Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 39

Umqukumbelo Ophumelelayo

Umqukumbelo Ophumelelayo

USENOKUBA uye wenza uphando waza wawulungelelanisa ngocoselelo umbandela wentetho yakho. Yaye usenokuba uye walungiselela intshayelelo evusa umdla. Sekunjalo, kukho nto ithile efunekayo—umqukumbelo ophumelelayo. Musa ukukujongela phantsi ukubaluleka kwawo. Into oyithethe mva idla ngokuba yeyona ikhunjulwa ixesha elide. Ukuba umqukumbelo awunamandla, kwanombandela obuwunikela ngaphambili awuyi kunceda nto.

Khawuqwalasele lo mzekelo ulandelayo: Ngasekupheleni kobomi bakhe, uYoshuwa wanikela intetho engalibalekiyo kumadoda amakhulu ohlanga lwakwaSirayeli. Emva kokubalisa ngeenkqubano zikaYehova noSirayeli ukususela ngemihla ka-Abraham, ngaba uYoshuwa waphinda nje iimbalasane ngokuzishwankathela? Akunjalo. Kunoko, ngemvakalelo enamandla wabongoza abantu esithi: “Yoyikani uYehova nize nimkhonze ngokungenasiphoso nangenyaniso.” Khawuzifundele ngokwakho umqukumbelo kaYoshuwa, obhalwe kwincwadi kaYoshuwa 24:14, 15.

Enye intetho ebalaseleyo, efumaneka kwiZenzo 2:14-36, yanikelwa ngumpostile uPetros kwisihlwele esasiseYerusalem ngoMthendeleko wePentekoste yowama-33 C.E. Okokuqala wachaza ukuba babebona inzaliseko yesiprofeto sikaYoweli esiphathelele ukuthululwa komoya kaThixo. Emva koko wabonisa indlela oku okwakunxibelelene ngayo neziprofeto ezingoMesiya ezikwiiNdumiso, ezazixela kusengaphambili ngovuko lukaYesu Kristu nangokuphakanyiselwa kwakhe kwesokunene sikaThixo. Wandula ke, kumqukumbelo wakhe, uPetros wayicacisa kakuhle into ekwakufuneka wonk’ ubani ophulaphuleyo ajamelane nayo. Wathi: “Ngoko ke yonke indlu kaSirayeli mayazi ngokuqinisekileyo ukuba uThixo umenze iNkosi wamenza noKristu, lo Yesu nambethelelayo nina.” Ababekho babuza: “Madoda, bazalwana, senze ntoni na?” UPetros waphendula wathi kubo: “Guqukani, yaye ngamnye wenu makabhaptizwe egameni likaYesu Kristu.” (IZe. 2:37, 38) Ngolo suku baba malunga nama-3 000 abaphulaphuli bakhe abathi, bechukunyiswe ngokunzulu koko babekuvile, bayamkela inyaniso engoYesu Kristu.

Iingongoma Omele Uzikhumbule. Into oyithethayo kumqukumbelo wakho ifanele inxibelelane ngokungqalileyo nomxholo wentetho yakho. Ifanele iziqukumbele kakuhle iingongoma eziziintloko oye wazixubusha. Nangona usenokufuna ukuquka amagama aziintloko omxholo wakho, kukuwe ukuzikhethela ukuwuphinda ngokungqalileyo.

Ngokuqhelekileyo, injongo yokunikela kwakho intetho kukukhuthaza abanye ukuba bathabathe amanyathelo asekelwe kwinkcazelo oyidlulisela kubo. Enye yeenjongo zomqukumbelo kukubabonisa oko bamele bakwenze. Xa ukhetha umxholo neengongoma eziziintloko zakho, ngaba uye wacingisisa ngesizathu sokuba loo mbandela ubaluleke kubaphulaphuli bakho nangenjongo ofuna ukuyiphumeza ngokuwunikela? Ukuba kunjalo, uyalazi inyathelo ongathanda ukuba balithabathe. Ngoku kufuneka ulichaze elo nyathelo yaye mhlawumbi nendlela yokulithabatha.

Ukongezelela ekuboniseni abaphulaphuli bakho oko bafanele bakwenze, umqukumbelo wakho ufanele ubashukumisele kwisenzo. Ufanele uquke isizathu esibambekayo sokuthabatha amanyathelo kunye neengenelo ezinokubakho ngokuthabatha loo manyathelo. Ukuba isivakalisi sokugqibela sicingisiswe kakuhle, saza sakhiwa kakuhle, siya kuba negalelo ekuphumeleleni kwentetho yakho yonke.

Ukhumbule ke ukuba uyayiqukumbela intetho. Loo nto uyithethayo ifanele ibonise oko. Isantya sakho sifanele sibe sesifanelekileyo. Musa ukukhawulezisa ukuthetha de uye kugqiba uze uyeke ngesiquphe. Kwelinye icala, ungavumeli ilizwi lakho ukuba liye lifiphala. Ufanele uthethe uvakale, kodwa ungangxoli. Izivakalisi zakho ezimbalwa zokuqukumbela zifanele zivakale ukuba zezokugqibela. Lufanele luvakale uzimiselo nolweyiseko lwakho xa uzithetha. Xa ulungiselela indlela yokunikela intetho, ungakulibali ukuqhelisela umqukumbelo wakho.

Ufanele ube mde kangakanani umqukumbelo? Loo nto ayifanelanga igqitywe lixesha kuphela. Umqukumbelo awufanelanga ube mde kakhulu. Ukufaneleka kobude bawo kunokugqitywa ngumphumo onawo kubaphulaphuli. Umqukumbelo olula, ongqalileyo nowakhayo uyaxatyiswa ngalo lonke ixesha. Umqukumbelo omdana noquka umzekeliso omfutshane nawo unokuphumelela ukuba ucetywe kakuhle. Thelekisa umqukumbelo omfutshane wayo yonke incwadi yeNtshumayeli, ofumaneka kwiNtshumayeli 12:13, 14, noweNtshumayelo yaseNtabeni emfutshane, obhalwe kuMateyu 7:24-27.

Kubulungiseleli Basentsimini. Ayikho indawo ekuya kufuneka wenze imiqukumbelo ngokufuthi njengakubulungiseleli basentsimini. Ukuba uyalungiselela yaye unomdla okhatshwa luthando ebantwini, unokuphumeza lukhulu. Isiluleko esibekwe kula maphepha angaphambili sinokusetyenziswa sivisisaniswa nencoko yabantu ababini.

Incoko isenokuba mfutshane kakhulu. Loo mntu usenokuba uxakekile. Utyelelo lwakho lusenokuthabatha umzuzu omnye nje kuphela. Ukuba kufanelekile, usenokuthi: “Kulungile ke. Kodwa mandikushiye nale ngcamango ikhuthazayo. IBhayibhile ibonisa ukuba uMdali wethu unenjongo entle gqitha—uza kwenza lo mhlaba ube yindawo apho abantu banokunandipha ubomi ngonaphakade. Nathi sinako ukuphila kuloo Paradesi, kodwa ke kufuneka sifunde izinto ezifunwa nguThixo.” Okanye ke usenokuthi uza kubuya ngelinye ixesha xa engaxakekanga.

Ukuba utyelelo lukhawuleze lwapheliswa kuba umninimzi engafuni nokuva—okanye ekrwada—nalapho kusenokuphunyezwa okulungileyo. Khumbula isiluleko esikuMateyu 10:12, 13 nesikweyabaseRoma 12:17, 18. Ukusabela kwakho ngendlela ezolileyo kusenokuyiguqula imbono yakhe ngamaNgqina kaYehova. Ngolo hlobo uya kube uphumeze okuhle.

Kwelinye icala, usenokuba uye wancokola kamnandi nomninimzi. Kutheni ungaziphindi iingongoma eziziintloko ofuna azikhumbule? Mkhuthaze ukuba athabathe amanyathelo ngaloo nto ayifundileyo.

Ukuba ubona ithuba lokuphinda niqhubeke naloo ngxubusho ngelinye ixesha, nika loo mntu isizathu sokuba akhangele phambili kwelo xesha. Buza umbuzo—mhlawumbi okwincwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo okanye kwimpapasho elungiselelwe ukuqhuba izifundo zamakhaya zeBhayibhile. Khumbula usukelo lwakho, oluchazwe nguYesu lwaza lwabhalwa kuMateyu 28:19, 20.

Ngaba uqukumbela isifundo seBhayibhile sekhaya? Ukuwuphinda umxholo kuya kunceda umfundi akhumbule oko nikuxubushileyo. Sebenzisa imibuzo yempinda eya kunceda ekubetheleleni iingongoma eziziintloko kwingqondo yomfundi, ngokukodwa ukuba loo mpinda ayikhawuleziswa. Umbuzo ophathelele indlela umbandela ofundisiswayo onokuba yingenelo ngayo kumfundi okanye ophathelele indlela anokuwuchaza ngayo unokumnceda acinge ngendlela anokukusebenzisa ngayo oko akufundileyo.—IMize. 4:7.

Khumbula—umqukumbelo wakho uba negalelo ekuphumeleleni kwengxubusho yakho iphela.