka, wokungathandi amawonga. (Mat. 18:2-6) Kwakhona wayibonisa ngokwakhe intsingiselo yokuthobeka ngokuhlamba iinyawo zabafundi bakhe.—Yoh. 13:14.

Iindlela Zokusebenzisa Izinto Ezinceda Ekufundiseni. Ngokwahlukileyo kuYehova, asikwazi kuthetha nabantu ngemibono. Ukanti, mininzi imifanekiso exhokonxa iingcinga evela kwiimpapasho zamaNgqina kaYehova. Yisebenzise ukuze uncede abantu babe nombono weParadesi yasemhlabeni, ethenjiswa liLizwi likaThixo. Xa uqhuba isifundo seBhayibhile sekhaya, unokutsalela ingqalelo yomfundi kumfanekiso onxibelelene noko nikufundisisayo uze umcele ukuba akuchazele loo nto ayibonayo. Kuyabonakala ukuba xa umprofeti uAmosi waboniswa imibono ethile, uYehova wambuza: “Ubona ntoni na, Amosi?” (Amosi 7:7, 8; 8:1, 2) Nawe unokubuza imibuzo efanayo njengoko utsalela ingqalelo yabantu kwimifanekiso elungiselelwe ukukunceda ekufundiseni.

Ukuba ubhala izibalo okanye wenza isicangca sexesha esibonisa ukulandelelana kweziganeko, loo nto inokunceda abantu baziqonde lula iziprofeto ezifana ‘nesamaxesha asixhenxe’ esikuDaniyeli 4:16, ‘neseeveki ezingamashumi asixhenxe’ esikuDaniyeli 9:24. Ezi zinto ezinceda ekufundiseni zifumaneka kwiimpapasho zethu zofundisiso eziliqela.

Kufundisiso lweBhayibhile lwentsapho yakho, iingxubusho zezinto ezinjengomnquba, itempile yaseYerusalem kunye nombono wetempile kaHezekile zinokuba lula ngakumbi ukuba usebenzisa umfanekiso okanye umzobo. Le mifanekiso inokufunyanwa kwi-Insight on the Scriptures, kwisihlomelo seNew World Translation of the Holy Scriptures—With References, nakwiinkupho ezahlukeneyo zeMboniselo.

Xa ufunda iBhayibhile kunye nentsapho yakho, zisebenzise kakuhle iimaphu. Khawukhangele iindawo ezahanjwa nguAbraham xa wayesuka eUre esiya eHaran waza wehlela eBheteli. Hlolisisa indlela awahamba ngayo amaSirayeli xa ayephuma eYiputa esiya kwiLizwe Lesithembiso. Khangela ummandla owanikwa isizwe ngasinye sakwaSirayeli njengelifa. Khangela ukuba umhlaba owawulawulwa nguSolomon wawuhamba uye kuphela phi. Hlolisisa indlela eyahanjwa nguEliya xa wayesaba eYizereli esiya kwintlango engaphaya kweBher-shebha emva kokuba esongelwe nguIzebhele. (1 Kum. 18:46–19:4) Khangela izixeko kunye needolophu uYesu awashumayela kuzo. Hlola iindawo ezahanjwa nguPawulos ezichazwe kwincwadi yeZenzo.

Izinto ezinceda ekufundiseni ziba yingenelo xa ubonisa abafundi beBhayibhile indlela ibandla elisebenza ngayo. Unokubonisa umfundi ucwangciso olushicilelweyo lwendibano enkulu okanye encinane uze uchaze uhlobo lwenkcazelo esiyixubushayo kwezi ndibano. Abaninzi baye bachukunyiswa kukuboniswa iHolo yoBukumkani okanye iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova. Le inokuba yindlela entle yokushenxisa iingcamango eziphosakeleyo ngomsebenzi wethu nangenjongo yawo. Xa umbonisa iHolo yoBukumkani, bonisa indlela eyahluke ngayo kwezinye iindawo zonqulo. Yigxininise into yokuba isisakhiwo esiphantsi nekufundwayo kuso. Mbonise izinto ezenziwe ngokukhethekileyo ukuxhasa ubulungiseleli bethu—iindawo zokusasaza uncwadi, iimaphu zentsimi kunye neebhokisi zeminikelo (endaweni yezitya zenkongozelo).

Kwiindawo apho kulungiselelwe iividiyo phantsi kolwalathiso lweQumrhu Elilawulayo, zisebenzise ukuze wakhe intembelo eBhayibhileni, wenze abafundi baqhelane nomsebenzi wamaNgqina kaYehova, yaye ukhuthaze abo babukeleyo ukuba baphile ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile.

Ukusebenzisa Izinto Ezinceda Ekufundiseni Kumaqela Amakhulu. Xa zilungiselelwe kakuhle zaza zaboniswa ngendlela efanelekileyo, izinto ezinceda ekufundiseni zinokuba nemiphumo emihle ekufundiseni abantu abaliqela. Izinto ezinceda ekufundiseni ezinjalo zilungiselelwa ngeendlela ezahlukeneyo likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.

Umbandela ofundisiswayo weMboniselo udla ngokuba nemifanekiso enokusetyenziswa ngumqhubi ukuze agxininise iingongoma ezibalulekileyo. Kunjalo nakwiimpapasho ezisetyenziswa kwiSifundo Sencwadi Sebandla.

Ezinye iintetho zesidlangalala zisenokuvula ithuba lokuba kusetyenziswe izinto ezinceda ekufundiseni ukuze kucaciswe ingongoma. Noko ke, kudla ngokuba yingenelo ngakumbi ukunikela ingqalelo koko kuseBhayibhileni, eza kube isezandleni zenkoliso yabaphulaphuli bakho. Ukuba, maxa wambi, kufuneka umfanekiso okanye ulwandlalo olufutshane lweengongoma eziziintloko ukuze kudluliselwe ingongoma eyintloko enye okanye eziliqela, hlola kusengaphambili ukuba loo nto uza kuyisebenzisa ibonakala kakuhle (okanye iyafundeka) kubantu abahleli kwizitulo ezisemva kwindawo enihlanganisana kuyo. Izixhobo ezinjalo azifanele zisetyenziswe kakhulu.

Injongo yokusebenzisa kwethu izinto ezinceda ekufundiseni xa sinikela intetho naxa sifundisa asikokonwabisa abantu. Xa kusetyenziswa into enceda ekufundiseni endilisekielyo, ifanele ingqine iingcamango ezifuna ukugxininiswa ngokukhethekileyo. Izinto ezinjalo ziba yingenelo kakhulu xa zinceda ekucaciseni into ethethiweyo, zenza kube lula ukuyiqonda, okanye xa zinikela ubungqina obunamandla bokuba loo nto ithethwayo ibalulekile. Xa isetyenziswe kakuhle, into enceda ekufundiseni efanelekayo inokubethelela ingongoma kangangokuba yona kunye naloo nto iyifundisayo zihlale zikhunjulwa kangangeminyaka.

Iindlebe namehlo ziphumeza injongo ebalulekileyo ekufundeni. Khumbula indlela abona Bafundisi bakhulu abaye bazibandakanya ngayo ezi zivamvo, uze uzabalazele ukubaxelisa kwimigudu yakho yokufikelela abanye.