ISIFUNDO 26
Ukuyondelelaniswa Kombandela
NGAPHAMBI kokuba uyondelelanise umbandela, kufuneka ucinge ngenjongo onayo engqondweni. Ngaba injongo yakho kukuchazela abanye nje ngombandela othile—inkolelo, isimo sengqondo, uphawu, ihambo, okanye indlela yokuphila? Ngaba uzimisele ukungqina okanye ukuphikisa ingcamango ethile? Ngaba injongo yakho kukwakha uxabiso ngento ethile okanye kukushukumisela abantu kwisenzo? Enoba loo mbandela wakho uza kuwudlulisela kumntu omnye okanye kubaphulaphuli abaninzi, ukuze uwudlulisele kakuhle, kufuneka ucinge ngoko sele bekwazi ngaloo mbandela kunye nesimo sengqondo sabo ngawo. Emva koko, hlengahlengisa umbandela wakho ngendlela eya kukunceda uyiphumeze injongo yakho.
Xa zithetha ngobulungiseleli bukaSawule (uPawulos) eDamasko, iZenzo 9:22 zithi “wayewaqungaqunga amaYuda awayehlala eDamasko njengoko wayengqina ngokusengqiqweni ukuba lo nguKristu.” Babuquka ntoni obo bungqina busengqiqweni? Njengoko kuboniswa yingxelo yobungqina bamva bukaPawulos kwa-Antiyokwe naseTesalonika, okokuqala, wakhela ingxubusho yakhe kwisibakala sokuba amaYuda ayezamkela iZibhalo zesiHebhere nesokuba ayezibanga ekholelwa koko zikutshoyo ngoMesiya. Emva koko, uPawulos wakhetha iinxalenye ezithile zezo Zibhalo ezazixubusha ngobomi nobulungiseleli bukaMesiya. Wazicaphula waza wazithelekisa noko kwenzekayo ngokunxibelelene noYesu. Ekugqibeleni, wafikelela kwisigqibo esizicaceleyo, sokuba uYesu nguKristu, okanye uMesiya. (IZe. 13:16-41; 17:2, 3) Ukuba nawe uchaza inyaniso yeBhayibhile ngendlela eyondeleleneyo, inokubeyisela abanye.
Ukuhlengahlengisa Intshumayelo. Zininzi iindlela umbandela onokuhlengahlengiswa ngazo uze uyondelelane. Ukuba ukufumanisa kuyingenelo, unokusebenzisa iindlela eziliqela. Khawuqwalasele ezimbalwa nje kuzo.
Ukuyahlulahlula ibe yimixholwana.Oku kubandakanya ukuhlengahlengisa umbandela wakho ube ngamacandelo, ngalinye lifak’ isandla kwinjongo
yakho. La macandelo asenokuba ziingongoma eziziintloko ezibalulekileyo ukuze umbandela wakho uqondakale. Asenokuba ziingxubusho ezicacileyo ezingqina okanye eziphikisa inkalo ethile. Iingongoma ezithile, ngoxa zinxibelelene nombandela, zinokongezwa okanye zikhutshwe, kuxhomekeka kubaphulaphuli bakho nakwinjongo ofuna ukuyiphumeza.Masenze umzekelo ngokwahlulahlula intetho ibe yimixholwana. Intshumayelo emfutshane exubusha ngegama likaThixo inokuquka (1) isizathu sokuba kubalulekile ukulazi igama likaThixo, (2) oko likuko igama likaThixo, kunye (3) nendlela esinokulizukisa ngayo elo gama.
Kuninzi okunokufundwa ngokwahlulahlula umbandela ube yimixholwana ngokuhlola iimpapasho ezilungiselelwe “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi” ezisetyenziswa kwizifundo zeBhayibhile zamakhaya. (Mat. 24:45) Ezi mpapasho zidla ngokuquka imibandela, okanye imixholwana, emininzi enokunceda abafundi baziqonde kakuhle iinyaniso zeBhayibhile ezisisiseko. Iimpapasho ezinkulu zisebenzisa imixholwana eyahlulahlula isahluko ngasinye. Umxholo ngamnye wenza umfundi alungele umbandela oza kulandela kwaye ufak’ isandla kwingcamango epheleleyo.
Unobangela nomphumo. Ukuchaza unobangela kunye nomphumo kuyenye indlela yokudlulisela inkcazelo ngendlela eyondeleleneyo.
Ukuba uthetha neqela okanye nabantu ekufuneka bawuqwalasele ngenyameko umphumo wento abayenzayo okanye abaceba ukuyenza, le ndlela inokuba yimpumelelo. IMizekeliso isahluko 7 singumzekelo omhle wale ndlela. Le ncwadi iyichaza ngokucacileyo indlela umfana othile ongenamava “oswele intliziyo” (unobangela) arhintyelwa ngayo ngunongogo othile aze azifumane esenkathazweni (umphumo).—IMize. 7:7.
Ukuze ugxininise nangakumbi, unokuthelekisa imiphumo emibi efunyanwa ngabo basilelayo ukuhamba ngeendlela zikaYehova kunye nemiphumo emihle efunyanwa ngabo bamphulaphulayo uYehova. Eshukunyiswa ngumoya kaYehova, uMoses wawuchaza loo mahluko xa wayethetha nohlanga lwakwaSirayeli ngaphambi kokuba lungene kwiLizwe Lesithembiso.—Dut., isahlu. 28.
Kwezinye iimeko, kubhetele ukuqala ingxubusho yakho ngokuchaza imeko (umphumo) uze unikele ubungqina obubonisa izinto eziye zanegalelo kuyo (unobangela). Oku kudla ngokubandakanya ukuchaza ingxaki kunye nesicombululo.
Ingxaki nesicombululo. Kubulungiseleli basentsimini, xa uxubusha ingxaki exhalabisa abantu uze ubonise ukuba sikho isicombululo esanelisayo, oko kusenokubakhuthaza abantu ukuba baphulaphule. Isenokuba yingxaki oyiphakamisileyo wena okanye ephakanyiswe ngomnye umntu.
Loo ngxaki isenokuba sisibakala sokuba abantu besaluphala baze bafe, ulwaphulo-mthetho olwaphul’ izikeyi, okanye ukungabikho kokusesikweni. Akuyomfuneko ukuba uthethe into eninzi ukuze ubonise ukuba ikho loo ngxaki, kuba kaloku izicacele. Qala ngokuchaza loo ngxaki, uze uchaze isicombululo esinikelwa yiBhayibhile.
Kwelinye icala, loo mntu usenokuba unengxaki yobuqu, ebandakanya ucelomngeni lokuba ngumzali ongenaqabane, ukudimazeka ngenxa yokugula, okanye ubunzima ubani ajamelana nabo ngenxa yokuphathwa kakubi ngomnye umntu. Ukuze uyisingathe ngeyona ndlela isemagqabini, qala ngokuba ngumphulaphuli olungileyo. IBhayibhile inikela inkcazelo exabisekileyo kuzo zonke ezi ngxaki. Kodwa loo nkcazelo imele isetyenziswe ngokuqonda. Ukuba ufuna ingxubusho yakho ibe yingenelo ngokwenene komnye umntu, kufuneka uyisingathe ngendlela esengqiqweni. Cacisa enoba uxubusha ngesicombululo esisisigxina, esokwexeshana okanye uxubusha indlela yokunyamezela imeko engayi kutshintsha kule nkqubo yezinto. Ngamany’ amazwi, qiniseka ukuba ingqiqo yeZibhalo oyinikelayo yanele ukuxhasa isigqibo ofikelela kuso. Kungenjalo, isicombululo ofikelela kuso sisenokungabonakali sisengqiqweni komnye umntu.
Ulandelelwano lwamaxesha. Omnye umbandela uye ufune ukusingathwa ngokokulandelelana kwamaxesha. Ngokomzekelo, kwincwadi ye-Eksodus, iZibetho Ezilishumi zichazwa ngokokulandelelana kwazo. KweyamaHebhere isahluko 11, umpostile uPawulos udwelisa amadoda namabhinqa angumzekelo wokholo ngokokulandelelana kwamaxesha awayephila ngawo.
Ukuba ubalisa iziganeko zexesha elidluleyo ngokokulandelelana kwamaxesha azo, oku kunokunceda abaphulaphuli bakho baqonde indlela izinto ezafikelela ngayo kwinqanaba elithile. Oku kusebenza kwimbali yale mihla nakwiziganeko zamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Ngaloo ndlela unokudibanisa ulandelelwano lwamaxesha kunye nengqiqo echaza unobangela kunye nomphumo. Ukuba uceba ukuchaza iziganeko iBhayibhile ebonisa ukuba ziza kwenzeka kwixesha elizayo, ukusebenzisa ulandelelwano lwamaxesha kwintetho yakho kuya kuba yeyona ndlela ilula ukuze abaphulaphuli bakho bayilandele yaye bayikhumbule.
Ukubeka izinto ngolandelelwano lwamaxesha akuthethi kuthi ufanele uqale ekuqaleni ngalo lonke ixesha. Kwezinye iimeko, kunokuba kuhle
ukufakelela ingxelo ebangel’ umdla kwelo bali. Ngokomzekelo, xa ubalisa amava unokukhetha ukubalisa ngesiganeko apho kwavavanywa ingqibelelo yomntu othile kuThixo. Wakuba uwuvuselele umdla kuloo nxalenye yengxelo, unokuchaza ngolandelelwano lwamaxesha iinkcukacha ezakhokelela kweso siganeko.Ukusebenzisa Umbandela Ohambisana Nentetho Kuphela. Kungakhathaliseki ukuba uwuhlengahlengisa kangakanani na umbandela wakho, qiniseka ukuba usebenzisa kuphela umbandela onento yokwenza nayo. Umxholo wentetho yakho ufanele ugqibe ngombandela owukhethayo. Ufanele ucinge nangabaphulaphuli bakho. Kwabanye abaphulaphuli ingongoma ethile inokubaluleka, ngoxa kwabanye isenokubaxeka. Kwakhona umele uqiniseke ukuba wonke umbandela wakho uya kufak’ isandla ekuphumezeni injongo yakho. Kungenjalo, intetho yakho, ngoxa mhlawumbi ibangel’ umdla, inokungabi nampumelelo kangako.
Xa usenza uphando, usenokufumana umbandela omninzi onxibelelene nomxholo wakho. Ungakanani ofanele uwusebenzise? Ukuba ungxala abaphulaphuli ngombandela omninzi, usenokungayiphumezi injongo yakho. Iingongoma eziziintloko ezimbalwa eziphuhliswe kakuhle ziya kukhumbuleka lula kunentaphane yeengcamango ezidluliswa ngokungxama. Oku akuthethi kuthi akufanele ufakele izinongo ezithile entethweni yakho. Kodwa ke ungazivumeli ukuba zisithe eyona njongo yakho. Phawula indlela ezo nkcukacha ezafakelwa ngobuchule ngayo eBhayibhileni kuMarko 7:3, 4 nakuYohane 4:1-3, 7-9.
Njengoko uqhubeka ukusuka kwenye ingongoma ukuya kwenye, ulumke ungakhawulezisi kangangokuba ubashiye abaphulaphuli bakho. Ukuze iingcamango zisebenze kunye ngendlela ephumelelayo, kusenokufuneka ufakele amakhonkco azidibanisayo. Ikhonkco lisenokuba ligatya elithile okanye ibe sisivakalisi esipheleleyo esibonisa indlela ezinxibelelana ngayo ezo ngcamango. Kwiilwimi ezininzi, izihlanganisi zinokusetyenziswa ukubonisa indlela ingcamango entsha enxibelelene ngayo neyandulelayo.
Ukusebenzisa umbandela ohambisana nentetho kuphela nokuwuyondelelanisa kakuhle, kuya kukunceda uphumeze injongo yakho.