Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 29

Umgangatho Welizwi

Umgangatho Welizwi

ABANTU abaphenjelelwa kuphela koko kuthethwayo kodwa bakwaphenjelelwa nayindlela okuthethwa ngayo. Ukuba umntu uthetha nawe ngelizwi elimnandi, elifudumeleyo, elinobuhlobo nelinobubele, ngaba akuyonyaniso ukuba utyekela ekumphulaphuleni ngenyameko kunaxa ethetha ngelizwi elingenabuhlobo okanye elingqwabalala?

Ukusebenzela ukuba ilizwi libe kumgangatho onqwenelekayo akusoloko kungumbandela wokulungisa ilizwi nje kuphela. Kusenokubandakanya ubuntu bukabani. Njengoko ubani esenza inkqubela elwazini nasekusebenziseni inyaniso yeBhayibhile, kuye kubonakale utshintsho kwindlela athetha ngayo. Iimpawu ezintle ezinjengothando, uvuyo, nobubele ziyavakala kwilizwi lakhe. (Gal. 5:22, 23) Xa ebaxhalabele ngokwenene abanye, loo nto uyiva kwilizwi lakhe. Xa ukuziva unombulelo kuthabathel’ indawo umoya wokusoloko ukhalaza, loo nto ivakala kumazwi owathethayo nakwithoni yelizwi lakho. (IZili. 3:39-42; 1 Tim. 1:12; Yude 16) Kwanaxa ungaluqondi ulwimi oluthethwayo, kulula ukuva umahluko phakathi komntu onekratshi, ongenamonde, ogxekayo nongqwabalala, nomntu othobekileyo, onomonde, onobubele nonothando.

Kwiimeko ezithile ilizwi elingathandekiyo linokubangelwa sisigulo esiye senzakalisa ingqula yakhe okanye sisiphene ubani azelwe enaso. Iimeko ezinjalo zisenokuba qatha kangangokuba angade akwazi ukulilungisa ngokupheleleyo kule nkqubo yezinto. Noko ke, ukufunda ukuwasebenzisa kakuhle amalungu okuthetha kunokuphumela kwinkqubela.

Kuqala, kubalulekile ukuqonda ukuba amazwi abantu akafani. Injongo yakho ayifanele ibe kukuba nelizwi elifana nelomntu othile. Kunoko, phucula eli lakho ilizwi elineempawu ezahlukileyo. Yintoni enokukunceda wenze loo nto? Kukho iinkalo ezimbini ezibalulekileyo.

Yilawule Ngendlela Efanelekileyo Indlela Ophefumla Ngayo. Ukuze ufumane eyona miphumo isemagqabini kwindlela olisebenzisa ngayo ilizwi lakho, kufuneka uphefumle ngokwaneleyo kwaye uwulawule ngendlela efanelekileyo umoya owuphefumlayo. Ukuba akuzenzi ezo zinto, ilizwi lakho linokuvakala libuthathaka, kwaye nentetho yakho iya kuman’ ukuqhawuka ihlangana.

Eyona nxalenye inkulu yemiphunga ayikho kumantla esifuba, lo mmandla ubonakala umkhulu ngenxa yamathambo amagxa. Kunoko, imiphunga iba banzi kakhulu ngaphezulu nje kancinane kovalo. Ekubeni lunamathele kumazantsi eembambo, uvalo lwahlula isifuba kwisisu.

Ukuba xa uphefumlela ngaphakathi uzalisa inxalenye engaphezulu kuphela yemiphunga yakho, kungekudala uza kuphelelwa ngumoya. Ilizwi lakho aliyi kuba namandla, kwaye uza kudinwa msinya. Ukuze uphefumle ngendlela efanelekileyo, kufuneka uhlale okanye ume nkqo uze ube busityhala isifuba. Yenza umgudu obonakalayo wokuphepha ukuzalisa inxalenye engentla kuphela yemiphunga yakho xa uphefumlela ngaphakathi. Zalisa inxalenye engezantsi yemiphunga kuqala. Xa le nxalenye izele, amazantsi eembambo zakho aya kukhukhumala aye emacaleni. Kwangaxeshanye, uvalo luya kuhla, lusityhale kancinane isisu kunye namathumbu, de usive sityhala ibhanti okanye loo nto uyibhinqe esinqeni. Kodwa ke imiphunga ayikho apho ezantsi; ingaphakathi kweembambo yona. Ukuze uzivavanye, beka izandla zakho kumacala omabini omzimba wakho ngasekupheleni kweembambo. Phefumlela ngaphakathi kakhulu. Ukuba uphefumla kakuhle, isisu sakho asiyi kutshona yaye namagxa akho akayi kunyuka. Kunoko, uya kuva iimbambo zakho zinyuka kancinane ezinye zisiya emacaleni.

Emva koko, sebenzela ekuphefumleleni ngaphandle. Musa ukusafaza ngomoya ngokuphefumlela ngaphandle ngokukhawuleza. Phefumlela ngaphandle ngokuthe ngcembe. Musa ukuzama ukuwulawula ngokuqinisa umqala. Oko kuya kuphumela kwilizwi elitswinayo okanye elivakala likrasa ngendlela engaqhelekanga. Ingcinezelo esuka kwizihlunu zesisu nezo ziphakathi kweembambo iwutyhalela ngaphandle umoya, ngoxa uvalo lulawula isantya ophuma ngaso.

Kanye ngendlela imbaleki eziqeqesha ngayo ukuze ilungele ugqatso, nesithethi sinako ukusebenzela ekulawuleni indlela esiphefumla ngayo ngokuqhelisela. Yima nkqo uze utyhale isifuba, phefumla ngohlobo lokuba uzalise umzantsi wemiphunga, uze uphefumlele ngaphandle ngokuthe ngcembe ngoxa ubala ngokucothayo de ufikelele apho unokufikelela khona ngaloo moya umnye. Emva koko qhelisela ukufunda ngokuvakalayo uphefumla ngaloo ndlela inye.

Yekelela Izihlunu Eziqinileyo. Enye inkalo ebalulekileyo ukuze ilizwi lakho libe semgangathweni yile—yekelela umzimba! Iyamangalisa indlela onokuphucula ngayo ngokufunda ukuyekelela umzimba xa uthetha. Ingqondo nomzimba zimele zikhululeke, kuba xa ingqondo ixinezelekile nezihlunu ziyaqina.

Yenza ingqondo yakho ikhululeke ngokuba nesimo sengqondo esifanelekileyo ngabaphulaphuli bakho. Ukuba ngabantu odibana nabo kubulungiseleli basentsimini, khumbula ukuba kwanokuba uneenyanga ezimbalwa nje ufundisisa iBhayibhile, kukho izinto ezibalulekileyo ozaziyo ngenjongo kaYehova onokwabelana nabo ngazo. Yaye usiya kubo nje kungenxa yokuba befuna ukuncedwa, enoba bayayiqonda okanye abayiqondi loo nto. Kwelinye icala, ukuba unikela intetho kwiHolo yoBukumkani, inkoliso yabaphulaphuli bakho ngabantu bakaYehova. Ngabahlobo bakho, kwaye bafuna ukuba uphumelele. Abakho abantu phantsi kwelanga abathetha phambi kwabaphulaphuli abanobuhlobo nabanothando rhoqo njengathi.

Yekelela izihlunu zomqala ngokujolisa ingqalelo yakho kuzo uze uzenze zikhululeke. Khumbula ukuba imiphimbo yakho iyangcangcazela xa umoya udlula kuyo. Ithoni yelizwi iyatshintsha xa izihlunu zomqala ziqiniswa okanye zikhululwa, kanye njengokuba ithoni yekatara okanye yevayolin itshintsha xa uqinisa okanye ukhulula iingcingo zayo. Xa uyekelela imiphimbo, ithoni iyehla. Ukuyekelela izihlunu zomqala kukwanceda ekugcineni amarhanana akho evulekile, ibe loo nto iya kulenza livakale kamnandi ilizwi lakho.

Yekelela umzimba uphela—amadolo, izandla, amagxa kunye nentamo yakho. Oku kuya kufak’ isandla ekulenzeni livakale kakuhle ilizwi lakho. Ilizwi livakala kakuhle xa umzimba uphela usebenza njengebhodi edlulisa isandi, kodwa ke ayenzeki loo nto xa uwubambile. Ithoni yelizwi, evela kwingqula, ayiphumi ngeempumlo kuphela kodwa ikwaphuma nangamathambo esifuba, ngamazinyo, ngenkalakahla nangamathambo empumlo. Onke la malungu anokufak’ isandla ekuvakaleni kwelizwi. Ukuba ubeka into phezu kwebhodi edlulisa isandi yekatara, isandi asiyi kuvakala; kumele kungabikho nto iyiphazamisayo le bhodi idlulisela isandi ukuze idlulisele isandi kakuhle. Kunjalo ke nangamathambo emizimba yethu, abhijelwe zizihlunu. Xa lidluliselwa kakuhle ilizwi lakho uya kukwazi ukuliguquguqula ngendlela efanelekileyo kwaye ufakelele iimvakalelo ezahlukeneyo. Uya kukwazi ukufikelela abaphulaphuli abaninzi ungakhange ukhwaze.