Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 50

Umgudu Wokufikelela Intliziyo

Umgudu Wokufikelela Intliziyo

UKONGEZELELA ekunikeleni ubungqina kubantu, kufuneka wenze umgudu wokufikelela iintliziyo zabo. EBhayibhileni intliziyo idla ngokuchazwa njengeyahlukileyo koko umntu abonakala ekuko ngaphandle. Intliziyo imela oko umntu akuko ngaphakathi—indlela avakalelwa ngayo, zonke izinto azicingayo, isizathu sokuba azicinge, nendlela ezo ngcinga ezizichaphazela ngayo izenzo zakhe. Kukule ntliziyo yokomfuziselo ke apho imbewu yenyaniso ityalwa khona. (Mat. 13:19) Yaye ukuthobela uThixo kumele kusuke kuloo ntliziyo.—IMize. 3:1; Roma 6:17.

Ukuze imfundiso yakho ingene entliziyweni, nikela ingqalelo kwezi zinto zimbini: (1) Qonda into esele inempembelelo kwintliziyo yomphulaphuli wakho. (2) Yomeleza iimpawu eziyingenelo, ezinjengothando nokoyika uThixo. (3) Khuthaza umphulaphuli wakho ukuba ahlole iintshukumisa anazo entliziyweni yakhe ukuze amkholise ngokupheleleyo uYehova.

Ukusebenzisa Ukuqonda. Izizathu zokuba abantu bengekayamkeli inyaniso ziyahluka. Xa uqhuba isifundo seBhayibhile sekhaya, kusenokufuneka uyeke ukuba nekhethe uze ubeke izibakala ezisusa iingcamango eziphosakeleyo anazo loo mfundi, okanye kusenokufuneka uchaze ubungqina. Zibuze: ‘Ngaba lo mntu uyaqonda ukuba yena njengomntu uneentswelo zokomoya? Kungakanani asele ekukholelwa? Yintoni angayikholelwayo? Kutheni efikelele kweso sigqibo nje? Ngaba ufuna uncedo ukuze oyise iminqweno enokumthintela ukuba amkele imbopheleleko ehamba nokwazi inyaniso?’

Akusoloko kulula ukuqonda isizathu sokuba abantu bakholelwe izinto abazikholelwayo. IMizekeliso 20:5 ithi: “Icebo entliziyweni yomntu linjengamanzi anzulu, kodwa umntu wokuqonda ulitsala linyuke.” Ukuqonda kukukwazi ukubona into engacacanga kakuhle. Oku kufuna ukuba ube neliso elibukhali kwaye ube nenkathalo.

Unxibelelwano alupheleli ekuthetheni kuphela. Umbandela othile usenokwenza umntu atshintshe ebusweni okanye atshintshe ithoni yelizwi. Ukuba ungumzali, ngokuqinisekileyo uyaqonda ukuba ukutshintsha kwehambo yomntwana wakho kusenokubonisa ukuba usabela kwimpembelelo aqala ukuchanabeka kuyo ebomini. Musa ukuzityeshela ezi mpawu. Ziyakubonisa ukuba loo mntu unjani na ngaphakathi.

Imibuzo ekhethwe kakuhle inokukunceda ubone oko kusentliziyweni yomnye umntu. Usenokubuza: “Uvakalelwa njani nge- . . . ?” “Yintoni eye yakweyisela ekubeni . . . ?” “Ubunokusabela njani ukuba . . . ?” Sekunjalo, ulumke ungabapheki ubophula abantu ngemibuzo. Ngobuchule unokutshayelela imibuzo yakho ngoku, “Ndingabuza na ukuba . . . ?” Ukufumanisa oko kusentliziyweni kungumcimbi onzima ongenakuxheshwa. Kwiimeko ezininzi kumele kubekho ukuthembana kangangethuba elithile ngaphambi kokuba umntu akulungele ukuchaza iimvakalelo anazo. Nalapho, umele ulumkele ukuba loo mntu avakalelwe kukuba umbuza izinto ezingakufuni nganto.—1 Pet. 4:15.

Kufuneka usebenzise ukuqonda nakwindlela osabela ngayo koko ukuvayo. Khumbula ukuba injongo yakho kukuqonda abantu ukuze ubone ukuba yiyiphi inkcazelo esekelwe eBhayibhileni enokubashukumisela kwisenzo. Wucinezele ngoko nangoko nawuphi na umnqweno wokubabonisa indlela eziphosakele ngayo iimbono zabo. Kunoko, kuphaphele ukuqonda iimvakalelo ezibenza bathethe ngolo hlobo. Uya kutsho ukwazi ke ukuphendula; kwaye xa umfundi wakho evakalelwa kukuba uyamqonda, uya kutyekela ekukucingeni nzulu oko ukutshoyo.—IMize. 16:23.

Ukusa kumlinganiselo othile, unako ukushukumisela abantu ngabanye kwanokuba uthetha neqela. Ukuba uyabajonga abaphulaphuli, uyazibona izimbo zobuso babo, kwaye ubuza imibuzo-buciko exhokonxa iingcinga, unokuyifumana indlela abaphulaphuli bakho abavakalelwa ngayo ngaloo nto uyithethayo. Ukuba ubazi kakuhle abaphulaphuli bakho, yiba nolwazelelelo ngeemeko zabo. Cinga ngesimo sengqondo sebandla liphela njengoko uqiqa nalo ngeLizwi likaThixo.—Gal. 6:18.

Ukuvuselela Iimvakalelo Eziyingenelo. Emva kokuba ukuqondile oko umntu akukholelwayo, oko angakukholelwayo nesizathu sokuba angakukholelwa, uya kukwazi ukwakhela phezu kweso siseko. Emva kokuvuswa kwakhe, uYesu wafikelela iintliziyo zabafundi bakhe ‘ngokubavulela ngokupheleleyo iZibhalo’ eziphathelele iziganeko ezazisandul’ ukwenzeka. (Luka 24:32) Nawe ufanele uzabalazele ukunxibelelanisa oko kuye kwenzeka emntwini, oko akulangazelelayo, noko akubona kwiLizwi likaThixo. Intliziyo yomfundi inokuchukunyiswa ngendlela eyingenelo xa ebona kakuhle ukuba: “Le YINYANISO!”

Xa ugxininisa ukulunga, uthando, ububele obungasifanelanga kunye nokulunga kweendlela zikaYehova, unceda abo ubafundisayo ukuba bahlakulele uthando lwabo ngoThixo. Xa uzipha ixesha lokubonisa abaphulaphuli bakho iimpawu ezintle uThixo azibonayo kubo njengabantu ngabanye, ubanika isizathu sokuba bakholelwe ukuba banako ukuba nolwalamano naye. Oku kunokwenziwa ngokuxubusha iindinyana ezinjengeNdumiso 139:1-3, uLuka 21:1-4 noYohane 6:44 nangokunceda abaphulaphuli bakho babone indlela uYehova abathanda ngokunzulu ngayo abakhonzi bakhe abathembekileyo. (Roma 8:38, 39) Cacisa ukuba uYehova ukhangela ngaphaya kweempazamo zethu kwaye ujonga ikhondo lobomi bethu liphela, ukuluzondelela kwethu unqulo olunyulu, nokulithanda kwethu igama lakhe. (2 Kron. 19:2, 3; Heb. 6:10) Ukhumbula kwanezona nkcukacha zincinane ngendlela esiyilwe ngayo, kwaye uya kubabuyisela ebomini ngendlela engummangaliso “bonke abo bakumangcwaba enkumbulo.” (Yoh. 5:28, 29; Luka 12:6, 7) Ekubeni abantu benziwe ngomfanekiselo kaThixo, ukuxubusha iimpawu zakhe kusenokuchukumisa intliziyo yomntu.—Gen. 1:27.

Intliziyo inokuchukunyiswa naxa umntu efunda ukujonga abantu ngendlela uYehova abajonga ngayo. Isengqiqweni into yokuba, ukuba uThixo wethu uyasithantamisa thina njengabantu ngabanye, ukwabonisa ulwazelelo olufanayo nakwabanye, kungakhathaliseki ukuba banayiphi imvelaphi, ngabaluphi uhlanga okanye isizwe. (IZe. 10:34, 35) Akuba umntu efikelele kweso sigqibo, kuya kubakho isizathu esivakalayo esisekelwe kwiZibhalo sokuba ashenxise intiyo nekhethe entliziyweni yakhe. Loo nto iya kumenza aqhubane ngoxolo nabanye njengoko efunda ukuphumeza ukuthanda kukaThixo.

Uloyiko lobuthixo luyenye imvakalelo ofanele uncede abanye bayihlakulele. (INdu. 111:10; ISityhi. 14:6, 7) Olu loyiko lunzulu, okanye ukoyika uThixo, lunokushukumisela umntu ukuba aphumeze oko ebengenakukuphumeza ngamandla akhe. Xa uxubusha imisebenzi eyoyikekayo kaYehova kunye nobubele bakhe bothando obuncamisileyo, unokubanceda abanye bahlakulele uloyiko olusengqiqweni lokwenza izinto ezingamkholisiyo.—INdu. 66:5; Yer. 32:40.

Qiniseka ukuba abaphulaphuli bakho bayaqonda ukuba ihambo yabo ibalulekile kuYehova. Unazo iimvakalelo, kwaye indlela esisabela ngayo kulwalathiso lwakhe imenza abe buhlungu okanye avuye. (INdu. 78:40-42) Bonisa abantu isizathu sokuba ihambo yabo njengabantu ngabanye inokwenza umahluko ekuphenduleni ucelomngeni olubekwe nguSathana kuThixo.—IMize. 27:11.

Nceda abaphulaphuli bakho babone ukuba ukuhlangabezana nezinto ezifunwa nguThixo kuyingenelo kubo. (Isa. 48:17) Enye indlela okunokwenziwa ngayo oku kukuchaza imiphumo ebakho emzimbeni nakwiimvakalelo xa ubani etyeshela ubulumko bukaThixo, kwanokuba ubutyeshela okwexeshana. Chaza indlela isono esisityhalela kude ngayo kuThixo, indlela abanye esibabandeza ngayo ithuba lokufunda inyaniso kuthi, nendlela esiwaphazamisa ngayo amalungelo abo. (1 Tes. 4:6) Nceda abaphulaphuli bakho baxabise iintsikelelo abasele bezifumana ngenxa yokuba begcine imithetho kaThixo. Yomeleza uxabiso abanalo ngesibakala sokuba ukuhamba ngeendlela zobulungisa zikaYehova kusikhupha kwiingxaki ezininzi. Umntu uthi akukholosa ngobulumko beendlela zikaThixo, alonyanye naliphi na ikhondo elichasene nazo. (INdu. 119:104) Akayi kugqala ukuthobela njengoxanduva, kodwa uya kukujonga njengendlela yokuzinikela ngothando kuYehova njengomntu.

Ukunceda Abanye Bazihlole. Ukuze abantu baqhubeke bekhula ngokomoya, kufuneka bakhawuleze ukukuqonda okusezintliziyweni zabo. Chaza indlela iBhayibhile enokubanceda ngayo benze oko.

Nceda abaphulaphuli bakho baqonde ukuba iBhayibhile asiyongxelo yemiyalelo, yesiluleko, yeziganeko zembali neziprofeto nje kuphela. Ikwatyhila indlela uThixo acinga ngayo. KuYakobi 1:22-25, iLizwi likaThixo lithelekiswa nesipili. Ngendlela esisabela ngayo koko likutshoyo nakwindlela uYehova ayiphumeza ngayo injongo yakhe, isigidimi seBhayibhile sibonisa oko kusezintliziyweni zethu. Ngaloo ndlela lityhila indlela uThixo, ‘ongumgocagoci weentliziyo,’ asijonga ngayo. (IMize. 17:3) Khuthaza abaphulaphuli bakho ukuba bayibethelele ezingqondweni zabo loo nto. Babongoze ukuba bacinge ngoko uThixo asilondolozele kona kwingxelo yeBhayibhile nangeenguqulelo ekusenokufuneka bazenze kubomi babo ukuze bamkholise nangakumbi. Bancede bajonge ufundo lweBhayibhile njengendlela uYehova aziphicotha ngayo “iingcamango notyekelo lwentliziyo” ukuze bakwazi ukusebenzisana noThixo ekwenzeni iinguqulelo ezifunekayo.—Heb. 4:12; Roma 15:4.

Abanye abafundi beBhayibhile basenokufuna ukuthabatha amanyathelo ngoko bakufundayo; ukanti basenokuxhalatyiswa koko abanye abantu baza kukucinga. Basenokuba balwa neminqweno yenyama enamandla. Okanye basenokubeka izingxengxezo ukuze bafumane indlela yokukhonza uThixo ngoxa besabambelele kuqheliselo lwehlabathi. Zichaze iingozi zokuzilazila okunjalo. (1 Kum. 18:21) Babongoze ukuba bathandaze kuThixo ukuba ahlole yaye asulungekise iintliziyo zabo.—INdu. 26:2; 139:23, 24.

Babonise ukuba uYehova uyaliqonda idabi abalilwayo nokuba iBhayibhile iyakuchaza okwenzekayo. (Roma 7:22, 23) Bancede balumkele ukuba utyekelo lwentliziyo engafezekanga lubalawule.—IMize. 3:5, 6; 28:26; Yer. 17:9, 10.

Khuthaza ngamnye wabo ukuba ahlole iintshukumisa zakhe xa esenza izinto. Mfundise ukuba azibuze le mibuzo: ‘Kutheni ndisenza le nto nje? Ngaba iza kumbonisa uYehova ukuba ndikuxabisa ngokwenene konke oko andenzele kona?’ Sebenzela ukomeleza ulweyiseko lokuba ulwalamano noYehova luyeyona nto ixabisekileyo ubani anokuba nayo.

Nceda abaphulaphuli bakho babone intsingiselo yokukhonza uYehova ‘ngentliziyo yabo iphela.’ (Luka 10:27) Oku kuthetha ukuba zonke iimvakalelo, iminqweno kunye neentshukumisa zabo zimele zivisisaniswe neendlela zikaYehova. Ngoko fundisa abaphulaphuli bakho ukuba banganeli ukuhlola oko bakwenzayo kuphela kodwa bahlole nendlela abavakalelwa ngayo ngoko kufunwa nguThixo nezinto ezibashukumisela ekubeni bamkhonze. (INdu. 37:4) Njengoko abafundi bakho beqonda iindawo ekufuneka baphucule kuzo, bakhuthaze ukuba bathandaze kuYehova bathi: “Yenze imanyane intliziyo yam ukuba iloyike igama lakho.”—INdu. 86:11.

Xa umfundi esiba nolwalamano noYehova, uya kumthobela uThixo eqhutywa lukholo kungekhona kuba ebongozwa nguwe. Uya kwandula ke, naxa sele eyedwa, ‘aqhubeke eqinisekisa ngoko kwamkelekileyo eNkosini.’ (Efe. 5:10; Fil. 2:12) Loo ntobelo esuka entliziyweni iyamchulumancisa uYehova.—IMize. 23:15.

Ukhumbule ukuba nguYehova ophicotha iintliziyo aze atsale abantu ukuze babe nolwalamano naye. (IMize. 21:2; Yoh. 6:44) Eyethu indima kukusebenzisana naye. (1 Kor. 3:9) Kuba ‘ngathi uThixo wenza isibongozo ngathi.’ (2 Kor. 5:20; IZe. 16:14) UYehova akatyhali mntu ngasixhanti ukuba amkele inyaniso yakhe, kodwa njengoko sisebenzisa iZibhalo, usenokubangela abo basiphulaphuleyo babone ukuba le nto bayivayo iphendula imibuzo yabo—okanye imithandazo yabo. Cinga ngaloo nto ngalo lonke ixesha ufumana ithuba lokufundisa, uze ucele ulwalathiso noncedo lukaYehova ngokunyaniseka.—1 Kron. 29:18, 19; Efe. 1:16-18.