Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 27

Ukuthetha Ungajonganga Lwandlalo

Ukuthetha Ungajonganga Lwandlalo

USENOKUBA uye wazibhokoxa ekulungiseleleni intetho yakho. Mhlawumbi nombandela wakho unenkcazelo. Iingcamango zakho ziyavakala. Usenokukwazi ukuyinikela ngokutyibilikayo. Kodwa ukuba ingqalelo yabaphulaphuli bakho yahlulelene—baphulaphula nje iinxalenye ezithile zoko ukuthethayo kuba iingqondo zabo ziman’ ukubhadulela kwezinye izinto—iya kunceda ngantoni ke intetho yakho? Ukuba bakufumanisa kunzima ukunikela ingqalelo kwintetho yakho, ngaba uya kukwazi ke ukufikelela iintliziyo zabo?

Usenokuba uyintoni unobangela wale ngxaki? Zininzi izinto ezinokuba negalelo kule nto. Kodwa idla ngokubangelwa kukuthetha ujonge ulwandlalo. Ngamany’ amazwi, isithethi sijonga amanqaku aso ngalo lonke ixesha, okanye ke sinikela intetho sibambe umzimba. Noko ke, ezi ngxaki zinxibelelene ngokungqalileyo nendlela intetho elungiselelwa ngayo.

Ukuba uqala ngokuyibhala intetho yakho uze emva koko uzame ukuyijika ibe lulwandlalo, uya kukufumanisa kunzima ukuyinikela ngokukhululeka. Ngoba? Kaloku ukhethe kanye loo magama ufuna ukuwasebenzisa. Kwanokuba usebenzisa ulwandlalo xa unikela intetho, uza kuzama ukukhumbula laa magama ubuwasebenzisile xa ubuyibhala intetho yakho. Xa into ibhaliwe, ulwimi alukhululeki kwaye nokwakhiwa kwezivakalisi kuyantsonkotha kunakwintetho yemihla ngemihla. Indlela oyinikela ngayo intetho iya kuyibonisa loo nto.

Kunokuba uyibhale yonke into oza kuyithetha, khawuzame la macebiso alandelayo: (1) Khetha umxholo kunye neenkalo eziziintloko zaloo mbandela oza kuwusebenzisa ekuphuhliseni loo mxholo. Kwintetho emfutshane, iingongoma eziziintloko ezimbini zisenokwanela. Intetho ende isenokuba nezine okanye ezintlanu. (2) Phantsi kwengongoma eyintloko nganye, bhala izibhalo eziphambili oceba ukuzisebenzisa ekuyiphuhliseni; bhala nemizekeliso yakho kunye nezibakala eziziintloko. (3) Cinga ngendlela oza kuyitshayelela ngayo intetho yakho. Unokude ubhale isivakalisi esinye okanye ezibini. Ceba nomqukumbelo wakho.

Ukulungiselela indlela yokunikela intetho kubaluleke gqitha. Kodwa musa ukuyinkqaya intetho. Xa ulungiselela ukunikela intetho ngokukhululeka, musa ukugxininisa kumagama, gxininisa kwiingcamango ofuna ukuzidlulisela. Ziingcamango ofanele uzibethelele engqondweni de ukwazi ukuzilandelelanisa engqondweni yakho. Ukuba intetho uyakhe yayondelelana waza wayiceba kakuhle, akufanele kube nzima ukukwenza oku, yaye xa unikela loo ntetho, iingcamango ziza kuzizela lula.

Cinga Ngeengenelo. Ingenelo ebalulekileyo yokunikela intetho ungajonganga lwandlalo kukuba uza kube uthetha ngendlela eqhelekileyo nevakala lula kubantu. Uza kudlamka xa unikela intetho uze ngaloo ndlela utsale umdla wabaphulaphuli bakho.

Le ndlela yokuthetha ikunika ithuba lokuba usoloko ujonge abaphulaphuli, nto leyo eyenza unxibelelane bhetele nabo. Ekubeni ungaxhomekekanga kumanqaku ukuze ubize isivakalisi ngasinye, abaphulaphuli bakho baya kuqonda ukuba uyayazi le nto uyithethayo kwaye uyikholelwa ngokunyanisekileyo. Ngenxa yoko, le ndlela yokunikela intetho ibangela ukuba ubani athethe ngokufudumala, ancokole kwaye azifikelele iintliziyo.

Ukunikela intetho ngokukhululeka kukwenza ube bhetyebhetye. Umbandela awucetywa ngendlela engqongqo kangangokuba ungakwazi ukwenza zinguqulelo kuwo. Masithi kusasa ngolu suku uza kunikela ngalo intetho yakho, kukho ingxelo ethimb’ ingqalelo yeendaba enxibelelene ngokungqalileyo nombandela wakho. Ngaba ubungayi kukuvuyela ukubhekisela kuyo? Okanye njengoko uthetha, uphawula ukuba kukho abantwana abahamba isikolo abaninzi kubaphulaphuli bakho. Hayi indlela ebekuya kuba kuhle ngayo ukutshintsha imizekeliso kunye nendlela oyisebenzisa ngayo unenjongo yokubanceda baqonde indlela loo mbandela obuchaphazela ngayo ubomi babo!

Enye ingenelo yokuthetha ungajonganga lwandlalo kukuloleka kwengqondo yakho. Xa unabaphulaphuli abanoxabiso nabasabelayo, nawe uba nehlombe uze uzityebise nangakumbi iingcamango zakho okanye uziphe ixesha lokuphindaphinda iingongoma ezithile ofuna ukuzigxininisa. Ukuba uphawula ukuba umdla wabaphulaphuli uyaphela, unokuthabatha amanyathelo ukuze woyise loo ngxaki kunokuba uqhubeke uthetha nabantu abangqondo zingekho apho.

Lumkela Imigibe. Yiqonde ke into yokuba ukuthetha ungajonganga lwandlalo kuneengxaki zako. Enye kukuthanda ukuty’ ixesha. Ukuba ufakelela iingongoma ezininzi ebudeni bentetho, ixesha lisenokukubetha. Unako ukuhlangabezana nale ngxaki ukuba uyabhala kulwandlalo lwakho ukuba umele uchithe ixesha elingakanani na kwicandelo ngalinye lentetho. Namathela kwelo xesha ulibekileyo.

Enye ingozi, ngokukodwa kwizithethi ezinamava, kukuzithemba ngokugqithiseleyo. Ekubeni sele beqhelile ukuthetha esidlangalaleni, bambi basenokukufumanisa kungenzima ukuqokelela iingcamango ngokukhawuleza baze bazalise elo xesha libekiweyo. Kodwa ukuthobeka nokuqonda ukuba sinesabelo kwinkqubo yemfundo apho uYehova ngokwakhe enguMyaleli Ozukileyo kufanele kusishukumisele ekubeni isabelo ngasinye sisisingathe ngokunyaniseka kwaye sisithandazele size sisilungiselele kakuhle.—Isa. 30:20; Roma 12:6-8.

Mhlawumbi eyona nto ixhalabisayo kwizithethi ezininzi ezingenamava okuthetha zingajonganga lwandlalo kukuba zisenokukulibala oko zifuna ukukuthetha. Musa ukuvumela olu loyiko lukwenze ucezele kude kweli nyathelo likhokelela ekubeni sisithethi esiphumelelayo. Lungiselela kakuhle, uze ukhangele kuYehova ukuba akuncede ngomoya wakhe.—Yoh. 14:26.

Ezinye izithethi zivumela ukuzixhalabisa ngokugqithiseleyo ngamagama kube ngumqobo. Kuyinyaniso kona ukuba, xa uthetha ungajonganga lwandlalo usenokungabi namagama akhethwe kakuhle yaye usenokungachani kwimigaqo yentetho njengaxa unikela intetho engumbhalo-ngqangi, kodwa ukunikela intetho ngendlela enomtsalane nebuncoko kwenza zingabonakali kwaphela ezo ntsilelo. Abantu basabela lula kwiingcamango ezidluliselwa ngamagama abawaqonda lula nangezivakalisi ezingantsonkothanga. Ukuba ulungiselela kakuhle, amabinzana afanelekileyo aya kuzizela, kungengenxa yokuba uwankqayile, kodwa ngenxa yokuba uye wazibethelela ngokwaneleyo iingcamango. Kwaye ukuba usebenzisa ulwimi olufanelekileyo kwincoko yemihla ngemihla, luya kuzizela xa useqongeni.

Uhlobo Lwamanqaku Ofanele Ulusebenzise. Njengoko ixesha lihamba kwaye uqhelisela, unokukwazi ukuluphungula ulwandlalo lwakho lube ngamagama ambalwa nje kwingongoma nganye yentetho yakho. La magama, kunye nezibhalo oza kuzisebenzisa, anokubhalwa ekhadini okanye ephepheni ukuze ukwazi ukubhekisela kuwo lula. Kubulungiseleli basentsimini, kwiimeko ezininzi uya kubethelela engqondweni ulwandlalo olulula. Ukuba wenze uphando ngombandela othile xa ulungiselela ibuyelo, unokuba namanqaku amafutshane kwisiqwengana sephepha osifake phakathi kwamaphepha eBhayibhile yakho. Okanye unokusebenzisa ulwandlalo olukwi-“Mixholo Yengxubusho YeBhayibhile” okanye umbandela okwincwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo njengesiseko sengxubusho yakho.

Noko ke, ukuba wabelwe iinxalenye eziliqela zeentlanganiso kwisithuba seeveki ezimbalwa kwaye mhlawumbi neentetho zesidlangalala zilapho, usenokufumanisa ukuba kufuneka wenze amanqaku angakumbi. Ngoba? Ukuze ukhumbuze ingqondo yakho ngaloo mbandela ngaphambi kokuba usingathe ngasinye kwezo zabelo. Nalapho, ukuba uxhomekeke kumanqaku akho kakhulu xa unikela intetho—uwajonga kwisivakalisi ngasinye osithethayo—uya kuphulukana neengenelo zokuthetha ungajonganga lwandlalo. Ukuba usebenzisa amanqaku angakumbi, waphawule ukuze ujonge kuphela loo magama akrwelelweyo kunye nezibhalo ozifakileyo kulwandlalo lwakho.

Ngoxa isithethi esinamava sidla ngokuthetha singajonganga lwandlalo, zikho neengenelo zokufakela nezinye iindlela zokunikela intetho. Kwintshayelelo nakumqukumbelo, apho unxibelelwano nabaphulaphuli lufanele lukhatshwe ziingongoma ezinamandla nezibekwa kakuhle, izivakalisi ezimbalwa ezinkqayiweyo zinokuba nempumelelo. Apho kusetyenziswe izibakala, amanani, iingcaphulo, okanye izibhalo, akuyonto iphosakeleyo ukufunda yaye kunokuba nemiphumo emihle.

Xa Abanye Benemibuzo. Maxa wambi kuye kufuneke sicacise iinkolelo zethu singakhange sifumane thuba lakulungiselela kusengaphambili. Oku kunokwenzeka xa umntu esidibana naye kwinkonzo yasentsimini esiphikisa. Iimeko ezinjalo zinokuvela xa sikunye nezalamane, emsebenzini okanye esikolweni. Namagosa aseburhulumenteni anokubuza imibuzo ngeenkolelo zethu nangendlela esiphila ngayo. IZibhalo ziyabongoza: “Nisoloko nikulungele ukuzithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna kuni isizathu sethemba elikuni, kodwa nisenjenjalo ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.”—1 Pet. 3:15.

Phawula indlela uPetros noYohane abayiphendula ngayo iSanhedrin yamaYuda, njengoko kubhalwe kwiZenzo 4:19, 20. Ngezivakalisi ezibini nje kuphela, bakwenza kwacaca ukuma kwabo. Bakwenza oko ngendlela eyayibafanele abaphulaphuli babo—bebonisa ukuba le mbambano ababejamelene nayo abapostile yayikwajamelene nayo nenkundla leyo. Kamva, uStefano wabhutywa ngezityholo zobuxoki, ibe wasiwa kwakule nkundla inye. Phawula impendulo enamandla nengacwangciswanga awayinikelayo kwiZenzo 7:2-53. Wawuhlengahlengisa njani umbandela wakhe? Wachaza iziganeko ngokokulandelana kwamaxesha. Kwindawo efanelekileyo, waqalisa ukugxininisa umoya wemvukelo wohlanga lwakwaSirayeli. Ekuqukumbeleni, wabonisa ukuba iSanhedrin yayibonise umoya ofanayo ngokuyalela ukuba uNyana kaThixo abulawe.

Xa kufuneka uchaze iinkolelo zakho ungacwangcisanga, yintoni enokukunceda wenze amagqabaza avakalayo? Xelisa uNehemiya, owathandaza entliziyweni ngaphambi kokuba aphendule umbuzo kaKumkani uArtashashta. (Neh. 2:4) Emva koko, yenza ulwandlalo ngokukhawuleza engqondweni yakho. Amanyathelo asisiseko unokuwabeka ngolu hlobo: (1) Khetha ingongoma ibe nye okanye zibe mbini ofanele uziquke kwingcaciso yakho (unokusebenzisa iingongoma ezifumaneka kwincwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo). (2) Khetha izibhalo oza kuzisebenzisa ukuxhasa ezo ngongoma. (3) Ceba indlela yokuqalisa ingcaciso yakho ngobuchule ukuze loo mntu ubuzayo akulungele ukuphulaphula. Emva koko qalisa ukuthetha.

Ngaba uya kukwazi ukukhumbula oko umele ukwenze xa uphantsi kwengcinezelo? UYesu waxelela abalandeli bakhe oku: “Ningaxhaleli ukuba niya kuthetha njani na okanye ntoni na; kuba niya kuyinikwa ngelo lixa into eniya kuyithetha; kuba asinini abathethayo, kodwa ngumoya kaYihlo othetha ngani.” (Mat. 10:19, 20) Oku akuthethi kuthi uza kusuke ngokungummangaliso unikele “intetho yobulumko” eyanikelwa ngamaKristu enkulungwane yokuqala. (1 Kor. 12:8) Kodwa ukuba rhoqo uzenza ufumanekele imfundo uYehova ayilungiselele abakhonzi bakhe kwibandla lamaKristu, umoya oyingcwele uya kukukhumbuza loo nkcazelo ifunekayo.—Isa. 50:4.

Ngaphandle kwamathandabuzo, ukunikela intetho ungajonganga lwandlalo kunokuba nempumelelo kakhulu. Ukuba ukuqhelisela rhoqo xa usingatha izabelo ebandleni, xa kufuneka uphendule imibuzo ungalungiselelanga akuyi kuba nangxaki, kuba kaloku usebenzisa indlela enye yokwenza ulwandlalo. Musa ukuziyekelela. Ukufunda ukuthetha ungajonganga lwandlalo kuya kukunceda ube nempumelelo ngakumbi kubulungiseleli bakho basentsimini. Yaye ukuba unelungelo lokunikela iintetho ebandleni, uya kukwazi nangakumbi ukuthimba ingqalelo yabaphulaphuli uze uchukumise iintliziyo zabo.