ISIFUNDO 36
Ukwakhiwa Komxholo
IZITHETHI ezinamava ziyayazi indlela ekubaluleke ngayo ukuba nomxholo. Xa zilungiselela intetho, umxholo uyazinceda ukuba zijolise ingqalelo kumbandela othile zize zicingisise nzulu ngawo. Umphumo kukuba endaweni yokuba zikhe phezulu iingongoma ezininzi, umbandela wazo ziwakha ngendlela eya kuba yingenelo kubaphulaphuli bazo. Xa ingongoma eyintloko nganye inxibelelene nomxholo yaye inceda ekuwakheni, nabaphulaphuli bayakwazi ukuzikhumbula ezo ngongoma baze bakuqonde ukubaluleka kwazo.
Nangona kunokutshiwo ukuba umxholo ngumbandela othetha ngawo, uya kufumanisa ukuba umgangatho weentetho zakho uyaphucuka ukuba ugqala umxholo wakho njengembono owakhela kuyo umbandela wakho. UBukumkani, iBhayibhile novuko yimibandela ephangaleleyo. Unokwakha imixholo eyahlukeneyo kule mibandela. Nantsi eminye imizekelo: “UBukumkani, Urhulumente Wokwenene,” “UBukumkani BukaThixo Buya Kwenza Umhlaba Ube YiParadesi,” “IBhayibhile Iphefumlelwe NguThixo,” “IBhayibhile Lukhokelo Olusebenzisekayo Kumhla Wethu,” “Uvuko Lunika Ithemba Kwabaxhwalekileyo,” nothi “Ithemba Lovuko Lisinceda Sihlale Siqinile Xa Sijamelana Nentshutshiso.” Yonke le mixholo ifuna ukwakhiwa ngendlela eyahluke ngokupheleleyo.
Ngokuvisisana nomxholo obalaseleyo weBhayibhile, xa uYesu Kristu wayeshumayela ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni wabalaselisa lo mxholo: “Ubukumkani bamazulu busondele.” (Mat. 4:17) Wakhiwa njani lo mxholo? UBukumkani kubhekiselwa kubo kangangezihlandlo ezingaphezu kwe-110 kwiincwadi zeVangeli ezine. Kodwa uYesu akazange aphelele ekuphindaphindeni ibinzana elithi “ubukumkani” kuphela. Ngemfundiso yakhe nangemimangaliso awayeyenza, uYesu wayicacisa into yokuba yena wayenguNyana kaThixo, uMesiya, lowo uYehova wayeza kumnika uBukumkani. UYesu wabonisa ukuba ngaye kwakuvulwa indlela yokuba abanye babe nesabelo kobo Bukumkani. Wachaza iimpawu ezazifanele zibonakaliswe ngabo babeza kunikwa elo lungelo. Ngeemfundiso zakhe nangemisebenzi enamandla awayenzayo, wayenza yacaca intsingiselo yoBukumkani bukaThixo kubomi babantu waza wabonisa ukuba ukugxotha kwakhe iidemon ngomoya kaThixo kwakububungqina bokuba ‘ubukumkani bukaThixo bubafikele ngokwenene’ abaphulaphuli bakhe. (Luka 11:20) Bobo Bukumkani ke uYesu awathuma abalandeli bakhe ukuba banikele ubungqina ngabo.—Mat. 10:7; 24:14.
Ukusebenzisa Umxholo Ofanelekileyo. Akuthiwa yakha umxholo ngomlinganiselo ofana noweBhayibhile, kodwa ukuba nomxholo ofanelekileyo kubalulekile.
Ukuba ufanele uzikhethele ngokwakho umxholo, qala ucinge ngenjongo yentetho yakho. Emva koko, njengoko ukhetha iingongoma eziziintloko eziza kuyila ulwandlalo lwakho, qiniseka ukuba ziwuxhasa ngokwenene umxholo owukhethileyo.
Ukuba uwunikiwe umxholo, kuhlalutye ngenyameko oko ukubonisayo ngendlela umbandela wakho ofanele wakhiwe ngayo. Kusenokufuneka wenze umgudu ukuze uqonde ukubaluleka kunye noko kunokuphunyezwa nguloo mxholo. Ukuba uza kuzikhethela umbandela oza kwakha ngawo umxholo owunikiweyo, wukhethe ngenyameko ukuze umxholo uhlale ubalasele. Kwelinye icala, ukuba uwunikiwe umbandela, kusafuneka uhlalutye indlela odibana ngayo nomxholo. Kufuneka ucinge nangesizathu sokuba loo mbandela ubalulekile kubaphulaphuli bakho kunye nenjongo yokuwunikela. Oku kuya kukwenza uzazi izinto omele uzigxininise kwintetho yakho.
Indlela Yokugxininisa Umxholo. Ukuze uwugxininise ngendlela efanelekileyo umxholo, umele wakhe isiseko xa ukhetha naxa uhlengahlengisa umbandela wakho. Ukuba usebenzisa umbandela oxhasa umxholo kuphela yaye ulandela imigaqo ebandakanyekileyo yokwenza ulwandlalo olufanelekileyo, phantse ube uya kuwugxininisa ngokuzenzekelayo umxholo.
Ukuphindaphinda kunokuwubethelela umxholo. Kumculo weklasiki, umxholo uba sisandi esiphindaphindwa ngokufuthi kangangokuba sibe nempembelelo kwingoma iphela. Eso sandi asisoloko sivela ngohlobo olunye. Maxa wambi kuvakala inxalenye nje yaso, ngamany’ amaxesha uyaguquguqulwa loo mxholo, kodwa ke enoba kwenziwa njani na, umqambi wengoma usifakelela ngobuchule eso sandi sakhe de sibe nempembelelo kwingoma iphela. Ufanele ube njalo ke umxholo wentetho. Ukuphindaphindwa kwamagama ayintloko omxholo kufana nesandi sengoma
esiman’ ukuvela. Izithetha-ntonye zala magama okanye ukuwuphinda ngamanye amazwi loo mxholo kuyawuguquguqula. Ukusebenzisa loo macebo kuya kwenza umxholo ube yeyona ngcamango iphambili abayikhumbulayo abaphulaphuli bakho.Le migaqo ayisebenzi kwiintetho kuphela kodwa ikwasebenza nakwiingxubusho kubulungiseleli basentsimini. Ingxubusho emfutshane iyakhumbuleka xa umxholo ubalaseliswa. Imfundiso enikelwa kwisifundo seBhayibhile iya kukhunjulwa lula xa umxholo ugxininisiwe. Umgudu owenzayo wokukhetha nokwakha imixholo efanelekileyo uya kuphumeza lukhulu ekukwenzeni uphumelele njengesithethi nanjengomfundisi weLizwi likaThixo.