Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 33

Ukuthetha Ngendlela Echubekileyo Kwangaxeshanye Ungalalanisi

Ukuthetha Ngendlela Echubekileyo Kwangaxeshanye Ungalalanisi

UKUCHUBEKA ukukwazi ukuqhubana nabanye abantu ungakhange ubacaphukise ngokungeyomfuneko. Kubandakanya ukwazi indlela kunye nexesha lokuthetha izinto. Oku akuthethi kuthi ulalanise ekwenzeni okulungileyo okanye ugqwethe izinto. Ukuchubeka akufanele kubhidaniswe nokoyika abantu.—IMize. 29:25.

Isiqhamo somoya sisibekela isiseko esihle sokuba sithethe ngendlela echubekileyo. Ngaloo ndlela, umntu oqhutywa luthando akafuni kubacaphukisa abanye; ufuna ukubanceda. Umntu onobubele nonobulali wenza izinto ngothantamiso. Umntu othanda uxolo ukhangela iindlela zokudala ulwalamano oluhle nabanye. Kwanaxa abantu berhabaxa, umntu ozeka kade umsindo uyaqhubeka ezolile.—Gal. 5:22, 23.

Noko ke, kungakhathaliseki indlela isigidimi seBhayibhile esibekwa ngayo, siya kubakhubekisa abanye abantu. Ngenxa yeentliziyo ezingendawo zenkoliso yamaYuda enkulungwane yokuqala, uYesu Kristu waba ‘lilitye lesikhubekiso nolwalwa lokubetheka’ kuwo. (1 Pet. 2:7, 8) Ethetha ngomsebenzi wakhe wokuvakalisa uBukumkani, uYesu wathi: “Ndize kuqala umlilo emhlabeni.” (Luka 12:49) Yaye isigidimi soBukumkani bukaYehova, esiquka imfuneko yokuba abantu bagqale ulongamo loMdali wabo, sisaqhubeka singumbandela ongxamisekileyo eluntwini. Abantu abaninzi bayasicaphukela isigidimi esithi kungekudala uBukumkani bukaThixo buza kushenxisa le nkqubo ingendawo yezinto. Ukanti sisaqhubeka sishumayela kuba sithobela uThixo. Noko ke, njengoko sisenjenjalo, sikhumbula isiluleko seBhayibhile esithi: “Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”—Roma 12:18.

Ukuthetha Ngendlela Echubekileyo Xa Sinikela Ubungqina. Zininzi iimeko apho sithetha nabanye ngonqulo lwethu. Ewe, sithetha ngalo kubulungiseleli basentsimini, kodwa ke sikwakhangela namathuba afanelekileyo xa sikunye nezalamane, abantu esisebenza nabo nesifunda nabo esikolweni. Kuzo zonke ezi meko, ukuthetha ngendlela echubekileyo kuyafuneka.

Ukuba sinikela isigidimi soBukumkani ngendlela yokuba abanye bavakalelwe ukuba siyabayala, basenokusicaphukela. Xa bengalucelanga ngokwabo uncedo, yaye mhlawumbi bengavakalelwa kukuba bayalufuna, basenokucatshukiswa yiyo nayiphi na into ethi kufuneka balungiswe. Sinokukuphepha njani ukuqondwa phosakeleyo? Ukufunda ubuchule bokuncokola ngobuhlobo kunokunceda.

Zabalazela ukuqalisa incoko ngokuthetha ngombandela obangel’ umdla kuloo mntu. Ukuba usisalamane, ngumntu osebenza naye, okanye ofunda naye esikolweni, usenokuba sele uzazi izinto anomdla kuzo. Kwanokuba uyaqala ukudibana naloo mntu, unokuthetha naye ngento oyive ezindabeni okanye oyifunde kwiphephandaba. Imibandela enjalo idla ngokubonisa okusezingqondweni zabantu abaninzi. Xa ukwindlu ngendlu, yiba neliso elibukhali. Izinto zokuhombisa ikhaya, izinto zokudlala ezisebaleni, izinto zonqulo nemibhalo encanyathiselwe kwinqwelo-mafutha epakwe ebaleni zinokuveza inkcazelo eyongezelelekileyo ngezinto anomdla kuzo umninimzi. Xa umninimzi evela emnyango, mphulaphule njengoko ethetha. Oko akuthethayo kuya kungqina okanye kuphikise loo nto ubuyicinga ngezinto anomdla kuzo nangembono yakhe, yaye kuya kukunika inkcazelo engakumbi ngoko kufuneka ucinge ngako ukuze unikele ubungqina.

Njengoko incoko iqhubeka, yabelana naye ngeengongoma ezisuka eBhayibhileni nakuncwadi olusekelwe kuyo olunento yokwenza naloo mbandela. Kodwa musa ukuyilawula incoko. (INtshu. 3:7) Mbandakanye umninimzi engxubushweni, ukuba uyafuna ukubandakanyeka. Yiba nomdla kwiimbono nakwizimvo zakhe. Zinokukukhokela ukuze uthethe ngendlela echubekileyo.

Ngaphambi kokuba uthethe izinto, cinga ngendlela eziya kuvakala ngayo komnye umntu. IMizekeliso 12:8 iyawuncoma ‘umlomo onengqiqo.’ Igama lesiHebhere elisetyenziswe apha linxibelelene nokuqonda nobulumko. Ngaloo ndlela, ukuqonda kubandakanya ukuzibamba xa uthetha okubangelwa kukuyicingisisa loo nto uza kuyithetha ukuze wenze ngobulumko. Indinyana 18 yesi sahluko sinye seMizekeliso ilumkisa nxamnye ‘nokuthetha ungacinganga okunjengokuhlaba kwekrele.’ Sinako ukumela inyaniso yeBhayibhile ngaphandle kokucaphukisa abanye.

Ukusebenzisa ukuqonda xa ukhetha amagama kunokukunceda uphephe ukubangela umqobo ongeyomfuneko. Ukuba ukusetyenziswa kwegama elithi “iBhayibhile” kudala umqobo engqondweni yomntu, unokusebenzisa amabinzana anjengelithi “imibhalo engcwele” okanye “incwadi epapashwa ngeelwimi ezingama-2 000 sithethanje.” Ukuba ubhekisela kwiBhayibhile, usenokumbuza loo mntu ukuba uyijonga njani na uze ucinge ngamagqabaza akhe ebudeni bencoko.

Ukuthetha ngendlela echubekileyo kudla ngokubandakanya ukuqonda ixesha elifanelekileyo lokuthetha izinto. (IMize. 25:11) Usenokuba akuvumelani noko kuthethwa ngomnye umntu, kodwa akuyomfuneko ukuba uvuse imbambano ngayo nayiphi na imbono engquzulana nezibhalo ayivezayo. Mus’ ukuzama ukuxelela umninimzi yonke into ngexesha elinye. UYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Ziseninzi izinto endinokuzithetha kuni, kodwa aninakukwazi ukuzithwala okwangoku.”—Yoh. 16:12.

Xa kunokwenzeka, bancome ngokunyaniseka abo uthetha nabo. Kwanaxa umninimzi engumntu othanda ukuphikisa, usenokukwazi ukumncoma ngokuba nembono ethile. Umpostile uPawulos wakwenza oku xa wayethetha nezithandi zobulumko kwiAreyopago yaseAthene. Izithandi zobulumko ‘zabambana naye ngencoko.’ Wayenokuziphendula njani ngaphandle kokuzicaphukisa? Ngaphambilana wayephawule izibingelelo ezininzi ezazenzelwe oothixo bazo. Kunokuba abagxeke abantu baseAthene ngenxa yokunqula kwabo izithixo, ngendlela echubekileyo wabancoma ngenxa yokuluthanda kwabo unqulo. Wathi: “Ndiyabona ukuba ezintweni zonke nibonakala ngathi nizinikele ngakumbi ekoyikeni izithixo kunokuba abanye benjalo.” Loo mazwi amvulela ithuba lokudlulisela isigidimi sakhe esiphathelele uThixo oyinyaniso. Ngenxa yoko, abanye baba ngamakholwa.—IZe. 17:18, 22, 34.

Musa ukusabela ngendlela ebaxiweyo xa abantu bephikisa. Qhubeka uzolile. Kujonge ukuphikisa komnye njengethuba lokuqonda indlela acinga ngayo. Unokumbulela ngokuveza iimbono zakhe. Kuthekani ukuba uthi: “Ndinecawa yam”? Ngobuchule unokumbuza lo mbuzo: “Ngaba ubuhamba icawa bonke ubomi bakho?” Emva kokuba ephendule, unokubuza: “Ucinga ukuba uluntu luya kuze lumanyane kunqulo olunye?” Oku kunokukunika ithuba lokuqhubeka nencoko.

Ukuba nembono efanelekileyo ngeziqu zethu kunokusinceda sithethe ngendlela echubekileyo. Ewe seyiseke ngokupheleleyo ukuba iindlela zikaYehova zilungile nokuba iLizwi lakhe liyinyaniso. Xa sixubusha ezi zinto sithetha ngolweyiseko. Kodwa ke loo nto ayisiniki sizathu sakuzenza amalungisa. (INtshu. 7:15, 16) Sinombulelo kuba sisazi inyaniso yaye sifumana intsikelelo kaYehova, kodwa sazi kakuhle ukuba, inkoliseko yakhe ibangelwa bububele bakhe obungasifanelanga nokukholelwa kwethu kuKristu, kungekhona ukuba ngamalungisa kwethu. (Efe. 2:8, 9) Siyayiqonda imfuneko ‘yokuhlala sivavanya enoba siselukholweni kusini na, ukuhlala sizicikida oko sikuko thina ngokwethu.’ (2 Kor. 13:5) Ngoko xa sithetha nabantu ngemfuneko yokuba bazivisisanise noko kufunwa nguThixo, nathi sisisebenzisa ngokuthobeka isiluleko seBhayibhile. Asinalo ilungelo lokugweba abanye abantu. UYehova “unikele konke ukugweba kuNyana,” ibe siya kuphendula phambi kwakhe ngoko sikwenzayo.—Yoh. 5:22; 2 Kor. 5:10.

Xa Sikunye Nentsapho Namanye AmaKristu. Ukuthetha ngendlela echubekileyo akufanele kuphelele kubulungiseleli basentsimini. Ekubeni ukuchubeka kuyimbonakaliso yesiqhamo somoya kaThixo, sifanele sichubeke naxa siqhubana namalungu entsapho ekhaya. Uthando luya kusishukumisela ukuba sibe nenkxalabo ngeemvakalelo zabanye. Umyeni kaKumkanikazi uEstere wayengengomnquli kaYehova, kodwa lo kumkanikazi wamhlonela waza wasebenzisa ukuqonda xa ethetha naye ngemiba ebandakanya abakhonzi bakaYehova. (Estere, isahlu. 3-8) Kwezinye iimeko, ukuqhubana ngendlela echubekileyo namalungu entsapho angengomaNgqina kusenokufuna ukuba sivumele ihambo yethu yalathe indlela yenyaniso kunokuba sichaze iinkolelo zethu.—1 Pet. 3:1, 2.

Ngendlela efanayo, isibakala sokuba siwaqhelile amalungu ebandla asithethi kuthi masihle nje entloko xa sithetha nawo okanye singabi nabubele kuwo. Asifanelanga siqiqe ngelithi ekubeni eqolile, afanele akwazi ukunyamezela. Asifanele kananjalo sizingxengxezele ngelithi: “Hay’ mna ndinjalo umthetho wam.” Xa sifumanisa ukuba indlela esithetha ngayo iyabakhubekisa abanye, sifanele sizimisele ukwenza utshintsho. ‘Uthando lwethu olunzulu omnye ngomnye’ lufanele lusishukumisele ekubeni “senze okulungileyo . . . kwabo bahlobene nathi elukholweni.”—1 Pet. 4:8, 15; Gal. 6:10.

Xa Sithetha Nabaphulaphuli. Abo bathetha eqongeni bafanele bathethe ngendlela echubekileyo. Abantu abaphulaphuleyo baneemvelaphi neemeko ezahlukahlukeneyo. Bakumanqanaba ahlukeneyo okukhula ngokomoya. Bambi basenokuba bayaqala ukuza kwiHolo yoBukumkani. Abanye basenokuba bakhathazwa zizinto ezithile esingazaziyo isithethi. Yintoni enokunceda isithethi siphephe ukukhubekisa abaphulaphuli baso?

Ngokuvisisana nesiluleko sompostile uPawulos esiya kuTito, kwenze usukelo lwakho ‘ukungathethi kakubi nangabani na, ukuba nengqiqo, ukubonisa ubulali kubantu bonke.’ (Tito 3:2) Kuphephe ukuxelisa ihlabathi ngokusebenzisa amagama abathob’ isidima abantu belinye ibala, abathetha olunye ulwimi, okanye bolunye uhlanga. (ISityhi. 7:9, 10) Zixubushe ngokuphandle izinto ezifunwa nguYehova, uze ubonise indlela ekububulumko ngayo ukuba sizenze; kodwa ke uphephe ukubagxeka abo bangekahambi ngokupheleleyo kwindlela kaYehova. Kunoko, khuthaza bonke ukuba baqonde ukuthanda kukaThixo nokuba benze okumkholisayo. Dambisa amazwi esiluleko ngokubancoma ngokufudumeleyo nangokunyaniseka. Indlela othetha ngayo kunye nethoni yelizwi lakho mayidlulisele umsa wobuzalwana esifanele sibe nawo sonke omnye komnye.—1 Tes. 4:1-12; 1 Pet. 3:8.